Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 47

Luza Kuqina Kangakanani Ukholo Lwakho?

Luza Kuqina Kangakanani Ukholo Lwakho?

“Sanukukhathazeka. Kholwani.”​—YOH. 14:1.

INGOMA 119 Simele Sibe Nokholo

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Ngowuphi umbuzo osenokuthi qatha engqondweni yakho?

 NGABA ukhe woyike xa ucinga ngezinto eziseza kwenzeka, njengokutshatyalaliswa kweenkolo zobuxoki, ukuhlaselwa nguGogi wakwaMagogi nemfazwe yeArmagedon? Wakha wathi qatha umbuzo ofana nalo engqondweni yakho, ‘Ngaba mna ndiza kukwazi ukuhlala ndithembekile xa zisenzeka ezi zinto zoyikekayo?’ Ukuba ukhe uzibuze umbuzo ofana nalo, into eyathethwa nguYesu kwesi Sibhalo uthathwe kuso umxholo weli nqaku iza kukunceda. Wathi kubafundi bakhe: “Sanukukhathazeka. Kholwani.” (Yoh. 14:1) Ukuba ukholo lwakho luqinile, awuzukoyika nantoni na eza kwenzeka kwixesha elizayo.

2. Yintoni ekufuneka siyenze ukuze siqinise ukholo lwethu? Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

2 Ukuba sicinga ngento esiqhele ukuyenza xa kusenzeka izinto ezifuna sibonise ukuba lungakanani ukholo esinalo, siza kutsho siyazi into ekufuneka siyenze ukuze siluqinise. Loo nto iza kusenza sibone ukuba kuphi apho kusafuneka silungise khona. Qho xa siye sakwazi ukunyamezela ingxaki, ukholo lwethu luya luqina. Le nto iza kusinceda sikwazi ukunyamezela iingxaki esiseza kuba nazo. Kweli nqaku siza kuthetha ngezinto ezine ezabonisa ukuba abafundi bakaYesu kwakufuneka babe nokholo olungaphezu kolo babenalo. Emva koko siza kufunda ukuba singenza ntoni thina xa sineengxaki ezifana nezabo, nokuba zingasinceda njani sikwazi ukunyamezela iingxaki esiseza kuba nazo.

UKHOLO LOKUBA UTHIXO UZA KUSINIKA IZINTO ESIZIDINGAYO

Nokuba uyasokola ngokwasezimalini, ukuba unokholo, uza kuhlala uxakeke ngumsebenzi kaYehova (Jonga isiqendu 3-6)

3. Into eyathethwa nguYesu kuMateyu 6:30, 33 isinceda siqonde ntoni?

3 Utat’ ekhaya uyafuna ukuba usapho lwakhe lube nokutya, impahla nendawo yokuhlala. Akululanga ukuyenza le nto kula maxesha anzima. Abanye abazalwana noodade abaye baphelelwa ngumsebenzi, bazama ngeendlela zonke ukuphinda bawufumane, kodwa awufumaneki. Abanye baye abawuthatha umsebenzi ongawalungelanga amaKristu. Xa kusenzeka izinto ezinje, kufuneka luqine ukholo lwethu, sazi ukuba uYehova uza kusinika izinto esizidingayo. KwiNtshumayelo YaseNtabeni, uYesu wayenza yacaca le nto kubafundi bakhe. (Funda uMateyu 6:30, 33.) Ukuba siqiniseke nyhani ukuba uYehova akasoze asishiye, akukho nto inokusiphazamisa kweyona nto kufuneka sizikhathaze ngayo, ukumkhonza. Xa siyibona indlela asinceda ngayo kwizinto esizidingayo, siza kuya simthanda, lutsho luqine nokholo lwethu.

4-5. Yintoni eyanceda enye intsapho xa yayingazi ukuba iza kuphila ngantoni?

4 Khawuve indlela uYehova awayinceda ngayo enye intsapho yaseVenezuela xa yayingazi ukuba iza kuphila ngantoni. Le ntsapho yakwaCastro yayinefama eyayiziphilisa ngayo. Ngeny’ imini kwafika amadoda awayephethe imipu ayigxotha, oxutha naloo fama yayo. Utat’ ekhaya uMiguel uthi: “Ngoku siziphilisa ngokulima umhlaba nje omncinci esiwubolekiweyo. Yonke imihla, into yokuqala endiyenzayo ndicela uYehova asiphe into esiza kuyidinga ngolo suku.” Ubomi bunzima kule ntsapho, kodwa ngenxa yokuba iqinisekile ukuba uTata wethu osithandayo uza kuyinceda ifumane izinto ezidingayo, ayiphoswa ziintlanganiso nentsimi. Eyona nto ibalulekileyo kuyo kukukhonza uYehova, futhi uyayinika izinto ezidingayo.

