Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 47

Masingavumeli Nantoni Na Isenze Siyeke Ukukhonza UYehova

Masingavumeli Nantoni Na Isenze Siyeke Ukukhonza UYehova

“Ndikuthembile, Yehova.”—INDU. 31:14.

INGOMA 122 Qinani, Ningashukumi!

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Sazi njani ukuba uYehova ufuna sisondele kuye?

 UYEHOVA uyasimema ukuba sisondele kuye. (Yak. 4:8) Ufuna ukuba nguThixo, uTata noMhlobo wethu. Uyayiphendula imithandazo yethu aze asincede xa kunzima. Kwakhona, uyasifundisa aze asikhusele esebenzisa intlangano yakhe. Yintoni ke thina ekufuneka siyenze ukuze sisondele kuye?

2. Sinokusondela njani kuYehova?

2 Sinokusondela kuYehova ngokuthandaza nokufunda iLizwi lakhe size sicingisise ngento esiyifundileyo. Loo nto iza kusenza siye simthanda kakhulu, sitsho simthobele size simdumise ngendlela emfaneleyo. (ISityhi. 4:11) Ngokuya simazi uYehova, siza kumthemba ukuba uza kusinceda esebenzisa intlangano yakhe.

3. UMtyholi uzama njani ukusenza siyeke ukukhonza uYehova? Yintoni enokusinceda singaze simshiye uThixo wethu nentlangano yakhe? (INdumiso 31:13, 14)

3 UMtyholi uzama ukuba siyeke ukukhonza uYehova, ngokukodwa xa sineengxaki. Uyenza njani loo nto? Kancinci kancinci uzama ukusenza singamthembi uYehova nentlangano yakhe. Kodwa singakwazi ukumelana namaqhinga akhe. Soze simshiye uYehova nentlangano yakhe xa ukholo lwethu luqinile futhi simthemba kakhulu.​—Funda iNdumiso 31:13, 14.

4. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

4 Kweli nqaku siza kuthetha ngeengxaki ezintathu esinokuzifumana kubantu abangengomaNgqina; zontathu zinokusenza singamthembi ncam uYehova nentlangano yakhe. Zinokusenza siyeke ukukhonza uYehova. Zinokuyenza njani loo nto? Yintoni esinokuyenza ukuze simelane neenzame zikaSathana?

XA SINEENGXAKI

5. Kuxa kutheni apho iingxaki zinokusenza siyeke ukuthemba uYehova nentlangano yakhe?

5 Ngamany’ amaxesha siba neengxaki ezifana nokungafunwa ziintsapho zethu kuba sikhonza uYehova okanye ukuphelelwa ngumsebenzi. Ezi ngxaki zingasenza njani siyeke ukuthemba uYehova, sishiye nentlangano yakhe? Xa kudala sinyamezele iingxaki, sisenokuphelelwa lithemba size sityhafe. USathana usebenzisa amaxesha anjalo kanye efuna sicinge ukuba uYehova akasithandi. Ufuna sicinge ukuba nguYehova okanye yintlangano yakhe esenza sibe nezi ngxaki. Yakhe yenzeka into enje kwamanye amaSirayeli eYiputa. Ekuqaleni ayeqinisekile ukuba uYehova ukhethe uMoses noAron ukuba bawakhulule ebukhobokeni. (Eks. 4:29-31) Kodwa ekuhambeni kwexesha xa uFaro wawenza aphila nzima, abasola esithi: “Nenze uFaro nezicaka zakhe basicaphukela, yaye nibeke nekrele esandleni sabo ukuze basibulale.” (Eks. 5:19-21) Asola abo bakhonzi bakaThixo babenyanisekile. Yaba buhlungu nyhani ke loo nto. Ukuba sowunexesha elide unyamezele iingxaki, yintoni onokuyenza ukuze uhlale umthemba kakhulu uYehova nentlangano yakhe?

6. Yintoni esiyifundayo kwindlela umprofeti uHabhakuki awakwazi ngayo ukunyamezela iingxaki? (Habhakuki 3:17-19)

6 Xelela uYehova yonke into esentliziyweni yakho, uze umcele akuncede. Umprofeti uHabhakuki wayeneengxaki ezininzi. Kwabakho ixesha awade wabonakala ngathi uyathandabuza ukuba uYehova umkhathalele, ngoko waxelela uYehova indlela aziva ngayo. Wathi: “Yhini Yehova, kuza kude kube nini ndikhalela uncedo ungandiva? . . . kutheni unyamezela ingcinezelo?” (Hab. 1:2, 3) UYehova wawuphendula lo mthandazo womkhonzi wakhe onyanisekileyo. (Hab. 2:2, 3) Emva kokuba uHabhakuki ecingisise ngendlela uYehova awayebasindise ngayo abantu bakhe, waphinda wonwaba. Waqiniseka ukuba uYehova umkhathalele, futhi uza kumnceda akwazi ukuzinyamezela zonke iingxaki anazo. (Funda uHabhakuki 3:17-19.) Yintoni esiyifundayo? Xa uneengxaki, thandaza uxelele uYehova indlela oziva ngayo. Mcele akuncede. Emva koko, qiniseka ukuba uza kukunika amandla owadingayo ukuze unyamezele. Xa uyibona indlela akunceda ngayo, ukholo lwakho luza kuya luqina.

