Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

IBALI LOBOMI

“Ndandifuna Ukusebenzela UYehova”

“Ndandifuna Ukusebenzela UYehova”

SABABHABHAYISA abantu esasiye kubabona ngakwilali yaseGranbori, ekumahlathi aseSuriname. Emva koko, sakhwela kwisikhephe samaplanga saza sahamba kuMlambo iTapanahoni. Sikuloo mlambo, isikhephe sabetheka elityeni. Ngoko nangoko, umphambili waso watshona emanzini saza nathi saqalisa ukuntywila. Ndandisoyika nyhani. Kaloku nangona kwasekuyiminyaka ndihamba ngezikhephe xa ndandingumveleli wesiphaluka, ndandingakwazi ukuqubha!

Kodwa ngaphambi kokuba ndinibalisele ukuba kwenzeka ntoni emva koko, mandinixelele ukuba ndaba kwinkonzo yexesha elizeleyo njani.

Ndazalwa ngo-1942 kwisiqithi esihle esikwiCaribbean ekuthiwa yiCuraçao. Utata wayengowaseSuriname, kodwa waya kuhlala kweso siqithi ngenxa yomsebenzi. Kwiminyaka embalwa ngaphambi kokuba ndizalwe, utata wayengomnye wabantu bokuqala ukuba ngamaNgqina kaYehova eCuraçao. a Wayesifundisa iBhayibhile qho ngeveki nangona sasiye simsokolise ngamanye amaxesha. Xa ndandina-14, intsapho yasekhaya yaya kuhlala eSuriname ukuze utata akwazi ukuhoya umama wakhe owayesele ekhulile.

ABAHLOBO ABATHANDA UYEHOVA BANDINCEDA

ESuriname, ndaqalisa ukuba nabahlobo ababekukhuthalele ukukhonza uYehova. Babebadala kancinci apha kum, bengabo noovulindlela abathe ngxi. Babesithi xa bethetha ngezinto eziye zenzeka entsimini, uyibone indlela abonwabe ngayo. Emva kweentlanganiso sasiye sincokole ngeBhayibhile. Kanti loo nto sasiye siyenze naxa sizihlalele phandle sibukele iinkwenkwezi. Aba bahlobo bandinceda ndayiqonda eyona nto endandifuna ukuyenza ngobomi bam; ndandifuna ukusebenzela uYehova. Ngoko ndabhaptizwa xa ndandina-16, ndaza xa ndandina-18 ndaqalisa ukuba nguvulindlela othe ngxi.

NDAFUNDA IZINTO EZIBALULEKILEYO

Ngokuya ndandinguvulindlela eParamaribo

Ukuba nguvulindlela kwandenza ndafunda izinto ezininzi nezindincedileyo kwinkonzo yexesha elizeleyo. Enye yezinto zokuqala endazifundayo yindlela ekubaluleke ngayo ukuqeqesha abanye. Ukuqalisa kwam ukuba nguvulindlela, ndavana noWillem van Seijl, owayengumthunywa wevangeli. b Ininzi into endayifunda kuye ngendlela yokwenza imisebenzi yebandla. Ngelo xesha, ndandingekayiqondi indlela endandikudinga ngayo ukuqeqeshwa. Kunyaka olandelayo, ndaba nguvulindlela okhethekileyo ndaza ndaqalisa ukunceda amaqela abazalwana noodade baseSuriname, ababehlala kude namanye amabandla. Ndiyixabisa gqitha indlela abandiqeqesha ngayo abazalwana abafana noWillem! Ukususela ngoko, nam ndazixelela ukuba ndiza kubaqeqesha abanye.