5 Kweli xesha linzima, uMiguel nomfazi wakhe uYurai bahlala becinga ngendlela uYehova aye wabanceda ngayo. Ngamany’ amaxesha uYehova uye wasebenzisa abavakalisi ukuba babancede ngezinto abazidingayo, okanye bancede uMiguel afumane umsebenzi. Kanti ngamany’ amaxesha uye wabanika izinto abazidingayo esebenzisa iofisi yesebe. UYehova khange abashiye. Loo nto ilwenze lwaya luqina ukholo lwabo. Emva kokuba ibalise ngenye into uYehova awabanceda kuyo, intombi yabo endala, uYoselin ithi: “Kuyakhuthaza ukubona indlela uYehova asincede ngayo. Ungumhlobo wam endiqinisekileyo ukuba uza kuhlala endinceda.” Iphinda ithi: “Iingxaki esizinyamezeleyo ekhaya, zisenze sazi ukuba siza kwenza ntoni xa kufika amaxesha anzima ngaphezu kwala.”

6. Xa usokola ngokwasezimalini, ungaluqinisa njani ukholo lwakho?

6 Ngaba uyasokola ngokwasezimalini? Ukuba uthi ewe, eli lixesha elinzima kuwe. Nokuba selinzima kangakanani, unokulisebenzisela ukuqinisa ukholo lwakho. Thandaza, ufunde into eyathethwa nguYesu kuMateyu 6:25-34 uze ucingisise ngayo. Cinga ngezinto ezenzeke kubazalwana noodade ezibonisa ukuba uYehova uyabanika izinto abazidingayo abantu abahlala bexakeke ngumsebenzi wakhe. (1 Kor. 15:58) Loo nto iza kukunceda uqiniseke ukuba uTata wakho osezulwini uza kukunceda nawe, njengokuba encede abanye abebeneengxaki ezifana nezakho. Uyakwazi ukuba udinga ntoni, futhi uyayazi nendlela aza kukunceda ngayo. Xa uyibona indlela akunceda ngayo, ukholo lwakho luza kuya luqina, uze ukwazi ukunyamezela iingxaki ezinkulu oseza kuba nazo.​—Hab. 3:17, 18.

UKHOLO LUSENZA SINYAMEZELE “ISAQHWITHI ESIKHULU”

Ukuba sinokholo oluqinileyo, sinokunyamezela nesiphi na isaqhwithi esikhulu (Jonga isiqendu 7-11)

7. Xa kwavela “isaqhwithi esikhulu” ekuthethwa ngaso kuMateyu 8:23-26, yintoni ababefanele bayiqonde abafundi ukuba lwaluqinile ukholo lwabo?

7 Xa uYesu nabafundi bakhe babehamba ngesikhephe, kwabakho isaqhwithi. UYesu wasebenzisa loo nto yayisenzeka ukuze abancede baqonde ukuba bamele baluqinise ukholo lwabo. (Funda uMateyu 8:23-26.) Eso saqhwithi sasisikhulu kangangokuba amanzi olwandle ayengena esikhepheni, kodwa uYesu wayelele cum. Xa abafundi bayo ababesoyika babeyivusa beyicela ukuba ibancede, ngobubele iNkosi yababuza yathi: “Kutheni nisoyika kangaka nje, nina ninokholo oluncinci?” Aba bafundi babesoyika, babefanele baqonde ukuba uYehova wayengasoze axakwe kukukhusela uYesu nabantu ababekunye naye. Thina, sifunda ntoni apha? Ukuba nokholo oluqinileyo kunokusinceda sinyamezele “isaqhwithi esikhulu” okanye neyiphi na ingxaki enkulu efana nesaqhwithi.

8-9. Yeyiphi ingxaki eyayifuna uAnel abe nokholo? Wancedwa yintoni?

