Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 45

UYehova Usinceda Njani Sikwazi Ukushumayela

UYehova Usinceda Njani Sikwazi Ukushumayela

“Baza kwazi ngokuqinisekileyo ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.”—HEZ. 2:5.

INGOMA 67 ‘Shumayela ILizwi’

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Yintoni esinokuyilindela, kodwa yintoni esinokuqiniseka ngayo?

 XA SISHUMAYELA sinokulindela ukuba abanye abantu bangasifuni. Mhlawumbi baza kuba ngathi bayaqina kwixesha elizayo. (Dan. 11:44; 2 Tim. 3:12; ISityhi. 16:21) Sekunjalo, sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kusinceda. Kutheni sisitsho nje? Kaloku uYehova wayesoloko ebanceda abakhonzi bakhe bakwazi ukuyenza imisebenzi abathume yona nokuba loo misebenzi yayinzima kangakanani. Ngokomzekelo, makhe sibone izinto ezenzeka kumprofeti uHezekile xa wayeshumayela kumaYuda awayethinjwe eBhabhiloni.

2. UYehova wathi banjani abantu awayeza kushumayela kubo uHezekile? Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku? (Hezekile 2:3-6)

2 Wayeshumayela kubantu abanjani uHezekile? UYehova wathi yayingabantu “abangathobeliyo nabaneentliziyo ezilukhuni.” Babeyingozi njengameva noonomadudwane. Yiloo nto uYehova wayeqhubeka esithi kuHezekile: “Ungaboyiki”! (Funda uHezekile 2:3-6.) UHezekile wawenza kakuhle umsebenzi wokushumayela kuba (1) wayethunywe nguYehova, (2) encedwa ngumoya kaThixo, futhi (3) esomelezwa liLizwi Lakhe. Ezi zinto zintathu zamnceda njani uHezekile? Thina zisinceda njani?

UHEZEKILE WAYETHUNYWE NGUYEHOVA

3. Ngawaphi amazwi amele ukuba amqinisa uHezekile? Ngawaphi amazwi aphindwe kaninzi kwincwadi kaHezekile awamenza waqiniseka ukuba uYehova uza kumxhasa?

3 UYehova wathi kuHezekile: ‘Ndiyakuthuma.’ (Hez. 2:3, 4) Amele ukuba amqinisa nyhani loo mazwi. Ngoba? Kaloku wakhumbula ukuba uYehova wathetha amazwi afanayo naxa wayethuma abaprofeti bakhe, uMoses noIsaya. (Eks. 3:10; Isa. 6:8) Wayesazi nokuba uYehova wabanceda bakwazi ukwenza imisebenzi awayebathume yona, nangona yayingekho lula. Ngoko xa uYehova wathi kuHezekile: ‘Ndiyakuthuma’ kwade kwakabini, lo mprofeti wayenezizathu ezivakalayo zokumthemba ukuba uza kumxhasa. Ukongezelela, kwincwadi kaHezekile aphindwe kaninzi amazwi athi: “Ilizwi likaYehova lafika kum.” (Hez. 3:16) Amanye amazwi aphindwe kaninzi ngathi: “Laphinda lafika ilizwi likaYehova kum.” (Hez. 6:1) Ngokuqinisekileyo, uHezekile wayengayithandabuzi into yokuba wayethunywe nguYehova. Utata kaHezekile wayengumbingeleli. Kungenzeka ukuba wayemfundisile ukuba uYehova wayesoloko ebaxelela abaprofeti ukuba wayeza kubanceda. UYehova wathi kuIsake, uYakobi noYeremiya: “Ndinawe.”​—Gen. 26:24; 28:15; Yer. 1:8.

