Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 46

UYehova Usinceda Njani Sinyamezele Sivuya?

UYehova Usinceda Njani Sinyamezele Sivuya?

“UYehova ulinde ngomonde ukuba anenzelele, ibe uza kunenzela inceba.”—ISA. 30:18.

INGOMA 3 Nguwe Olithemba Namandla Ethu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1-2. (a) Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula? (b) Yintoni ebonisa ukuba uYehova ufuna nyhani ukusinceda?

 UYEHOVA usinceda sikwazi ukunyamezela iingxaki esinazo size simkhonze sivuya. Usinceda njani? Ziintoni esinokuzenza ukuze asincede? Yiloo mibuzo eza kuphendulwa kweli nqaku. Kodwa ngaphambi kokuba siyiphendule, masiqale ngalo: Ngaba nyhani uYehova uyafuna ukusinceda?

2 Igama elasetyenziswa ngumpostile uPawulos kwileta awayibhalela amaKristu angamaYuda lingasinceda sifumane impendulo. Wathi: “UYehova ungumncedi wam; andizukoyika. Angandenza ntoni umntu?” (Heb. 13:6) Ezinye iincwadi ezithetha ngeBhayibhile zibonisa ukuba igama elisetyenziswe kule vesi elithi ‘umncedi,’ lithetha ngomntu obalekayo eyokunceda omnye odinga uncedo. Yiba nombono kaYehova esenza loo nto kanye. Ngokuqinisekileyo nawe uyavuma ukuba le ndlela achazwa ngayo uYehova ibonisa ukuba ufuna nyhani ukusinceda. Xa engakwicala lethu siza kuzinyamezela sivuya iingxaki esinazo.

3. Zeziphi iindlela ezintathu uYehova asinceda ngazo sinyamezele iingxaki sivuya?

3 Zeziphi ezinye iindlela uYehova asinceda ngazo sinyamezele iingxaki sivuya? Ukuze siphenduleke, kuza kufuneka sifunde incwadi kaIsaya. Ngoba? Kaloku iziprofeto ezininzi uIsaya awaphefumlelwa ukuba azibhale zisebenza kubakhonzi bakaThixo banamhlanje. Kwakhona uIsaya uchaza uYehova ngeendlela ekulula ukuba siziqonde. Ngokomzekelo, kuIsaya isahluko 30, uIsaya usizobela umfanekiso omhle ngendlela uYehova abanceda ngayo abantu bakhe. Uthi uYehova usinceda (1) ngokuyimamela kakuhle imithandazo yethu aze ayiphendule, (2) ngokusikhokela (3) nangezinto asenzela zona ngoku naseza kusenzela zona. Ngoku makhe sithethe ngezi ndlela zintathu uYehova asinceda ngazo.

UYEHOVA UYASIMAMELA

4. (a) Wathini uYehova ngamaYuda awayephila ngexesha likaIsaya? Yintoni awayeza kuyivumela yenzeke kuwo? (b) UYehova wawathembisa ntoni amaYuda awayethembekile? (Isaya 30:18, 19)

4 Kwivesi yokuqala kaIsaya isahluko 30 uYehova uthi amaYuda ‘ngoonyana abaneenkani nabongeza isono phezu kwesinye.’ Uqhubeka esithi: ‘Basisizwana esingathobeliyo, esingafuni nto yakwenza nomthetho kaYehova.’ (Isa. 30:1, 9) Ngenxa yokuba abantu bengazange bamamele, uIsaya waprofeta esithi uYehova uza kuvumela ukuba behlelwe zizinto ezimbi. (Isa. 30:5, 17; Yer. 25:8-11) Kwenzeka loo nto kanye xa bathinjwa ngamaBhabhiloni. Kodwa ayekho amanye amaYuda awayethembekile. UIsaya wayewaphathele umyalezo owawuza kuwanika ithemba. Wawaxelela ukuba ngenye imini uYehova uza kuwabuyisela eYerusalem. (Funda uIsaya 30:18, 19.) Kwenzeka kanye loo nto. UYehova wawakhulula ekuthinjweni, kodwa kwakha kwadlula iminyaka ngaphambi kokuba awakhulule. Kaloku amazwi athi “uYehova ulinde ngomonde ukuba anenzelele” abonisa ukuba kwakuza kudlula ixesha ngaphambi kokuba loo maYuda athembekileyo akhululwe. Nyhani kwaphela iminyaka eyi-70 ethinjwe eBhabhiloni ngaphambi kokuba amanye abuyele eYerusalem. (Isa. 10:21; Yer. 29:10) Xa amaSirayeli ayeseBhabhiloni, ayekhala kuba ayebuhlungu kakhulu. Kodwa xa abuyela eYerusalem, akhaliswa luvuyo.

