Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 48

Yigqibe Into Oyiqalileyo

Yigqibe Into Oyiqalileyo

“Kwenzeni nikugqibe oko.”​—2 KOR. 8:11.

INGOMA 35 ‘Qiniseka Ngezinto Ezibaluleke Ngakumbi’

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. UYehova ufuna senze ntoni?

UYEHOVA ufuna sizikhethele indlela esifuna ukuphila ngayo. Usifundisa indlela yokwenza izigqibo ezimvuyisayo aze asincede sikwazi ukuzenza. (INdu. 119:173) Xa sizenza izinto esizifunda eBhayibhileni, siza kukwazi ukuzenza kakuhle izigqibo.​—Heb. 5:14.

2. Yintoni enokwenzeka emva kokuba senze isigqibo?

2 Ngamanye amaxesha, sisenokwenza isigqibo esihle size singakwazi ukuyenza loo nto sigqibe ngayo. Nantsi imizekelo embalwa: Umzalwana osemtsha uzixelela ukuba uza kufunda iBhayibhile ayigqibe. Uyifunda nje iiveki ezimbalwa, ayeke. Udade ugqiba ekubeni uza kuba nguvulindlela othe ngxi aze amane eyibekela amangomso loo nto. Abadala bagqiba ekubeni baza kuyokukhuthaza abazalwana noodade emakhayeni abo kodwa kuqengqeleka iinyanga bengade baye. Le mizekelo inento enye efana ngayo. Bonke khange bazenze izinto abagqibe ngazo. Yakha yenzeka le nto kwibandla laseKorinte. Yintoni esingayifunda kulo?

3. Ibandla laseKorinte lagqiba ekubeni lenze ntoni, kodwa kwenzeka ntoni?

3 Malunga no-55 C.E., ibandla laseKorinte lenza isigqibo esibalulekileyo. Leva ukuba abazalwana baseYerusalem nakwaYuda behlelwa zizinto ezibuhlungu ibe bayalamba, nokuba amanye amabandla ayeqokelela imali ukuze abancede. Ibandla laseKorinte elalinobubele nelalithanda ukupha lenza isigqibo sokuba linikele laza labuza umpostile uPawulos ukuba linganikela njani. Walixelela into elinokuyenza waza wakhetha uTito ukuba aqokelele imali. (1 Kor. 16:1; 2 Kor. 8:6) Kodwa emva kweenyanga ezimbalwa, uPawulos weva ukuba ibandla laseKorinte alizange liyenze loo nto. Ngenxa yaloo nto, kusenokwenzeka ukuba isipho salo asizange sithunyelwe neminikelo yamanye amabandla eYerusalem.​—2 Kor. 9:4, 5.

4. Kweyesi-2 kwabaseKorinte 8:7, 10, 11, uPawulos wakhuthaza ibandla laseKorinte ukuba lenze ntoni?

4 Intle le nto yayifuna ukwenziwa libandla laseKorinte, ibe uPawulos walincoma ngokuba nokholo nangokufuna ukupha. Kodwa kwakusafuneka alikhuthaze ukuba liyigqibe into eliyiqalileyo. (Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 8:7, 10, 11.) Le nto isifundisa ukuba kusenokuba nzima nakumaKristu athembekileyo ukuyenza into agqibe kuyo.

5. Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

5 Kusenokuba nzima nakuthi ukuzenza izinto esigqibe kuzo njengebandla laseKorinte. Kutheni sisitsho nje? Kuba singafezekanga sisenokuzibekela amangomso izinto. Okanye kusenokwenzeka izinto ebesingazilindelanga, size singakwazi ukuzenza izinto ebesizixelele ukuba siza kuzenza. (INtshu. 9:11; Roma 7:18) Sinokwenza ntoni xa sibona ukuba isigqibo ebesisenzile kufuneka sisitshintshe? Sinokuqiniseka njani ukuba siyayigqiba into esiyiqalileyo?

IZINTO ONOKUZENZA NGAPHAMBI KOKWENZA ISIGQIBO

6. Kusenokufuneka sisitshintshe xa kutheni isigqibo esisenzileyo?

6 Zikhona izigqibo ezibalulekileyo esingenakuzitshintsha. Ngokomzekelo, asinakujika kwisigqibo sokukhonza uYehova nesokuzimisela ukuhlala sithembekile kubantu esitshate nabo. (Mat. 16:24; 19:6) Kodwa ke, zikhona izigqibo ekusenokufuneka sizitshintshe. Ngoba? Kaloku izinto ziyatshintsha. Ziintoni ezinokusinceda sizenze kakuhle izigqibo?

