Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 47

INGOMA 103 Abalusi​—Izipho Ezingabantu

Bazalwana​​—Ngaba Nisebenzela Ukuba Ngabadala?

Bazalwana​​—Ngaba Nisebenzela Ukuba Ngabadala?

“Ukuba umntu uzimisele ukuba ngumdala, unqwenela umsebenzi omhle.”​—1 TIM. 3:1.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngeempawu eziseBhayibhileni amele abe nazo umzalwana ukuze abe ngumdala.

1-2. Ngowuphi “umsebenzi omhle” owenziwa ngabadala?

 UKUBA sowunexesha usisicaka solungiselelo, kusenokwenzeka ukuba zininzi izinto ozenzayo ukuze ufanelekele ukuba ngumdala. Ungathanda ukwenza “umsebenzi omhle” owenziwa ngabadala?​—1 Tim. 3:1.

2 Yeyiphi imisebenzi ayenzayo umdala? Uyakhokela kumsebenzi wokushumayela, asebenze nzima ekwaluseni nasekufundiseni aze akhuthaze nebandla ngezinto azithethayo nazenzayo. Yiloo nto iBhayibhile isithi abadala abasebenza nzima ‘bazizipho ezingabantu.’​—Efe. 4:8.

3. Yintoni efunekayo ukuze umntu abe ngumdala? (1 Timoti 3:​1-7; Tito 1:​5-9)

3 Yintoni efunekayo ukuze ube ngumdala. Ukufanelekela ukuba ngumdala akufani nokufanelekela umsebenzi wempangelo. Kaloku xa unobuchule bokwenza le nto ifunwa ngumqeshi udla ngokuwufumana loo msebenzi. Kodwa ukuba ufuna ukuba ngumdala, ukuba nobuchule bokushumayela nokufundisa kakuhle akwanelanga. Kufuneka ube nazo neempawu ezilindelekileyo kubadala ekuthethwa ngazo ku-1 Timoti 3:​1-7 nakuTito 1:​5-9. (Zifunde.) Kweli nqaku, siza kuthetha ngezinye zezo mpawu. Siza kuva ukuba umzalwana unokwenza ntoni ukuze aziwe kakuhle ebandleni nangabantu abangakholwayo, indlela anokuyikhokela kakuhle ngayo intsapho yakhe nento anokuyenza ukuze akulungele ukunceda ibandla.

UKUBA NGUMNTU OWAZIWA KAKUHLE

4. Kuthetha ukuthini ‘ukungakhalazeleki’?

4 Ukuze ube ngumdala, umele ‘ungakhalazeleki.’ Loo nto ithetha ukuba umele waziwe kakuhle ebandleni, kungabikho mntu unokukumangalela ngenxa yendlela oziphethe ngayo. “Nabantu abangakholwayo bafanele bathethe kakuhle” ngawe. Ewe kona, abantu abangakholwayo basenokuzigxeka izinto ozikholelwayo, kodwa bamele bangabi nesizathu esivakalayo sokuthandabuza ukunyaniseka kwakho okanye indlela oziphethe ngayo. (Dan. 6:​4, 5) Khawuzibuze, ‘Ndaziwa ndingumntu onjani ebandleni nangabantu abangakholwayo?’

5. Ungabonisa njani ukuba ‘uthanda izinto ezilungileyo’?

5 Xa ‘uthanda izinto ezilungileyo,’ uye ujonge izinto abazenza kakuhle abanye, ubancome nangeempawu zabo ezintle. Usoloko ukulungele ukwenzela abanye izinto ezintle, nezo kunganyanzelekanga ukuba uzenze. (1 Tes. 2:8) Kutheni kubalulekile ukuba abadala babe nolu phawu? Kaloku ixesha labo elininzi balisebenzisela ukwalusa nokwenza imisebenzi yebandla. (1 Pet. 5:​1-3) Kodwa ixesha okanye izinto ekuye kufuneke bazincame azinakulinganiswa nendlela okubavuyisa ngayo ukunceda abanye.​—IZe. 20:35.

