Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 18

INGOMA 1 Iimpawu ZikaYehova

Mthembe ‘UMgwebi Onenceba Womhlaba Wonke’

Mthembe ‘UMgwebi Onenceba Womhlaba Wonke’

“Ngaba uMgwebi womhlaba wonke akazukwenza okulungileyo?”​—GEN. 18:25.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Eli nqaku liza kusinceda siyiqonde indlela uYehova aza kuba nenceba nobulungisa ngayo xa evusa abantu abaswelekileyo abangengomalungisa.

1. Sesiphi isifundo esithuthuzelayo uYehova awasifundisa uAbraham?

 KUDALA, uThixo wasebenzisa ingelosi ukuze axelele uAbraham ukuba wayeza kuyitshabalalisa idolophu yaseSodom neyaseGomora. Nangona ukholo awayenalo kuThixo lwalomelele, yamkhathaza le nto uAbraham. Wathi: “Ngaba nyhani uza kulitshayela ilungisa kunye nomenzi-bubi? . . . Ngaba uMgwebi womhlaba wonke akazukwenza okulungileyo?” UYehova waba nomonde, wafundisa lo mhlobo wakhe esi sifundo sisincedayo nesisithuthuzelayo: Soze uThixo atshabalalise abantu abangamalungisa.​—Gen. 18:​23-33.

2. Yintoni esenza siqiniseke ukuba uYehova uba nobulungisa nenceba xa egweba?

2 Yintoni enokusenza siqiniseke ukuba uYehova uba nobulungisa nenceba xa egweba? Kukuba siyazi ukuba ‘uYehova ubona okusezintliziyweni’ zabantu. (1 Sam. 16:7) Phofu, wazi “intliziyo yomntu ngamnye.” (1 Kum. 8:39; 1 Kron. 28:9) Iyamangalisa ke loo nto. Kaloku soze side sikwazi ukuyiqonda kakuhle indlela agweba ngayo. Yiloo nto umpostile uPawulos wathi ngoYehova uThixo: “Izigwebo zakhe . . . azinakuqondwa ngokupheleleyo!”​—Roma 11:33.

3-4. (a) Ngamanye amaxesha yintoni esisenokuzibuza yona? (b) Yintoni esiza kuthetha ngayo kweli nqaku? (Yohane 5:​28, 29)

3 Ngamanye amaxesha nathi namhlanje sisenokuba nemibuzo ephantse ifane naleyo wayibuzayo uAbraham. Sisenokude sizibuze: “Ngaba likhona ithemba ngabantu abatshatyalaliswe nguThixo, njengabaseSodom naseGomora? Ingenzeka into yokuba abanye babo bavuswe xa ‘kuvuswa abantu abangengomalungisa’?”​—IZe. 24:15.

4 Makhe sithethe ngezinto esiziqondayo ngovuko. Kutshanje, iye yalungiswa indlela ebesikuqonda ngayo ‘ukuvukela ebomini nokuvukela ukugwetywa.’ a (Funda uYohane 5:​28, 29.) Ngenxa yaloo nto, kuye kwafuneka sitshintshe indlela ebesiziqonda ngayo nezinye izinto. Eli nqaku nelilandelayo liza kuthetha ngazo. UYehova ugweba ngobulungisa. Siza kuqala sithethe ngezinto esingazaziyo ngaloo nto, emva koko sithethe ngezinto esizaziyo.

ZIINTONI ESINGAZAZIYO?

5. Iincwadi zethu bezikade zisithini ngabantu baseSodom naseGomora abatshatyalaliswa nguYehova?

5 Iincwadi zethu ziye zathetha ngento eyenzeka kubantu athi uYehova abangomalungisa. Bezikade zisithi abantu abatshatyalaliswe nguYehova, njengabaseSodom naseGomora, soze bavuswe. Kodwa emva kokuba siye saphinda safundisisa kakuhle saza sathandaza, siye sazibuza ukuba sinokuqiniseka nyhani na ngaloo nto.