5. UIsaya 30:19 usenza siqiniseke ngantoni?

5 Nathi anokusikhuthaza amazwi athi: ‘Nakanjani, uThixo uza kukunceda xa ekuva ukhalela uncedo.’ (Isa. 30:19) UIsaya uyasiqinisekisa ukuba uYehova uza kusimamela xa sikhalela kuye, futhi uza kuyiphendula ngoko nangoko imithandazo yethu. UIsaya uphinda athi: ‘Uza kuthi wakukhala akuphendule ngoko nangoko.’ La mazwi asikhumbuza ukuba uTata wethu ufuna nyhani ukubanceda abantu abamcelayo. Ukwazi loo nto kusinceda sinyamezele sivuya.

6. Yintoni ethethwa nguIsaya ebonisa ukuba uYehova umamela umthandazo womkhonzi wakhe ngamnye?

6 Yeyiphi enye into esiyifunda kule vesi ngemithandazo yethu? UYehova umamela umthandazo womntu ngamnye. Kutheni sisitsho? Kwiivesi zokuqala zikaIsaya isahluko 30 uYehova uthetha neqela labantu bakhe, kodwa kuvesi 19 uthetha nomntu ngamnye kubo. UIsaya uthi: “Soze kukhale mntu”; “uThixo uza kumnceda”; ‘uza kumphendula.” UYehova onguTata obathandayo abantwana bakhe akathi kunyana wakhe okanye kwintombi yakhe etyhafileyo, “Yomelela ufane nobhuti wakho okanye nosisi wakho.” Kodwa usikhathalele futhi uyimamela kakuhle imithandazo yethu.​—INdu. 116:1; Isa. 57:15.

Wayethetha ukuthini uIsaya xa wayesithi: “Ningamphumzi [uYehova]”? (Jonga isiqendu 7)

7. Yintoni ethethwa nguIsaya noYesu ebonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuqhubeka sithandaza?

7 Xa sixelela uYehova ngengxaki esinayo, into yokuqala asenokukhawuleza ayenze kukusipha amandla okuyinyamezela. Ukuba ayide iphele, kusenokufuneka siqhubeke simcela ukuba asiphe amandla okunyamezela. Yiloo nto kanye asikhuthaza ukuba siyenze. UIsaya uthi: “Ningamphumzi [uYehova].” (Isa. 62:7) Utheth’ ukuthini? Simele sithandaze qho kuYehova de ibe ngathi asimniki nexesha eli lokuphumla. Amazwi kaIsaya asikhumbuza into eyathethwa nguYesu xa wayebonisa indlela esimele sithandaze ngayo kuLuka 11:8-10, 13. Kwezi vesi usikhuthaza ukuba xa sithandaza ‘masicenge’ singancami, futhi ‘siqhubeke sicela’ umoya oyingcwele. Sinokumcenga uYehova naxa sifuna asincede senze izigqibo ezifanelekileyo.

