Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 24

Unokude Uyenze Into Ozimisele Ukuyenzela UYehova

Unokude Uyenze Into Ozimisele Ukuyenzela UYehova

“Masingayeki ukwenza izinto ezilungileyo, kuba siza kuvuna ngexesha elifanelekileyo ukuba asidinwa.”—GAL. 6:9.

INGOMA 84 Zincame

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Yeyiphi ingxaki oluye lwanayo uninzi lwethu?

 WAKHE wanento owawuzimisele ukuyenzela uYehova kodwa kwanzima ukuba ude uyenze? b Ukuba yayikhe yenzeka loo nto, awukho wedwa. Ngokomzekelo, uPhilip wayefuna ukuthandaza bhetele kunokuba wayesenza nokuthandaza qho, kodwa wayengafumani nexesha eli lokuwuqalisa umthandazo. UErika wayezimisele ukufika kwangethuba kwiintlanganiso zenkonzo yasentsimini; kodwa ixesha lalisoloko limbetha. UTomáš wazama kaninzi ukuyifunda yonke iBhayibhile. Uthi: “Kwakungekho mnandi ukufunda iBhayibhile. Ndazama kathathu, kodwa qho ndandisohluleka xa ndifika kwiLevitikus.”

2. Kutheni simele singatyhafi xa singekakwazi ukuyenza into esizimisele ukuyenzela uYehova?

2 Ukuba kukho into ozimisele ukuyenza kodwa ungade ukwazi ukuyenza, sukutyhafa. Kaloku nokuba incinci into ozimisele ukuyenza, idla ngokufuna ixesha nomzamo. Kwainto yokuba ube nento ofuna ukuyenzela uYehova ibonisa ukuba kubalulekile kuwe ukuba ngumhlobo wakhe, nokuba ufuna ukumenzela konke okusemandleni akho. Ziyamvuyisa iinzame ozenzayo. Inyaniso kukuba akalindelanga ukuba wenze okungaphezu kwamandla akho. (INdu. 103:14; Mika 6:8) Ngoko zimisele ukwenza into onokukwazi ukuyenza. Emva kokuba usenzile isigqibo sento ofuna ukuyenza, yintoni enokunceda uyenze? Nanga amacebiso.

MAKUBEKHO INTO EKUQHUBAYO

Cela uYehova akuncede (Jonga isiqendu 3-4)

3. Kutheni kubalulekile ukuba kubekho into esiqhubayo ukuze sikwazi ukuzenza izinto esizimisele ukuzenza?

3 Ukuze sikwazi ukuzenza izinto esizimisele ukuzenzela uYehova, kubalulekile ukuba kubekho into esiqhubayo. Xa kukho into esiqhubayo siza kusebenza nzima ukuze side sizenze. Le nto sinokuyifanisa nomoya oqhuba isikhephe ukuze sikwazi ukufika apho siya khona. Ukuba awupheli uza kusiqhuba de siyokufika. Kanti xa umkhulu sinokukhawuleza sifike. Nathi ke, xa kukho into esenza sikufune nyhani ukwenza izinto esifuna ukuzenzela uYehova, siza kude sizenze. Umzalwana wase-El Salvador, uDavid, uthi: “Xa kukho into ekuqhubayo, uzimisela kakhulu. Awuvumeli nantoni na ikuphazamise kwinto ozimisele ukuyenza.” Yintoni enokukunceda ukufune ngamandla ukwenza into ozimisele ukuyenza?

4. Yintoni esinokuyithandazela? (Filipi 2:13) (Jonga nomfanekiso.)

4 Cela uYehova akuncede ukufune ngamandla ukwenza into ozimisele ukuyenza. Unokusebenzisa umoya wakhe ukuze akuncede. (Funda amaFilipi 2:13.) Ngamanye amaxesha kubakho izinto esizimisela ukuba siza kuzenza kuba nje kufuneka sizenze. Intle ke loo nto, kodwa isenokungabikho into esiqhubayo. Kwaba njalo komnye udade waseUganda onguNorina. Wayefuna ukuba nesifundo seBhayibhile, kodwa yayingekho into eyayimqhuba kuba wayecinga ukuba akakwazi ukufundisa kakuhle. Wancedwa yintoni? Uthi: “Ndandimcela yonke imihla uYehova ukuba andincede ndikufune nyhani ukuba nesifundo. Ndandingathandazi njee, kodwa nam ndandizama ukufundisa bhetele. Emva kweenyanga ezimbalwa, ndabona ukuba ndiya ndikufuna nyhani ukuba nesifundo. Kwangaloo nyaka, ndaqalisa izifundo ezimbini.”