6. (a) Yeyiphi imizekelo yabantu ababengengomalungisa awabagwebayo uYehova? (b) Yintoni esingayaziyo ngabo bantu?

6 Maninzi amabali aseBhayibhileni athetha ngendlela uYehova awabagweba ngayo abantu ababengengomalungisa. Ngokomzekelo, ngoMkhukula uYehova watshabalalisa wonke umntu, kwashiyeka uNowa nentsapho yakhe. Waphinda wasebenzisa amaSirayeli ukuze atshabalalise iintlanga eziyi-7 ezazihlala kwiLizwe Lesithembiso. Wathuma ingelosi ukuba iye kutshabalalisa amajoni aseAsiriya ayi-185 000 ngobusuku nje obunye. (Gen. 7:23; Dut. 7:​1-3; Isa. 37:​36, 37) Ngaba iBhayibhile yenza kucace ukuba wabatshabalalisa ngonaphakade aba bantu, akazukuphinda abavuse? Hayi. Kutheni sisitsho?

7. Yintoni esingayaziyo ngabantu abatshabalala ngoMkhukula nababulawa ngamaSirayeli kwaKanan? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

7 Kwaba bantu uYehova wabatshabalalisayo asiyazi indlela awamgweba ngayo ngamnye kubo. Asazi nokuba balifumana na ithuba lokufunda ngaye nokuguquka. Xa ithetha ngexesha loMkhukula, iBhayibhile ithi uNowa ‘wayengumshumayeli wobulungisa.’ (2 Pet. 2:5) Kodwa ayitsho ukuba xa wayesakha umkhombe wayezama nokuya kubo bonke abantu, ukuze abaxelele ngoMkhukula ozayo. Kuyafana ke nangabantu bakwaKanan, ababesenza izinto ezimbi. Asazi nokuba balifumana na ithuba lokufunda ngoYehova nokutshintsha iindlela zabo.

UNowa nentsapho yakhe bakha umkhombe omkhulu. Asazi nokuba ngelo xesha uNowa walungiselela ukuba kubekho iphulo lokushumayela kubantu abasemhlabeni wonke ngaphambi kokuba kufike uMkhukula. (Jonga isiqendu 7)


8. Yintoni esingayaziyo ngabantu baseSodom nabaseGomora?

8 Kuza kwenzeka ntoni kubantu baseSodom naseGomora? Indoda eyayililungisa, uLote, yayihlala nabo. Kodwa ngaba uLote wabashumayeza bonke? Asazi. Ewe kona babezenza izinto ezimbi, kodwa ngaba babesazi ukuba yintoni elungileyo nengalunganga? Khumbula kaloku ukuba igquba lamadoda aseSodom lalifuna ukudlwengula iindwendwe zikaLote. IBhayibhile ithi elo gquba ‘lalisusela kwinkwenkwana ukuyokutsho kwindoda endala.’ (Gen. 19:4; 2 Pet. 2:7) Ngaba nyhani siyazi ukuba uYehova, uThixo onenceba, wagqiba ekubeni akukho nomnye aza kumvusa kwabo bantu? UYehova waxelela uAbraham ukuba babengafikanga naku-10 abantu ababengamalungisa eSodom. (Gen. 18:32) Babengengomalungisa, yiloo nto wabatshabalalisayo uYehova. Ngaba singabetha ngenqindi phantsi, sisithi akukho nomnye kubo oza kuvuswa xa ‘kuvuswa abantu abangengomalungisa’? Asikwazi.