8 Khawuve indlela olwaqina ngayo ukholo luka-Anel, udade ongatshatanga wasePuerto Rico, ngenxa yokuba wayenyamezele ingxaki eyayinzima. Eyakhe ingxaki ‘yayisisaqhwithi esikhulu’ nyhani. Le ngxaki yaqala ngo-2017 xa umzi wakhe wadilizwa yiNkanyamba (iNkanyamba uMaria). Ngenxa yesi saqhwithi, waphelelwa ngumsebenzi. Uthi: “Kwezo ntsuku zazinzima nyhani, ndandinexhala. Kodwa ndafunda ukuthembela kuYehova ngokuthandaza nangokungalivumeli elo xhala lindenze ndingazi ukuba mandithini.”

9 UAnel uthi enye into eyamenza wakwazi ukunyamezela, kukuthobela. Uthi: “Ukuze ndizole, ndancedwa kukwenza izinto eziyalelwa yintlangano. Abazalwana noodade babendikhuthaza, bendinika nezinto endizidingayo. Loo nto yandenza ndabona ukuba uYehova uyandinceda.” Nantsi enye into ayithethayo: “Ukholo lwam luye lwaqina nyhani kuba uYehova uye wandinika ngaphezu kwezinto ebendinokuzicela.”

10. Yintoni onokuyenza xa ulwisana ‘nesaqhwithi esikhulu’?

10 Ngaba ulwisana ‘nesaqhwithi esikhulu’? Mhlawumbi intlekele yemvelo ibenze nzima ubomi bakho, okanye ugula kakhulu kangangokuba umoya uphantsi, awazi nokuba mawenze ntoni. Ngamany’ amaxesha unokude ube nexhala, kodwa ungaze ulivumele elo xhala likwenze ungamthembi uYehova. Yithi nca kuye ngokuthandaza qho. Cinga ngamaxesha aye wakunceda ngawo. Loo nto iza kuluqinisa ukholo lwakho. (INdu. 77:11, 12) Qiniseka ukuba akasoze akushiye nanini na, uza kuhlala enawe.

11. Kutheni simele sizimisele ukuthobela abazalwana abakhokelayo?

11 Yeyiphi enye into enokukunceda unyamezele iingxaki? UAnel wathi kukuthobela. Bathembe abantu abathenjwe nguYehova noYesu. Ngamanye amaxesha abazalwana abakhokelayo basenokusinika imiyalelo esingayiqondi ncam. Sekunjalo, eyona nto ayifunayo uYehova kuthi, kukuthobela. Sifundile kwiLizwi lakhe nakwizinto ezenzeke kwabanye abakhonzi bakhe ukuba ukuthobela kuyabusindisa ubomi. (Eks. 14:1-4; 2 Kron. 20:17) Khawuziphe ixesha lokucingisisa ngezinto ezenzeke kwaba bantu. Loo nto iza kukwenza uzimisele ukwenza izinto ozixelelwa yintlangano kaYehova, ngoku nakwixesha elizayo. (Heb. 13:17) Uza kutsho ungayoyiki intlungu engathethekiyo ekufutshane kakhulu ngoku.​—IMize. 3:25.

UKHOLO LUSENZA SINYAMEZELE UKUNGABIKHO KOBULUNGISA

Ukuba asiyeki ukuthandaza, ukholo lwethu luza kuqina (Jonga isiqendu 12)

12. ULuka 18:1-8 uthi ludibana njani ukholo nokunyamezela ukungabikho kobulungisa?

12 UYesu wathi ukungabikho kobulungisa kwakuza kuba yingxaki eyayiza kufuna ukholo kubafundi bakhe. Ukuze abancede bakwazi ukunyamezela, wabenzela umzekeliso okwincwadi kaLuka. Wababalisela ngomhlolokazi owayequqa ebuyelela kumgwebi ongelolungisa, ecela amenzele ubulungisa. Wayeqinisekile ukuba uza kude amncede xa enokumthi nca. Nyhani ke, umgwebi wade wayenza into awayeyicela. Sifunda ntoni kweli bali? UYehova wenza zonke izinto ngobulungisa. Yiloo nto uYesu wathi: ‘Ngokuqinisekileyo ke, uThixo uza kubalinda aze abancede abantu bakhe abakhethileyo, abakhalela kuye imini nobusuku.’ (Funda uLuka 18:1-8.) Waphinda wathi: “Baza kube bekhona na abantu abanokholo olunje emhlabeni xa uNyana womntu ebuya?” Xa kungenziwa ubulungisa kuthi, kufuneka sifane nalo mhlolokazi, sibonise indlela oluqine ngayo ukholo lwethu ngokuba nomonde nokungancami. Loo nto iza kusenza siqiniseke ukuba uYehova uza kusinceda nokuba kunini. Kufuneka siyithembe nento yokuba umthandazo unamandla kakhulu. Ngamany’ amaxesha, uYehova usenokuyiphendula ngeendlela ebesingazilindelanga imithandazo yethu.

