Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Ubusazi?

Ngaba Ubusazi?

Ngaba wakha wakhona umntu ekuthiwa nguMordekayi?

KWINCWADI yeBhayibhile uEstere kuthethwa ngomYuda onguMordekayi owenza into eyayibaluleke kakhulu. Wayengomnye wamaYuda awayethinjiwe nowayesebenza kwikomkhulu lasePersi. Kwakusekuqaleni kweminyaka yoo-400 Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo, “ngemihla [kaKumkani] uAhaswerosi.” (Namhlanje abantu abaninzi bathi lo kumkani wayenguArtashashta I.) UMordekayi waphelisa iqhinga lokubulala ukumkani. Ukumkani wambulela ngokuthi makazukiswe phambi kwabantu bonke. Ekuhambeni kwexesha, emva kokusweleka kukaHaman owayelutshaba lukaMordekayi namanye amaYuda, ukumkani wamenza inkulumbuso uMordekayi. Ngenxa yokuba ekweso sikhundla, uMordekayi wakwazi ukubeka umthetho owasindisa amaYuda awayephantsi koBukhosi BasePersi ekubulaweni.​—Estere 1:1; 2:5, 21-23; 8:1, 2; 9:16.

Ekuqaleni kweminyaka yoo-1900, abanye ababhali-mbali bathi izinto ezibhalwe kwincwadi kaEstere ziyintsomi futhi akuzange kubekho mntu unguMordekayi. Kodwa ngo-1941 abembi bezinto zakudala bafumana into eyayingqina ukuba izinto ezithethwa yiBhayibhile ngoMordekayi ziyinyani. Yayiyintoni leyo?

Abaphengululi bafumana ilitye lasePersi elalibhalwe ngoonobumba abatsolo nelalithetha ngendoda eyayinguMarduka (ngesiNgesi uMordekayi). Le ndoda yayingumphathi, mhlawumbi kwindawo eyayigcina imali eShushan. UArthur Ungnad, owayeyazi kakuhle imbali yaseMpuma, uthi yayileli litye neBhayibhile qha ezazithetha ngoMordekayi ngelo xesha.

Emva kokuba u-Ungnad ethethe le nto, abaphengululi baye baguqulela izinto ezazibhalwe kumatye amaninzi asePersi. Ezinye zazikumacwecwe asePersepolis, awafunyanwa kumabhodlo eso sixeko, kwindawo eyayibizwa ngokuba yiTreasury. La macwecwe abhalwa xa kwakulawula uXerxes I. Abhalwe ngolwimi lwamaElam futhi anamagama amaninzi ekuthethwa ngawo kwincwadi kaEstere. a

Igama uMordekayi (uMarduka) libhalwe kumatye asePersi

Amacwecwe amaninzi asePersepolis ayathetha ngendoda enguMarduka, eyayingunobhala kwikomkhulu laseShushan xa kwakulawula uXerxes I. Elinye lala macwecwe lithi lo Marduka wayengumguquleli. Le nto iyadibana nento ethethwa yiBhayibhile ngoMordekayi. Wayeligosa elalisebenza kwaKumkani uAhaswerosi (uXerxes I) nelalithetha ubuncinane iilwimi ezimbini. Wayesoloko ehleli kwigeyithi kakumkani eyayikwikomkhulu laseShushan. (Estere 2:19, 21; 3:3) Le geyithi yayisisakhiwo esikhulu awayesebenza kuso amagosa akomkhulu.

Kukho izinto ezenza umdla afana ngazo uMarduka ekuthethwa ngaye emacwecweni noMordekayi ekuthethwa ngaye eBhayibhileni. Babengamadoda awayephila ngexesha elinye, kwindawo enye, engawo namagosa awayesebenza kwindawo enye. Kubonakala ngathi zonke ezi zinto zibonisa ukuba uMarduka wayenguMordekayi.

a Ngo-1992 uProfesa Edwin M. Yamauchi wabhala inqaku elalinamagama ayi-10 awayekumacwecwe asePersepolis nekuthethwa ngawo kwincwadi kaEstere.