Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICEBISO LEZINTO ONOKUZENZA XA UFUNDA

Khangela Indawo Efanelekileyo Oza Kufundela Kuyo

Khangela Indawo Efanelekileyo Oza Kufundela Kuyo

Ngaba uyafuna lukuncede kakhulu ufundisiso lwakho? Ungazama la macebiso anokukunceda ube nendawo ongazukuphazamiseka kuyo xa ufunda:

  • Khetha indawo efanelekileyo. Ukuba ungakwazi, khangela indawo eklini noza kubona kakuhle kuyo xa ufunda. Ungahlala etafileni okanye ungakhangela indawo onokukwazi ukuhlala kuyo phandle.

  • Khetha indawo oza kuba wedwa kuyo. UYesu wakhetha ukuthandaza ‘kwasekuseni kakhulu, . . . kwindawo engenabantu.’ (Marko 1:35) Ukuba ayikho indawo onokuba wedwa kuyo, ungaxelela abantu bakowenu okanye abantu ohlala nabo ngocwangciso lwakho lokufunda, uze ubacele ukuba bangakuphazamisi xa sowufunda.

  • Makungabikho nto ikuphazamisayo. Ukuba usebenzisa ifowuni okanye ithabhlethi xa ufunda, zama ukuyenza ingakuphazamisi imiyalezo engenayo okanye uyifake ku-airplane mode. Ukuba kukho into omele uyenze ocinga ngayo, yibhale phantsi ukuze uyenze xa ugqibile ukufunda. Ukuba udiniwe kukufunda, phumla kancinci, uhamba-hambe okanye uzolule.