INQAKU ELIFUNDWAYO 21
UYehova Uyiphendula Njani Imithandazo Yethu
“Siyazi ke ukuba siza kuzifumana izinto esizicelayo, kuba sizicela kuye.”—1 YOH. 5:15.
INGOMA 41 Nceda Uve Umthandazo Wam
IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a
1-2. Yintoni esinokuzibuza yona ngemithandazo yethu?
NGABA wakhe wazibuza ukuba uYehova uyayiphendula na imithandazo yakho? Ukuba uthi ewe, ayinguwe wedwa. Nabanye abazalwana noodade abaninzi bathi bakhe bazibuze loo nto, ngokukodwa xa beneengxaki. Ukuba sisezintlungwini, kusenokuba nzima ukuyibona indlela uYehova ayiphendula ngayo imithandazo yethu.
2 Makhe sibone ukuba kutheni siqinisekile ukuba uYehova uyayiphendula imithandazo yabantu abamkhonzayo. (1 Yoh. 5:15) Siza kuphendula nale mibuzo: Kutheni kukhe kubonakale ngathi uYehova akayiphenduli imithandazo yethu? Uyiphendula njani imithandazo yethu kule mihla?
USENOKUNGAPHENDULI NGENDLELA EBESIYILINDELE
3. Kutheni uYehova efuna sithandaze kuye?
3 IZibhalo zisenza siqiniseke ukuba uYehova usithanda kakhulu futhi sibalulekile kuye. (Hag. 2:7; 1 Yoh. 4:10) Yiloo nto esithi masithandaze, simcele asincede. (1 Pet. 5:6, 7) Ufuna ukusinceda sihlale singabahlobo bakhe, sikwazi nokunyamezela iingxaki esinazo.
4. Sazi njani ukuba uYehova uyayiphendula imithandazo yabakhonzi bakhe? (Jonga nomfanekiso.)
4 EBhayibhileni, sidla ngokufunda ukuba uYehova wayeyiphendula imithandazo yabakhonzi bakhe. Ngaba ukhona ocinga ngaye? Mhlawumbi ucinga ngoKumkani uDavide. Wayesoloko ecela uYehova amncede kuba ubomi bakhe bonke wayeneentshaba ezininzi ezaziyingozi. Ngenye imini wade wamcenga uYehova, esithi: “Owu Yehova, wuve umthandazo wam; kumamele ukukhalela kwam uncedo. Ndiphendule ngokuthembeka nangobulungisa bakho.” (INdu. 143:1) UYehova wamphendula uDavide xa wayecela ukuba amsindise. (1 Sam. 19:10, 18-20; 2 Sam. 5:17-25) UDavide wayenokuwathetha eqinisekile la mazwi: “UYehova usondele kubo bonke abo bakhalela kuye.” Nathi sinokuqiniseka ngaloo nto.—INdu. 145:18.
5. Ngaba uYehova wayesoloko eyiphendula ngendlela ababeyilindele imithandazo yabakhonzi bakhe bakudala? Yenza umzekelo. (Jonga nomfanekiso.)
5 UYehova usenokungayiphenduli ngendlela ebesiyilindele imithandazo yethu. Kwenzeka loo nto kumpostile uPawulos. ‘Wayeneliva enyameni’ waza wacela uThixo ukuba alikhuphe. Wathandaza kwade kwakathathu, ecela uThixo ukuba amncede kule ngxaki. Ngaba uYehova wamphendula? Ewe, kodwa zange amphendule ngendlela awayeyilindele. Endaweni yokuba ayisuse ingxaki, uYehova wamnika amandla okuba aqhubeke ethembekile kuye.—2 Kor. 12:7-10.
6. Ngamanye amaxesha kutheni kusenokubonakala ngathi uYehova akayiphenduli imithandazo yethu?
6 Ngamanye amaxesha, nathi uYehova usenokusiphendula ngendlela esingayilindelanga. Masiqiniseke ukuba uyazi kakuhle eyona nto inokusinceda. Unokude “enze izinto ezingaphaya kwezo sizicelayo nesinokuzicinga.” (Efe. 3:20) Ngenxa yaloo nto, imithandazo yethu usenokuyiphendula ngexesha esingalilindelanga nangendlela esingayilindelanga.
