IMBONISELO—EFUNDWAYO Oktobha 2016

Le Mboniselo inamanqaku aza kufundwa ukususela ngoNovemba 28 ukuya ngoDisemba 25, 2016.

IBALI LOBOMI

Ndizamile Ukulandela Imizekelo Emihle

Abanye abantu banokuzibekela baze balufikelele usukelo lwabo ngenxa yokukhuthazwa ngamaKristu aqolileyo. UThomas McLain ubalisa ngendlela imizekelo emihle awayimiselwa ngabanye eyamnceda ngayo kubuvulindlela nakumsebenzi wokuba ngumthunywa wevangeli.

Yibani Nobubele Kubantu Basemzini

UThixo ubajonga njani abantu basemzini? Unokubenza bazive besekhaya njani abo bavela kwamanye amazwe abakwibandla lakho?

Buqinise Ubuhlobo Bakho NoYehova Ngoxa Ukhonza Kwintsimi Yolunye Ulwimi

Eyona nto imele ize kuqala kumaKristu kukukhusela ubuhlobo bawo nobeentsapho zawo kunye noYehova. Kodwa ke, ukuba usebenza kwintsimi yolunye ulwimi unezinye iinzima omele ujamelane nazo.

Ngaba ‘Uyabulondoloza Ubulumko Bobuqili’?

Yintoni umahluko phakathi kokusebenzisa ubulumko nokuba nolwazi nokuqonda? Ukwazi umahluko kungakunceda kakhulu.

Qinisa Ukholo Lwakho Kwizinto Onethemba Lazo

Imizekelo yokholo emihle yamandulo neyale mihla ingasikhuthaza. Unokwenza ntoni ukuze ukholo lwakho luhlale luqinileyo?

Bonisa Ukuba Unokholo Kwizithembiso ZikaYehova

Luyintoni kanye kanye ukholo? Owona mbuzo ubalulekileyo ngulo, unokulubonisa njani?

Ngaba Ubusazi?

KwaYuda, amaRoma azinika inkululeko engakanani iinkokeli zamaYuda ngenkulungwane yokuqala? Mandulo, ngaba nyhani umntu wayekwazi ukuhlwayela ukhula kwintsimi yomnye umntu?