Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 45

INGOMA 138 Izimvi Sisithsaba Sobuhle

Funda Kumazwi Okugqibela Amadoda Awayethembekile

Funda Kumazwi Okugqibela Amadoda Awayethembekile

“Ubulumko abufunyanwa kubantu abadala na? Ulwazi lona, aluzi nokuphila ubomi obude na?”​—YOBHI 12:12.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngokuba xa simthobela uYehova uThixo, uthembisa ukuba uza kusinceda ngoku, aze asinike ubomi obungunaphakade kwixesha elizayo.

1. Kutheni sinokufunda kubantu abadala?

 XA KUFUNEKA senze izigqibo ezibalulekileyo ebomini, sonke siyawadinga amacebiso. Abantu esinokuwafumana kakhulu kubo ngabadala namaKristu ekudala ekhonza uYehova. Ukuba la maKristu madala kakhulu kuthi, masingacingi ukuba izinto asicebisa zona zazisebenza kuphela ngexesha lawo. UYehova ufuna sifunde kubantu abadala. Baphile ixesha elide kunathi, befunda izinto ezininzi ebomini, futhi besiya besiba zizilumko.​—Yobhi 12:12.

2. Kuza kuthethwa ngantoni kweli nqaku?

2 Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, ukuze uYehova akhuthaze aze akhokele abantu bakhe wayesebenzisa abakhonzi bakhe abathembekileyo, ababesele bekhulile. Ngokomzekelo, khawucinge ngoMoses, uDavide nompostile uYohane. La madoda ayephila ngamaxesha ahlukeneyo, neemeko zawo zingafani. Xa ayeseza kusweleka anika abantu abasebatsha amacebiso obulumko. Omathathu la madoda athembekileyo athetha ngendlela ekubaluleke ngayo ukuthobela uThixo. UYehova wenza ukuba zibhalwe eBhayibhileni izinto awazithethayo ukuze nathi sifunde kuzo. Nokuba sibadala okanye sibatsha, kunokusinceda ukufunda ngezinto awazithethayo. (Roma 15:4; 2 Tim. 3:16) Kweli nqaku siza kuthetha ngamazwi okugqibela ala madoda mathathu, nezinto esinokuzifunda kuwo.

“NIZA KUHLALA IXESHA ELIDE”

3. UMoses wamkhonza ngeziphi iindlela uYehova?

3 UMoses wayezinikele ekumsebenzeleni uYehova. Wayengumprofeti, umgwebi, inkokeli nombhali. Zininzi izinto awazenzayo nezenzeka ebomini bakhe. Wakhupha amaSirayeli ebukhobokeni baseYiputa, wabona nemimangaliso emininzi eyenziwa nguYehova. UYehova wamsebenzisa ukuba abhale iincwadi eziyi-5 zokuqala zeBhayibhile, iNdumiso 90, mhlawumbi neNdumiso 91. Kusenokwenzeka ukuba wabhala nencwadi kaYobhi.

4. Ngoobani awabakhuthazayo uMoses? Kwakutheni?

4 Xa wayeza kusweleka, eneminyaka eyi-120, uMoses wabiza onke amaSirayeli ukuze awakhumbuze ngezinto ezenziwa nguYehova phambi kwamehlo awo. Amanye awo, azibonela esemancinci imiqondiso nemimangaliso eyenziwa nguYehova, nendlela awawohlwaya ngayo amaYiputa. (Eks. 7:​3, 4) Ahamba phakathi koLwandle Olubomvu aza ayibona indlela uYehova awawutshabalalisa ngayo umkhosi kaFaro. (Eks. 14:​29-31) Abona nendlela awawakhusela nawawakhathalela ngayo entlango. (Dut. 8:​3, 4) Ngoku, olu hlanga lwalulungele ukungena kwiLizwe Lesithembiso. UMoses wasebenzisa elo xesha ukuze alukhuthaze. a

5. Amazwi okugqibela kaMoses akwiDuteronomi 30:​19, 20 awaqinisekisa ngantoni amaSirayeli?

5 Wathini uMoses? (Funda iDuteronomi 30:​19, 20.) Uhlanga lwakwaSirayeli lwalunethemba lokuba luza kuphila kamnandi kwixesha elizayo. UYehova wayeza kuwasikelela amaSirayeli, aphile ixesha elide kwilizwe awayewathembise lona. Eli yayililizwe elihle nelichumileyo! Xa wayewachazela ngalo, uMoses wathi: ‘Zizixeko ezikhulu nezihle eningazakhanga, zizindlu ezigcwele izinto ezintle eningazisebenzelanga, eninika namaqula eningawembanga, intsimi yeediliya nemithi yeminquma eningayityalanga.’​—Dut. 6:​10, 11.