4. Ngawaphi amazwi amele ukuba amkhuthaza uHezekile?

4 AmaSirayeli amaninzi ayeza kuthini xa uHezekile eshumayela kuwo? UYehova wathi: “Indlu kaSirayeli ayizukukumamela, kuba ayifuni kundimamela.” (Hez. 3:7) Xa amaSirayeli ayengamfuni uHezekile, loo nto yayithetha ukuba awamfuni uYehova. Le nto wayixelelwa nguYehova yamenza waqiniseka uHezekile ukuba ukungafunwa ngabantu kwakungathethi ukuba akawenzanga kakuhle umsebenzi awayewumthume wona. UYehova waphinda wamenza waqiniseka ukuba xa zisenzeka ezi zinto wayethe makazixelele abantu, ‘babeza kutsho bazi ukuba bekukho umprofeti phakathi kwabo.’ (Hez. 2:5; 33:33) Ngokuqinisekileyo la mazwi amkhuthaza uHezekile ukuba aqhubeke nomsebenzi wokushumayela.

NATHI SITHUNYWE NGUYEHOVA

NjengoHezekile, sisenokudibana nabantu abangenamdla nabangasifuniyo, kodwa siyazi ukuba uYehova ukunye nathi (Jonga isiqendu 5-6)

5. Ngawaphi amazwi akuIsaya 44:8 asikhuthazayo?

5 Kuyasikhuthaza nathi ukwazi ukuba sithunywe nguYehova. Ude wasibiza ngokuba singamaNgqina akhe. (Isa. 43:10) Yinyhweba enkulu kakhulu ke leyo! UYehova wathi kuHezekile: ‘Ungaboyiki,’ nakuthi uthi: “Sanukutyhwatyhwa.” Kutheni simele singaboyiki abantu abangasifuniyo? Kuba sithunywe nguYehova, kanye njengokuba uHezekile wayethunywe nguye, futhi uza kusinceda.​—Funda uIsaya 44:8.

6. (a) KuIsaya 43:2 uYehova usiqinisekisa ngantoni? (b) Sikhuthazwa yintoni?

6 UYehova uthembisa ukuba uza kusinceda. Ngokomzekelo, ngaphambi nje kokuba athi: “NingamaNgqina am,” wathi: “Ndiza kuba nawe xa unqumla emanzini, naxa unqumla emilanjeni, awuzukukhukuliseka. Xa uhamba emlilweni, awuzukutsha, nedagantye alizukukurhawula.” (Isa. 43:2) Xa sishumayela, siye sidibane neengxaki ezifana nezikhukula nomlilo. Sekunjalo, uYehova usinceda singayeki ukushumayela. (Isa. 41:13) Njengokuba kwakunjalo ngexesha likaHezekile, abantu abaninzi esishumayela kubo abasimameli. Kodwa loo nto ayithethi kuthi asishumayeli kakuhle. Sikhuthazwa nakukwazi ukuba uYehova uyavuya xa siqhubeka siwenza ngokuthembeka lo msebenzi. Umpostile uPawulos wathi: “Mntu ngamnye uza kufumana umvuzo ngenxa yomsebenzi wakhe.” (1 Kor. 3:8; 4:1, 2) Omnye udade ekudala enguvulindlela uthi: “Kuyandivuyisa ukwazi ukuba uYehova uyasisikelela ngenxa yemizamo esiyenzayo.”

UHEZEKILE WAYENCEDWA NGUMOYA KATHIXO

UHezekile ubona umbono wenqwelo kaYehova. Le nto imenza aqiniseke nyhani ukuba uYehova uza kumnceda awenze wonke umsebenzi amthume wona (Jonga isiqendu 7)

7. Waziva njani uHezekile xa ecinga ngombono awawubonayo? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

7 UHezekile wabona indlela onamandla ngayo umoya kaThixo. Embonweni, wabona umoya oyingcwele usebenza kwiingelosi ezinamandla nakumavili amakhulu enqwelo yasezulwini. (Hez. 1:20, 21) Wenza ntoni? Uthi: “Xa ndakubonayo, ndawa ngobuso.” Yammangalisa le nto wade wawa. (Hez. 1:28) Ekuhambeni kwexesha, ukucinga ngalo mbono umangalisayo kumele ukuba kwamenza waqiniseka ukuba umoya kaThixo uza kumnceda akwazi ukushumayela.

