Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 46

INGOMA 49 Masivuyise Intliziyo KaYehova

Bazalwana​​—Ngaba Nisebenzela Ukuba Zizicaka Zolungiselelo?

Bazalwana​​—Ngaba Nisebenzela Ukuba Zizicaka Zolungiselelo?

“Kuvuyisa kakhulu ukupha kunokuphiwa.” ​—IZE. 20:35.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Kuza kukhuthazwa abazalwana ababhaptiziweyo ukuba basebenzele baze bafanelekele ukuba zizicaka zolungiselelo.

1. Umpostile uPawulos wayeziva njani ngezicaka zolungiselelo?

 IZICAKA zolungiselelo zenza imisebenzi ebalulekileyo emabandleni. Umpostile uPawulos wayewaxabisa la madoda athembekileyo. Ngokomzekelo, xa wayebhalela amaKristu aseFilipi, wabulisa nezicaka zolungiselelo nabadala.​—Fil. 1:1.

2. Uziva njani umzalwana onguLuis ngokuba sisicaka solungiselelo?

2 Abazalwana abaninzi ababhaptiziweyo, nokuba bancinci okanye badala, bayakuvuyela ukuba zizicaka zolungiselelo. Ngokomzekelo, uDevan waba siso eneminyaka eyi-18, kanti yena umzalwana onguLuis waba siso eneminyaka engaphezulwana kweyi-50. Uziva njani ngokuba sisicaka? Uthi: “Ndikuvuyela nyhani ukukhonza abazalwana noodade ebandleni ngale ndlela. Baye bandithanda kakhulu, ngoku lixesha lokuba nam ndibabonise ukuba ndiyabathanda.” Nezinye izicaka zolungiselelo ziziva ngale ndlela.

3. Yeyiphi imibuzo eza kuphendulwa kweli nqaku?

3 Ukuba ungumzalwana obhaptiziweyo, kodwa awukabi siso isicaka solungiselelo, ngaba awunakuzimisela ukuba siso? Yintoni enokukwenza ufune ukuba siso? Zeziphi iimpawu iBhayibhile ethi kufuneka ube nazo ukuze ufaneleke? Eli nqaku liza kuyiphendula le mibuzo. Kodwa makhe siqale sithethe ngomsebenzi owenziwa sisicaka solungiselelo.

YINTONI UMSEBENZI WESICAKA SOLUNGISELELO?

4. Yeyiphi imisebenzi eyenziwa zizicaka zolungiselelo? (Jonga nomfanekiso.)

4 Isicaka solungiselelo ngumzalwana obhaptiziweyo omiselwe ngomoya oyingcwele ukuze ancedise abadala kwimisebenzi emininzi ebalulekileyo yebandla. Ezinye izicaka zolungiselelo ziye ziqiniseke ukuba abavakalisi banomhlaba owaneleyo abaza kushumayela kuwo, neencwadi abaza kuzisebenzisa zanele. Ezinye zincedisa xa kuklinwa naxa kulungiswa iHolo YoBukumkani. Kanti ziba ngabalindi zize zisebenze kwaSound xa kuqhubeka iintlanganiso. Eyona nto ibalulekileyo kukuba zingamadoda amthandayo uYehova naphila ngemithetho yakhe. Zibathanda kakhulu nabazalwana noodade. (Mat. 22:​37-39) Yintoni anokuyenza umzalwana obhaptiziweyo ukuze abe sisicaka solungiselelo?

Izicaka zolungiselelo zilinganisa uYesu ngokuzinikela ekuncedeni abanye abantu (Jonga isiqendu 4)


5. Umzalwana unokwenza ntoni ukuze abe sisicaka solungiselelo?

5 IBhayibhile iyazichaza iimpawu amele abe nazo umzalwana ukuze abe sisicaka solungiselelo. (1 Tim. 3:​8-10, 12, 13) Ukuze ube siso, funda ngezi mpawu uze uzame ngamandla ukuba ube nazo. Kodwa khawuqale ucinge ukuba yintoni ekwenza ufune ukuba sisicaka solungiselelo.

KUTHENI UFUNA UKUBA SISICAKA SOLUNGISELELO?

6. Yintoni emele ikwenze ufune ukunceda abazalwana noodade? (Mateyu 20:28; jonga ongaphandle.)

6 Oyena mntu esinokumlinganisa nguYesu Kristu, kuba zonke izinto wayezenza kuba ethanda uTata wakhe nabantu. Olo thando lwamenza wasebenza nzima, wade wenzela abantu imisebenzi eyayijongelwa phantsi. (Funda uMateyu 20:28; Yoh. 13:​5, 14, 15) Ukuba ufuna ukuba sisicaka solungiselelo kuba uthanda uYehova nabantu, uYehova uza kukusikelela futhi uza kukunceda ude ukufanelekele ukuba siso.​—1 Kor. 16:14; 1 Pet. 5:5.