5. Kukucingisisa ngantoni okunokusinceda sikufune nyhani ukwenza izinto esizimisele ukuzenza?

5 Cingisisa ngezinto uYehova akwenzele zona. (INdu. 143:5) Umpostile uPawulos wacingisisa ngobubele awayebenzelwe nguYehova, yaza loo nto yamenza wazimisela ukumsebenzela ngamandla. (1 Kor. 15:9, 10; 1 Tim. 1:12-14) Nawe, xa uhlala ucingisisa ngezinto ozenzelwe nguYehova, uza kuya ukufuna ngamandla ukuzenza izinto ozimisele ukumenzela zona. (INdu. 116:12) Khawuve into eyanceda udade waseHonduras ukuze akwazi ukuba nguvulindlela othe ngxi. Uthi: “Ndacinga indlela uYehova andithanda ngayo. Wandizisa kubantu bakhe. Undikhathalele futhi uyandikhusela. Ukucingisisa ngezi zinto kwandenza ndamthanda kakhulu ndatsho ndasebenza nzima ukuze ndibe nguvulindlela.”

6. Yeyiphi enye into enokusinceda sikufune nyhani ukwenza into esizimisele ukuyenza?

6 Cinga kakhulu ngendlela oza kuncedakala ngayo. Khawuve ukuba wancedwa yintoni uErika ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo, kwinto awayezimisele ukuyenza yokubamb’ ixesha. Uthi: “Ndabona ukuba ukufika emva kwexesha entsimini kundenza ndiphoswe yinto eninzi. Kodwa ukufika kwangoko kwakuza kundinceda ndikwazi ukubulisa abazalwana noodade, ndize ndincokole nabo. Ndandiza kuva namacebiso aza kundinceda ndishumayele bhetele, kuze kube mnandi entsimini.” UErika wahlala ecinga ngendlela okwakuza kumnceda ngayo ukubamb’ ixesha, watsho wakwazi ukwenza into awayezimisele ukuyenza. Zeziphi izinto oza kuncedakala kuzo onokuhlala ucinga ngazo? Ukuba uzimisele ukuyenza bhetele indlela othandaza ngayo noyifunda ngayo iBhayibhile, cinga ngendlela loo nto eza kukunceda ngayo usondele kuYehova. (INdu. 145:18, 19) Ukuba uzimisele ukusebenzela ukuba nophawu olufunekayo kumaKristu, hlala ucinga ngendlela loo nto eza kukunceda ngayo uvane nabanye. (Kol. 3:14) Kutheni ungabhali zonke izizathu ezikwenza ufune ukude uyenze into ozimisele ukuyenza, uze umane uzijonga? UTomáš ekuthethwe ngaye ekuqaleni uthi: “Ndizama ngamandla ukuyenza into endizimisele ukuyenza xa ndinezizathu ezininzi zokuyenza.”

7. Yintoni eyanceda uJulio nomfazi wakhe bakwazi ukwenza into ababezimisele ukuyenza?

7 Yiba kunye nabantu abaza kukhuthaza. (IMize. 13:20) Khawuve into eyanceda uJulio nomfazi wakhe ababezimisele ukusebenza ngaphezu kokuba besenza entsimini, bade bakwazi ukuyenza loo nto. Uthi: “Sakhetha ukuba nabahlobo ababesikhuthaza kule nto sasizimisele ukuyenza. Sasincokola ngayo kubo. Abaninzi kubo bakwazi ukuyenza le nto sasizimisele ukuyenza, ngoko babenokusicebisa. Babeye basibuze ukuba zihamba njani izinto, baze basikhuthaze xa besibona sityhafa.”