Into yesibini endayifundayo yindlela okunceda ngayo ukuba nocwangco nokuphila ubomi obulula. Xa kuqala inyanga, mna nomzalwana endandishumayela naye, owayenguvulindlela okhethekileyo sasiye sijonge ukuba ziintoni esiza kuzidinga. Emva koko omnye wethu wayehamba umgama omde esiya edolophini ukuze athenge ezo zinto. Kwakufuneka siyisebenzise kakuhle imali esasiyifumana, nezinto esinazo sizisebenzise ngendlela eza kuzenza zihlale inyanga yonke. Ukuba sasinokuphelelwa yinto kwelo hlathi, bambalwa gqitha abantu ababenokusinceda. Ndicinga ukuba ukuphila obu bomi ndisemncinci kundincede ndakwazi ukuhoya kakhulu umsebenzi kaYehova.

Into yesithathu endayifundayo kukuba bayancedakala abantu xa ubafundisa uthetha ulwimi lwabo. Ndikhule ndithetha isiDatshi, isiNgesi, isiPapiamento nesiSranantongo (sikwabizwa ngokuba siSranan) esithethwa kakhulu eSuriname. Kodwa xa sasikuloo mahlathi, ndabona ukuba abantu baye bazimamele iindaba ezilungileyo xa beziva ngolwimi lwabo. Kwakungekho lula ukufunda ezinye zezi lwimi, njengesiSaramacca, esasifuna uman’ ulehlisa uphinde ulinyuse ilizwi. Kodwa andizisoli tu ngokuzifunda. Into endincede ndakwazi ukufundisa abantu abaninzi inyaniso kukuthetha ulwimi lwabo.

Zikhona ke nezinto ezazindenza ndizive ndihlazekile. Ngokomzekelo, ndandifuna ukubuza elinye ibhinqa endandilifundela iBhayibhile, nelalithetha isiSaramacca, ukuba liziva njani, ekubeni lalikhe landixelela ukuba linesisu esibuhlungu. Kodwa eyona nto ndayibuzayo kukuba likhulelwe na. Zange liwuthande tu ke lo mbuzo. Nangona kwakumana kusenzeka iimpazamo ezifana nale, zange ndiyeke ukuzama ukuthetha ulwimi lwabantu endandishumayela kubo.

NDAVUMA UKWENZA NEMINYE IMISEBENZI

Ngo-1970, ndaba ngumveleli wesiphaluka. Ngaloo nyaka, ndabukelisa amaqela amaninzi abazalwana noodade ababehlala kuloo mahlathi izilayidi ezazinomxholo othi: “Ukundwendwela IKomkhulu Lehlabathi LamaNgqina KaYehova.” Ukuze sikwazi ukufikelela kuloo maqela, mna nabanye abazalwana sasiye sihambe ngesikhephe. Sasiye silayishe ijanareytha, itanki yepetroli, izibane ezisebenza ngayo nezixhobo zokudlala ezi zilayidi. Xa sifika, sasithatha zonke ezi zinto sizise apho ziza kubukelwa khona. Eyona nto ndiyikhumbulayo yindlela abantu abakwezo ndawo ababekuvuyela ngayo ukubukela ezi zilayidi. Kwakundivuyisa nyhani ukunceda abantu bafunde ngoYehova nangenxalenye esemhlabeni yentlangano yakhe. Eyona nto yayindivuyisa kakhulu ngokwenza lo msebenzi yayikukubona abanye abantu besondela kuYehova.

UKUKHONZA UTHIXO KUNYE NOMFAZI WAM

Mna noEthel satshata ngoSeptemba 1971

Nangona ndandiyibona indlela okwakundinceda ngayo ukungatshati ndiwenze kakuhle umsebenzi wam, ndandisamfuna yena umfazi. Ngoko ndathandazela ukufumana umfazi owayeza kukunyamezela evuya ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo kunye nam kuloo mahlathi. Emva konyaka, ndaqalisa ukuthandana nomnye uvulindlela okhethekileyo, uEthel, owayekulungele ukumsebenzela nzima uYehova nangona kwakungekho lula. Esengumntwana, wayemthanda kakhulu umpostile uPawulos futhi ezimisele ukwenza nantoni na ukuze amlinganise kumsebenzi wokushumayela. Satshata ngoSeptemba, 1971, saza sasebenza kunye kumsebenzi wesiphaluka.

