Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 45

Indlela Osinceda Ngayo Umoya Oyingcwele

Indlela Osinceda Ngayo Umoya Oyingcwele

“Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undomelezayo.”​—FIL. 4:13.

INGOMA 104 Isipho SikaThixo Somoya Oyingcwele

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1-2. (a) Yintoni esincedayo sikwazi ukunyamezela? Cacisa. (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

“XA NDICINGA, bendingenakukwazi ukuyinyamezela ngamandla am le nto.” Wakha wayithetha into efana nale? Abaninzi kuthi bakhe bayitsho. Mhlawumbi wayithetha xa wawucinga ngendlela owakunyamezela ngayo ukugula okanye ukuswelekelwa. Xa wawucinga ngendlela owakwazi ukunyamezela ngayo, wabona ukuba nguYehova owakupha “amandla angaphaya koko kuqhelekileyo” ngomoya wakhe oyingcwele.​—2 Kor. 4:7-9.

2 Siyawudinga umoya oyingcwele ukuze sikwazi ukuphepha izinto zeli hlabathi lingendawo. (1 Yoh. 5:19) Enye into, silwa ‘nemikhosi yoomoya abangendawo.’ (Efe. 6:12) Ngoku siza kuthetha ngeendlela ezimbini onokusinceda ngazo umoya oyingcwele kwezi zinto. Emva koko siza kuthetha ngezinto esinokuzenza ukuze lo moya usincede.

UMOYA OYINGCWELE USINIKA AMANDLA

3. Yeyiphi indlela uYehova asinceda ngayo sikwazi ukunyamezela?

3 Umoya oyingcwele kaYehova usinceda ngokusinika amandla ukuze sikwazi ukwenza yonke imisebenzi ekufuneka siyenze ngoxa sineengxaki. Umpostile uPawulos wayesazi ukuba unokukwazi ukumkhonza uYehova ngoxa eneengxaki kuba wayexhomekeke ‘kumandla kaKristu.’ (2 Kor. 12:9) Kuhambo lwakhe lwesibini engumshumayeli wevangeli, uPawulos wayeshumayela, esebenza nokusebenza. Wayehlala eKorinte, kumzi ka-Akwila noPrisila. Bona babesenza iintente. Ekubeni noPawulos wayewazi lo msebenzi, ngezinye iintsuku wayesebenza nabo. (IZe. 18:1-4) Umoya oyingcwele wamnika amandla okuba akwazi ukushumayela nokusebenza.

4. Eyesi-2 kwabaseKorinte 12:7b-9 ithi yayiyintoni ingxaki kaPawulos?

4 Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 12:7b-9. Kwezi vesi, wayethetha ukuthini uPawulos xa esithi ‘uneliva enyameni’? Uqaqanjelwa kakhulu xa uhlatywe liliva. Ngoko uPawulos wayesithi unengxaki ebuhlungu ngathi uhlatywe liliva. Wathi wayengathi usoloko eqhwatywa ‘yingelosi kaSathana.’ Kusenokwenzeka ukuba iingxaki zikaPawulos, ezazifana neliva enyameni, zazingenziwa nguSathana needemon zakhe. Kodwa bathi bakubona ukuba uneengxaki, bazenza zankulu kakhulu, ngokungathi bayalinyanzela iliva elimhlabileyo. Wenza ntoni uPawulos?

5. UYehova wayiphendula njani imithandazo kaPawulos?

5 Ekuqaleni uPawulos wayefuna ukulincothula elo ‘liva.’ Uthi: “Ndayibongoza izihlandlo ezithathu iNkosi [uYehova] ukuba lisuke kum.” Kodwa ngoxa wayethandaza, iliva alizange lisuke enyameni yakhe. Ngaba le nto ithetha ukuba uYehova zange ayiphendule imithandazo kaPawulos? Wayiphendula. Akazange ayiphelise ingxaki kaPawulos, kodwa wamnika amandla okuyinyamezela. UYehova wathi: “Amandla am enziwa agqibelele kubuthathaka.” (2 Kor. 12:8, 9) Wamnceda uPawulos wahlala evuya kwaye ezolile.​—Fil. 4:4-7.

6. (a) UYehova unokuyiphendula njani imithandazo yakho? (b) IZibhalo ezikwesi siqendu zikuthembisa ngantoni?