XA KUNGEKHO NTO ISIQHUBAYO

Sebenzela ukuba ude uyenze into ozimisele ukuyenza (Jonga isiqendu 8)

8. Yintoni ebisenokwenzeka ukuba besisebenzela kwinto esizimisele ukuyenza kuphela xa kukho into esiqhubayo? (Jonga nomfanekiso.)

8 Xa sithetha inyani, sonke sikhe siphelelwe ngumdla wokuzenza izinto esizimisele ukuzenza. Ngaba loo nto ithetha ukuba simele siyeke? Hayi. Ngokomzekelo, umoya unokusiqhuba side siye kufika apho siya khona isikhephe. Usenokuba mkhulu okanye utsho kamnandi. Kanti ngamanye amaxesha usenokungabikho kwaukubakho. Ngaba loo nto ithetha ukuba isikhephe siza kuma? Asinakutsho. Ngokomzekelo, ezinye izikhephe zinenjini, kanti ezinye zinamaphini. Umqhubi unokusebenzisa ezi zinto ukuze isikhephe siye kufika apho siya khona. Nomdla esiba nawo wokwenza into ufana nomoya. Ngezinye iimini siye sifune ngamandla ukuyenza, kanti ngezinye sisenokungabi namdla. Ngoko ukuba kufuneka kusoloko kukho into esiqhubayo ukuze siyenze into esifuna ukuyenza, sisenokungade siyenze. Njengokuba umntu oqhuba isikhephe ezama ezinye iindlela ukuze siye kufika apho siya khona, nathi sinokukwazi ukusebenzela kwinto esizimisele ukuyenza nokuba akukho nto isiqhubayo. Ewe kona kuza kufuneka siziqhube, kodwa ekugqibeleni siza kuvuya kuba side sakwazi ukuyenza into ebesizimisele ukuyenza. Ngaphambi kokuba sithethe ngento enokusinceda, makhe siqale sithethe ngombuzo esinokuzibuza wona.

9. Ngaba simele sisebenzele ukude siyenze into esizimisele ukuyenza naxa singasenamdla? Cacisa.

9 UYehova ufuna simkhonze sivuya futhi singanyanzelwa. (INdu. 100:2; 2 Kor. 9:7) Ngaba simele sisebenzele ukude siyenze into esizimisele ukuyenza naxa singasenamdla? Cinga ngompostile uPawulos. Wathi: “Ndiyawunyanzela umzimba wam ndize ndiwenze ikhoboka.” (1 Kor. 9:25-27) Naxa wayekhe angafuni ukwenza into uYehova athi makayenze, wayezinyanzela. Ngaba yamvuyisa ke loo nto uYehova? Yamvuyisa kuba wamsikelela.—2 Tim. 4:7, 8.

10. Kusinceda entwenini ukusebenzela kwinto esizimisele ukuyenza nokuba akukho nto isiqhubayo?

10 Ngendlela efanayo, uYehova uyavuya xa siqhubeka sisebenzela kwinto esifuna ukumenzela yona, ngoxa kungekho nto isiqhubayo. Uyavuya nokuba sisenokungayithandi loo nto siyenzayo, kuba uyazi ukuba siyenza kuba sithanda yena. Njengokuba uYehova wamsikelelayo uPawulos, uza kusisikelela nathi ngeenzame esizenzayo. (INdu. 126:5) Sisenokuqhutywa kukuba sibona ukuba uyasisikelela. Udade wasePoland, uLucyna, uthi: “Ngamanye amaxesha ndiye ndonqene ukuya entsimini ngokukodwa xa ndidiniwe. Kodwa iyamangalisa indlela endibuya ndivuya ngayo xa ndiyile.” Ngoku makhe sibone ukuba yintoni esinokuyenza xa kungekho nto isiqhubayo.

11. Angasinceda njani uYehova sikwazi ukuzibamba?

11 Thandazela ukukwazi ukuzibamba. Ukukwazi ukuzibamba kudla ngokuthetha ukukwazi ukuzinqanda xa ucinga ukwenza into embi. Siyakudinga naxa sifuna ukwenza into elungileyo, ngokukodwa xa inzima okanye kungekho nto isiqhubayo. Nantsi into emasingayilibali: Ukukwazi ukuzibamba lolunye uphawu lwesiqhamo somoya. Ngoko masicele uYehova ukuba asiphe umoya wakhe oyingcwele ukuze sibe nolu phawu lubalulekileyo. (Luka 11:13; Gal. 5:22, 23) UDavid ekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo uchaza indlela okwamnceda ngayo ukuthandaza. Wayefuna ukufundisisa qho. Uthi: “Ndandiye ndimcele uYehova ukuba andincede ndikwazi ukuzibamba. Wandinceda ndakwazi ukuzenzela ucwangciso lokufundisisa ndaza ndabambelela kulo.”