7. Abantu bakuloShirley bazama njani ukumenza ayeke ukuthemba uYehova? Yintoni eyamnceda akaphelelwa lukholo?

7 Ungayeki ukwenza izinto ezikunceda uhlale ungumhlobo kaYehova. Khawuve indlela eyamnceda ngayo loo nto omnye udade wasePapua New Guinea, uShirley, xa wayeneengxaki. b Intsapho yakhe yayisokola, ngamanye amaxesha kwakuba nzima nokufumana ukutya okwaneleyo. Omnye umntu azalana naye wazama ukumenza ayeke ukuthemba uYehova. Wathi: “Uth’ uncedwa ngumoya oyingcwele kaThixo, kutheni ungakuncedi nje ngoku? Intsapho yakho isasokola nangoku. Wena ulibele kukushumayela.” UShirley uthi: “Ndazibuza: ‘Ngaba nyhani uThixo usikhathalele?’ Ngoko nangoko ndathandaza ndixelela uYehova yonke into endiyicingayo. Ndaqhubeka ndifunda iBhayibhile neempapasho zethu, ndingayekanga ukushumayela nokuya kwiintlanganiso.” Kungadlulanga xesha lide, wabona ukuba uYehova uyayinceda intsapho yakhe. Zange ilambe futhi yayonwabile. Uthi: “Ndandibona ukuba uYehova uyayiphendula imithandazo yam.” (1 Tim. 6:6-8) Ukuba nawe uhlala usenza izinto eziza kukwenza uhlale ungumhlobo kaYehova, soze uvumele iingxaki okanye ukuthandabuza kukwenze uyeke ukumkhonza.

XA ABAZALWANA ABAKHOKELAYO BEPHATHWA KAKUBI

8. Yintoni enokwenzeka kubazalwana abakhokelayo kwintlangano kaYehova?

8 Kumaphephandaba neewebhsayithi zokuncokola, iintshaba zethu zisasaza ubuxoki okanye izinto ezinokusenza sibathandabuze abazalwana abakhokelayo kwintlangano kaYehova. (INdu. 31:13) Abanye abazalwana baye babanjwa betyholwa ngokuba baphule umthetho. Loo nto yayikhe yenzeka nakumaKristu awayephila ngexesha labapostile, xa umpostile uPawulos watyholwa ngento angayenzanga waza wabanjwa. Enza ntoni la maKristu?

9. Enza ntoni amanye amaKristu xa umpostile uPawulos wayevalelwe?

9 Ngexesha labapostile, amanye amaKristu ayeka ukunceda umpostile uPawulos xa wayevalelwe eRoma. (2 Tim. 1:8, 15) Kwakutheni? Ngaba ayeneentloni ngoPawulos kuba abantu besithi usisaphuli-mthetho? (2 Tim. 2:8, 9) Okanye ngaba ayesoyika ukuba nawo angaphathwa kakubi? Nokuba sasiyintoni isizathu, khawucinge indlela amele ukuba wayeziva ngayo uPawulos. Kalokku wanyamezela iingxaki ezininzi wade wabeka nobomi bakhe engozini ngenxa yawo. (IZe. 20:18-21; 2 Kor. 1:8) Singaze sifane naloo maKristu amshiyayo uPawulos kanye ngexesha awayewadinga ngalo. Yintoni emele ihlale isezingqondweni zethu xa abazalwana abakhokelayo bephathwa kakubi?

10. Yintoni esimele siyikhumbule xa abazalwana abakhokelayo bephathwa kakubi? Kutheni bephathwa kakubi?

10 Masikhumbule ukuba kutheni siphathwa kakubi nokuba ngubani osenza siphathwe kakubi. U-2 Timoti 3:12 uthi: “Wonke umntu ofuna ukukhonza uThixo engumlandeli kaKristu Yesu, naye uza kutshutshiswa.” Ngoko ayimele isothuse into yokuba abona bantu uSathana abahlaselayo ingabazalwana abakhokelayo. Eyona nto ayifunayo kukuba aba bazalwana bayeke ukuthembeka kuYehova. Ufuna nokuba soyike.—1 Pet. 5:8.