6 Ngaba nawe wakha wamcela uYehova ukuba aphelise ingxaki owawunayo? Ukuba wathi ngoxa wawuphindaphinda uthandaza, ingxaki owawunayo ayalunga, kodwa yaya isiba nkulu, ngaba wakhathazeka usithi inoba uYehova akakuthandi? Ukuba uthi ewe, khumbula into eyenzeka kuPawulos. UYehova wayiphendula imithandazo yakhe, ngoko ngokuqinisekileyo uza kuyiphendula neyakho. Usenokungayiphelisi ingxaki onayo. Ngomoya wakhe oyingcwele uza kukunika amandla okuba ukwazi ukuyinyamezela. (INdu. 61:3, 4) ‘Usenokuphoswa phantsi,’ kodwa uYehova akasoze akushiye.​—2 Kor. 4:8, 9; Fil. 4:13.

USENZA SINGAYEKI UKUKHONZA UYEHOVA

7-8. (a) Umoya oyingcwele ufana njani nomoya? (b) Wathini uPetros xa ethetha ngendlela osebenza ngayo umoya oyingcwele?

7 Yeyiphi enye indlela osinceda ngayo umoya oyingcwele? Njengenqanawa eqhutywa ngumoya okulwandle olunesaqhwithi, nathi siqhutywa ngumoya oyingcwele ukuze sikwazi ukudlula kwiingxaki ezifana neso saqhwithi, siye kufika kwihlabathi elitsha esilithenjiswe nguThixo.

8 Umpostile uPetros wayengumlobi weentlanzi, ngoko wayeqhelene nezikhephe. Yiloo nto wathi xa ethetha ngendlela osebenza ngayo umoya oyingcwele wasebenzisa amagama ekubonakala ukuba ayasetyenziswa xa kuthethwa ngesikhephe. Wathi: “Isiprofeto asizange nangaliphi na ixesha siziswe ngokuthanda komntu, kodwa abantu bathetha ngokuphuma kuThixo njengoko babeqhutywa ngumoya oyingcwele.”​—2 Pet. 1:21.

9. UPetros wayefuna abantu bacinge ngantoni xa wayesebenzisa igama elithi “babeqhutywa”?

9 UPetros wayefuna abantu bacinge ngantoni xa wayesebenzisa igama elithi “babeqhutywa”? Xa wayebhala incwadi yeZenzo, noLuka walisebenzisa eli gama lesiGrike ethetha ngenqanawa ‘eqhutywa’ ngumoya. (IZe. 27:15) Omnye umphengululi weBhayibhile wathi, xa uPetros wathi abantu ababebhala iBhayibhile “babeqhutywa,” wasebenzisa igama elaliza kwenza abantu bacinge ngesikhephe. Ngoko uPetros wayesithi, njengokuba isikhephe siqhutywa ngumoya ukuze siye kufika apho siya khona, nabantu ababebhala iBhayibhile babeqhutywa ngumoya oyingcwele ukuze bawenze bawugqibe loo msebenzi. Kwalo mphengululi uthi, “kwakungathi aba babhali bavule iiseyile zabo.” UYehova wenza into ekwakufuneka ayenze. Wabanika umoya oyingcwele. Ababhali beBhayibhile benza umsebenzi ekwakufuneka bawenze. Babekhokelwa ngumoya oyingcwele.

OKOKUQALA: Wenze qho umsebenzi uYehova awunike abakhonzi bakhe

OKWESIBINI: Wenze ngamandla akho onke umsebenzi kaYehova (Jonga isiqendu 11) *

10-11. Zeziphi izinto ezimbini ekufuneka sizenze ukuze siqiniseke ukuba sikhokelwa ngumoya oyingcwele? Yenza umzekelo.

10 Ngoku uYehova akasasebenzisi umoya oyingcwele ukuze kubhalwe iBhayibhile. Kodwa usawusebenzisa ukuze ukhokele abakhonzi bakhe. Nangoku uYehova wenza into ekufuneka ayenze. Sinokwenza ntoni ukuze sikhokelwe ngumoya oyingcwele? Kufuneka siqiniseke ukuba siyazenza izinto ekufuneka sizenze. Sinokuqiniseka njani?