6. Kwakutheni ukuze uThixo avumele ama-Asiriya namaBhabhiloni ukuba oyise amaSirayeli?

6 Enye into awayenzayo uMoses kukuwalumkisa amaSirayeli. Ukuze aqhubeke ehlala kwilizwe awayelithenjiswe nguYehova, kwakufuneka athobele imiyalelo yakhe. UMoses wathi ‘mawakhethe ubomi’ ngokuthobela uYehova ‘nangokunamathela kuye.’ Kodwa amaSirayeli awazange amthobele uYehova. Ekuhambeni kwexesha, uThixo wavumela ukuba ama-Asiriya namaBhabhiloni awoyise aze awathimbe.​—2 Kum. 17:​6-8, 13, 14; 2 Kron. 36:​15-17, 20.

7. Sinokufunda ntoni kumazwi kaMoses? (Jonga nomfanekiso.)

7 Sifunda ntoni thina? Ukuthobela kuza kusinceda siphile ngonaphakade. NjengamaSirayeli awayesele eza kungena kwiLizwe Lesithembiso, nathi sekukufutshane ukuba singene kwihlabathi elitsha esilithenjiswe nguThixo, nesiza kubona umhlaba usiya usiba yiparadesi. (Isa. 35:1; Luka 23:43) UMtyholi needemon zakhe baza kube bengekho. (ISityhi. 20:​2, 3) Akuzubakho cawa eziza kufundisa abantu ubuxoki ngoYehova. (ISityhi. 17:16) Oorhulumente abacinezela abantu ababalawulayo baza kube bengekho. (ISityhi. 19:​19, 20) Abantu abangathobeliyo abazukuba nandawo eParadesi. (INdu. 37:​10, 11) Kuyo yonke indawo, abantu baza kube bethobela imithetho kaYehova yobulungisa, eza kubanceda bahlale bemanyene, futhi beseluxolweni. Bonke abantu abalapho baza kube bethandana futhi bethembana. (Isa. 11:9) Ingathi alisafiki elo xesha! Ukuba siyamthobela uYehova, asizukuphila nje amakhulu eminyaka kwiparadesi esemhlabeni, kodwa siza kuphila ngonaphakade.​—INdu. 37:29; Yoh. 3:16.

Xa simthobela uYehova, asizukuphila nje amakhulu eminyaka kwiParadesi esemhlabeni, kodwa siza kuphila ngonaphakade (Jonga isiqendu 7)


8. Ithemba lobomi obungunaphakade lamnceda njani omnye umzalwana ekudala engumthunywa wevangeli? (Yuda 20, 21)

8 Ukuba sihlala sicinga ngobomi obungunaphakade esibuthenjiswe nguThixo, siza kufuna ukumthobela nokuba sineengxaki ezinjani. (Funda uYuda 20, 21.) Eso sithembiso sinokusinceda sikwazi ukulungisa izinto esingakwazi ukuzenza kakuhle. Omnye umzalwana obe ngumthunywa wevangeli ixesha elide eAfrika nowayesoloko elingelwa ukwenza into angayithandiyo uYehova, uthi: “Ndaqonda ukuba ndiza kuphoswa bubomi obungunaphakade eparadesi ukuba andimthobeli uYehova. Loo nto yandinceda ndaqhubeka ndisilwa nale ngxaki, futhi ndiyithandazela kakhulu kuYehova. UYehova wandinceda ndakwazi ukuyoyisa.”