13. Umthandazo wayinceda njani intsapho eyayingaphathwanga ngobulungisa?

13 Khawuve into eyenzeka kudade onguVero, ohlala eDemocratic Republic of the Congo. Lo dade, umyeni wakhe ongeloNgqina nentombazana yabo eneminyaka eyi-15 kwafuneka babaleke kwilali yabo eyayihlaselwa ngamajoni. Endleleni, abamisa, aboyikisa esithi aza kubabulala. Zehla iinyembezi kuVero, intombazana yakhe yazama ukumthuthuzela ithandaza ngokuvakalayo, ibiza igama likaYehova, iliphindaphinda. Yathi xa igqiba, umphathi waloo majoni wathi, “Ntombazana, ufundiswe ngubani ukuthandaza?” Yathi, “Ngumama, undifundise ngala mthandazo ukuMateyu 6:9-13.” Lo mphathi wathi, “Ntombazana, hambani ngoxolo nabazali bakho, uYehova uThixo wenu anikhusele.”

14. Yintoni enokwenza kube nzima ukuba nokholo? Yintoni enokusinceda sinyamezele?

14 Amabali afana neli asifundisa ukuba singaze siyithathe kancinci indlela onamandla ngayo umthandazo. Kodwa umele wenze ntoni xa imithandazo yakho ingaphendulwa ngokukhawuleza okanye ngendlela emangalisayo? Fana nomhlolokazi okwibali likaYesu, sukuyeka ukuthandaza. Qiniseka ukuba uThixo wethu akasoze akushiye nokuba uza kuyiphendula imithandazo yakho ngexesha lakhe nangendlela yakhe. Mcenge akuphe umoya wakhe oyingcwele. (Fil. 4:13) Selikufutshane ixesha lokuba uYehova akusikelele de ulibale nokuba wawukhe waneengxaki. Xa uvuma akuncede unyamezele iingxaki onazo ngoku, uza kuya uqina, ukwazi ukuzinyamezela nezizayo.​—1 Pet. 1:6, 7.

UKHOLO LUSENZA SINGATYHAFI XA SINEENGXAKI

15. UMateyu 17:19, 20 uthi yeyiphi ingxaki ababa nayo abafundi bakaYesu?

15 UYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba lukholo olwaluza kubanceda bangatyhafi naxa beneengxaki. (Funda uMateyu 17:19, 20.) Babekhe baxakwa kukukhupha idemon emntwini, into ababeqhele ukuyenza. Yayiyintoni ingxaki? UYesu wabaxelela ukuba lwaluluncinci ukholo lwabo. Wathi ukuba babenokuba nokholo olungaphezu kolu babenalo, babengakwazi ukoyisa iingxaki ezinkulu njengentaba. Nathi, singanazo iingxaki esinokuthi xa sinazo, sivele sityhafe.

Ukholo luza kusinceda sihlale sikhonza uYehova nokuba sisentlungwini (Jonga isiqendu 16)

16. Ukholo lumncede njani uGeydi wakwazi ukunyamezela intlungu yokuswelekelwa ngumyeni?

16 Khawuve into eyenzeka komnye udade waseGuatemala, uGeydi. Umyeni wakhe uEdi wabulawa besendleleni egodukayo bevela kwiintlanganiso. Ukholo lwakhe lumncede njani wakwazi ukunyamezela le ntlungu? Uthi: “Ndincedwa ngumthandazo kuba ndiwuphosela kuYehova umthwalo wam, nditsho ndizole. Abantu basekhaya nabahlobo bam abasebandleni bandenza ndiyibone indlela uYehova andikhathalele ngayo. Ndihlala ndixakeke ngumsebenzi wakhe, loo nto indenza ndingabi buhlungu kakhulu. Indinceda ndingabe ndizikhathaza ngento eza kwenzeka ngomso. Intlungu endehleleyo indincede ndabona ukuba nokuba ndinganengxaki enjani kwixesha elizayo, uYehova nentlangano yakhe kunye noYesu baza kundinceda ndikwazi ukuyinyamezela.”