UYesu wenza umsebenzi ojongelwa phantsi ukuze afundise abapostile bakhe ukuba basebenzele abanye kunokufuna ukubaluleka (Jonga isiqendu 6)


7. Kutheni kurongo ukufuna ukuba sisicaka solungiselelo kuba nje ufuna ukubaluleka ebantwini?

7 Abantu behlabathi bathanda abantu abazenza babaluleke. Kodwa bona abantu bakaYehova abakho njalo. Umzalwana othanda uYehova nabantu njengoYesu akafuni ukuba negunya okanye abaluleke ngaphezu kwabanye. Ukuba ebandleni bekunokumiselwa umntu onjalo, mhlawumbi ebengazukufuna ukwenza imisebenzi ejongelwa phantsi, ekufuneka yenziwe ukuze kuncedwe izimvu zikaYehova. Loo misebenzi usenokuyibona ingamfanelanga yena. (Yoh. 10:12) UYehova akasoze amsikelele umntu owenza izinto kuba efuna ukubaluleka.​—1 Kor. 10:​24, 33; 13:​4, 5.

8. Wathini uYesu kubapostile bakhe?

8 Nabahlobo bakaYesu kwakukhe kubekho izinto abafuna ukuzenza kuba befuna ukubaluleka. Cinga ngento eyenziwa ngabapostile bakhe ababini, uYakobi noYohane. Bacela uYesu ukuba abanike eyona ndawo ibalulekileyo eBukumkanini bakhe. UYesu akazange abaqhwabele izandla ngokucela le nto. Wathetha nabo boyi-12 abapostile bakhe esithi: “Nabani na ofuna ukuba mkhulu phakathi kwenu mayibe nguye osebenzela abanye, yaye nabani na ofuna ukuba ngoyena uphambili phakathi kwenu, makabe likhoboka lenu.” (Marko 10:​35-37, 43, 44) Abazalwana abafuna ukuba zizicaka zolungiselelo kuba befuna ukusebenzela abazalwana noodade, baza kulinceda ngeendlela ezininzi ibandla.​—1 Tes. 2:8.

YINTONI ENOKUKUNCEDA UKUFUNE NYHANI UKUBA SISICAKA SOLUNGISELELO?

9. Yintoni enokukunceda ufune ukuba sisicaka solungiselelo?

9 Ayithandabuzeki into yokuba uyamthanda uYehova futhi uyafuna ukusebenzela abazalwana noodade. Sekunjalo, usenokungathandi ukwenza imisebenzi emininzi eyenziwa zizicaka zolungiselelo. Yintoni enokukunceda? Kutheni ungacingi ngendlela oza kuvuya ngayo xa usebenzela abazalwana noodade? UYesu wathi: “Kuvuyisa kakhulu ukupha kunokuphiwa.” (IZe. 20:35) Yena wayenza loo nto. Wavuya kakhulu xa wayesebenzela abantu. Kungenzeka loo nto nakuwe.

10. UYesu wabonisa njani ukuba uyakuvuyela ukunceda abantu? (Marko 6:​31-34)

10 Nanku umzekelo obonisa ukuba uYesu wayekuvuyela ukunceda abantu. (Funda uMarko 6:​31-34.) Ngeny’ imini yena nabapostile bakhe babediniwe, ngoko baya kwindawo engenabantu ukuze baphumle. Bathi befika kuloo ndawo babe sebelindwe ngabantu abaninzi ababefuna ukufundiswa nguYesu. Wayesenokuthi akazukwazi ukubafundisa kuba yena nabapostile bakhe khange babenalo ‘ixesha lokuphumla nelokutya.’ Okanye wayenokubafundisa into enye okanye ezimbini, emva koko athi mabahambe. Kodwa ngenxa yokuba wayethanda abantu, “wabafundisa izinto ezininzi.” Wabafundisa de ‘kwasemalanga.’ (Marko 6:35) Le nto zange ayenze kuba enyanzelekile, kodwa “wabasizela.” Wayefuna ukubafundisa kuba ebathanda. Ukunceda abantu kwakumvuyisa kakhulu uYesu.

11. UYesu wabenzela ntoni abantu ababemmamele? (Jonga nomfanekiso.)

11 UYesu zange aphelele nje ekubafundiseni abo bantu, wabenzela nenye into ababeyidinga. Wabenzela ukutya ngendlela engummangaliso, waza wathi abafundi bakhe mababanike. (Marko 6:41) Ngokwenza loo nto wafundisa abafundi bakhe indlela yokusebenzela abantu. Wababonisa nokuba ukwenzela abantu izinto, njengokuba zisenza izicaka zolungiselelo, kubalulekile. Khawuyicinge indlela abamele ukuba babevuya ngayo abapostile xa babenika abantu ukutya okwenziwa nguYesu ngendlela engummangaliso. Babanika de “bonke batya bahlutha.” (Marko 6:42) Ngelo xesha uYesu wayengaqali ukuhoya izinto ezidingwa ngabantu kunezidingwa nguye. Le nto wayenza ubomi bakhe bonke esemhlabeni. (Mat. 4:23; 8:16) Wayevuyiswa kukufundisa abantu nokubenzela izinto ababezidinga. Ngokuqinisekileyo nawe uza kuvuya xa ufuna ukuba sisicaka solungiselelo kuba ufuna ukusebenzela abantu.