7. Kutheni kusenokufuneka siyitshintshe into esiyithandazelayo? Yenza umzekelo.
7 Xa sisiya siyiqonda eyona nto uYehova ayifunayo, kusenokufuneka siyitshintshe into esiyithandazelayo. Khawucinge ngento eyenziwa nguMartin Poetzinger. Esand’ ukutshata, wavalelwa kwinkampu yoxinaniso yamaNazi. Ekuqaleni, wacela uYehova ukuba amkhuphe kuloo nkampu ukuze ahoye umfazi wakhe aze aqhubeke nomsebenzi wokushumayela. Kodwa kwadlula iiveki ezimbini, kungekho nto yayibonisa ukuba uYehova wayeza kumkhulula. Ngoko wathandaza, esithi: “Yehova, ndicela undibonise ukuba yintoni ofuna ndiyenze.” Emva koko wacinga ngeengxaki ababezinyamezele abanye abazalwana ababekuloo nkampu. Abaninzi babekhathazekile, becinga ngabafazi nabantwana babo. UMzalwan’ uPoetzinger wathandaza, wathi: “Yehova, enkosi ngomsebenzi omtsha ondinike wona. Ndicela undincede ndomeleze ndize ndikhuthaze abazalwana bam.” Emva koko, wahlala iminyaka eyi-9 kwezo nkampu esenza loo nto kanye!
8. Xa sithandaza yintoni ebalulekileyo ekufuneka singayilibali?
8 Nantsi into emasingayilibali: UYehova uza kuzenza izinto azimisele ukuzenza, kodwa ngexesha elikhethwe nguye. Enye yezo zinto, kukuphelisa zonke iingxaki ezenza abantu babe buhlungu, ezifana neentlekele zemvelo, ukugula nokufa. Yonke le nto uza kuyenza esebenzisa uBukumkani Bakhe. (Dan. 2:44; ISityhi. 21:3, 4) Okwangoku, uvumele uSathana ukuba alilawule ihlabathi. b (Yoh. 12:31; ISityhi. 12:9) Ukuba uYehova ebenokuziphelisa zonke iingxaki zabantu, bekunokubonakala ngathi uSathana uyakwazi ukulawula. Ngoko into yokuba kufuneka simlinde uYehova ade azenze ezinye izinto asithembisa zona, ayithethi kuthi usiyekele. Ngoku masithethe ngezinye iindlela asinceda ngazo.
IINDLELA AYIPHENDULA NGAZO IMITHANDAZO KULE MIHLA
9. UYehova unokusinceda njani xa kufuneka senze izigqibo? Yenza umzekelo.
9 Usinika ubulumko. UYehova uthembisa ukuba uza kusinika ubulumko esibudingayo ukuze senze izigqibo ezifanelekileyo. Sibudinga nyhani ubulumko bukaThixo, ngokukodwa xa kufuneka senze izigqibo eziza kubutshintsha ubomi bethu, ezifana nokuba siza kutshata na okanye asizukutshata. (Yak. 1:5) Khawuve into eyenziwa ngudade owayengatshatanga, uMaria. c Wadibana nomnye umzalwana enguvulindlela othe ngxi. Uthi: “Njengoko sasisiya sivana, ndabona ukuba uya endithanda, ndabe nam ndiziva njalo. Ndandisazi ukuba kufuneka ndenze isigqibo. Ndayithandazela kakhulu le nto. Ndandifuna uYehova andicebise kodwa ndandisazi ukuba akazukundenzela isigqibo.” UMaria ukholelwa ukuba uYehova wamnika ubulumko awayebucelile. Wamnika njani? Waphanda kwiincwadi zethu waza wafumana amanqaku awaphendula imibuzo awayenayo. Wayimamela nento awayixelelwa ngumama wakhe othembekileyo kuYehova. Elo cebiso lamnceda wacingisisa kakuhle ngendlela awayeziva ngayo, watsho wakwazi ukwenza isigqibo esifanelekileyo.
