Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 44

INGOMA 33 Lahlela Umthwalo Wakho KuYehova

Ungakwazi Njani Ukunyamezela Xa Uphethwe Kakubi?

Ungakwazi Njani Ukunyamezela Xa Uphethwe Kakubi?

“Sukuzivumela woyiswe bububi, kodwa hlala uboyisa ububi ngokwenza izinto ezilungileyo.”​—ROMA 12:21.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngento onokuyenza xa uphethwe kakubi, nenokwenza izinto zingabi mbi kakhulu.

1-2. Zeziphi iindlela esinokuphathwa kakubi ngazo?

 UYESU wathetha ngomzekelo womhlolokazi owayephethwe kakubi, owaqhubeka ecela ijaji ukuba imncede. Ngokuqinisekileyo abafundi bakaYesu babeyiqonda indlela awayeziva ngayo lo mhlolokazi, kuba ngelo xesha abantu abaninzi babephathwa kakubi. (Luka 18:​1-5) Nathi siyayiqonda indlela amele ukuba wayeziva ngayo kuba sikhe saphathwa kakubi.

2 Namhlanje abantu abaninzi banomkhethe, ababathandi futhi bayabacinezela abanye abantu. Ngoko ayisothusi into yokuba siphathwe kakubi. (INtshu. 5:8) Kodwa sinokuziva sibuhlungu kakhulu xa sinokuphathwa kakubi ngumzalwana okanye udade, ibe loo nto ingenzeka. Bona abasiphathi kakubi ngabom njengabantu abangayifuniyo inyaniso, benziwa kukuba banesono. Singafunda kwinto eyenziwa nguYesu xa wayephethwe kakubi ngabantu abakhohlakeleyo ababengamfuni. Ukuba singakwazi ukubanyamezela abantu abangasifuniyo xa besiphethe kakubi, singakwazi kakhulu ukubanyamezela abazalwana noodade. UYehova uziva njani xa siphethwe kakubi ngabantu abangamkhonziyo, okanye ngabo sikhonza nabo? Ngaba uyikhathalele loo nto?

3. Ngaba uYehova uyikhathalele indlela esiphethwe kakubi ngayo? Siyazi njani loo nto?

3 UYehova uyikhathalele indlela esiphethwe ngayo. Kaloku “uYehova uthanda ubulungisa.” (INdu. 37:28) UYesu wasiqinisekisa ukuba ngexesha alibekileyo, uYehova ‘uza [kubenzela ubulungisa] ngokukhawuleza’ abantu bakhe. (Luka 18:​7, 8) Kungekudala uza kuphelisa zonke iintlungu esinazo, aphelise nayo nantoni na enokusenza buhlungu.​—INdu. 72:​1, 2.

4. UYehova usinceda njani namhlanje?

4 Ngoxa sisalinde ixesha laxa ihlabathi ligcwaliswe ngabantu abangamalungisa, uYehova uyasinceda siyazi into emasiyenze xa siphethwe kakubi. (2 Pet. 3:13) Izinto asifundisa zona zinokusinceda singenzi izinto esiza kuzisola ngazo. Uye wasebenzisa uNyana wakhe ukuze sibone kuye ukuba sinokwenza ntoni. Amanye amacebiso ezinto esinokuzenza xa siphethwe kakubi sinokuwafumana kwiLizwi lakhe iBhayibhile.

YILUMKELE INTO OYENZAYO XA UPHATHWA KAKUBI

5. Kutheni simele sizilumkele izinto esizenzayo xa siphethwe kakubi?

5 Sinokuba buhlungu kakhulu xa siphethwe kakubi. (INtshu. 7:7) Kwakunjalo nakwabanye abakhonzi bakaYehova ababethembekile, njengoYobhi noHabhakuki. (Yobhi 6:​2, 3; Hab. 1:​1-3) Ngoxa kuyinto eqhelekileyo ukuziva ngolo hlobo, simele sizilumkele izinto esizenzayo xa siphethwe kakubi, ukuze singenzi izinto esiza kuzisola ngazo ekugqibeleni.