8-9. (a) Amazwi kaYehova amnceda wakwazi ukwenza ntoni uHezekile? (b) UYehova waphinda wamnceda njani uHezekile ukuze akulungele ukushumayela kubantu abanenkani?

8 UYehova wathi kuHezekile: “Nyana womntu, yima ngeenyawo ukuze ndithethe nawe.” Loo mazwi amnceda wanamandla okuphakama. UHezekile wabhala wathi: “Ndangenwa ngumoya owandenza ndema ngeenyawo.” (Hez. 2:1, 2) Emva koko, naxa wayeshumayela wayekhokelwa ‘sisandla’ sikaThixo esingumoya wakhe oyingcwele. (Hez. 3:22; 8:1; 33:22; 37:1; 40:1) Lo moya wamnceda wanamandla okuwenza umsebenzi awayewunikiwe wokushumayela kubantu ‘ababeneentloko ezilukhuni neentliziyo ezilukhuni.’ (Hez. 3:7) UYehova wathi: “Ndibenze balukhuni ubuso bakho kanye njengobabo, nebunzi lakho lalukhuni kanye njengawabo. Ibunzi lakho ndilenze lanjengedayimani, laba lukhuni ngaphezu kwelitye lokuqhwitha. Ungaboyiki okanye ungcangcazeliswe bubuso babo.” (Hez. 3:8, 9) Kwaba ngathi uthi kuHezekile: ‘Ukuba nenkani kwaba bantu makungakutyhafisi. Ndiza kukuqinisa.’

9 Emva koko, uHezekile wasiwa ngumoya kaThixo kwindawo awayeza kushumayela kuyo. Wathi: ‘Isandla sikaYehova sisebenza ngamandla kum.’ Kwamthatha iveki ukuyiqonda kakuhle into awayeyithunywe nguThixo, ukuze ayithethe eqinisekile kubantu awayethunywe kubo. (Hez. 3:14, 15) Emva koko uYehova wathi makaye kwithafa elisentlanjeni, waza xa elapho ‘wangenwa ngumoya.’ (Hez. 3:23, 24) Ngoku uHezekile wayekulungele ukushumayela.

NATHI SINCEDWA NGUMOYA KATHIXO

Wancedwa yintoni uHezekile, ibe sincedwa yintoni thina ukuze siwenze kakuhle umsebenzi wokushumayela? (Jonga isiqendu 10)

10. Sidinga ntoni ukuze sikwazi ukushumayela? Kutheni siyidinga nje loo nto?

10 Sidinga ntoni ukuze sikwazi ukushumayela? Ukuze ufumane impendulo, cinga ngento eyenzeka kuHezekile. Ngaphambi kokuba aqalise ukushumayela, umoya kaThixo wamnika amandla awayewadinga. Nathi, njengokuba kwakunjalo kuHezekile, sinokuwenza umsebenzi wokushumayela kuphela ngoncedo lomoya kaThixo. Kutheni sisitsho? Kaloku uSathana ulwa nathi kuba efuna siwuyeke lo msebenzi. (ISityhi. 12:17) Abantu abaninzi bacinga ukuba asinakulenza ixesha kuSathana. Kodwa xa sishumayela siyamoyisa! (ISityhi. 12:9-11) Njani? Xa siwenza lo msebenzi, sibonisa ukuba akasoyikisi. Qho sishumayela uyoyisakala. Isibonisa ntoni into yokuba sikwazi ukuqhubeka sishumayela nangona abantu bengasifuni? Isibonisa ukuba sincedwa ngumoya oyingcwele futhi uYehova uyavuyiswa sithi.​—Mat. 5:10-12; 1 Pet. 4:14.

