ICEBISO LEZINTO ONOKUZENZA XA UFUNDA
Khangela Indawo Efanelekileyo Oza Kufundela Kuyo
Ngaba uyafuna lukuncede kakhulu ufundisiso lwakho? Ungazama la macebiso anokukunceda ube nendawo ongazukuphazamiseka kuyo xa ufunda:
-
Khetha indawo efanelekileyo. Ukuba ungakwazi, khangela indawo eklini noza kubona kakuhle kuyo xa ufunda. Ungahlala etafileni okanye ungakhangela indawo onokukwazi ukuhlala kuyo phandle.
-
Khetha indawo oza kuba wedwa kuyo. UYesu wakhetha ukuthandaza ‘kwasekuseni kakhulu, . . . kwindawo engenabantu.’ (Marko 1:35) Ukuba ayikho indawo onokuba wedwa kuyo, ungaxelela abantu bakowenu okanye abantu ohlala nabo ngocwangciso lwakho lokufunda, uze ubacele ukuba bangakuphazamisi xa sowufunda.
-
Makungabikho nto ikuphazamisayo. Ukuba usebenzisa ifowuni okanye ithabhlethi xa ufunda, zama ukuyenza ingakuphazamisi imiyalezo engenayo okanye uyifake ku-airplane mode. Ukuba kukho into omele uyenze ocinga ngayo, yibhale phantsi ukuze uyenze xa ugqibile ukufunda. Ukuba udiniwe kukufunda, phumla kancinci, uhamba-hambe okanye uzolule.