12. Umgaqo okwiNtshumayeli 11:4 usinceda njani sizenze izinto esizimisele ukuzenzela uYehova?

12 Sukulinda de ziphele iingxaki onazo. Kweli hlabathi soze zingabikho iingxaki. Ukuba sizilinda ziphele, soze siyenze into esizimisele ukuyenza. (Funda iNtshumayeli 11:4.) Umzalwana onguDayniel uthi: “Iingxaki ziza kuhlala zikhona. Ngoko masivele siqale, singalindi de ziphele.” Yena umzalwana waseUganda, uPaul, uchaza esinye isizathu sokuba simele singayibekeli amangomso into esifuna ukuyenza. Uthi: “Xa sivele siyenze into esizimisele ukuyenza naxa kunzima, kutsho kubekho into anokuyisikelela uYehova.”—Mal. 3:10.

13. Kutheni kunokukunceda ukuyiqala kancinci kancinci into ozimisele ukuyenza?

13 Qala kancinci. Sisenokuphelelwa ngumdla kuba sibona ngathi into esizimisele ukuyenza inzima. Ukuba kunjalo kuwe, kutheni ungayiqali kancinci kancinci? Ukuba kukho uphawu ozimisele ukuba nalo, kutheni ungaqali ulibonise ngeendlela ezincinci? Ukuba uzimisele ukuyifunda yonke iBhayibhile, kutheni ungaqali ngokuzibekela ixesha elifutshane lokuyifunda? UTomáš ekuthethwe ngaye kwisiqendu sokuqala, wayengakwazi ukufunda iBhayibhile ayigqibe ngonyaka. Uthi: “Ndabona ukuba zininzi gqitha iivesi endandizifunda ngosuku. Ngoko ndagqiba ekubeni khe ndiphinde ndizame, kodwa ngoku ndifunde iivesi ezimbalwa ngosuku ndize ndicingisise ngazo. Loo nto yandenza ndathanda ukufunda iBhayibhile.” UTomáš’ wayesele ekwazi ukuyifunda ixesha elide iBhayibhile kuba wayekuthanda ukuyifunda. Wade wakwazi ukuyifunda yonke. c

UNGATYHAFISWA ZIINGXAKI ONOKUBA NAZO

14. Zeziphi iingxaki ezinokwenza kube nzima ukude siyenze into esizimisele ukuyenza?

14 Into ebuhlungu kukuba nokuba singanomdla okanye siziqhube kangakanani, kusenokwenzeka izinto ezinokwenza kube nzima ukude siyenze into esizimisele ukuyenza. Ngokomzelelo, ‘iziganeko ezingalindelekanga’ zisenokwenza singabi naxesha lingako lokuyenza. (INtshu. 9:11) Sisenokuba neengxaki ezisishiya sityhafile. (IMize. 24:10) Iimpazamo esizenza kuba sinesono zinokusiphazamisa kwinto esizimisele ukuyenza. (Roma 7:23) Okanye sisenokusuka nje sidinwe. (Mat. 26:43) Yintoni esinokuyenza xa sinezi ngxaki?

15. Kutheni singamele sincame xa kuvela iingxaki? Cacisa. (INdumiso 145:14)

15 Xa kuvela ingxaki, khumbula ukuba loo nto ayithethi kuthi ncama. IBhayibhile ithi sisenokuba nengxaki emva kwenye. Kodwa iphinda iyenze icace into yokuba singaphinda sizame, ngokukodwa xa sincedwa nguYehova. (Funda iNdumiso 145:14.) Umzalwana onguPhilip, ebekuthethwe ngaye kwiziqendu ezidlulileyo, uthi xa ethetha ngendlela abona ngayo ukuba uza kude akwazi ukuyenza into azimisele ukuyenza: “Andijongi ukuba ndiwe kangaphi, kodwa ndijonga amaxesha endiye ndakwazi ukuphinda ndiphakame ngawo.” NoDavid, ebekukhe kwathethwa ngaye uthi: “Iingxaki azindenzi ndincame, kodwa zindinika ithuba lokubonisa uYehova ukuba ndimthanda kangakanani.” Ngoko ukuba iingxaki azikwenzi uncame, ubonisa uYehova ukuba ufuna ukumvuyisa. Uvuya nyhani xa ebona ukuba awuyeki ukusebenzela kwinto ozimisele ukumenzela yona!