Xa umthanda uYehova ufuna nokusebenzela abanye, uza kwenza nantoni na ukuze uncede abazalwana noodade (Jonga isiqendu 11) a


12. Kutheni kungamele kubekho mntu ucinga ukuba akukho nto anokulinceda ngayo ibandla?

12 Usenokucinga ukuba akukho nto ukwaziyo ukuyenza kakuhle. Loo nto mayingakutyhafisi. Ayithandabuzeki into yokuba unazo iimpawu ezinokulinceda ibandla. Kusenokukunceda ukufunda into eyathethwa nguPawulos kuma-1 Korinte 12:​12-30, nokucela uYehova akuncede ubone indlela enokusebenza ngayo kuwe. Into awayithethayo yenza kucace ukuba njengabanye abakhonzi bakaYehova, nawe ungaluncedo futhi ubalulekile ebandleni. Ungatyhafi xa ungekufanelekeli ukuba sisicaka solungiselelo. Kodwa yenza yonke into onokukwazi ukuyenza ukuze ukhonze uYehova, uncede nabazalwana. Qiniseka ukuba abadala baza kuzibona izinto ozenzayo baze bakunike imisebenzi onokukwazi ukuyenza.​—Roma 12:​4-8.

13. Ngaba kunzima ukuba nezinye iimpawu ekufuneka abe nazo umzalwana ukuze abe sisicaka solungiselelo? Cacisa.

13 Cinga nangale nto: Uninzi lweempawu ezifunekayo ukuze umntu abe sisicaka solungiselelo onke amaKristu amele abe nazo. Onke kufuneka abe ngabahlobo bakaYehova, avuyiswe kukupha, aze aphile ngendlela emvuyisayo. Ngoko, mhlawumbi sowunazo ezinye iimpawu ezifunekayo ukuze ube sisicaka solungiselelo. Zeziphi ezona zinto zifuneka ngokukhethekileyo kumzalwana ukuze abe siso?

SEBENZELA UKUBA SISICAKA SOLUNGISELELO

14. Kuthetha ukuthini ‘ukuzimisela’? (1 Timoti 3:​8-10, 12)

14 Ngoku makhe sithethe ngezinye iimpawu ekuthethwa ngazo ku-1 Timoti 3:​8-10, 12. (Mfunde.) Isicaka solungiselelo sifanele ‘sizimisele.’ Igama elithi sizimisele lisenokuguqulelwa ngokuthi “sihlonipheke,” okanye sibe “nesidima.” Kodwa le nto ayithethi kuthi akufuneki uhleke xa kukho into ehlekisayo. (INtshu. 3:​1, 4) Ithetha ukuba kufuneka usebenze nzima ukuze uyenze yonke imisebenzi omele uyenze. Ukuba waziwa njengomntu oyenza ayigqibe imisebenzi ayinikiweyo noyenza kakuhle, abazalwana noodade baza kuyazi into yokuba banokukuthemba, futhi baza kukuhlonipha.

15. Kuthetha ukuthini ‘ukungabi namaqhinga nokunganyoluki’?

15 Sifanele ‘singabi namaqhinga.’ Le nto ithetha ukuba unyanisekile futhi unokuthenjwa. Uyayenza into oyithethileyo futhi awubaqhathi abantu. (IMize. 3:32) ‘Ukunganyoluki’ kuthetha ukunyaniseka xa usenza ishishini nabanye abantu nakwizinto ezidibene nemali. Ubuhlobo onabo nabazalwana noodade awuzukubusebenzisela ukwenza imali.

16. (a) Kuthetha ukuthini ‘ukungaseli iwayini eninzi’? (b) Kuthetha ukuthini ukuba ‘nesazela esicocekileyo’?

16 Sifanele ‘singaseli iwayini eninzi.’ Le nto ithetha ukuba awuseli de unxile okanye awudumanga ngokusela kakhulu. Ukuba ‘nesazela esicocekileyo’ kuthetha ukuba uphila ngemithetho kaYehova. Nangona unesono ungumhlobo kaYehova, loo nto ikwenza uzole.

17. Umzalwana unokuzibonakalisa njani ukuba unokuthenjwa ngoxa ‘ehlolwa ukuba uyafaneleka na’? (1 Timoti 3:10; jonga nomfanekiso.)