7. Simele sithandazele ntoni, ibe ngoba?

7 Thandazela ubulumko. UYehova waphefumlela uYakobi ukuba athi: ‘Ukuba kukho nabani na kuni oswele ubulumko, makaqhubeke ebucela kuThixo, kuba unika bonke ngesisa.’ (Yak. 1:5) Xa sithetha inyani, sonke ‘sibuswele ubulumko.’ Ngoko cela uYehova akuncede xa usenza isigqibo naxa ufuna ukutshintsha isigqibo obusenzile. Xa umcelile, uza kukunceda wenze isigqibo esisiso.

8. Simele senze ntoni ngaphambi kokuba senze isigqibo?

8 Phanda kakuhle. Funda iLizwi LikaThixo neencwadi zentlangano uze ucele amacebiso kwabanye abantu obathembayo. (IMize. 20:18) Ukuphanda ngale ndlela kubalulekile xa ucinga ngokutshintsha umsebenzi, ngokufuduka naxa ufuna ukukhetha into omawuyifundele ukuze ukwazi ukuzixhasa ngoxa ukhonza uYehova.

9. Kutheni simele singaziqhathi xa sisenza izigqibo?

9 Cinga ngezizathu zokuba ufune ukusenza. Into ebalulekileyo kuYehova zizizathu zokuba senze into. (IMize. 16:2) Ufuna sinyaniseke kwinto yonke esiyenzayo. Ngoko xa sisenza izigqibo simele sicinge kakuhle ngezizathu zokuzenza ukuze singaziqhathi okanye siqhathe abanye. Ukuba asiyenzi loo nto, sisenokuqala into esingazuyigqiba. Ngokomzekelo, umzalwana osemtsha usenokugqiba ekubeni abe nguvulindlela othe ngxi. Ekuhambeni kwexesha uye angakwazi ukwenza iiyure ezifunekayo ize loo nto imenze angayithandi intsimi. Yena usenokuthi eyona nto yamenza wanguvulindlela kukuthanda uYehova. Ngaba yinyani leyo? Ngaba akakhange abe nguvulindlela kuba efuna ukuvuyisa abazali bakhe okanye omnye umntu amthandayo?

10. Yintoni enokunceda umntu akwazi ukutshintsha?

10 Khawucinge ngesifundo seBhayibhile esifuna ukuyeka ukutshaya. Siye singatshayi iveki okanye ezimbini nangona kunzima kodwa siphinde sibuyele. Ekugqibeleni, side sikwazi ukuyeka ukutshaya kuba sithanda uYehova ibe sifuna ukumvuyisa.​—Kol. 1:10; 3:23.

11. Xa usenza isigqibo, kutheni kubalulekile ukucinga ngendlela oza kusenza ngayo?

11 Cinga ngendlela oza kuyenza ngayo loo nto. Le nto iza kukunceda ukwazi ukuyigqiba into oyiqalileyo. Ngokomzekelo, usenokuzixelela ukuba uza kuyifunda yonk’ imihla iBhayibhile. Kodwa ukuba awuzazi ukuba uza kuyifunda nini, usenokungayenzi yonke loo nto. * Okanye abadala basenokugqiba ekubeni mabasoloko betyelela abazalwana noodade, kodwa bangenzi ngendlela abagqibe ngayo. Yintoni enokubanceda? Basenokuzibuza le mibuzo: “Ngoobani esinokuqala ngabo? Siza kuya nini kubo?”

12. Yintoni ekusenokufuneka siyenze, ibe ngoba?

12 Gqiba ngento onokukwazi ukuyenza. Akakho umntu onexesha, izinto okanye amandla okwenza yonke into ayifunayo. Ngoko masingacingi ngezinto esingasoze sikwazi ukuzenza. Ngamanye amaxesha usenokugqiba ngento, kodwa emva kwexesha ubone ukuba awuzukwazi ukuyenza, kuze kufuneke usitshintshe eso sigqibo. (INtshu. 3:6) Masithi ke usitshintshile waza waqiniseka ukuba wenze isigqibo esisiso. Nazi izinto ezintlanu ezingakunceda uyigqibe into oyiqalileyo.

IZINTO ONOKUZENZA EMVA KOKWENZA ISIGQIBO

13. Yintoni engakunceda ube namandla okwenza into ogqibe ngayo?

13 Cela uYehova akuphe amandla. UThixo angakunika ‘amandla okwenza’ loo nto ugqibe ngayo. (Fil. 2:13) Ngoko mcele ukuba akuphe umoya wakhe oyingcwele ukuze ube namandla. Ungayeki ukuthandaza enoba ubona ngathi umthandazo wakho awude uphendulwe. UYesu wathi: “Qhubekani nicela [umoya oyingcwele], niya kunikwa.”​—Luka 11:9, 13.