6. Unokubonisa njani ukuba ‘uthanda iindwendwe’? (Hebhere 13:​2, 16; Jonga nomfanekiso.)

6 Xa ubenzela izinto ezintle abanye, kwanabo bangengobahlobo bakho, ubonisa ukuba ‘uyazithanda iindwendwe.’ (1 Pet. 4:9) Xa ichaza umntu othanda iindwendwe, enye incwadi ecacisa iBhayibhile ithi: “Uwuvula genge umnyango wendlu yakhe nowentliziyo yakhe ukuze kungene abantu angabaziyo.” Zibuze, ‘Ngaba ndaziwa njengomntu onobubele kwiindwendwe?’ (Funda amaHebhere 13:​2, 16.) Umntu othanda iindwendwe uye azenzele loo nto anamandla okuyenza. Ngokomzekelo, uba nobubele kubantu abasokolayo nakubazalwana abasebenza nzima, njengabaveleli besiphaluka nezithethi ezityeleleyo.​—Gen. 18:​2-8; IMize. 3:27; Luka 14:​13, 14; IZe. 16:15; Roma 12:13.

Intsapho enobubele yamkela umveleli wesiphaluka nenkosikazi yakhe (Jonga isiqendu 6)


7. Umdala ubonisa njani ukuba ‘akayithandi imali’?

7 “Angathandi mali.” Le nto ithetha ukuba, ayikokuba nemali nezinto eyona nto ibalulekileyo ebomini bakho. Enoba usisityebi okanye uyasokola, zonke izinto ozenzayo zibonisa ukuba uBukumkani buyeyona nto ibalulekileyo ebomini bakho. (Mat. 6:33) Usebenzisa ixesha, amandla nezinye izinto onazo ukuze ukhonze uYehova, ukhathalele intsapho yakho, uncede nebandla. (Mat. 6:24; 1 Yoh. 2:​15-17) Khawuzibuze: ‘Ibaluleke kangakanani imali kum? Ngaba ndiyaneliseka xa ndinezinto nje endizidingayo ukuze ndiphile? Okanye ndisoloko ndicinga ngokwenza imali nokuba nezinto ezininzi?’​—1 Tim. 6:​6, 17-19.

8. Ungabonisa njani ukuba ‘awubaxi xa usenza izinto’ futhi ‘uyakwazi ukuzibamba’?

8 Ukuba ‘awubaxi xa usenza izinto’ futhi ‘uyakwazi ukuzibamba,’ loo nto ithetha ukuba izinto uzenza ngomlinganiselo ofanelekileyo. Ngokomzekelo, awutyi okanye usele kakhulu, indlela onxiba nozilungisa ngayo inesidima, uzikhetha kakuhle neendlela ozonwabisa ngazo. Awulinganisi izinto ezenziwa ngabantu behlabathi. (Luka 21:34; Yak. 4:4) Uyakwazi ukuhlala uzolile, naxa abanye bethetha okanye besenza izinto ezikucaphukisayo. ‘Awulonxila,’ futhi awaziwa njengomntu osela kakhulu. Nanku umbuzo onokuzibuza wona: ‘Ngaba indlela endiphila ngayo ibonisa ukuba andibaxi xa ndisenza izinto futhi ndiyakwazi ukuzibamba?’

9. Ubonakala ngantoni umntu ‘ophilileyo engqondweni, nonocwangco’?

9 Xa ‘uphilile engqondweni,’ uyicinga kakuhle indlela esebenza ngayo imigaqo yeBhayibhile kwiimeko ezahlukeneyo. Ngenxa yaloo nto, uye uziqonde bhetele izinto, wenze nezigqibo ezifanelekileyo. Awukhawulezi ugqibe ngento ungekazi yonke into ngayo. (IMize. 18:13) Loo nto ikunceda wenze izigqibo zobulumko ezivumelana nendlela acinga ngayo uYehova. Ukuba ‘unocwangco,’ loo nto ithetha ukuba ulungelelene, uyalibamba nexesha. Abanye bakwazi ungumntu onokuthenjwa noluthobelayo ulwalathiso. Ukuba nezi mpawu kuthethwa ngazo kulo mxholwana kuza kukunceda ube ngumntu owaziwa kakuhle. Ngoku masithethe ngeempawu iBhayibhile ethi umele ube nazo ukuze uyikhathalele kakuhle intsapho yakho.

UKUYIKHATHALELA KAKUHLE INTSAPHO

10. Ngumzalwana onjani “oyikhokela kakuhle intsapho yakhe”?

10 Umele ‘uyikhokele kakuhle intsapho yakho.’ Kaloku ukuba ungumyeni ofuna ukuba ngumdala, ukufaneleka kwakho kuza kuxhomekeka ekubeni iqhuba njani. Umele waziwe njengomntu oyithandayo noyikhathaleleyo intsapho yakho. Loo nto ithetha ukuba uyalwenza unqulo lwentsapho, uyaqiniseka ukuba iyaya kwiintlanganiso uze uzame ukuyinceda ishumayele kangangoko inako. Kutheni kubalulekile ukuyenza le nto? Kaloku umpostile uPawulos wathi: “Ukuba umntu wohlulwa kukukhokela intsapho yakhe, angakwazi njani ke ukuhoya ibandla likaThixo?”​—1 Tim. 3:5.