17 Sifanele ‘sihlolwe ukuba siyafaneleka na.’ Le nto ithetha ukuba sele ubonisile ukuba unokuthenjwa ukuba uza kuyenza kakuhle imisebenzi oyinikiweyo. Ngoko xa abadala bekunika umsebenzi yilandele kakuhle imiyalelo abakunika yona neyentlangano. Qiniseka ukuba uyayazi into ekufuneka uyenze nokuba kufuneka uwugqibe nini. Xa uwenza kakuhle futhi uwukhuthalele umsebenzi wakho, abavakalisi ebandleni baza kubona ukuba uya usiba yindoda ezimiseleyo. Badala, qinisekani ukuba niyabafundisa abazalwana ababhaptiziweyo. (Funda u-1 Timoti 3:10.) Bakhona abazalwana ababhaptiziweyo ebandleni lakho abaphakathi kweminyaka eyi-10 neyi-14 nangaphantsi? Ngaba bayafundisisa futhi bazilungiselela kakuhle iintlanganiso? Ngaba azipheli iintlanganiso bengaphendulanga futhi baya qho entsimini? Ukuba bayazenza ezi zinto, banikeni imisebenzi ngokweminyaka yabo nangokweemeko zabo. Ezi zinto ziza kwenza aba bazalwana ‘babonakale ukuba bayafaneleka na.’ Ngoko xa bephakathi kweminyaka eyi-17 neyi-19 banokufaneleka ukuba babe zizicaka zolungiselelo.

Xa abadala benika abazalwana ababhaptiziweyo imisebenzi, bayabahlola ‘ukuba bayafaneleka na’ (Jonga isiqendu 17)


18. Kuthetha ukuthini ‘ukungamangalelwa nganto’?

18 Sifanele ‘singamangalelwa nganto.’ Le nto ithetha ukuba akukho mntu unokukumangalela ngenxa yendlela oziphethe ngayo. Asinakuyiphika into yokuba amaKristu asenokutyholwa ngento angayenzanga. NoYesu wayetyholwa ngezinto angazenzanga, futhi wathi nakubalandeli bakhe kwakuza kwenzeka loo nto. (Yoh. 15:20) Kodwa ukuba uhlala uziphethe kakuhle njengoYesu, uza kwaziwa kakuhle ebandleni.​—Mat. 11:19.

19. Ithetha ukuthini iBhayibhile xa isithi umzalwana ‘ufanele abe nomfazi omnye’?

19 “Sifanele sibe nomfazi omnye.” Ukuba utshatile ufanele ubambelele kwindlela uYehova awawenza ngayo umtshato wokuqala, watshatisa indoda enye nebhinqa elinye. (Mat. 19:​3-9) Indoda engumKristu ayimele iziphathe kakubi ngesondo nanini na. (Heb. 13:4) Loo nto ithetha ukuba kufuneka inyaniseke kumfazi wayo, ayimele nanini na incwase amanye amabhinqa.​—Yobhi 31:1.

20. Indoda inokuyikhokela “kakuhle” njani intsapho yayo?

20 Sifanele “siyikhokele kakuhle intsapho yaso, ingakumbi abantwana baso.” Ukuba uyintloko ntsapho, umele uqiniseke ukuba uyenza kakuhle imisebenzi yakho. Lwenze qho unqulo lwentsapho. Zama kangangoko unako ukuba ushumayele qho nomntu ngamnye kwintsapho yakho. Nceda abantwana bakho babe ngabahlobo bakaYehova. (Efe. 6:4) Indoda eyikhathalelayo intsapho yayo ibonisa ukuba inokulikhathalela nebandla.​—Thelekisa u-1 Timoti 3:5.

21. Ukuba awukabi sisicaka solungiselelo, yintoni onokuyenza?

21 Mzalwana, ukuba awukabi siso isicaka solungiselelo, sicela ulifundisise kakuhle eli nqaku uze uyithandazele kuYehova le nto. Funda ngeempawu ezifunekayo ukuze ube sisicaka solungiselelo, uze usebenze ngamandla ukuze ube nazo. Cinga ngendlela omthanda ngayo uYehova nabazalwana noodade. Kufune nyhani ukubasebenzela. (1 Pet. 4:​8, 10) Fumana uvuyo olwenziwa kukusebenzela abazalwana noodade. Siyathemba ukuba uYehova uza kuzisikelela iinzame ozenzayo ukuze ukufanelekele ukuba sisicaka solungiselelo.​—Fil. 2:13.

INGOMA 17 “Ndiyathanda”

a INGCACISO YEMIFANEKISO : Ekhohlo, uYesu wenza umsebenzi ojongelwa phantsi, uhlamba iinyawo zabafundi bakhe; ekunene, isicaka solungiselelo sinceda umzalwana osele ekhulile ebandleni.