10. AmaFilipi 4:13 athi uYehova uza kubanceda njani abakhonzi bakhe? Yenza umzekelo. (Jonga nomfanekiso.)
10 Usinika amandla okunyamezela. Njengoko wenzayo kumpostile uPawulos, uYehova uza kusinika amandla esiwadingayo ukuze sizinyamezele iingxaki esinazo. (Funda amaFilipi 4:13.) Khawuve indlela awamnceda ngayo umzalwana onguBenjamin ukuze akwazi ukunyamezela iingxaki ezazinzima. Esemtsha, yena nabantu bakowabo bahlala iminyaka emininzi kwiinkampu zaseAfrika ababebalekela kuzo abantu abasuka kwamanye amazwe. UBenjamin uthi: “Ndandiye ndimcele qho uYehova ukuba andiphe amandla okwenza izinto eziza kumvuyisa. UYehova wayiphendula imithandazo yam ngokundenza ndizole, ndibe nesibindi sokuqhubeka ndishumayela, ndifunde neencwadi ezalwenza lwahlala luqinile ukholo lwam.” Uphinda athi: “Ukufunda amabali abazalwana noodade, nokubona indlela uYehova aye wabanceda ngayo banyamezela iingxaki, kwandenza ndafuna ukuhlala ndithembekile.”
11-12. UYehova unokubasebenzisa njani abazalwana noodade xa ephendula imithandazo yethu? (Jonga nemifanekiso.)
11 Usebenzisa abazalwana noodade. Ngobusuku bangaphambi kokuba afe, uYesu wayengayeki ukuthandaza. Wamcenga uYehova ukuba angavumi abantu bacinge ukuba uyanyelisa, baze bamgwebele loo nto. Endaweni yokuba uYehova ayenze le nto wayeyicela, wathumela ingelosi ukuba imkhuthaze. (Luka 22:42, 43) Nathi unokusinceda ngokwenza umzalwana okanye udade asikhuthaze ngokusifowunela okanye aze kusibona. Sonke sinokukhangela amathuba okuthetha “ilizwi elilungileyo” kubazalwana noodade.—IMize. 12:25.
12 Khawucinge ngento eyenzeka komnye udade onguMiriam. Kwiiveki ezimbalwa emva kokuba umyeni wakhe eswelekile, wayehleli yedwa emzini wakhe, ebuhlungu kakhulu. Wayekhala engayeki, edinga nomntu awayenokuthetha naye. Uthi: “Ndandingenamandla okufowunela mntu, ngoko ndathetha noYehova. Ndisakhala njalo, ndithandaza, kwakhala ifowuni yam. Kwakufowuna umdala owayengumhlobo wethu.” Loo mdala nomfazi wakhe bamthuthuzela uMiriam. Uqinisekile ukuba nguYehova owathumela lo mzalwana ukuba amfowunele.
13. Khawenze umzekelo wendlela uYehova anokubasebenzisa ngayo abantu abangakholwayo xa ephendula imithandazo yethu.
13 Unokusebenzisa abantu abangamkhonziyo. (IMize. 21:1) Ngamanye amaxesha, uYehova uphendula imithandazo yabantu bakhe ngokwenza abantu abangakholwayo babancede. Ngokomzekelo, wenza ukuba uKumkani uArtashashta avumele uNehemiya abuyele eYerusalem ukuze ancedise xa yayiphinda isakhiwa. (Neh. 2:3-6) Nanamhlanje uYehova unokusebenzisa abantu abangamkhonziyo ukuba basincede xa sisengxakini.
14. Yintoni oyifundileyo kwibali likaSoo Hing? (Jonga nomfanekiso.)
14 Udade onguSoo Hing ukholelwa ukuba uYehova wasebenzisa ugqirha wakhe ukuze amncede. Unyana wakhe uphazamiseke kakhulu engqondweni. Waba kwingozi eyayimbi kakhulu, ngoko uSoo Hing nomyeni wakhe bayeka ukuphangela ukuze bamhoye. Loo nto yabenza baphelelwa yimali. Uthi wayengasakwazi ukunyamezela, efana nereken etsalwe kakhulu de ibe ngathi iza kuqhawuka. Waxelela uYehova yonke into eyayisentliziyweni yakhe, emcela ukuba amncede. Ugqirha ababeye kuye wacinga ngendlela awayenokubanceda ngayo. Ngoko wabanceda bafumana uncedo lukarhulumente nendawo yokuhlala ababenokukwazi ukuyibhatala. Emva koko, uSoo Hing wathi: “Sayibona indlela uYehova asinceda ngayo. Nyhani ‘uyayimamela imithandazo.’”—INdu. 65:2.