11 Khawucinge ngale nto. Ukuze umoya umncede umntu oqhuba isikhephe, umele enze izinto ezimbini. Okokuqala, isikhephe sakhe simele sibe kwindawo enomoya. Ukuba usibeke kwizibuko elikude nomoya, eso sikhephe asizukuya ndawo. Okwesibini, umele azivule kakhulu iiseyile zaso. Kaloku, nokuba umoya ungavuthuza kangakanani, ukuba akazivulanga iiseyile, asizukuhamba isikhephe. Nathi, ukuze siqhubeke sikhonza uYehova sidinga umoya oyingcwele. Ukuze usincede, zimbini izinto ekufuneka sizenze. Okokuqala, simele senze izinto umoya kaThixo osikhokelela ekubeni sizenze. Okwesibini, simele sizivule kakhulu iiseyile zethu ngokuzenza ngamandla ethu onke ezi zinto. (INdu. 119:32) Ukuba siyazenza ezi zinto zimbini, umoya oyingcwele uza kusinika amandla okuba siqhubeke sikhonza uYehova ngoxa sitshutshiswa okanye sineengxaki, de siye kungena kwihlabathi elitsha.

12. Siza kuthetha ngantoni?

12 Sithethe ngeendlela ezimbini osinceda ngazo umoya oyingcwele. Usinika amandla uze usincede singagungqi ekukhonzeni uYehova ngoxa sineengxaki. Usenza singayeki ukukhonza uYehova ukuze sifumane ubomi obungunaphakade. Ngoku siza kuthetha ngezinto ezine ekufuneka sizenze ukuze usincede.

YINTONI EKUFUNEKA SIYENZE?

13. Eyesi-2 kuTimoti 3:16, 17 ithi yintoni ezinokuyenza iZibhalo kuthi, kodwa thina simele senze ntoni?

13 Okokuqala, masifunde iLizwi LikaThixo. (Funda eyesi-2 kuTimoti 3:16, 17.) UThixo wasebenzisa umoya wakhe ukuze afake izinto azicingayo kwiingqondo zabantu ababebhala iBhayibhile. Xa sifunda iBhayibhile size sicinge ngento esiyifundayo, sifaka izinto esiziyalelwa nguThixo kwiingqondo nasezintliziyweni zethu. Ezi zinto sizifundileyo zenza sikwazi ukwenza izinto ezithandwa nguYehova. (Heb. 4:12) Kodwa ukuze umoya oyingcwele usincede kakhulu, kufuneka sibe nexesha lokufunda iBhayibhile size sicinge ngezinto esizifundayo. Ukuba siyazenza ezi zinto, siza kukwazi ukuthetha nokwenza ngendlela esixelela ngayo.

14. (a) Kutheni sisithi ezintlanganisweni kukho umoya kaYehova? (b) Sinokuzivula kakhulu njani iiseyile zethu xa sisiya ezintlanganisweni?

14 Okwesibini, masikhonze uThixo kunye nabazalwana noodadewethu. (INdu. 22:22) Kaloku ezintlanganisweni kukho umoya kaYehova. (ISityhi. 2:29) Kutheni sisitsho nje? Kuba xa sikunye nabazalwana noodadewethu, sithandazela umoya oyingcwele, sicula iingoma zoBukumkani ezithathwe kwiLizwi LikaThixo kwaye simamela iintetho ezinikelwa ngabazalwana abamiselwe ngomoya oyingcwele. Kwalo moya unceda oodade ukuba balungiselele baze banikele iintetho zabo. Eny’ into ekufuneka siyenze ukuze umoya oyingcwele usincede, kukulungiselela nokuphendula ezintlanganisweni. Ukuba siyayenza loo nto, siya ezintlanganisweni sizivule kakhulu iiseyile zethu.

15. Umoya oyingcwele usinceda njani entsimini?

15 Okwesithathu, masishumayele. Xa sisebenzisa iBhayibhile entsimini, sivumela umoya oyingcwele ukuba usincede. (Roma 15:18, 19) Ukuze umoya kaThixo usincede kakhulu, simele siye qho entsimini kwaye sisebenzise iBhayibhile. Ukuze sishumayele bhetele entsimini, masisebenzise iintshumayelo ezikwiNcwadi Yentlanganiso Yobomi BamaKristu Nomsebenzi Wokushumayela.