UYEHOVA UYASIKHOKELA

8. Into ethethwa kuIsaya 30:20, 21 yenzeka njani kumaYuda?

8 Funda uIsaya 30:20, 21. Xa umkhosi waseBhabhiloni wawujikeleze iYerusalem kangangonyaka onehafu, abantu balapho babejongene nentlungu enkulu kangangokuba bada bayiqhela. Kodwa ngokutsho kukavesi 20 no-21, uYehova wathembisa amaYuda ukuba xa etshintsha indlela awayephila ngayo, wayeza kuwasindisa. UIsaya wathembisa abantu ukuba uYehova ‘onguMyaleli Ozukileyo’ wayeza kubafundisa indlela afuna bamkhonze ngayo. Loo nto yenzeka xa amaYuda akhululwa ekuthinjweni. UYehova wazingqina enguMyaleli Ozukileyo kuwo waza wawanceda aphinda amkhonza ngendlela ayifunayo. Nathi sivuya kakhulu ngokuba noMyaleli Ozukileyo onguYehova.

9. Yeyiphi enye indlela asifundisa ngayo uYehova?

9 Kwezi vesi uIsaya uthi sifana nabantwana abafundiswa nguYehova ngeendlela ezimbini. Uqala athi: “Uza kumbona umYaleli Ozukileyo wakho.” Apha umyaleli ufaniswa nomntu ome phambi kwabantwana abafundisayo. Nathi sinenyhweba yokufundiswa ngulo myaleli. Usifundisa njani uYehova? Usebenzisa intlangano yakhe. Simbulela kakhulu ngemiyalelo ecacileyo esiyifumana kuyo. Imiyalelo esiyifumana emabandleni, kwiindibano, kwiimpapasho, kwibroadcasting nakwezinye izinto, isinceda sikwazi ukunyamezela sivuya kula maxesha anzima.

10. Siliva njani “ilizwi emva [kwethu]”?

10 Xa uIsaya ethetha ngendlela yesibini uYehova asifundisa ngayo uthi: “Niza kuva ilizwi emva kwenu.” Apha lo mprofeti ufanisa uYehova nomyaleli ohamba emva kwabantwana abafundisayo, nongafuni kuwasusa amehlo akhe kubo, ebabonisa indlela abamele bahambe kuyo. Nathi namhlanje siyaliva iLizwi LikaThixo emva kwethu. Siliva njani? Amazwi aphefumlelwe nguThixo abhalwa eBhayibhileni kudala, singekazukubakho nokubakho thina. Ngoko xa sifunda iBhayibhile, iba ngathi siva ilizwi likaThixo emva kwethu.​—Isa. 51:4.

11. Yintoni esifanele siyenze ukuze sinyamezele sivuya? Kutheni simele senze loo nto?

11 Yintoni esimele siyenze ukuze zisincede nyhani izinto esizifundiswa nguYehova esebenzisa intlangano neLizwi lakhe? Uphawule ukuba uIsaya uthetha ngezinto ezimbini? Uqala athi, “nantsi indlela.” Aphinde athi, “hambani ngayo.” (Isa. 30:21) Kufuneka singapheleli nje ekuyazini ‘indlela,’ kodwa mva kokuba siyazile kufuneka ‘sihambe’ ngayo. Indlela intlangano kaYehova elicacisa ngayo iLizwi lakhe, isinceda sizazi izinto azilindeleyo kuthi. Sifunda nendlela emasizenze ngayo izinto esizifundiswayo. Ukuze sinyamezele sivuya xa sikhonza uYehova, kuza kufuneka sizenze zombini ezi zinto sithethe ngazo ngasentla. Yiloo nto eza kusenza siqiniseke ukuba uYehova uza kusisikelela.