17. Yintoni esinokuyenza xa sineengxaki ezinkulu ezifana nentaba?

17 Ngaba usentlungwini yokuswelekelwa? Qinisa ukholo lwakho kwithemba lovuko ngokufunda ngabantu abavuswayo ekuthethwa ngabo eBhayibhileni. Ngaba ukhathazekile kuba umntu wakowenu ekhutshelwe ngaphandle? Funda izinto eziza kukwenza uqiniseke ukuba uYehova uyamqeqesha kuba efuna ukumnceda. Nokuba injani ingxaki onayo, sebenzela ukuba iqinise ukholo lwakho. Mxelele yonke into esentliziyweni yakho uYehova. Sukuzikhetha kubazalwana noodade, hlala ukunye nabo. (IMize. 18:1) Yenza izinto eziza kukwenza ukwazi ukunyamezela, nokuba uzibona sezisehla iinyembezi xa ucinga izinto ezikwehleleyo. (INdu. 126:5, 6) Ungayeki ukuya kwiintlanganiso, entsimini, nokufunda iBhayibhile. Hlala ucinga ngezinto ezintle aza kukwenzela zona uYehova kwixesha elizayo. Xa ubona indlela akunceda ngayo ngoku, ukholo lwakho luza kuya luqina.

“SINCEDE SIBE NOKHOLO OLUNGAPHEZU KOLU SINALO”

18. Ungenza ntoni xa ubona ukuba ukholo lwakho alukaqini?

18 Ukuba iingxaki obunazo, nonazo ngoku, zikwenze wabona ukuba ukholo lwakho alukaqini, ungatyhafi. Eli lixesha lokuba uluqinise. Cela into eyacelwa ngabapostile bakaYesu. Bathi: “Sincede sibe nokholo olungaphezu kolu sinalo.” (Luka 17:5) Cinga nangezinto esizifundileyo kubantu esithethe ngabo kweli nqaku. Yenza into eyenziwa nguMiguel noYurai, ucinge ngazo zonke izinto akuncede kuzo uYehova. Ufane nentombazana kaVero noAnel, uthandaze ngokusuk’ entliziweni, ngokukodwa xa unengxaki enkulu. Ube njengoGeydi, uqonde ukuba uYehova angakunceda esebenzisa abantu bakowenu okanye abahlobo bakho. Ukuba uyamvumela akuncede kwiingxaki onazo ngoku, uza kutsho uqiniseke nakakhulu ukuba uza kukunceda nakwiingxaki oza kuba nazo kwixesha elizayo, nokuba zinjani.

19. Yintoni awayeqiniseke ngayo uYesu? Yintoni ke nawe onokuqiniseka ngayo?

19 UYesu wanceda abafundi bakhe babona ukuba kuphi apho luncinci khona ukholo lwabo, kodwa wayeqinisekile ukuba uYehova uza kubanceda bakwazi ukunyamezela iingxaki ababeseza kuba nazo. (Yoh. 14:1; 16:33) Wayeqinisekile ukuba kukho isihlwele esikhulu sabantu esiza kusinda kwintlungu engathethekiyo ngenxa yokuba sinokholo oluqinileyo. (ISityhi. 7:9, 14) Ngaba uza kuba ngomnye wabo? Ukuba wenza yonke into esemandleni akho uqinisa ukholo lwakho, uYehova uza kukunceda usinde.—Heb. 10:39.

INGOMA 118 “Sinike Ukholo Olungakumbi”

a Ingathi alide lifike ixesha lokupheliswa kweli hlabathi ligcwele ububi. Kodwa ngamany’ amaxesha sikhe sizibuze ukuba xa lifika, luza kube luqine kangakanani ukholo lwethu ukuze lusincede sikwazi ukunyamezela izinto eziza kwenzeka. Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinto ezenzeke kwabanye abazalwana noodade, nezinto esinokuzifunda kubo ukuze siqinise ukholo lwethu.