UEthel wakhulela kwikhaya elalingenazinto zininzi, ngoko wakhawuleza waqhelana nokuba kumsebenzi wesiphaluka kuloo mahlathi. Ngokomzekelo, sasiphatha izinto ezimbalwa xa sityelela amabandla. Impahla nemizimba yethu sasiyihlamba emlanjeni. Sasisitya nantoni na esiye sayiphakelwa ngabazalwana noodade, nokuba yi-iguana, ipiranha, okanye loo nto bayifumeneyo xa bebeloba okanye bezingela. Xa kungekho zitya, sasiphakelwa kumagqabi omthi webhanana. Kanti xa kungekho macephe, sasisitya ngezandla. SinoEthel, sicinga ukuba ukuzincama njengoko simkhonza kunye uYehova, kusenze sakwintambo entlu-ntathu engenakuqhawuka lula. (INtshu. 4:12) Asizisoli tu ngokuzincama kwethu!

Ngeny’ imini, xa sasivel’ okutyelela abazalwana emahlathini, kwenzeka la nto bendithethe ngayo ekuqaleni. Njengoko sasihamba, isikhephe esasisikhwele saqalisa ukutshona emanzini, kodwa ngoko nangoko sabuyela ngaphezulu. Sancedwa kukuba zange siwele emanzini futhi sasinxibe neelife jacket. Kodwa sona isikhephe sasigcwele ngamanzi. Sazichitha izinto ezazikwiimbiza esasiziphethe, saza sasebenzisa ezo mbiza ukukhupha amanzi esikhepheni.

Ekubeni sasingasenako ukutya, sasiloba njengoko siqhubeka nohambo lwethu. Kodwa sasingabambisi nto. Ngoko sathandaza kuYehova, simcela ukuba asinike into yokutya. Emva nje kokuba sithandazile, omnye wabazalwana endandihamba nabo wabambisa intlanzi enkulu kangangokuba sobahlanu satya sahlutha ngobo busuku.

UKUBA NGUMYENI, UTATA NOMVELELI WESIPHALUKA

Emva kweminyaka eyi-5 sikumsebenzi wesiphaluka, sinoEthel sasikelelwa ngendlela esasingayilindelanga. Sasiza kuba nomntwana. Ndandiyivuyela ke le nto, nangona ndandingayazi ukuba yayiza kubutshintsha njani ubomi bethu. Sasisafuna ukuqhubeka nenkonzo yexesha elizeleyo. Ngo-1976, saba nonyana wethu wokuqala, uEthniël. Emva kweminyaka emibini enehafu, saphinda safumana omnye unyana, uGiovanni.

Kubhaptizwa abantu kuMlambo iTapanahoni ngaseGodo Holo eMpuma yeSuriname ngo-1983

Ngenxa yoncedo ababeludinga abazalwana noodade baseSuriname, iofisi yesebe yandivumela ukuba ndiqhubeke ndingumveleli wesiphaluka ngoxa sisakhulisa nabantwana. Xa babesebancinci, ndacelwa ukuba ndityelele iziphaluka ezinamabandla ambalwa. Loo nto yayindenza ndikwazi ukwenza umsebenzi wesiphaluka iiveki ezimbalwa enyangeni, ndize ngezinye ndibe nguvulindlela kwibandla esasikhonza kulo. Sasiye sihambe noonyana bethu xa sityelela amabandla akufutshane nasekhaya. Kodwa xa ndityelela amabandla, okanye ndisiya kwiindabano ezisemahlathini, ndandiye ndihambe ndodwa.