11. Uza kusinceda njani umoya kaThixo? Yintoni esinokuyenza ukuze sihlale siwufumana?

11 Yintoni enye esiyifundayo xa sicinga ngendlela uYehova awamnceda ngayo uHezekile ukuze akwazi ukushumayela? Umoya kaThixo unokusenza simelane nayo nayiphi na ingxaki esidibana nayo xa sishumayela. (2 Kor. 4:7-9) Yintoni ke thina esinokuyenza ukuze sihlale siwufumana umoya kaThixo? Kufuneka siwuthandazele qho, simthembe uYehova ukuba uza kuyiva imithandazo yethu. UYesu wathi kubafundi bakhe: “Qhubekani nicela, . . . qhubekani nifuna, . . . qhubekani ninkqonkqoza.” Yena uYehova uza ‘kubapha umoya oyingcwele abo bamcelayo.’​—Luka 11:9, 13; IZe. 1:14; 2:4.

UHEZEKILE WAYESOMELEZWA LILIZWI LIKATHIXO

12. Wawusuka phi umsongo ekuthethwa ngawo kuHezekile 2:9–3:3? Kwakubhalwe ntoni kuwo?

12 UHezekile zange aphelele nje ekuncedweni ngumoya kaThixo, kodwa womelezwa naliLizwi Lakhe. Embonweni, wabona isandla esiphethe umsongo. (Funda uHezekile 2:9–3:3.) Wawuvela phi? Kwakubhalwe ntoni kuwo? Wamomeleza njani uHezekile? Makhe sive. Lo msongo wawuvela kwitrone kaThixo. Kusenokwenzeka ukuba uYehova wasebenzisa enye yeengelosi ezine ezabonwa nguHezekile ukuze imnike lo msongo. (Hez. 1:8; 10:7, 20) Kuwo kwakubhalwe umyalezo kaThixo owawuchaza indlela awayeza kuwagweba ngayo amaSirayeli awayesekuthinjweni nawayengathobeli. (Hez. 2:7) Lo myalezo wawubhalwe kuwo omabini amacala alo msongo.

13. UYehova wathi uHezekile makawenze ntoni umsongo? Yintoni eyayiwenza ube mnandi?

13 UYehova wayalela lo mprofeti wakhe ukuba awutye lo msongo aze ‘agcwalise isisu sakhe ngawo.’ UHezekile wathobela, wawutya wawugqiba lo msongo. Yayithetha ntoni kanye kanye le nto? Yayithetha ukuba kwakufuneka awuqonde kakuhle lo myalezo wayeza kuwuxelela abantu. Kwakuza kufuneka awukholelwe, uze umenze afune ukushumayela. Emva koko, kwenzeka into engalindelekanga. UHezekile wafumanisa ukuba lo msongo “wawumnandi njengobusi.” (Hez. 3:3) Ngoba? Kaloku kuye inyhweba yokuthunywa nguYehova yayiyinto emnandi. (INdu. 19:8-11) Wayeyibulela into yokuba uYehova emenze umprofeti wakhe.

14. Yintoni eyanceda uHezekile wakulungela ukuwenza umsebenzi awayewunikwe nguThixo?

14 Ekuhambeni kwexesha, uYehova wathi kuHezekile: “Wafake entliziyweni uze uwamamele onke amazwi am endiwathetha kuwe.” (Hez. 3:10) Ngaloo mazwi uYehova wayexelela uHezekile ukuba azame ukuzikhumbula izinto ezazikumsongo awawubonayo aze acingisise ngazo. Ukwenza loo nto kwaluqinisa ukholo lukaHezekile. Kodwa zange kuphelele apho, kwamenza wanomyalezo onamandla awayeza kuwusa ebantwini. (Hez. 3:11) Xa wayewuqonda kakuhle futhi ewukholelwa umyalezo owawusuka kuThixo, wayekulungele ukuwuqala aze awugqibe umsebenzi awayewuthunyiwe.​—Thelekisa iNdumiso 19:14.

