Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 47

Sinokwenza Ntoni Ukuze Sihlale Sithandana Kakhulu

Sinokwenza Ntoni Ukuze Sihlale Sithandana Kakhulu

“Masiqhubeke sithandana, kuba uthando luvela kuThixo.” ​—1 Yoh. 4:7.

INGOMA 109 Masithandane Ngokusuka Entliziyweni

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1-2. (a) Kwakutheni ukuze umpostile uPawulos athi uthando lolona phawu ‘lubalulekileyo’? (b) Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

 XA UMPOSTILE UPAWULOS wayethetha ngokholo, ithemba nothando wagqibezela ngokuthi ‘olona phawu lubalulekileyo luthando.’ (1 Kor. 13:13) Kwakutheni ukuze atsho? Kwixesha elizayo akuzukufuneka sibe nokholo kwizinto uThixo athi uza kusenzela zona kwihlabathi elitsha, okanye sibe nethemba lokuba ziza kwenzeka, kuba ziza kube sezenzekile. Kodwa kuza kufuneka sihlale simthanda uYehova nabantu. Phofu siza kuya sibathanda kude kube ngonaphakade.

2 Ekubeni kuza kufuneka sihlale sinothando, siza kuphendula le mibuzo mithathu. Owokuqala, kutheni sifanele sithandane? Owesibini, sibonisa njani ukuba siyathandana? Owesithathu, yintoni esinokuyenza ukuze sihlale sithandana kakhulu?

KUTHENI SIFANELE SITHANDANE?

3. Zeziphi izizathu ezisenza sithandane?

3 Kutheni kubalulekile ukuba sithandane? Kaloku esinye sezizathu kukuba luthando olusenza sibonakale ukuba singamaKristu okwenyaniso. UYesu wathi kubapostile bakhe: “Bonke baza kutsho bazi ukuba ningabafundi bam, ukuba niyathandana.” (Yoh. 13:35) Enye into, xa sithandana sihlala simanyene. UPawulos wathi uthando “lubamanyanisa ngokupheleleyo abantu.” (Kol. 3:14) Sikhona nesinye isizathu esibalulekileyo sokuba kufuneke sithandane. Umpostile uYohane wathi kubazalwana noodadewabo: “Nabani na omthandayo uThixo, ufanele athande nomzalwana wakhe.” (1 Yoh. 4:21) Xa sithandana sibonisa ukuba siyamthanda uThixo.

4-5. Yenza umzekelo osinceda sibone ukuba ukuthanda abazalwana noodade kuyadibana nokuthanda uThixo.

4 Ukuthanda uYehova kudibana njani nokuthanda abazalwana noodade? Makhe senze umzekelo ngendlela intliziyo edibana ngayo nezinye iindawo zomzimba wethu. Xa ugqirha efuna ukubona ukuba intliziyo yomntu isebenza kakuhle na, usenokumbamba esihlahleni ukuze ayive ukuba ibetha njani. Usifundisa ntoni lo mzekelo ngothando?

5 Njengokuba ugqirha eyiva esihlahleni indlela ebetha ngayo intliziyo ukuze azi ukuba isebenza kakuhle na, nathi sinokubona kwindlela esibathanda ngayo abazalwana noodade ukuba simthanda kangakanani uThixo. Ukuba siyabona ukuba asisabathandi kakhulu, loo nto isenokuthetha ukuba asisamthandi kakhulu noThixo. Kodwa xa sihlala sibabonisa ukuba siyabathanda, loo nto ithetha ukuba simthanda kakhulu uThixo.

6. Kutheni sifanele siqonde ukuba ikhona ingxaki xa sisiya singabathandi abazalwana noodade? (1 Yohane 4:7-9, 11)

6 Sifanele siqonde ukuba ikhona ingxaki xa sisiya singabathandi abazalwana noodade. Ngoba? Loo nto ibiya kuthetha ukuba ubuhlobo bethu noYehova buyaphela. Umpostile uYohane uyenza icace le nto xa esithi: “Umntu ongamthandiyo umzalwana wakhe ambonayo, akanakuthanda uThixo angamboniyo.” (1 Yoh. 4:20) Yintoni esiyifundayo? Asinakumvuyisa uYehova xa singathandani.​—Funda u-1 Yohane 4:7-9, 11.