UOnesiforo waba nesibindi sokunceda uPawulos owayebanjiwe. Nanamhlanje abazalwana noodade bayawanceda amanye amaKristu abanjiweyo, njengokuba sibona kulo mfanekiso (Jonga isiqendu 11-12)

11. Sifunda ntoni kwinto eyenziwa nguOnesiforo? (2 Timoti 1:16-18)

11 Ungaze uyeke ukubanceda abazalwana bakho futhi ungaze ubashiye. (Funda u-2 Timoti 1:16-18.) Ngexesha labapostile omnye umKristu onguOnesiforo wenza into eyayingafani neyenziwa ngamanye amaKristu xa uPawulos wayebanjiwe. “Akazange abe neentloni ngokubotshelelwa [kukaPawulos] ngamatsheyini ejele.” Wamkhangela, akumfumana wazama iindlela zokumnceda ngezinto azidingayo. Wabeka ubomi bakhe engozini ngokwenza loo nto. Yintoni esiyifundayo kuOnesiforo? Masingavumeli ukoyika abantu kusenze singabancedi abazalwana bethu abaphethwe kakubi. Kodwa masenze yonke into esinokukwazi ukuyenza ukuze sibancede. (IMize. 17:17) Bayakudinga ukubona ukuba siyabathanda.

12. Yintoni esiyifundayo kubazalwana noodadewethu baseRashiya?

12 Khawucinge ngendlela abazalwana noodade baseRashiya ababancede ngayo abazalwana ababathandayo ababanjiweyo. Xa beyovela enkundleni, abazalwana noodadewethu abaninzi bayaya. Sifunda ntoni ke thina? Xa kuthethwa kakubi ngabazalwana abakhokelayo, bebanjwa okanye bephethwe kakubi, masingoyiki. Masibathandazele, sihoye iintsapho zabo size sikhangele nezinye iindlela esinokubanceda ngazo.​—IZe. 12:5; 2 Kor. 1:10, 11.

XA SIGXEKWA

13. Ukugxekwa kunokusenza njani singamthembi uYehova nentlangano yakhe?

13 Abantu esizalana nabo abangengomaNgqina, esisebenza nesifunda nabo banokusigxeka ngenxa yokuba sishumayela okanye sisenza izinto athi uYehova masizenze size singazenzi angazifuniyo. (1 Pet. 4:4) Basenokuthi: “Ndiyakuthanda wena, kodwa le cawe yakho, ibambelela kakhulu emthethweni futhi ibambelele kwizinto zakudala.” Basenokusigxeka ngenxa yendlela esibaphatha ngayo abantu abakhutshelwe ngaphandle, bathi: “Nitsho njani ukuba niyabathanda abantu xa nibaphatha kanje?” Izinto ezifana nezi zisenokusenza siyithandabuze imithetho kaYehova. Sisenokuqalis’ ukuzibuza: ‘Ngaba uYehova ulindele ukuba ndenze into engaphezu kwamandla am? Ngaba intlangano yakhe isenza singakhululeki?’ Ukuba ukwimeko enjalo, unokwenza ntoni ukuze uhlale ungumhlobo kaYehova, ungayishiyi intlangano yakhe?

UYobhi akazange abukholelwe ubuxoki babantu ababezenza abahlobo bakhe kodwa bemgxeka. Wayezimisele ukuhlala enyanisekile kuYehova (Jonga isiqendu 14)

14. Yintoni esimele siyenze xa abantu besigxeka ngenxa yokuba sisenza izinto athi uYehova zilungile? (INdumiso 119:50-52)

14 Zimisele ukwenza izinto athi uYehova zilungile. UYobhi wayezimisele ukwenza izinto uYehova athi zilungile nokuba uyagxekwa. Enye yamadoda awayezenza umhlobo yade yazama ukumenza acinge ukuba uThixo akamkhathalelanga nokuba wenza izinto ezilungileyo. (Yobhi 4:17, 18; 22:3) Kodwa uYobhi zange abukholelwe obo buxoki. Wayesazi ukuba imithetho kaYehova ilungile, futhi ezimisele ukubambelela kuyo. Zange avumele abantu bamenze agungqe ekukhonzeni uYehova. (Yobhi 27:5, 6) Yintoni esiyifundayo? Ungavumeli ukugxekwa kukwenze uyithandabuze imithetho kaYehova. Cinga ngezinto ezenzeke ebomini bakho. Mhlawumbi amaxesha amaninzi uye wayibona indlela elunge nekunceda ngayo imithetho kaYehova. Zimisele ukuhlala ukunye nentlangano ebambelela kuloo mithetho. Loo nto iza kukwenza ungaze uyeke ukumkhonza uYehova nokuba abantu bakugxeka kangakanani.​—Funda iNdumiso 119:50-52.