NATHI SOMELEZWA LILIZWI LIKATHIXO

15. Ukuze singatyhafi, yintoni esimele ‘siyifake entliziyweni’?

15 Ukuze singatyhafi xa sishumayela, nathi simele sihlale silivumela iLizwi LikaThixo ukuba lisomeleze. Simele ‘sizifake entliziyweni’ zonke izinto esizixelelwa nguYehova. Namhlanje uYehova uthetha nathi esebenzisa iLizwi lakhe iBhayibhile. Yintoni esinokuyenza ukuze izinto esizicingayo, indlela esiziva ngayo nezinto esizenzayo zihlale zivumelana neLizwi LikaThixo?

16. UYehova ufuna senze ntoni ngeLizwi lakhe? Yintoni esinokuyenza ukuze siliqonde kakuhle iLizwi LikaThixo?

16 Njengokuba imizimba yethu isomelela xa sisitya ukutya size sikwetyise, nokholo lwethu luyomelela xa sifunda iLizwi LikaThixo size sicingisise ngalo. Sihlala sicinga ngento esiyifunda kumsongo. Ufuna ‘sigcwalise izisu’ zethu ngeLizwi lakhe, nto leyo ethetha ukuba ufuna siliqonde kakuhle. Ukuze siliqonde kakuhle simele sithandaze, silifunde size sicingisise ngalo. Okokuqala, simele sithandaze ukuze iintliziyo zethu zizamkele izinto esizifundiswa nguThixo, emva koko sifunde iBhayibhile. Into elandelayo esimele siyenze, kukucingisisa nzulu ngale nto siyifundileyo. Kuza kwenzeka ntoni emva koko? Xa sisiya sicingisisa, siza kuya siliqonda kakuhle iLizwi LikaThixo luze luqine ukholo lwethu.

17. Kutheni kubalulekile ukucingisisa ngezinto esizifunde eBhayibhileni?

17 Kutheni kubalulekile ukufunda nokucingisisa ngezinto eziseBhayibhileni? Kaloku kusinceda sibe namandla esiwadingayo ukuze sishumayele umyalezo woBukumkani, futhi kungekudala kuza kusinceda sikwazi ukushumayela umyalezo womgwebo ongazukwehla kamnandi ebantwini. Xa sicingisisa ngeempawu zikaYehova ezintle, siza kuya simthanda. Loo nto iza kusenza sivuye nyhani kuba siza kuba seluxolweni size saneliseke.​—INdu. 119:103.

MASINGAYEKI UKUSHUMAYELA

18. Abantu esishumayela kubo baza kubona ntoni? Kutheni sisitsho?

18 Thina asifani noHezekile, asingobaprofeti. Kodwa sizimisele ukuhlala sishumayela ngomyalezo kaYehova okwiLizwi lakhe de athi lo msebenzi ugqityiwe. Xa ixesha lomgwebo lifika, abantu esishumayela kubo abazukuba nazizathu zokuthi khange balumkiswe okanye uThixo ebengabahoyanga. (Hez. 3:19; 18:23) Baza kuzibonela ngokwabo ukuba umyalezo ebesiwushumayela ubusuka kuThixo.

19. Ziintoni eziza kusinceda sibe namandla okuwenza kakuhle umsebenzi wokushumayela?

19 Ziintoni eziza kusinceda sibe namandla okuwenza kakuhle umsebenzi wokushumayela? Zeza zinto zintathu zaqinisa uHezekile. Siqhubeka sishumayela kuba siyazi ukuba sithunywe nguYehova, sincedwa ngumoya wakhe oyingcwele futhi somelezwa liLizwi lakhe. Ukuncedwa nguYehova kuza kusenza sihlale sikhuthele entsimini, sinyamezele ‘kude kube sekupheleni.​—Mat. 24:13.

INGOMA 65 Qhubela Phambili!

a Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinto ezintathu ezanceda umprofeti uHezekile wawenza kakuhle umsebenzi wokushumayela awayewuthunyiwe. Njengoko siza kubona iindlela uYehova awamnceda ngazo lo mprofeti, siza kutsho siqiniseke ukuba uza kusinceda siwenze kakuhle umsebenzi wokushumayela.