IZINTO ONOKUPHANDA NGAZO
Ukunyamezela Ukungaphathwa Kakuhle
Funda iGenesis 37:23-28; 39:17-23 ukuze uve indlela uYosefu awakunyamezela ngayo ukungabikho kobulungisa.
Zama ukuyiqonda le nto kuthethwa ngayo. Kwakutheni ukuze uYosefu angaphathwa kakuhle? (Gen. 37:3-11; 39:1, 6-10) Kwakuza kufuneka anyamezele ixesha elingakanani? (Gen. 37:2; 41:46) Ngelo xesha yintoni uYehova awayenzela uYosefu? Yintoni angazange amenzele yona?—Gen. 39:2, 21; w23.01 17 ¶13.
Phanda. EBhayibhileni asiva nto ithi uYosefu wazithethelela xa wayetyholwa ngumkaPotifare. Ezi zibhalo zinokusinceda njani siqonde ukuba yayiyintoni eyayisenokwenza uYosefu akhethe ukuthi cwaka, nesizathu sokuba singamele silindele ukuba kuchazwe yonke into eyenzekayo? (IMize. 20:2; Yoh. 21:25; IZe. 21:37) Zeziphi iimpawu ekusenokwenzeka ukuba zamnceda uYosefu wanyamezela ukuphathwa kakubi?—Mika 7:7; Luka 14:11; Yak. 1:2, 3.
Likufundisa ntoni eli bali? Zibuze:
-
‘Ekubeni ndingumfundi kaYesu, yeyiphi indlela engenabulungisa endinokulindela ukuphathwa ngayo?’ (Luka 21:12, 16, 17; Heb. 10:33, 34)
-
‘Ngoku yintoni endinokuyenza ukuze ndikwazi ukunyamezela ukungaphathwa kakuhle?’ (INdu. 62:7, 8; 105:17-19; w19.07 2-7)