6. Sifunda ntoni kwinto eyenziwa nguAbhisalom? (Jonga nomfanekiso.)

6 Xa siphethwe kakubi sisenokuzama ukuziphindezela. Loo nto inokwenza izinto zibe mbi nakakhulu. Cinga ngento eyenziwa ngunyana kaKumkani uDavide, uAbhisalom. Waba nomsindo kakhulu xa udadewabo uTamare wadlwengulwa ngumntakwabo uAmnon. Ngokutsho koMthetho owabhalwa nguMoses, uAmnon wayemele abulawe. (Lev. 20:17) Sasivakala sona isizathu sokuba uAbhisalom abe nomsindo, kodwa wayengamele ambulale ngokwakhe uAmnon.​—2 Sam. 13:​20-23, 28, 29.

UAbhisalom waba nomsindo ngenxa yento embi eyenziwa kudadewabo uTamara (Jonga isiqendu 6)


7. Ekuqaleni yintoni eyenzekayo kumdumisi xa wayebona indlela ababephethwe kakubi ngayo abantu?

7 Xa sibona ngathi abantu abenza izinto ezimbi abohlwaywa, sisenokuzibuza ukuba kunceda ngantoni ukwenza into elungileyo. Cinga ngomdumisi owabona ngathi abantu ababi baphila kamnandi ngoxa bebaphethe kakubi abantu abalungileyo. Wathi: “Banjalo ke abenzi-bubi, ezibahambela kakuhle izinto.” (INdu. 73:12) Yamkhathaza kakhulu le nto kangangokuba wabona ngathi akusancedi nganto ukukhonza uYehova. Wathi: “Ndithe xa ndizama ukuyiqonda le nto, yandikhathaza.” (INdu. 73:​14, 16) Wade wachaza nento eyenzekayo kuye esithi: “Mna ke, iinyawo zam beziphantse zatenxa; iinyawo zam ziphantse zatyibilika.” (INdu. 73:2) Kwenzeka into efanayo nakumzalwana esiza kumbiza ngokuba nguAlberto.

8. Wenza ntoni omnye umzalwana ngenxa yokungaphathwa ngobulungisa?

8 UAlberto watyholwa kusithiwa ube imali yebandla. Ngenxa yaloo nto, wayekiswa imisebenzi awayeyenza ebandleni, nabanye abazalwana noodade bathi bakuyiva loo nto bayeka ukumhlonipha. Uthi: “Ndaba nomsindo, ndatyhafa.” Loo nto yamenza wayeka ukuya kwiintlanganiso, waphola iminyaka eyi-5. Le nto ibonisa into enokwenzeka xa sinokuba nomsindo ngenxa yokuba siphethwe kakubi.

LINGANISA UYESU

9. Zeziphi izinto awazinyamezelayo uYesu? (Jonga nomfanekiso.)

9 Oyena mntu sinokuzifunda kuye izinto esimele sizenze xa siphethwe kakubi nguYesu. Cinga ngendlela awayephethwe kakubi ngayo ngabantu bakowabo nangabanye abantu. Abantu bakowabo ababengamkhonzi uYehova babesithi ushiywa ziingqondo, abefundisi besithi usebenzelana needemon, wona amajoni angamaRoma amgezela, ambetha aza ekugqibeleni ambulala. (Marko 3:​21, 22; 14:55; 15:​16-20, 35-37) Kodwa uYesu wazinyamezela zonke ezo zinto zazisenziwa kuye, futhi zange aziphindezele. Singafunda ntoni kuye?

Sinokuyifunda kuYesu into esinokuyenza xa siphethwe kakubi (Jonga isiqendu 9-10)


10. Wenza ntoni uYesu xa wayephethwe kakubi? (1 Petros 2:​21-23)

10 Funda u-1 Petros 2:​21-23. a UYesu wasibonisa into esimele siyenze xa siphethwe kakubi. Wayelazi ixesha lokuthula nexesha lokuthetha. (Mat. 26:​62-64) Wayengaphenduli yonke into atyholwa ngayo. (Mat. 11:19) Xa eye wathetha, wayengathethi kakubi nabantu ababemphethe kakubi okanye abagrogrise. Wakwazi ukuzibamba kuba “wathembela kuLowo ugweba ngobulungisa.” Wayesazi ukuba eyona nto ibalulekileyo yindlela uYehova azijonga ngayo izinto. Wayemthembile uYehova ukuba ngexesha alibekileyo, uza kuzilungisa zonke iingxaki zokuphathwa kakubi kwabantu.