UKHOLO LUSINCEDA SIYIBONE SIZE SIYAMKELE IMPENDULO YOMTHANDAZO
15. Yintoni eyanceda omnye udade wabona ukuba uYehova wayeyiphendula imithandazo yakhe?
15 Imithandazo yethu ayidli ngokuphendulwa ngeendlela ezimangalisayo. Kodwa iphendulwa ngendlela esinceda sihlale sithembekile kuTata wethu osezulwini. Ngoko hlala ukhangela indlela uYehova ayiphendula ngayo imithandazo yakho. Udade onguYoko wayecinga ukuba uYehova akayiphenduli imithandazo yakhe, kodwa waqalisa ukuzibhala phantsi izinto awayezicela kuye. Ekuhambeni kwexesha, wajonga la ncwadi wayezibhale kuyo izinto azithandazeleyo, waza wabona ukuba uYehova uyiphendule imithandazo yakhe emininzi, naleyo wayesele eyilibele. Ngamanye amaxesha kufuneka sikhe sime, sicinge ngendlela uYehova ayiphendula ngayo imithandazo yethu.—INdu. 66:19, 20.
16. Yeyiphi enye indlela esingalubonisa ngayo ukholo xa sithandaza? (Hebhere 11:6)
16 Ukholo asilubonisi ngokuthandaza kuYehova nje qha, silubonisa nangokwamkela nayiphi na indlela ayiphendula ngayo imithandazo yethu. (Funda amaHebhere 11:6.) Khawuve into eyenzeka kuMike nomfazi wakhe, uChrissy. Babefuna ukuya kukhonza eBheteli. UMike uthi: “Kwaqengqeleka iminyaka sifaka isicelo emva kwesinye, singayekanga nokucela uYehova asincede. Kodwa zange side sibizwe.” UMike noChrissy bahlala beqinisekile ukuba uYehova uyazi kakuhle indlela amele abasebenzise ngayo. Basebenza ngamandla abo onke bengoovulindlela kwindawo eyayinabavakalisi abambalwa, bencedisa nakumsebenzi wentlangano wokwakha. Sithetha nje, bakumsebenzi wesiphaluka. UMike uthi: “UYehova ebengasoloko eyiphendula ngendlela esilindele ngayo imithandazo yethu, kodwa ebesoloko eyiphendula ngendlela ebhetele kakhulu kunebesiyilindele.”
17-18. Ngokutsho kweNdumiso 86:6, 7, yintoni esinokuqiniseka ngayo?
17 Funda iNdumiso 86:6, 7. Umdumisi uDavide wayeqinisekile ukuba uYehova wayeyiva aze ayiphendule imithandazo yakhe. Nawe unokuqiniseka njengaye. Amabali esithethe ngawo kweli nqaku asenza siqiniseke ukuba uYehova unokusinika ubulumko namandla esiwadingayo ukuze sikwazi ukunyamezela iingxaki. Unokusinceda esebenzisa abazalwana noodade, nkqu nabantu abangekamkhonzi.
18 Ngoxa uYehova esenokungasoloko eyiphendula ngendlela esilindele ngayo imithandazo yethu, eyona nto siyaziyo kukuba uza kuyiphendula. Uza kusinika kanye le nto siyidingayo, ngexesha esiyidinga ngalo. Ngoko qhubeka uthandaza, unokholo lokuba uYehova uza kukukhathalela ngoku aze ‘anelise umnqweno wayo yonke into ephilayo’ kwihlabathi elitsha elizayo.—INdu. 145:16.
INGOMA 46 Enkosi Yehova
a UYehova ufuna siqiniseke ukuba uza kuyiphendula imithandazo yethu ukuba ivumelana nezinto azifunayo. Ngoko xa sinyamezele iingxaki, sinokuqiniseka ukuba uza kusinceda sihlale sithembekile kuye. Makhe sibone ukuba uyiphendula njani imithandazo yethu.
b Ukuze uve nezinye izizathu zokuba uYehova avumele uSathana alawule ihlabathi, jonga inqaku elithi “Ungayilibali Eyona Mbambano Ibalulekileyo,” kwiMboniselo kaJuni 2017.
c Amanye amagama atshintshiwe.
d INGCACISO YOMFANEKISO: Umama nentombi ababaleke kwilizwe labo bafika kwelinye. Bamkelwa baze bancedwe ngabazalwana noodade.