9. Yintoni esingayaziyo ngoSolomon?

9 IBhayibhile iyathetha ke nangabantu ababekade bengamalungisa, kodwa bayeka ukuba ngawo. Omnye wabo nguKumkani uSolomon. Wayalelwa kakuhle ngeendlela zikaThixo, noYehova wamsikelela kakhulu. Kodwa ekuhambeni kwexesha waye wakhonza oothixo bobuxoki. Izono zakhe zamcaphukisa kakhulu uYehova. Ngenxa yaloo nto, amaSirayeli atsala nzima kangangamakhulu eminyaka. Ewe kona ziyatsho iZibhalo ukuba uSolomon “wabekwa kookhokho bakhe,” apho ayengcwatyelwe khona namadoda athembekileyo anjengoKumkani uDavide. (1 Kum. 11:​5-9, 43; 2 Kum. 23:13) Kodwa ngaba loo nto yayithetha ukuba nakanjani uza kuvuswa? IBhayibhile ayisixeleli. Kodwa abanye basenokuthi, “Umntu oye wafa ukhululwe esonweni sakhe.” (Roma 6:7) Yinyaniso leyo, kodwa ayithethi kuthi wonke umntu oswelekileyo umele avuswe, ngokungathi unelungelo lokuphinda aphile. Uvuko sisipho esisifumana kuThixo wethu osithandayo. Usinika abo afuna ukubanika ithuba lokumkhonza ngonaphakade. (Yobhi 14:​13, 14; Yoh. 6:44) Ngaba noSolomon uza kusifumana? NguYehova onokuwuphendula loo mbuzo, thina asikwazi, kodwa into esiyaziyo kukuba uYehova uza kwenza into elungileyo.

ZIINTONI ESIZAZIYO?

10. UYehova uziva njani xa ecinga ngokutshabalalisa abantu? (Hezekile 33:11) (Jonga nomfanekiso.)

10 Funda uHezekile 33:11. UYehova uyasixelela indlela aziva ngayo ngokugweba abantu. Umpostile uPetros waphefumlelwa ukuba athethe into efanayo neyabhalwa ngumprofeti uHezekile. Wathi: “UYehova . . . akafuni kutshabalale nabani na.” (2 Pet. 3:9) La mazwi ayasithuthuzela. Siyazi ukuba soze uYehova atshabalalise abantu ngonaphakade, ngaphandle kwesizathu esivakalayo. Inceba anayo ayinakulinganiswa nanto, futhi uyibonisa nanini na xa ebona kufanelekile.

Xa kuvuswe abantu abangengomalungisa, abantu abaninzi abahlukahlukeneyo baza kufumana ithuba lokufunda ngoYehova (Jonga isiqendu 10)


11. (a)  Ngoobani abangazukuvuswa? (b) Siyazi njani loo nto?

11 Yintoni esiyaziyo ngabantu abangazukuvuswa? Bambalwa ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. b UYesu wabonisa ukuba uYudas Skariyoti akazukuvuswa. (Marko 14:21) Kaloku yena wayesazi ukuba uYehova noNyana Wakhe babengayifuni le nto wayeyenza, kodwa wayenza. UYesu wathi nabanye abafundisi bamaYuda ababengamfuni babengazukuvuswa. (Mat. 23:33) Nompostile uPawulos wathi abawexuki abangaguqukiyo abazukuvuswa.​—Heb. 6:​4-8; 10:29.

12. Yintoni esiyaziyo ngenceba kaYehova? Yenza imizekelo.

12 Kodwa yintoni esiyaziyo ngenceba kaYehova? Ubonise njani ukuba “akafuni kutshabalale nabani na”? Khawucinge ngendlela awaba nenceba ngayo kwabanye abantu ababenze izono ezinzulu. UKumkani uDavide wenza izono ezinzulu. Wakrexeza waza wabulala. Kodwa waguquka waza uYehova wanenceba, wamxolela. (2 Sam. 12:​1-13) Kwiminyaka emininzi yobomi bakhe uKumkani uManase wenza izinto ezimbi. Sekunjalo, wathi akuguquka, uYehova wanenceba kuye, wamxolela. (2 Kron. 33:​9-16) Le mizekelo isibonisa ukuba uYehova uba nenceba nanini na ebona isizathu sokuba nayo. Uza kubavusa aba bantu, kuba bazibona ukuba bamone kakhulu, baza baguquka.

13. (a) Kwakutheni ukuze uYehova abe nenceba kubantu baseNineve? (b) UYesu wathini ngabantu baseNineve?