UYEHOVA UYASISIKELELA

12. Ngokutsho kukaIsaya 30:23-26, uYehova wayeza kubasikelela njani abantu bakhe?

12 Funda uIsaya 30:23-26. Senzeka njani esi siprofeto emva kokuba amaYuda ephumile ekuthinjweni eBhabhiloni aze abuyela kwilizwe lakwaSirayeli? UYehova wawanika izinto ezininzi ukuze awancede aphile aze aqhubeke emkhonza. Ukutya kwakudlal’ abantwana. Kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba wawanika yonke into awayeyidinga ukuze abe ngabahlobo bakhe, aze aphinde amkhonze ngendlela ayifunayo. Ayeqala ukufumana izinto ezininzi kangako. Uvesi 26 ubonisa ukuba uYehova wawanika ukukhanya okuninzi. Loo nto ithetha ukuba wawanceda aliqonda iLizwi lakhe. (Isa. 60:2) Indlela awabasikelela ngayo abakhonzi bakhe yabanceda bahlala bemkhonza bevuya futhi bomelele “ngenxa yokonwaba entliziyweni.”​—Isa. 65:14.

13. Ngaba isiprofeto sokuphinda kukhonzwe uYehova ngendlela ayifunayo siyenzeka kuthi namhlanje?

13 Ngaba isiprofeto esithetha ngokuphinda kukhonzwe uYehova ngendlela ayifunayo siyasebenza nakuthi namhlanje? Siyasebenza. Njani? Ukususela ngo-1919 abantu abaninzi baye bakhululwa ekukhotyokisweni yiBhabhiloni Enkulu, eyingqokelela yazo zonke iinkonzo zobuxoki. Baye basiwa kweyona ndawo ibhetele kakhulu kuneLizwe Lesithembiso lamaSirayeli. Loo ndawo lilizwe labantu bakaThixo. (Isa. 51:3; 66:8) Liyintoni elo lizwe?

14. Liyintoni ilizwe labantu bakaThixo? Ngoobani abahlala kulo namhlanje? (Jonga Igama Elicacisiweyo.)

14 Ukususela ngo-1919, abathanjiswa baye bakuvuyela ukuphila kwilizwe labantu bakaThixo. b Ngokuya lihamba ixesha, nabantu abanethemba lokuphila emhlabeni, ‘abazezinye izimvu,’ baye bahlala kweli lizwe baza bafumana iintsikelelo ezininzi ezivela kuYehova.​—Yoh. 10:16; Isa. 25:6; 65:13.

15. Liphi ilizwe labantu bakaThixo?

15 Namhlanje liphi ilizwe labantu bakaThixo? Abantu abakhonza uYehova bafumaneka kuzo zonke iindawo emhlabeni. Ngoko ilizwe labo lisemhlabeni wonke. Ukuba sikhuthele ekukhonzeni uYehova ngendlela ayifunayo, sinokuba ngabemi beli lizwe nokuba sihlala phi.

Yintoni esimele siyenze ukuze lihlale lilihle ilizwe labantu bakaThixo? (Jonga isiqendu 16-17)

16. Yintoni enokusenza singayeki ukubona indlela elihle ngayo ilizwe labantu bakaThixo?

16 Enye into esimele siyenze ukuze sihlale sikwilizwe labantu bakaThixo kukungayeki ukulixabisa ibandla lamaKristu elisemhlabeni wonke. Singayenza njani loo nto? Ngokujonga kakhulu izinto ezintle ezenziwa ngabazalwana noodadewethu, singasoloko sihoyene neempazamo abazenzayo. (Yoh. 17:20, 21) Kutheni ibalulekile nje loo nto? Khawucinge ngale nto: Kwipaki entle, silindele ukubona imithi emininzi engafaniyo. Ngokufanayo, kumabandla ethu kukho abantu abahlukahlukeneyo njengale mithi. (Isa. 44:4; 61:3) Kufuneka siqiniseke ukuba sijonga kakhulu ubuhle beli “hlathi,” singahoyani nezinto ezingekho ntle “ezikwimithi” esecaleni kwethu. Asizukuvumela iimpazamo zethu okanye ezabanye ziphazamise ubuhle bebandla lamaKristu elimanyeneyo emhlabeni wonke.