‘NIZA KUPHUMELELA’

9. Zeziphi iingxaki uDavide awaba nazo?

9 UDavide wayengukumkani wabantu bakaYehova futhi enyanisekile kuThixo. Wayekwayiyo nemvumi, imbongi, ijoni nomprofeti. Waba neengxaki ezininzi. Kwaphela iminyaka, ebaleka uKumkani uSawule owayenomona. Emva kokuba engukumkani, kwafuneka aphinde abaleke unyana wakhe, uAbhisalom, owayefuna ukumbulala ukuze ibe nguye ukumkani. Ngoxa wayenezi ngxaki, esenza neempazamo, uDavide wahlala ethembekile kuThixo de wasweleka. UYehova wathi ‘uyindoda ethandwayo yintliziyo Yakhe.’ Ngoko simele siwamamele amacebiso kaDavide.​—IZe. 13:22; 1 Kum. 15:5.

10. Kwakutheni ukuze uDavide acebise unyana wakhe owayeza kuba ngukumkani, uSolomon?

10 Ngokomzekelo, cinga ngecebiso uDavide awalinika uSolomon unyana wakhe, owayeza kuba ngukumkani emva kwakhe. UYehova wakhetha eli tyendyana lomfana ukuze likhuthaze abantu ukuba baqhubeke bemkhonza ngendlela ayifunayo, lize lakhe netempile eyayiza kuzukisa uThixo. (1 Kron. 22:5) USolomon wayeza kuba neengxaki. Wayeza kuthini uDavide kuye? Makhe sibone.

11. Ngokutsho koo-1 Kumkani 2:​2, 3, uDavide wamenza waqiniseka ngantoni uSolomon? Kwenzeka ntoni xa uSolomon walithobelayo icebiso likaDavide? (Jonga nomfanekiso.)

11 Wathini uDavide? (Funda oo-1 Kumkani 2:​2, 3.) Waxelela unyana wakhe ukuba, ukuba uyamthobela uYehova uza kuphumelela. Iminyaka emininzi uYehova wamenzela izinto ezintle uSolomon, wamnceda nangeendlela ezininzi. (1 Kron. 29:​23-25) Wakha itempile eyayintle kakhulu, wabhala neencwadi zeBhayibhile. Ezinye izinto awazithethayo zabhalwa nakwezinye iincwadi zeBhayibhile. Wayedume ngokuba sisilumko nesityebi. (1 Kum. 4:34) Kodwa njengokuba uDavide wayetshilo, uSolomon wayeza kuphumelela kuphela xa ethobela imithetho kaYehova uThixo. Okubuhlungu kukuba, wathi akuba mdala uSolomon, wakhonza abanye oothixo. UYehova zange ayithande loo nto, waza wayeka ukumnika ubulumko bokulawula ngendlela elungileyo.​—1 Kum. 11:​9, 10; 12:4.

Amazwi okugqibela uDavide awawaxelela unyana wakhe uSolomon, asinceda sibone ukuba, xa simthobela uYehova uza kusinika ubulumko bokwenza izigqibo ezifanelekileyo (Jonga isiqendu 11-12) b


12. Sinokufunda ntoni kumazwi kaDavide?

12 Sifunda ntoni thina? Ukuthobela kuza kusinceda siphumelele. (INdu. 1:​1-3) Ewe kona, uYehova akasithembisanga ukusinika ubutyebi nozuko lukaSolomon. Kodwa ukuba siyamthobela, uza kusinika ubulumko obuza kusinceda senze izigqibo ezifanelekileyo. (IMize. 2:​6, 7; Yak. 1:5) Imigaqo yakhe iza kusinceda xa sisenza izigqibo ngezinto ezifana nemfundo, umsebenzi, iindlela zokuzonwabisa nemali. Ukusebenzisa ubulumko bakhe kuza kusinceda sihlale singabahlobo bakhe, size sifumane nobomi obungunaphakade. (IMize. 2:​10, 11) Siza kufumana abahlobo bokwenene, neentsapho zethu ziza konwaba.