13 Siyayazi nendlela uYehova awaba nenceba ngayo kubantu baseNineve. Wathi kuYona: ‘Ndizibonile izinto ezimbi abazenzayo.’ Kodwa bathi bakuguquka, uYehova wabaxolela. Waba nenceba ngaphezu koYona. UThixo kwafuneka akhumbuze lo mprofeti wakhe wayenomsindo ukuba, abo bantu baseNineve ‘babengakwazi nokwahlula okulungileyo kokubi.’ (Yona 1:​1, 2; 3:10; 4:​9-11) Ekuhambeni kwexesha, xa uYesu wayefundisa abantu ngendlela uYehova anenceba nanobulungisa ngayo, wasebenzisa umzekelo wabantu baseNineve. Wathi abantu baseNineve abaguqukayo baza “kuvuka xa kugwetywa.”​—Mat. 12:41.

14. Kuthetha ukuthiwani xa kusithiwa abantu baseNineve baza ‘kuvukela ukugwetywa’?

14 Wayethetha ukuthini uYesu xa wayesithi abantu baseNineve baza “kuvuka xa kugwetywa”? Wayethetha ngabantu abaza ‘kuvukela ukugwetywa.’ (Yoh. 5:29) Loo nto iza kwenzeka xa elawula iminyaka eliwaka, apho kuza kuvuswa “abantu abangamalungisa nabangengomalungisa.” (IZe. 24:15) Abantu abangengomalungisa baza ‘kuvukela ukugwetywa.’ Loo nto ithetha ukuba emva kokuba bevusiwe, uYehova noYesu baza kujonga ukuba bayazenza na izinto abazifundiswayo. Ukuba umntu waseNineve ovusiweyo akafuni ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo, uza kutshatyalaliswa. (Isa. 65:20) Kodwa bonke abakhetha ukumkhonza ngendlela ayifunayo, baza kuphila ngonaphakade!​—Dan. 12:2.

15. (a) Kutheni simele sikulumkele ukuthi akukho nomnye oza kuvuswa kubantu baseSodom naseGomora? (b) Simele siwaqonde njani amazwi akuYuda 7? (Jonga ibhokisi ethi “ Wayethetha Ukuthini UYuda?”)

15 Xa wayethetha ngabantu baseSodom nabaseGomora, uYesu wathi kwakuza kuba lula kubo “ngeMini Yomgwebo” kunakubantu ababengamfuni, bengafuni nezinto awayezifundisa. (Mat. 10:​14, 15; 11:​23, 24; Luka 10:12) Wayethetha ukuthini? Sisenokucinga ukuba wayebaxa noko uYesu apha. Kodwa khumbula ukuba xa wayesithi abantu baseNineve baza “kuvuka xa kugwetywa,” wayethetha ngento eza kwenzeka nyhani. Ngoko kubonakala ngathi naxa wayethetha ngabantu baseSodom naseGomora wayengabaxi. ‘IMini Yomgwebo’ awayethetha ngayo xa wayethetha ngabantu baseNineve, ikwayileyo wayethetha ngayo ngabantu baseSodom naseGomora. Abantu baseSodom naseGomora babesenza izinto ezimbi njengabaseNineve. Kodwa abaseNineve balifumana ithuba lokuguquka. Enye into, khumbula into eyathethwa nguYesu ngabantu abaza ‘kuvukela ukugwetywa.’ Kubo kuza kubakho ‘nabo babesenza izinto ezimbi.’ (Yoh. 5:29) Ngoko kuyabonakala ukuba lisenokubakho ithemba ngabantu baseSodom nabaseGomora. Kusenokwenzeka ukuba bakhona abaza kuvuswa kwabo bantu, size sifumane ithuba lokubafundisa ngoYehova nangoYesu Kristu!

