Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Izinto Ezinokukunceda Ufunde Yonke Imihla

Izinto Ezinokukunceda Ufunde Yonke Imihla

NGABA ngezinye iimini ukhe wonqene ukufunda iBhayibhile, okanye ngaba ukhe uyifunde njee ungenamdla wayo? Mhlawumbi sonke sikhe sibe njalo ngamanye amaxesha. Kodwa khawucinge ngezinye izinto esizenza yonke imihla, njengokuhlamba. Ukuhlamba kufuna ixesha, futhi kuye kubekho izinto ekufuneka uzenze ngaphambi kokuba uhlambe. Kodwa uziva uhlaziyeke nyhani xa sowugqibile. Kunokuba njalo ke naxa ufunda iBhayibhile, unokuhlaziyeka ube ngathi uhlambe ‘ngamanzi alilizwi likaThixo.’ (Efe. 5:26) Nanga amacebiso anokukunceda:

  • Zenzele ucwangciso lokufunda. Ukufunda iBhayibhile yenye ‘yezona zinto zibalulekileyo’ amele azenze umKristu. (Fil. 1:10) Ukuze ungalibali ukuyifunda, zenzele ucwangciso uze ulubeke kwindawo oza kulubona kuyo, njengakucango lwefriji. Enye into esenokukunceda kukuseta ialam kwifowuni yakho ukuze ikhale kwimizuzu embalwa ngaphambi kwexesha oza kufunda ngalo.

  • Uthanda ukufunda njani? Ngokomzekelo, ngaba iyaphela iyure ungekadinwa kukufunda, okanye ukhetha ukufunda ixeshana, umane uphumla? Nguwe ozaziyo. Ngoko cinga ngezo zinto xa uceba ukuba uza kufunda ixesha elingakanani. Ukuba xa kufika ixesha omele ufunde ngalo uziva usonqena, kutheni ungafundi imizuzu nje eyi-10? Ukufunda imizuzu eyi-10 kubhetele kunokungafundi nje tu. Mhlawumbi xa sowuqalile, uza kuzibona sowufunda ixesha elide kunaloo mizuzu.​—Fil. 2:13.

  • Cinga kusengaphambili ngento ofuna ukuyifunda. Ukuba ucinga ngento ofuna ukuyifunda xa kufika ixesha omele ufunde ngalo, ‘usenokungalisebenzisi kakuhle ixesha lakho.’ (Efe. 5:16) Kutheni ungabhali phantsi imixholo namanqaku ofuna ukuwafunda? Naxa kukho into ongayiqondi kakuhle nofuna ukuyazi, ungayibhala apho. Qho xa ugqibile ukufunda, unokongeza ezinye izinto obungathanda ukufunda ngazo.

  • Kulungele ukutshintsha. Kulungele ukutshintsha into ekucwangciso lwakho, njengobude bexesha ofunda ngalo okanye izinto obuza kufunda ngazo. Akubalulekanga ukuba ufunda nini, ixesha elingakanani okanye ufunda ntoni. Eyona nto ibalulekileyo kukufunda yonke imihla.

Kusinceda kakhulu ukufunda yonke imihla. Sisondela kuYehova, sifunda ukwenza izigqibo ezibalulekileyo ebomini, futhi siyahlaziyeka.​—Yosh. 1:8.