13. Yintoni eyanceda uCarmen wenza isigqibo esifanelekileyo ebomini bakhe?

13 UCarmen, ohlala eMozambique, wayecinga ukuba imfundo ephakamileyo iza kumenza aphumelele ebomini. Wayokufundela ukwenza iiplani zokhwakha eyunivesithi. Wathi: “Ndandiyithanda le nto ndandiyifundela. Kodwa yayindityela ixesha namandla. Ndandisiba sesikolweni ngo–7:30 ekuseni, ndiphume ngo–6:00 ebusuku. Kwakunzima ukuya kwiintlanganiso, ndingasamkhonzi kakuhle noYehova. Into endayiqondayo kukuba ndandizama ukukhonza iinkosi ezimbini.” (Mat. 6:24) Wayithandazela le nto, waza waphanda ngayo kwiimpapasho zethu. Uphinda athi: “Emva kokuba ndifumene amacebiso kubadala nakumama, ndayishiya iyunivesithi ndaza ndakhonza uYehova ixesha elizeleyo. Ndenza esona sigqibo sifanelekileyo, futhi andizisoli ngaso.”

14. Yeyiphi eyona nto yacetyiswa nguMoses noDavide?

14 UMoses noDavide babemthanda uYehova, besazi nokuba kubaluleke kakhulu ukumthobela. Kumazwi okugqibela abawathetha ngaphambi kokuba besweleke, bakhuthaza abanye ukuba babalinganise, ngokuhlala bethembekile kuYehova uThixo wabo. Bobabini balumkisa besithi abantu abamshiyayo uYehova baza kuyeka ukuba ngabahlobo bakhe, baze bangazifumani nezinto abathembise zona. Amacebiso abo ayasinceda nanamhlanje. Kumakhulu eminyaka emva kokuba beswelekile, kwabakho omnye umkhonzi kaYehova owabonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuhlala sithembekile kuThixo.

“AYIKHO INTO ENDIVUYISA NGATHI YILE”

15. Ziintoni awazibonayo nawazenzayo umpostile uYohane?

15 UYohane wayengumpostile owayethandwa nguYesu Kristu. (Mat. 10:2; Yoh. 19:26) Wachitha ixesha elininzi eshumayela noYesu, ebona imimangaliso awayeyenza. Nangamaxesha ekwakunzima ngawo kuYesu, zange amshiye. Wayekho xa uYesu wayebulawa, waza wambona nasemva kokuba evusiwe. Wayibona nendlela elalisanda ngayo ibandla lamaKristu okuqala. Ukuqala kwalo kwakukho iqela elincinci lamaKristu athembekileyo, de ‘kwashunyayelwa kwindalo yonke ephantsi kwezulu.’​—Kol. 1:23.

16. Ngoobani abancedwa ziileta ezabhalwa nguYohane?

16 Xa wayesele eza kusweleka, uYohane waba nenyhweba yokubhala ezinye iincwadi eziphefumlelweyo zeBhayibhile. Wabhala incwadi emangalisayo yeSityhilelo “esityhilwa nguYesu Kristu.” (ISityhi. 1:1) Wabhala incwadi yeVangeli ebizwa ngegama lakhe. Waphefumlelwa ukuba abhale neeleta ezintathu, ngoku ezibizwa ngokuba yeyokuqala, eyesibini neyesithathu kaYohane. Le yesithathu wayibhalela umKristu owayethembekile, uGayo, nawayemthanda njengomntwana wakhe. (3 Yoh. 1) Ngelo xesha, mhlawumbi ayemaninzi amaKristu awayewajonga njengabantwana bakhe. Into eyabhalwa yile ndoda ithembekileyo neyayikhulile, yabakhuthaza bonke abalandeli bakaYesu. Iyasikhuthaza nathi namhlanje.

17. Ngokutsho kuka-3 Yohane 4 yintoni evuyisayo?

17 Wabhala ntoni uYohane? (Funda u-3 Yohane 4.) Wabhala ngendlela onwaba ngayo umntu othobela uThixo. Xa wayebhala ileta yakhe yesithathu, amanye amaKristu ayesasaza iimfundiso zobuxoki, eqhekeza nebandla. Sekunjalo, amanye aqhubeka ‘ebambelele enyanisweni.’ Aqhubeka ‘ethobela imiyalelo kaYehova.’ (2 Yoh. 4, 6) La maKristu athembekileyo zange avuyise uYohane nje kuphela, avuyisa noYehova.​—IMize. 27:11.