15. Kwakutheni ukuze uBrizit agxekwe?

15 Khawucinge ngento eyenzeka komnye udade waseIndiya, uBrizit. Abantu bakokwabo babemgxeka ngenxa yokuba eliNgqina. Wabhaptizwa ngo-1997. Kungadlulanga xesha lide ebhaptiziwe, umyeni wakhe ongeloNgqina waphelelwa ngumsebenzi waza wathi mabafuduke nabantwana babo abangamantombazana, baye kuhlala nabazali bakhe ababehlala kwenye idolophu. UBrizit wayeseza kuba neengxaki ezinkulu kunaleyo. Kuba umyeni wakhe wayengaphangeli, kwafuneka yena asebenze ukuze intsapho yabo ifumane izinto ezidingayo. Nebandla elalikufutshane naye lalingekho kufutshane kangako, lalimalunga neekhilomitha eziyi-350 ukusuka apho wayehlala khona. Into ebuhlungu kukuba abantu bomzi wakhe babengamfuni ngenxa yokuba eliNgqina. Izinto zaya zisiba mbi kakhulu de kwafuneka intsapho kaBrizit imke nalapho. Bengalindelanga, umyeni wakhe wasweleka. Ekuhambeni kwexesha, waswelekelwa yenye intombazana yakhe eyayina-12 ibulawa ngumhlaza. Into ebuhlungu nakakhulu kukuba abantu azalana nabo bamtyhola besithi zonke ezi zinto zenzeka kuba eliNgqina LikaYehova. Sekunjalo, zange ayeke ukumthemba uYehova nentlangano yakhe.

16. Ukuba ngumhlobo kaYehova nokungayishiyi intlangano Yakhe kwamenza wasikelelwa njani uBrizit?

16 Ekubeni uBrizit wayehlala kude nebandla, umveleli wesiphaluka wamkhuthaza ukuba ashumayele kwindawo ahlala kuyo, neentlanganiso aziqhubele ekhaya. Ekuqaleni yayingathi inzima le nto kuye, kodwa wayenza into awayeyicetyiswe ngumzalwana. Washumayela, eqhuba iintlanganiso ekhayeni lakhe, elwenza qho nonqulo lwentsapho. Kwenzeka ntoni emva koko? Waba nezifundo ezininzi zaza ezininzi kuzo zabhaptizwa. Ngo-2005 waba nguvulindlela othe ngxi. Ukuthemba uYehova nentlangano yakhe kwamenza wasikelelwa. Iintombi zakhe zikhonza uYehova ngokuthembeka, ibe ngoku kukho amabandla amabini kuloo ndawo. UBrizit uqinisekile ukuba amandla okunyamezela iingxaki awayenazo nokugxekwa ngabantu bakowabo wawaphiwa nguYehova.

MASIHLALE SINYANISEKILE KUYEHOVA NAKWINTLANGANO YAKHE

17. Yintoni esimele sizimisele ukuyenza?

17 USathana ufuna sicinge ukuba uYehova akazukusinceda xa sineengxaki, nokuba ukuhlala kwintlangano Yakhe kuza kwenza ubomi bethu bube nzima. Ufuna soyike xa kuthethwa kakubi ngabazalwana abakhokelayo, bephathwa kakubi okanye bebanjwa. Wenza abantu basigxeke ukuze siyeke ukuthemba uYehova nentlangano Yakhe. Siyawazi amaqhinga akhe, ngoko soze asiqhathe. (2 Kor. 2:11) Masizimisele ukuba singalahlekiswa bubuxoki bukaSathana, sihlale sinyanisekile kuYehova nakwintlangano Yakhe. Mayihlale isezingqondweni zethu into yokuba uYehova akasoze asishiye. (INdu. 28:7) Ngoko masingavumeli nantoni na isenze siyeke ukumkhonza.​—Roma 8:35-39.

18. Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

18 Kweli nqaku sithethe ngeengxaki esinokuzifumana kubantu abangengomaNgqina. Kodwa sinokufumana iingxaki nasebandleni ngenxa yokuba sithemba uYehova nentlangano yakhe. Yintoni esinokuyenza ukuze sizoyise? Inqaku elilandelayo liza kusixelela.

INGOMA 118 “Sinike Ukholo Olungakumbi”

a Ukuze sikwazi ukunyamezela nokuhlala sithembekile kula maxesha okugqibela, masingayeki ukuthemba uYehova nentlangano yakhe. UMtyholi uzama ukusenza siyeke ukuthemba uYehova nentlangano yakhe ngokusenza sibe neengxaki. Kweli nqaku siza kuthetha ngezinto ezintathu azenzayo nezinto esinokuzenza ukuze sihlale sinyanisekile.

b Amanye amagama atshintshiwe.