SIBONISA NJANI UKUBA SIYATHANDANA?

7-8. Zeziphi iindlela esinokubonisa ngazo ukuba siyathandana?

7 Siwufumana kaninzi kwiLizwi LikaThixo umyalelo othi ‘masithandane.’ (Yoh. 15:12, 17; Roma 13:8; 1 Tes. 4:9; 1 Pet. 1:22; 1 Yoh. 4:11) Kodwa uthando yinto esiyiva ngaphakathi, ekungekho mntu unokuyibona. Ngoko abazalwana noodade banokubona njani ukuba siyabathanda? Banokubona kwizinto esizithethayo nesizenzayo.

8 Zininzi iindlela esinokubabonisa ngazo abazalwana noodade ukuba siyabathanda. Nazi ezinye zazo: “Thethani inyaniso omnye komnye.” (Zek. 8:16) ‘Makuhlale kukho uxolo phakathi kwenu.’ (Marko 9:50) “Mntu ngamnye makabe ngowokuqala ukuhlonipha omnye.” (Roma 12:10) “Yamkelanani.” (Roma 15:7) “Qhubekani . . . nixolelana.” (Kol. 3:13) “Qhubekani nincedisana kubunzima enijongene nabo.” (Gal. 6:2) “Hlalani nithuthuzelana.” (1 Tes. 4:18) “Hlalani . . . nisakhana.” (1 Tes. 5:11) ‘Thandazelanani.’​—Yak. 5:16.

Sinokumnceda njani umKristu osentlungwini? (Jonga isiqendu 7-9)

9. Kutheni ukuthuthuzela abanye kuyindlela ebalulekileyo yokubabonisa ukuba siyabathanda? (Jonga nomfanekiso.)

9 Makhe sithethe ngenye yezi ndlela zokubonisa uthando kuthethwe ngazo kwisiqendu esidlulileyo. Siza kuthetha ngamazwi kaPawulos athi: “Hlalani nithuthuzelana.” Kutheni ukuthuthuzela abanye kuyindlela ebalulekileyo yokubabonisa ukuba siyabathanda? Enye incwadi ethetha ngeBhayibhile ithi igama elasetyenziswa nguPawulos eliguqulelwe ngokuthi ‘ukuthuthuzela’ lithetha “ukuma ecaleni komntu osentlungwini umkhuthaze.” Ngoko xa sithuthuzela umzalwana okanye udade osentlungwini siyamnceda afumane amandla, aze aqhubeke ehamba kwindlela eya ebomini. Qho sithuthuzela umzalwana okanye udade, sibonisa indlela esimthanda ngayo.​—2 Kor. 7:6, 7, 13.

10. Kudibana njani ukuvela abantu nokubathuthuzela?

10 Ukuba novelwano kuyahambelana nokuthuthuzela. Njani? Umntu obavelayo abantu uye abathuthuzele, aze azame ukubanceda kwintlungu abakuyo. UPawulos uthi indlela uYehova abavela ngayo abantu imenza abathuthuzele. Uthi uYehova ‘nguTata onenceba noThixo wayo yonke intuthuzelo.’ (2 Kor. 1:3) Apha uPawulos usebenzisa igama elithi ‘inceba’ xa echaza ukuvela abantu. Ngoko, uThixo ubizwa ngokuba nguTata, okanye uMthombo wenceba kuba ubavela kakhulu abantu. Loo nceba imenza ‘asithuthuzele kubo bonke ubunzima esijongene nabo.’ (2 Kor. 1:4) Njengokuba amanzi acocekileyo aphuma emthonjeni emhlaziya umntu onxaniweyo, noYehova uyabahlaziya aze abathuthuzele abantu abasentlungwini. Sinokuyilinganisa njani indlela uYehova abavela nabathuthuzela ngayo abantu? Enye indlela esinokuyilinganisa ngayo kukuzama ukuba neempawu eziza kusinceda sibavele size sibathuthuzele. Zeziphi ezinye zezo mpawu?