16. Yeyiphi eyona ndlela siwufumana ngayo umoya oyingcwele?

16 Okwesine, masithandaze. (Mat. 7:7-11; Luka 11:13) Eyona ndlela esiwufumana ngayo umoya oyingcwele kukuwucela kuYehova ngokuthandaza. Akukho nto inokwenza imithandazo yethu ingafiki kuYehova okanye singasifumani isipho somoya kaThixo, nkqu neendonga zentolongo okanye uSathana. (Yak. 1:17) Sinokuthandaza njani ukuze umoya oyingcwele usincede? Ukuze siphendule lo mbuzo, makhe sifunde ngomthandazo kumzekeliso okwincwadi kaLuka qha. *

MASINGAYEKI UKUTHANDAZA

17. Yintoni esiyifundayo ngomthandazo kumzekeliso kaYesu okuLuka 11:5-9, 13?

17 Funda uLuka 11:5-9, 13. Lo mzekeliso kaYesu usibonisa indlela esifanele siwuthandazele ngayo umoya oyingcwele. Kulo mzekeliso, le ndoda yafumana into eyayiyifuna ngenxa yokuba ingazange iyeke ukucela. Zange yoyike ukuya kucela uncedo kumhlobo wayo ezinzulwini zobusuku. (Luka 11:8) * UYesu wathi usifundisa ntoni lo mzekeliso ngomthandazo? Wathi: “Qhubekani nicela, niya kunikwa; qhubekani nifuna, niya kufumana; qhubekani ninkqonkqoza, niya kuvulelwa.” Sifunda ntoni? Ukuze umoya oyingcwele usincede, simele singayeki ukuwuthandazela.

18. Xa sicinga ngomzekeliso kaYesu, kutheni simele siqiniseke ukuba uYehova uza kusinika umoya wakhe oyingcwele?

18 Lo mzekeliso, usinceda sibone isizathu sokuba uYehova eza kusinika umoya oyingcwele. Indoda ekulo mzekeliso yayifuna ukuluphatha kakuhle undwendwe lwayo. Yayiqonda ukuba inyanzelekile ukuba iluphe ukutya ngobo busuku, kodwa yayingenako. UYesu wathi ummelwane wayipha isonka kuba yayingayeki ukusicela. Yintoni awayesifundisa yona? Ukuba umntu ongafezekanga uyakwazi ukunceda ummelwane kuba engayeki ukucela, simele siqiniseke ukuba uTata wethu wasezulwini onobubele uza kusipha umoya oyingcwele ukuba asiyeki ukuwucela. Ngoko simele sithandaze siqinisekile ukuba uYehova uza kusipha umoya wakhe oyingcwele xa siwucela.​—INdu. 10:17; 66:19.

19. Kutheni simele siqiniseke ukuba siza kumoyisa uSathana?

19 Simele siqiniseke ukuba nokuba uSathana angazama kangakanani ukusihlasela, siza kumoyisa. Ngoba? Kuba umoya oyingcwele uyasinceda ngeendlela ezimbini. Okokuqala, usinika amandla okunyamezela iingxaki. Okwesibini, uzalisa iiseyile zethu ngokusinceda ukuba siqhubeke simkhonza uYehova sinethemba lokuya kufika kwihlabathi elitsha. Masizimisele ukuwufuna umoya oyingcwele ukuze usincede.

INGOMA 41 Nceda Uve Umthandazo Wam

^ isiqe. 5 Eli nqaku lisixelela indlela umoya oyingcwele kaThixo onokusinceda ngayo sinyamezele. Lisixelela nezinto esinokuzenza ukuze usincede.

^ isiqe. 16 Kubo bonke ababhali beVangeli, oyena uchaza indlela ekwakubaluleke ngayo kuYesu ukuthandaza nguLuka.​—Luka 3:21; 5:16; 6:12; 9:18, 28, 29; 18:1; 22:41, 44.

^ isiqe. 17 Jonga imbekiselo kaLuka 11:8 kwiNcwadi Yentlanganiso kaJulayi 2018.

^ isiqe. 60 IMIFANEKISO: OKOKUQALA: Umzalwana nodade bafika eHolweni YoBukumkani. Xa bekunye nabazalwana noodade, bakwindawo enomoya kaYehova. OKWESIBINI: Balungiselele iintlanganiso ukuze baphendule. Ukuba siyazisebenzisa iindlela ezimbini ekuthethwe ngazo kwisiqendu 11 xa sifunda iLizwi LikaThixo, sishumayela naxa sithandaza, siza kuwufumana umoya kaYehova.