18. Sinokufunda ntoni kumazwi kaYohane?

18 Sifunda ntoni thina? Ukuthembeka kuza kusenza sivuye, sivuyise nabanye abantu. (1 Yoh. 5:3) Ngokomzekelo, thina sivuyiswa kukwazi ukuba uYehova uyavuyiswa sithi. Yena uvuyiswa kukusibona singazenzi izinto ezimbi ezenziwa leli hlabathi kuba sithobela imithetho yakhe. (IMize. 23:15) Neengelosi ezulwini ziyavuya. (Luka 15:10) Nathi siyavuya xa sibona amanye amaKristu ehlala ethembekile nangona enengxaki, naxa elingelwa ukwenza izinto ezimbi. (2 Tes. 1:4) Xa lipheliswa eli hlabathi, siza kuvuyiswa kukwazi ukuba siye sanyaniseka kuYehova, ngoxa besiphila kwihlabathi elilawulwa nguSathana.

19. Uthini uRachel ngokufundisa abanye inyaniso? (Jonga nomfanekiso.)

19 Kusivuyisa ngokukhethekileyo ukufundisa abantu ngoYehova. URachel ohlala eDominican Republic, uthi ukufundisa omnye umntu ngendlela amangalisa ngayo uThixo esimkhonzayo yinyhweba angakwazi nokuyichaza. Xa ethetha ngabantu aye wabanceda bakhonza uYehova uthi: “Kunzima ukuyichaza indlela endivuya ngayo xa ndibukele abantu endibafundelayo besiya bemthanda uYehova, bemthemba ngokupheleleyo, betshintsha nobomi babo ukuze bamvuyise. Olo vuyo lungaphezu kweenzame endizenzileyo nezinto endizincamileyo ukuze ndibafundise.”

Siyavuya xa sifundisa abanye ukuthanda nokuthobela uYehova njengathi (Jonga isiqendu 19)


ASINCEDA NJANI AMAZWI OKUGQIBELA AMADODA AWAYETHEMBEKILE?

20. Ziintoni esifana ngazo noMoses, uDavide noYohane?

20 UMoses, uDavide noYohane babephila kudala, nendlela ababephila ngayo yayahluke kakhulu kweyethu. Kodwa zininzi izinto esifana ngazo nabo. Babekhonza uThixo wokwenene njengathi. Njengabo, sithandaza kuYehova, simthembile ukuba uza kusinceda aze asinike amacebiso. Nathi siyafana nala madoda akudala, siqinisekile ukuba uYehova uza kubasikelela abo bamthobelayo.

21. Zeziphi iintsikelelo ezilindelwe ngabantu abathobela icebiso likaDavide, elikaMoses nelikaYohane?

21 Ngoko masizenze izinto esazicetyiswa ngamadoda akudala kumazwi awo okugqibela, sithobele imithetho kaYehova. Ukuba senza loo nto, siza kuphumelela kuyo yonke into esiyenzayo. Siza “kuhlala ixesha elide,” ngamanye amazwi siza kuphila ngonaphakade! (Dut. 30:20) Siza kuvuyiswa kukwazi ukuba sivuyisa uTata wethu osezulwini, owenza izinto azithembisileyo ngendlela engaphezulu lee kunaleyo besinokuyicinga.​—Efe. 3:20.

INGOMA 129 Siza Kuqhubeka Sinyamezela

a AmaSirayeli amaninzi awabona imimangaliso kaYehova kuLwandle Olubomvu zange angene kwiLizwe Lesithembiso. (Num. 14:​22, 23) UYehova wathi amaSirayeli awayeneminyaka eyi-20 nangaphezulu, awabhaliswayo, ayeza kufela entlango. (Num. 14:29) Kodwa yena uYoshuwa, uKalebhi namanye amaSirayeli awayeneminyaka engaphantsi kweyi-20, nabaninzi kwisizwe sabaLevi, bawuwela uMlambo iYordan, baza bangena kwiLizwe Lesithembiso.​—Dut. 1:​24-40.

b INGCACISO YEMIFANEKISO: Ekhohlo: UDavide uthetha amazwi okugqibela obulumko kunyana wakhe uSolomon. Ekunene: Abazalwana noodade bafundiswa ubulumko bukaYehova kwiSikolo Senkonzo Yobuvulindlela.