16. Yintoni esiyaziyo ngendlela uYehova aza kugqiba ngayo ngabantu amakabavuse? (Yeremiya 17:10)

16 Funda uYeremiya 17:10. Le vesi iyiveza kakuhle into esiyaziyo: UYehova usoloko ‘egocagoca intliziyo, ehlolisisa ezona ngcinga zinzulu.’ Xa ekhetha ukuba ngubani amakamvuse namakangamvusi, uza ‘kunika ngamnye ngokweendlela zakhe.’ UYehova uza kusiqinisa isandla xa kufuneka asiqinise, aze abe nenceba xa ebona kufanelekile. Ngoko masingacingi ukuba umntu akazukuvuswa, ngaphandle kokuba loo nto siyazi kuba siyifunde eBhayibhileni.

‘UMGWEBI WOMHLABA WONKE UZA KWENZA OKULUNGILEYO’

17. Yintoni eza kwenzeka kubantu abaswelekileyo?

17 Emva kokuba uAdam noEva bencedise uSathana ekungamthobelini uYehova uThixo, kuye kwasweleka iibhiliyon zabantu. ‘Utshaba olukukufa’ luye lwagqugqisa. (1 Kor. 15:26) Yintoni eza kwenzeka kubantu abafunyenwe lolu tshaba? Abalandeli bakaKristu abayi-144 000 baza kuvuselwa ezulwini, bangaze baphinde bafe. (ISityhi. 14:1) Abantu abaninzi abasweleke bemthanda uYehova baza kuvuka xa ‘kuvuswa abantu abangamalungisa.’ Ukuba baye bahlala bengamalungisa kwiMinyaka Eliwaka Yokulawula KukaKristu naxa bevavanywa okokugqibela, baza kuphila ngonaphakade. (Dan. 12:13; Heb. 12:1) KwiMinyaka Eliwaka Yokulawula KukaKristu, ‘abantu abangengomalungisa,’ abo bangazange bamkhonze uYehova okanye ‘ababesenza izinto ezimbi,’ baza kufumana ithuba lokutshintsha iindlela zabo baze bamkhonze bethembekile. (Luka 23:​42, 43) Kodwa kukho abantu ababeqatsele ekwenzeni izinto ezimbi, bezimisele ukungamthobeli uYehova, kangangokuba wagqiba ekubeni akasoze abavuse.​—Luka 12:​4, 5.

18-19. (a) Kutheni sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kubagweba ngobulungisa abantu abaswelekileyo? (Isaya 55:​8, 9) (b) Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

18 Ngaba sinokuqiniseka nyhani ukuba xa uYehova egweba abantu usoloko egweba ngobulungisa? Ewe! UAbraham wayeqonda ukuba uYehova ‘onguMgwebi womhlaba wonke’ akayenzi impazamo, ulumkile futhi unenceba. Uye wafundisa uNyana wakhe, waza wamnika umsebenzi wokugweba bonke abantu. (Yoh. 5:22) Yena noNyana wakhe bayazazi izinto ezisezintliziyweni zethu. (Mat. 9:4) Xa begweba umntu, baza kusoloko ‘besenza okulungileyo.’

19 Masizimisele ukuhlala simthemba uYehova nazo zonke izigqibo azenzayo. Asingobagwebi thina, nguye uMgwebi. (Funda uIsaya 55:​8, 9.) Yiloo nto siwuyekela kuye noNyana wakhe wonke umsebenzi wokugweba. Siyazi nokuba uKumkani wethu uYesu, uza kumlinganisa kakuhle uTata wakhe ogweba ngobulungisa, nonenceba. (Isa. 11:​3, 4) Sinokuthini ngendlela uYehova noYesu abaza kubagweba ngayo abantu ngexesha lentlungu engathethekiyo? Ziintoni esingazaziyo? Ziintoni esizaziyo? Le mibuzo iza kuphendulwa kwinqaku elilandelayo.

INGOMA 57 Sishumayela Kwiintlobo Zonke Zabantu

b Funda ngoAdam, uEva noKayin kwiMboniselo kaJanuwari 1, 2013, iphe. 12, umbhalo osemazantsi.