11. Ziintoni esinokuzenza ukuze sikwazi ukuyilumkela indlela esithetha ngayo xa siphethwe kakubi? (Jonga nemifanekiso.)

11 Sinokulinganisa uYesu ngokuthi siyilumkele into esiyithethayo xa siphathwa kakubi. Ezinye izinto abasenza zona abantu azikho mbi kangako, ngoko singakwazi ukungazihoyi. Okanye sinokuthula ukuze singathethi into enokwenza izinto zibe mbi kakhulu. (INtshu. 3:7; Yak. 1:​19, 20) Ngamanye amaxesha kusenokufuneka sithethe xa sibona omnye umntu ephathwa kakubi, okanye xa kufuneka sithethelele izinto esizikholelwayo. (IZe. 6:​1, 2) Simele sizame ngandlela zonke ukwenza loo nto sizolile, futhi sithethe ngembeko.​—1 Pet. 3:15. b

Xa siphethwe kakubi sinokulinganisa uYesu ngokulazi ixesha nendlela esimele sithethe ngayo (Jonga isiqendu 11-12)


12. Singathembela njani “kuLowo ugweba ngobulungisa”?

12 Enye indlela esinokumlinganisa ngayo uYesu ‘kukuthembela kuLowo ugweba ngobulungisa.’ Xa abantu besityhola ngento esingayenzanga okanye besiphatha kakubi, siyamthemba uYehova ukuba uyayazi into eyenzekileyo. Loo nto inokusinceda sinyamezele xa siphathwa kakubi kuba siyazi ukuba ekugqibeleni uYehova uza kuzilungisa izinto. Xa izinto siziyekela kuYehova, asizukuhlala sinomsindo okanye sinenzondo. Ukuba nomsindo nenzondo kunokusenza senze izinto ezimbi, siyeke ukuvuya, size simoshe ubuhlobo bethu noYehova.​—INdu. 37:8.

13. Yintoni enokusinceda singayeki ukunyamezela xa siphethwe kakubi?

13 Inyaniso kukuba asinakukwazi ukumlinganisa kanye ngendlela awayezenza ngayo izinto uYesu. Ngamanye amaxesha sisenokwenza okanye sithethe izinto esiza kuzisola ngazo. (Yak. 3:2) Kanti ngamanye amaxesha indlela esiphethwe kakubi ngayo inokusishiya sinamanxeba angapholiyo. Ukuba kunjalo kuwe, qiniseka ukuba uYehova uyayazi imeko yakho. NoYesu uyayiqonda indlela oziva ngayo kuba naye wayekhe waphathwa kakubi. (Heb. 4:​15, 16) UYehova akaphelelanga nje ekusiboniseni izinto ezazisenziwa nguYesu xa ephethwe kakubi, usinika namacebiso anokusinceda siyazi into emasiyenze. Makhe sithethe ngeevesi ezimbini ezikwincwadi yamaRoma ezinokusinceda.

“YEKANI IBE NGUTHIXO OBA NOMSINDO”

14. Kuthetha ukuthini ‘ukuyeka ibe nguThixo oba nomsindo’? (Roma 12:19)

14 Funda amaRoma 12:19. Umpostile uPawulos wayalela amaKristu ukuba ‘ayeke ibe nguThixo oba nomsindo.’ Loo nto siyenza ngokuba siyeke ibe nguye ogqiba ngexesha nangendlela aza kuzilungisa ngayo izinto. Emva kokuba umzalwana onguJohn eye waphathwa kakubi wathi: “Kwafuneka ndizinqande ndingazilungisi ngendlela yam izinto. AmaRoma 12:19 andinceda ndalindela kuYehova.”