11. AmaKolose 3:12 no-1 Petros 3:8 athi zeziphi ezinye iimpawu esimele sisebenzele ukuba nazo, ukuze sihlale sinothando oluza kusenza sikwazi ukubathuthuzela abazalwana noodade?

11 Yintoni eza kusinceda singayeki ukuba nothando oluza kusenza sihlale sithuthuzelana’? Kufuneka sisebenzele ukuba neempawu ezifana nokuvelana, ukuthandana njengabazalwana nobubele. (Funda amaKolose 3:12; u-1 Petros 3:8.) Ziza kusinceda njani? Xa sibavela abazalwana noodade size sibakhathalele nyhani, siza kukufuna ukubathuthuzela xa besentlungwini. Kaloku uYesu wathi, “umlomo uthetha izinto ezigcwele entliziyweni. Umntu olungileyo ukhupha izinto ezintle kwizinto ezintle abezigcinile.” (Mat. 12:34, 35) Indlela ebalulekileyo yokubonisa ukuba siyabathanda abazalwana noodade kukubathuthuzela xa besengxakini.

YINTONI ESINOKUYENZA UKUZE SIHLALE SITHANDANA KAKHULU?

12. (a) Kutheni kufuneka sihlale silumkile? (b) Ngowuphi umbuzo esiza kuwuphendula?

12 Sonke sifuna ‘ukuqhubeka sithandana.’ (1 Yoh. 4:7) Kodwa kubalulekile nokuba siyikhumbule into eyathethwa nguYesu esithi “luza kuphola uthando lwabaninzi.” (Mat. 24:12) Zange athi le nto yayiza kwenzeka kubafundi bakhe abaninzi. Sekunjalo, kufuneka sihlale silumkile ukuze singafani nabantu beli hlabathi abangenathando. Sisacinga ngaloo nto, makhe siphendule lo mbuzo ubalulekileyo: Ikhona indlela esinokwazi ngayo ukuba sibathanda kakhulu na abazalwana noodade?

13. Yintoni eza kusinceda sibone ukuba sibathanda kangakanani abazalwana noodade?

13 Enye indlela esinokubona ngayo ukuba sibathanda kangakanani abazalwana noodade, kukujonga ukuba siye sithini xa kusenzeka ezinye izinto. (2 Kor. 8:8) Enye yazo wathetha ngayo umpostile uPetros esithi: “Nantsi eyona nto ibalulekileyo: Thandanani ngokusuka entliziyweni, kuba uthando logquma izono ezininzi.” (1 Pet. 4:8) Ngoko into esiyenzayo xa abazalwana noodade besenza iimpazamo okanye besikhathaza, iza kusinceda sibone ukuba sibathanda kangakanani.

14. U-1 Petros 4:8 uthi yeyiphi indlela esimele sithandane ngayo? Yenza umzekelo.

14 Makhe sicingisise kakuhle ngento eyathethwa nguPetros. Ekuqaleni kukavesi 8 uchaza indlela esimele sithandane ngayo. Uthi: “Thandanani [kakhulu] ngokusuka entliziyweni.” Igama awalisebenzisayo apha ngokoqobo lithetha “ukolula.” Xa iqhubeka le vesi ichaza into enokwenziwa lolu thando xa sinalo. Lunokuzogquma izono zabazalwana noodade. Khawube nombono wetafile enamabala amaninzi angasukiyo. Ungakwazi ukuthatha ilaphu ulolule ukuze uwogqume. Ngendlela efanayo ke, ukuba sibathanda kakhulu ngokusuk’ entliziyweni abazalwana noodade, sinokogquma okanye sixolele “izono ezininzi” abazenzayo.