Kumsebenzi wesiphaluka ndandidla ngokuhamba ngesikhephe xa ndityelela amabandla

Kwakufuneka ndicebe kakuhle ukuze ndikwazi ukuyenza yonke imisebenzi yam. Ndandiqiniseka ukuba isifundo sentsapho siyenziwa qho ngeveki. Xa ndingekho, ndityelele amabandla asemahlathini, uEthel wayesiqhuba ngokwakhe. Amaxesha amaninzi sasisenza izinto kunye njengentsapho. SinoEthel, sasizipha ixesha lokuzonwabisa nabantwana bethu. Sasiye sidlale nabo okanye siye kwiindawo ezintle ezazikufutshane nalapho sasihlala khona. Ndandidla ngokuba ngowokugqibela ukulala, ndisenza imisebenzi yentlangano. Kodwa ekubeni uEthel engula mfazi kuthethwa ngaye kwiMizekeliso 31:15, wayekhawuleza avuke, ukuze alungiselele ukuba sitye size sifunde netekisi kunye ngaphambi kokuba abantwana baye esikolweni. Ndimbulela kakhulu uYehova ngokundinika umfazi ozincamayo, obehlala endinceda ukuze ndikwazi ukuyenza imisebenzi andinike yona.

Njengabazali, sasebenza nzima, sinceda abantwana bethu ukuba bamthande uYehova nentsimi. Sasingafuni babe kwinkonzo yexesha elizeleyo kuba befuna ukuvuyisa thina, sasifuna bazikhethele ngokwabo ukuba kuyo. Sasisoloko sithetha ngendlela ekumnandi ngayo ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Sasithetha nangeengxaki esiye sanazo, kodwa sibethelele indlela uYehova aye wayinceda waza wayisikelela ngayo intsapho yethu. Sasiqiniseka ukuba abantwana bethu banabahlobo abambeka kwindawo yokuqala uYehova ebomini babo.

UYehova wayesinika yonke into esasiyidinga njengentsapho. Nam ndandiye ndizame ukuyinika izinto ezidingayo intsapho yam. Ixesha endalichitha emahlathini, xa ndandinguvulindlela okhethekileyo ndingekatshati, landifundisa ukuba ndizilungiselele kusengaphambili izinto esiza kuzidinga. Ngamanye amaxesha sasingazifumani zonke izinto esizidingayo, kungakhathaliseki ukuba sizame kangakanani. Ndicinga ukuba uYehova wayengenelela xa kulapho ke. Ngokomzekelo, ekupheleni koo-1980 nasekuqaleni koo-1990, kwakukho isidubedube eSuriname. Kuloo minyaka, kwakunzima nokufumana izinto esasiqhele ukuzifumana lula esasizidinga. Sekunjalo, uYehova wayesinceda.—Mat. 6:32.

XA NDICINGA NGOBOMI BAM

Ukusuka ekhohlo ukuya ekunene: Mna nomfazi wam, uEthel

Unyana wethu, uEthniël nomfazi wakhe, uNatalie

Unyana wethu, uGiovanni nomfazi wakhe, uChristal

Ebomini bethu, uYehova usincedile sahlala sivuya saza saneliseka. Abantwana bethu baye bayintsikelelo nyhani kuthi, futhi siyambulela uYehova ngokusivumela sibakhulisele ukuba bamkhonze. Iyasivuyisa into yokuba nabo bekhethe ukuba kwinkonzo yexesha elizeleyo. Bobabini baye baya kwizikolo zentlangano, futhi ngoku bakhonza kwiofisi yesebe eseSuriname nabafazi babo.

Mna nomfazi wam sesikhulile ngoku, kodwa sisaqhubeka simsebenzela uYehova, singoovulindlela abakhethekileyo. Phofu, sixakeke kakhulu kangangokuba andikalifumani nangoku ixesha lokufunda ukuqubha! Kodwa andizisoli nakancinci. Xa ndicinga ngobomi bam, esinye sezona zigqibo zibalulekileyo kwendakhe ndazenza, yayikukukhonza uYehova ixesha elizeleyo ndisemncinci.

a Jonga Incwadi Yonyaka YamaNgqina kaYehova Ka-2002, kwiphepha 70.

b Ibali lobomi bukaWillem van Seijl, elinomxholo othi “Reality Has Exceeded My Expectations,” lifumaneka kuVukani! wesiNgesi kaOktobha 8, 1999.