17. Yintoni onokuyenza ukuze ibandla likaThixo limanyane?

17 Yintoni esimele siyenze ukuze ibandla lihlale limanyene? Kukwenza kubekho uxolo. (Mat. 5:9; Roma 12:18) Qho sisiba ngabokuqala ukwenza kubekho uxolo ebandleni, silenza libe lihle kakhulu ilizwe labantu bakaThixo. Ayimele iphume ezingqondweni zethu into yokuba bonke abantu abakweli lizwe batsalwe nguYehova ukuze bamkhonze ngendlela ayifunayo. (Yoh. 6:44) Khawube nombono wendlela anoba uvuya ngayo xa esibona sisebenza nzima ukuze kubekho uxolo nomanyano kubakhonzi bakhe abathanda kakhulu!​—Isa. 26:3; Hag. 2:7.

18. Yintoni esimele sihlale sicingisisa ngayo? Kutheni simele sicingisise ngaloo nto?

18 Sinokwenza ntoni ukuze zisincede ngokupheleleyo iintsikelelo esizifumana kuThixo? Sinokucingisisa ngezinto esizifunde kwiLizwi lakhe nakwiimpapasho zethu ezithetha ngalo. Loo nto iza kusinceda sibe neempawu zamaKristu ezisenza ‘sithandane’ ebandleni “ngendlela abathandana ngayo abantu abazalwa kunye.” (Roma 12:10) Xa sicingisisa ngezinto uYehova asenzele zona, buyaqina ubuhlobo bethu naye. Naxa sicingisisa ngezinto athembise ukuba uza kusenzela zona, ithemba lokumkhonza ngonaphakade lihlala liyinto yokwenene kuthi. Yonke le nto iza kusenza sikuvuyele ukukhonza uYehova.

MASIZIMISELE UKUNYAMEZELA

19. (a) Ngokutsho kweNdumiso 102:13 yintoni esinokuqiniseka ngayo? (b) Yintoni eza kusinceda sinyamezele sivuya?

19 UYehova uza “kuphakama” ngenxa yethu xa ephelisa eli hlabathi libi. (INdu. 102:13) Siqinisekile ukuba uYehova, onguThixo owenza ubulungisa, akasoze alivumele eli hlabathi lilawulwa nguSathana ukuba lihlale likho. (Isa. 25:9) Sikunye naye, silinde ngomonde ukuba elo xesha lide lifike. Okwangoku, sizimisele ukungayiyeki inyhweba esinayo yokuthandaza, yokufunda iLizwi LikaThixo size sizenze izinto esizifundayo, nangokucingisisa ngezinto asenzela zona ngoku naza kusenzela zona. Xa sisenza loo nto, uYehova uza kusinceda sinyamezele sivuya xa simkhonza.

INGOMA 142 Masibambelele Nkqi Kwithemba Lethu

a Kweli nqaku siza kuthetha ngeendlela ezintathu uYehova abanceda ngazo abakhonzi bakhe banyamezele iingxaki abanazo bevuya. Siza kufunda ngazo kwincwadi kaIsaya isahluko 30. Esi sahluko siza kusikhumbuza ngendlela ekubaluleke ngayo ukuthandaza kuYehova, ukufunda iLizwi lakhe nokucingisisa ngezinto asenzela zona ngoku naseza kusenzela zona kwixesha elizayo.

b IGAMA ELICACISIWEYO: “Ilizwe labantu bakaThixo” yindawo ekhuselekileyo apho sikhonza uYehova simanyene. Kule ndawo, uYehova usifundisa yonke into esimele siyazi ukuze simkhonze, engenanto yakwenza nobuxoki obufundiswa ezicaweni. Kukho nomsebenzi omninzi ovuyisayo wokushumayela iindaba ezilungileyo ezingoBukumkani BukaThixo. Singabahlobo bakaYehova, futhi sihleli ngoxolo nabazalwana noodade abanothando abasinceda sinyamezele iingxaki sivuya. Singena kweli lizwe xa siqala ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo naxa sisenza konke okusemandleni ethu ukuze simlinganise.