15. Yintoni esiza kukwazi ukuyenza xa sibathanda kakhulu abazalwana noodade? (Kolose 3:13)

15 Simele sibathande kakhulu abazalwana noodade ukuze sikwazi ukubaxolela xa besenza iimpazamo, nokuba kukhe kungabi lula ngamanye amaxesha. (Funda amaKolose 3:13.) Xa sibaxolela sibonisa indlela esibathanda kakhulu ngayo nokuba sifuna ukuvuyisa uYehova. Yeyiphi enye into enokusinceda singazihoyi iimpazamo nezinto esingazithandiyo ezenziwa ngabanye?

Njengokuba siye sigcine iifoto ezintle size sizisuse ezinye, sikhetha ukukhumbula izinto ezintle ngabazalwana noodade, sizilibale ezimbi (Jonga isiqendu 16-17)

16-17. Yeyiphi enye into eza kusinceda singazihoyi iimpazamo ezincinci ezenziwa ngabanye? Yenza umzekelo. (Jonga nomfanekiso.)

16 Jonga izinto ezintle ezenziwa ngabazalwana noodade, uziphose kwelokulibala iimpazamo zabo. Nanku umzekelo. Masithi uhleli nabazalwana noodade, nonwabile kumnandi. Xa nizokwahlukana, ufota iifoto ezintathu kuba kusenokwenzeka enye ingaphumi kakuhle. Kwenye yezo foto ubona umzalwana oqumbileyo. Wenza ntoni ngaloo foto? Uyayikhupha kuba unazo ezimbini apho wonke umntu ancumileyo.

17 Iifoto esizigcinayo sinokuzifanisa nezinto esikhetha ukuzikhumbula. Sidla ngokuzikhumbula izinto ezintle ezenzeke ngamaxesha ebesikunye nabazalwana noodade. Kodwa masithi ngelinye laloo maxesha omnye umzalwana uye wathetha okanye wenza into esikhathazayo. Yintoni esimele siyenze? Simele sizame ukuyilibala, kanye njengokuba besinokuyisusa laa foto ingaphumanga kakuhle. (IMize. 19:11; Efe. 4:32) Singakwazi ukuyilibala impazamo encinci eye yenziwa ngumzalwana okanye udade kuba sikhumbula amaxesha amaninzi ebesonwabe kunye naye. Ngaloo maxesha amnandi ke esifuna ukuhlala siwakhumbula.

KUTHENI KUBALULEKILE UKUTHANDANA KULE MIHLA?

18. Ziintoni esizifundileyo kweli nqaku ngendlela esimele sibathande ngayo abazalwana noodade?

18 Kutheni sifuna ukuhlala sithandana kakhulu? Njengokuba sesifundile, xa sibathanda abazalwana noodade sibonisa ukuba siyamthanda uYehova. Sibabonisa njani abazalwana noodade ukuba siyabathanda? Enye indlela esibabonisa ngayo kukubathuthuzela. Ukuba siyavelana, siza kukwazi ‘ukuhlala sithuthuzelana.’ Yintoni esinokuyenza ukuze sihlale sithandana kakhulu? Kukubaxolela abazalwana noodade nokuba sekunzima.

19. Kutheni kubaluleke kakhulu ngoku ukuba sithandane?

19 Kutheni kubaluleke kakhulu ngoku ukuba sithandane? UPetros uyasichaza isizathu, esithi: “Isiphelo sayo yonke into sisondele. Ngoko ke, . . . thandanani ngokusuka entliziyweni.” (1 Pet. 4:7, 8) Ekubeni sisiya sisondela isiphelo seli hlabathi libi, yintoni esimele siyilindele? Xa wayethetha ngabalandeli bakhe uYesu wathi baza ‘kucatshukelwa zizo zonke iintlanga ngenxa yegama lakhe.’ (Mat. 24:9) Ukuze sikwazi ukumelana naloo nto simele sihlale simanyene. Ukuba siyathandana, uSathana soze akwazi ukusahlukanisa kuba uthando “lubamanyanisa ngokupheleleyo abantu.”​—Kol. 3:14; Fil. 2:1, 2.

INGOMA 130 Xolela

a Ngoku kubaluleke kakhulu kunangaphambili ukubonisa abazalwana noodade ukuba siyabathanda. Kutheni sisitsho? Sinokubonisa njani ukuba siyathandana?