11-12. Kutheni ibalulekile indlela abaziphethe ngayo abantwana bomzalwana ozimisele ukuba ngumdala? (Jonga nomfanekiso.)

11 Ukuba ungutata, abantwana bakho abangaphantsi kweminyaka eyi-18 nabasaxhomekeke kuwe bamele babe ‘ngabathobelayo nabazimiseleyo.’ Umele ubafundise uze ubaqeqeshe ngendlela ebonisa ukuba uyabathanda. Ewe kona, uza kufuna bonwabe, bahleke baze badlale njengabanye abantwana. Kodwa indlela obafundisa ngayo iza kubanceda bathobele, babe nembeko baze baziphathe kakuhle. Enye into ekuza kufuneka uzame ngamandla akho onke ukuyenza, kukunceda abantwana bakho babe ngabahlobo bakaYehova, baphile ngemigaqo yeBhayibhile, bazimisele nokubhaptizwa.

12 “Enabantwana abakholwayo, abangamangalelwa ngokuziphatha kakubi okanye ukungalawuleki.” Yintoni enokwenzeka kumzalwana ukuba umntwana wakhe okholwayo nahlala naye endlini wenza isono esinzulu? Ukuba lo tata ebengamfundisi futhi engamqeqeshi umntwana wakhe, loo nto inokumenza angakufanelekeli ukuba ngumdala.​—Jonga iMboniselo kaOktobha 15, 1996, iphe. 21, isiqe. 6 no-7.

Ootata baqeqesha abantwana babo ukuze benzele uYehova nebandla izinto (Jonga isiqendu 11)


UKUNCEDA IBANDLA

13. Unganguye njani umntu ‘obhetyebhetye’ ‘nongenzi unothanda’?

13 Abazalwana abaneempawu ezintle ekufuneka abe nazo amaKristu balinceda nyhani ibandla. Umntu ‘obhetyebhetye’ usoloko efuna kubekho uxolo. Ukuba ufuna ukwaziwa ngaloo ndlela, umele ubamamele kakuhle abanye, uze uzame nokuqonda indlela abacinga ngayo. Kwintlanganiso yabadala, ngaba ungakwazi ukusixhasa isigqibo esingaphikisaniyo nemithetho okanye imigaqo yeBhayibhile, ukuba abadala abaninzi bayavumelana ngaso? ‘Ukungenzi unothanda’ kuthetha ukunganyanzelisi ukuba izinto zenziwe ngendlela yakho, nokuyazi indlela ekubaluleke ngayo ukumamela amacebiso abanye. (Gen. 13:​8, 9; IMize. 15:22) ‘Awuthandi ngxabano’ okanye ‘awukhawulezi ucaphuke.’ Kunokuba ubadelele abanye okanye uphikisane nabo, uba nobubele kubo. Usoloko ungowokuqala ukwenza kubekho uxolo, nakwiimeko ezinzima. (Yak. 3:​17, 18) Uthetha kakuhle nabanye, kwanabo baziphikisayo izinto esizikholelwayo. Loo nto ibenza bazole okanye bayeke ukucaphuka.​—ABagwe. 8:​1-3; IMize. 20:3; 25:15; Mat. 5:​23, 24.

14. Ithetha ukuthini iBhayibhile xa isithi umdala umele “angabi ngumntu osanda kuguquka” nokuba umele “anyaniseke”?

14 Umzalwana okufanelekelayo ukuba ngumdala ‘akangomntu osanda kuguquka.’ Nangona kunganyanzelekanga ukuba ube neminyaka emininzi ubhaptiziwe, uyalidinga ixesha lokuqinisa ubuhlobo bakho noYehova, ukwazi nokusebenzisa iBhayibhile xa usenza izigqibo. Ngaphambi kokuba ube ngumdala, umele ubonise ukuba uthobeke njengoYesu, uvuyiswa siso nasiphi na isabelo osinikwa nguYehova. (Mat. 20:23; Fil. 2:​5-8) Xa ubambelela kwimithetho kaYehova uze uthobele nolwalathiso lwentlangano yakhe, ubonisa ukuba ‘unyanisekile’ futhi uthembekile kuye.​—1 Tim. 4:15.