16. Yintoni esinokuyifunda xa kusenzeka into esenza singakwazi ukuyenza into esizimisele ukuyenza?

16 Funda xa kusenzeka into ekwenza ungakwazi ukude uyenze into ozimisele ukuyenza. Cinga ukuba bekutheni ukuze yenzeke, uze uzibuze, ‘Ndingenza ntoni ukuze ingaphindi yenzeke?’ (IMize. 27:12) Kodwa into ekwenza ungakwazi ukude uyenze into obuzimisele ukuyenza ibonisa ukuba loo nto ibingaphezu kwamandla akho. Ukuba kunjalo kuwe, khawuzame ukujonga ukuba uza kukwazi nyhani na ukuyenza loo nto. d UYehova akasoze acinge ukuba akukho yakho xa ungakwazanga ukuyenza into obuzimisele ukumenzela yona, ebingaphezu kwamandla akho.—2 Kor. 8:12.

17. Kutheni singamele sizilibale izinto esikwazileyo ukumenzela zona uYehova?

17 Sukuzilibala izinto okwazileyo ukuzenza. IBhayibhile ithi ‘uThixo akangoThixo ongenabulungisa ukuba angade awulibale umsebenzi wakho.’ (Heb. 6:10) Ungawulibali ke nawe. Cinga ngezinto osele ukwazile ukuzenza. Mhlawumbi uye wakwazi ukuba ngumhlobo kaYehova nokuxelela abanye ngaye okanye ukubhaptizwa. Ekubeni uye wakwazi ukuzenza izinto obuzimisele ukumenzela zona uYehova, unokukwazi ukusebenzela nakwezo uzimisele ukumenzela zona ngoku.—Fil. 3:16.

Lonwabele uhambo (Jonga isiqendu 18)

18. Yintoni esimele singayilibali njengoko sisebenzela ukude siyenze into esizimisele ukuyenzela uYehova? (Jonga nomfanekiso.)

18 Umntu oqhuba isikhephe ude afike apho ebesiya khona. Nawe uYehova uza kukunceda ude ukwazi ukwenza into ozimisele ukumenzela yona. Kaloku khumbula, abanye abantu abaqhuba isikhephe bonwatyiswa naluhambo. Nawe, njengokuba usebenzela ukuyenza into ozimisele ukumenzela yona uYehova, yonwatyiswa kukubona indlela akunceda nakusikelela ngayo. (2 Kor. 4:7) Ukuba awuncami, uza kukusikelela kakhulu.—Gal. 6:9.

INGOMA 126 Hlalani Nithe Qwa, Ningagungqi

a Sihlala sikhuthazwa ukuba sibe nezinto esizimisele ukuzenzela uYehova. Kodwa siza kuthini xa kunzima ukuba side sizenze? Kweli nqaku siza kucetyiswa ukuba singenza ntoni ukuze sikwazi ukuzenza izinto esizimisele ukuzenzela uYehova.

b AMAGAMA ACACISIWEYO: Into ozimisele ukuyenzela uYehova yiyo nantoni na osebenzela ukuyenza bhetele okanye ofuna ukuyenza ukuze umkhonze ngamandla akho onke uze umvuyise. Ngokomzekelo, unokuzimisela ukusebenzela kuphawu amele abe nalo amaKristu, okanye ukwenza bhetele kwindlela oyifunda ngayo iBhayibhile, ofundisisa ngayo okanye oshumayela ngayo.

d Ukuze ufunde nezinye izinto, jonga inqaku elithi “Zibekele Usukelo Olusengqiqweni, Uze Uhlale WonwabilekwiMboniselo kaJulayi 15, 2008.