14. IMizekeliso 21:5 ingakunceda njani uyenze into ogqibe ngayo?

14 Yiba nendlela oza kusenza ngayo. (Funda iMizekeliso 21:5.) Ukuze ukwazi ukuyigqiba into oyiqalayo, kufuneka ube nendlela yokuyenza. Emva koko, kufuneka uzimisele ukuyenza kanye ngaloo ndlela. Ngoko ukuze ukwazi ukuyenza into ogqibe ngayo, bhala izinto omele uzenze. Ukuba uza kwenza into enkulu kubhetele uyiqale kancinci. UPawulos wathi abazalwana noodade baseKorinte mababekele bucala imali abaza kunikela ngayo ‘ngosuku lokuqala evekini’ endaweni yokuba bayiqokelele ukufika kwakhe. (1 Kor. 16:2) Xa into uyiqala kancinci, utsho ube nalo ithemba lokuba uza kuyigqiba.

15. Yintoni omele uyenze emva kokwenza isigqibo?

15 Xa uzibhala phantsi izinto ogqibe ngazo, kuza kuba lula ukuzenza. (1 Kor. 14:40) Ngokomzekelo, intlangano ifuna abadala bakhethe umdala oza kubhala yonke into abagqibe ngayo. Lo mdala uye abhale nokuba loo nto iza kwenziwa ngubani ibe imele igqitywe nini. Abadala abayenzayo le nto badla ngokuyenza into abagqibe ngayo. (1 Kor. 9:26) Le ndlela benza ngayo ingakunceda nawe. Usenokubhala izinto ofuna ukuzenza ngosuku, uze ubhale phezulu leyo ufuna ukuqala ngayo. Le nto iza kukunceda ukuba uyigqibe into oyiqalileyo, kodwa ungapheleli nje apho, wenze nezinye ezininzi.

16. Yintoni engakunceda uyenze into ogqibe ngayo, ibe loo nto idibana njani namaRoma 12:11?

16 Zimisele. Akululanga ukwenza into ogqibe ngayo nokuyigqiba into oyiqalileyo. (Funda eyabaseRoma 12:11.) UPawulos waxelela uTimoti ukuba ‘makaqhubeke ezibhokoxa’ aze ‘ahlale’ ephucula indlela afundisa ngayo. Le nto ingasinceda kuyo nantoni na esifuna ukuyenzela uYehova.​—1 Tim. 4:13, 16.

17. Eyabase-Efese 5:15, 16 ingasinceda njani senze into esigqibe ngayo?

17 Lisebenzise kakuhle ixesha. (Funda eyabase-Efese 5:15, 16.) Khetha ixesha oza kuyenza ngalo loo nto ugqibe ngayo uze uqiniseke ukuba uyenza ngelo xesha. Ungathi uza kuyenza xa ixesha livuma, kuba lisenokungavumi. (INtshu. 11:4) Ungagqibi ixesha namandla akho ngezinto ezingabalulekanga uze ungakwazi ukwenza ezibalulekileyo. (Fil. 1:10) Ukuba kunokwenzeka, yenze loo nto ugqibe ngayo ngexesha oqondayo ukuba awuzukuphazanyiswa. Xelela nabanye abantu ukuba awufuni kuphazanyiswa. Mhlawumbi ungade ucime nefowuni uze uzijonge ngelinye ixesha ii-imeyile. *

18-19. Yintoni engakunceda xa kunzima ukwenza into ogqibe ngayo?

18 Cinga ngendlela ekuza kuba mnandi ngayo xa uyenzile loo nto. Ukugqiba into oyiqalileyo kufana nokufika kwindawo obusiya kuyo. Xa usiya endaweni, awujiki kuba indlela ivaliwe, kodwa uhamba ngenye indlela. Xa sihlala sicinga ngento eza kwenzeka emva kokuba siyenzile into ebesigqibe ngayo, asizukuyiyeka enoba kukho amagingxigingxi anjani.​—Gal. 6:9.

19 Kunzima ukwenza izigqibo ezifanelekileyo nokuyenza into ebesigqibe ngayo. Kodwa uYehova angakunceda ube nendlela namandla okuyigqiba into oyiqalileyo.

INGOMA 65 Qhubela Phambili!

^ isiqe. 5 Ngaba uyazisola ngezinye izigqibo owakha wazenza? Ngaba kunzima kuwe ukwenza izigqibo okanye ukwenza izinto obugqibe ukuba uza kuzenza? Eli nqaku liza kukunceda kwezo ngxaki ukuze ukwazi ukuyigqiba into oyiqalileyo.

^ isiqe. 11Ucwangciso Lokufunda IBhayibhile” olukujw.org/xh lungakunceda uyifunde qho iBhayibhile. Jonga kwindawo ethi IIMPAPASHO > IINCWADI NEENCWADANA EZINEMIFANEKISO.

^ isiqe. 17 Ukuze ufumane amanye amacebiso ngendlela yokubamba ixesha, funda inqaku elithi “Iindlela Ezingama-20 Zokuzenzela Ixesha ElingakumbikuVukani! ka-Aprili 2010.