15. Ngaba kunyanzelekile ukuba umzalwana anikele ezona ntetho zimnandi ukuze abe ngumdala? Cacisa.

15 IZibhalo zenza kucace ukuba abadala bamele ‘bakwazi ukufundisa.’ Ngaba le nto ithetha ukuba umele unikele ezona ntetho zimnandi? Hayi. Ayingabo bonke abadala abaneso siphiwo. Kodwa xa abaninzi beshumayela okanye besenza amatyelelo okwalusa, bayakwazi ukuyisebenzisa kakuhle iBhayibhile ukuze bafundise baze bakhuthaze abazalwana noodade. (Thelekisa ama-1 Korinte 12:​28, 29 namaEfese 4:11.) Nangona kunjalo, umele uhlale uyiphucula indlela ofundisa ngayo. Unokuyenza njani loo nto?

16. Ungayiphucula njani indlela ofundisa ngayo? (Jonga nomfanekiso.)

16 “Aqiniseke ukuba ubambelela nkqi kwilizwi elithembekileyo.” Ukuze ukwazi ukufundisa kakuhle, izinto ozithethayo xa unikela iintetho okanye ululeka abanye zimele zisuke kwiLizwi LikaThixo. Yifundisise iBhayibhile neencwadi zethu. (IMize. 15:28; 16:23) Xa usenza loo nto, jonga indlela iZibhalo ezicaciswa ngayo ukuze ukwazi ukuzisebenzisa kakuhle. Yenza yonke into onokukwazi ukuyenza ukuze ufikelele iintliziyo zabantu xa ubafundisa. Unokuyiphucula indlela ofundisa ngayo ukuba ucela amacebiso kubadala abanamava uze uwasebenzise. (1 Tim. 5:17) Abadala bamele ‘bakwazi ukukhuthaza’ abazalwana noodade, kodwa ngamanye amaxesha kuye kufuneke ‘babaluleke.’ Enoba bayakhuthaza okanye bayaluleka, kufuneka bahlale benobubele. Ukuba unobubele, nezinto ozifundisayo uzithatha kwiLizwi likaThixo, uza kufundisa kakuhle kuba uza kube ulinganisa uYesu, uMfundisi Omkhulu.​—Mat. 11:​28-30; 2 Tim. 2:24.

Umzalwana osisicaka solungiselelo ukunye nomzalwana ongumdala onamava, ufunda indlela yokusebenzisa iBhayibhile xa efundisa. Uprekthiza nentetho aza kuyinikela ebandleni ezijonge esipilini (Jonga isiqendu 16)


QHUBEKA USEBENZELA UKUBA NGUMDALA

17. (a) Yintoni ezinokuyenza izicaka zolungiselelo ukuze zihlale zizimisele ukuba ngabadala? (b) Ziintoni abamele bangazilibali abadala xa bethetha ngabazalwana abanokunconyelwa? (Jonga ibhokisi ethi “ Thobekani Xa Nihlola Abanye.”)

17 Emva kokufunda ngeempawu ekufuneka abe nazo umntu ukuze abe ngumdala, ezinye izicaka zolungiselelo zisenokucinga ukuba soze zibe nazo. Kodwa khumbula ukuba uYehova akalindelanga ukuba sizibonakalise kakuhle zonke ezi mpawu. Ayilindelanga loo nto ke nentlangano yakhe. (1 Pet. 2:21) Ngumoya oyingcwele kaYehova okunceda ube nazo. (Fil. 2:13) Ngaba lukhona uphawu ofuna ukusebenzela kulo? Xelela uYehova. Phanda ngalo, ubuze nomnye wabadala ukuba ucinga ukuba yintoni onokuyenza ukuze uphucule.

18. Abazalwana abazizicaka zolungiselelo bakhuthazwa ukuba benze ntoni?

18 Nokuba singabadala okanye asingabo, sonke masizimisele ukuba nazo ezi mpawu kuthethwe ngazo kweli nqaku. (Fil. 3:16) Ngaba usisicaka solungiselelo? Sebenzela ukuba ngumdala! Cela uYehova akuqeqeshe ukuze ukwazi ukumsebenzela nangakumbi, uncede nebandla. (Isa. 64:8) Sinqwenela ukuba ayisikelele yonke imizamo yakho njengoko usebenzela ukuba ngumdala.

INGOMA 101 Masisebenze Kunye Ngomanyano