15. Kutheni kuyeyona nto ibhetele ukulinda ibe nguYehova olungisa ingxaki esinayo?

15 Kuyasinceda ukulinda ibe nguYehova olungisa ingxaki. Xa sisenza loo nto, asizukuzithwalisa umthwalo wokuyilungisa ngokwethu ingxaki esinayo, size sikhathazeke xa ingalungi. UYehova uthi uza kusinceda. Ngokungathi kunjalo uthi, ‘Yiyekele kum indlela ophathwa ngayo, ndiza kuyilungisa.’ Ukuba siyamthemba uYehova xa esithi “ndim ophindisayo,” asizukuhlala sikhathazekile kuba siqinisekile ukuba uza kuyilungisa ngeyona ndlela ifanelekileyo ingxaki esinayo. Yiloo nto eyanceda uJohn ekuthethwe ngaye kwisiqendu esidlulileyo. Wathi, “Ukuba ndinokulindela kuYehova, angayilungisa ngendlela ebhetele kakhulu kunaleyo bendiza kuyilungisa ngayo mna ingxaki endinayo.”

“HLALA UBOYISA UBUBI NGOKWENZA IZINTO EZILUNGILEYO”

16-17. Umthandazo unokusinceda njani ‘soyise ububi ngokwenza izinto ezilungileyo’? (Roma 12:21)

16 Funda amaRoma 12:21. UPawulos waphinda waxelela amaKristu ukuba ‘ahlale eboyisa ububi ngokwenza izinto ezilungileyo.’ KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu wathi: “Qhubekani nizithanda iintshaba zenu, nibathandazela nabo banitshutshisayo.” (Mat. 5:44) Yiloo nto kanye awayenzayo. Mhlawumbi siyicingile indlela awayinyamezela ngayo uYesu intlungu awayekuyo xa wayebethelelwa esibondeni ngamajoni aseRoma. Asinakuyiqonda kakuhle intlungu, inkohlakalo nokuphathwa kakubi awakunyamezelayo.

17 UYesu zange avumele ukuphathwa kakubi kumoyise. Kunokuba acele uYehova awohlwaye amajoni awayembethelela, wathandaza esithi: “Tata baxolele, kuba abayazi le nto bayenzayo.” (Luka 23:34) Xa sibathandazela abantu abasiphethe kakubi, sinokuyeka ukuba nomsindo nenzondo, side sitshintshe nendlela esibajonga ngayo.

18. Umthandazo wabanceda njani uAlberto noJohn bakwazi ukunyamezela ukuphathwa kakubi?

18 Umthandazo wanceda abazalwana ababini ekuthethwe ngabo kweli nqaku bakwazi ukunyamezela ukuphathwa kakubi. UAlberto uthi: “Ndabathandazela abazalwana ababendityhola. Ndamcela kaninzi uYehova ukuba andincede ndiyilibale into eyenzeka kum.” Okuvuyisayo kukuba uAlberto uphinde wamkhonza uYehova. Yena uJohn uthi: “Ndamthandazela kaninzi umzalwana owandikhathazayo. Loo mithandazo yandinceda ndamxolela, ndaza ndayeka ukumjonga kakubi. Yandinceda ndazola.”

19. Ngoku singekafiki isiphelo, ziintoni esimele sizenze? (1 Petros 3:​8, 9)

19 Asinakuyazi indlela esiseza kuphathwa kakubi ngayo ngaphambi kokuba kufike isiphelo. Nokuba kungenzeka ntoni kuthi, singaze siyeke ukucela uYehova asincede. Enye into, masiqhubeke sisenza izinto awazenzayo uYesu xa wayephathwa kakubi, singayeki nokusebenzisa imigaqo yeBhayibhile. Ukuba siyazenza ezi zinto, sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kusisikelela.​—Funda u-1 Petros 3:​8, 9.

INGOMA 38 Uza Kukomeleza

a Kwincwadi yakhe yokuqala isahluko 2 no-3 umpostile uPetros uchaza indlela awayephethwe ngayo amaKristu ngexesha lakhe ziinkosi zawo ezazingqwabalala nangabayeni bawo abangakholwayo.​—1 Pet. 2:​18-20; 3:​1-6, 8, 9.