Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Buqinise Ubuhlobo Bakho NoYehova Ngoxa Ukhonza Kwintsimi Yolunye Ulwimi

Buqinise Ubuhlobo Bakho NoYehova Ngoxa Ukhonza Kwintsimi Yolunye Ulwimi

“Ndiligcine entliziyweni yam ilizwi lakho.”​—INDU. 119:11.

IINGOMA: 142, 92

1-3. (a) Yintoni emele ize kuqala kuthi, kungakhathaliseki ukuba iimeko zethu zinjani? (b) Baba naziphi iingxaki abo bafunda ulwimi olutsha, yaye oko kuphakamisa yiphi imibuzo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

INYAMBALALA yamaNgqina kaYehova incedisa ekuzalisekiseni umbono wokuvakaliswa kweendaba ezilungileyo kuzo “zonke iintlanga nezizwe neelwimi nabantu.” (ISityhi. 14:6)Ngaba nawe ufunda olunye ulwimi? Ngaba ungumthunywa wevangeli okanye ukhonza kwilizwe lasemzini apho kufuneka abavakalisi abangakumbi? Ngaba ukwibandla elithetha olunye ulwimi kwilizwe ohlala kulo?

2 Into emele ize kuqala kubakhonzi bakaThixo bubuhlobo babo nobeentsapho zabo kunye noYehova. (Mat. 5:3) Kodwa ke, ukuxakeka kunokwenza kube nzima ukuba nexesha elaneleyo lokufunda. Noko ke, abo bakhonza kwintsimi yolunye ulwimi baba neengxaki ezingakumbi.

3 Ukongezelela ekufundeni ulwimi olutsha, abo bakhonza kwintsimi yolunye ulwimi kusafuneka baqhubeke befunda iinyaniso ezinzulu. (1 Kor. 2:10) Banokukwenza njani oko xa bengaluqondi kakuhle ulwimi olusetyenziswa kwibandla abakulo? Ibe kutheni kufuneka abazali baqiniseke ukuba abantwana babo balithanda ngeentliziyo zabo zonke iLizwi likaThixo?

INGOZI KUBUHLOBO BAKHO NOYEHOVA

4. Yintoni enokuba yingozi kubuhlobo bethu noThixo? Yenza umzekelo.

4 Ukungaliqondi kakuhle iLizwi likaThixo ngolunye ulwimi kunokuba yingozi enkulu kubuhlobo bethu naye. Ngenkulungwane yesihlanu Ngaphambi Kwexesha Eliqhelekileyo, uNehemiya waxhalatyiswa yinto yokuba abantwana bamaYuda ababevela eBhabhiloni bengasazi isiHebhere. (Funda uNehemiya 13:23, 24.) Aba bantwana babengenakuqhubeka bekhonza uThixo, kuba babengaliqondi kakuhle iLizwi likaThixo.—Neh. 8:2, 8.

5, 6. Yintoni abaye bayifumanisa abazali abakwintsimi yolunye ulwimi, yaye kutheni?

5 Abanye abazali abakwintsimi yolunye ulwimi bafumanise ukuba abantwana babo baphelelwa ngumdla kwinyaniso. Inyaniso ibingangeni ezintliziyweni zabo kuba bengakuqondi kakuhle oko kuthethwa ezintlanganisweni. UPedro  [1] owafudukela eOstreliya nentsapho yakhe bevela eMzantsi Merika uthi: “Xa kufikwa kubuhlobo bethu noYehova, kufanele kubandakanyeke iintliziyo neemvakalelo.”—Luka 24:32.

6 Into idla ngokukhawuleza ukungena entliziyweni xa siyifunda ngolwimi lweenkobe kunaxa siyifunda ngolwasemzini. Ukongezelela koko, ukungakwazi ukuluthetha kakuhle ulwimi kunokukwenza udinwe ingqondo kuze kubenze buthathaka ubuhlobo bakho noYehova. Ngoko, ngoxa sinomdla wokuba kwintsimi yolunye ulwimi, kufuneka sikhusele nobuhlobo bethu noThixo.—Mat. 4:4.

BABUKHUSELA UBUHLOBO BABO NOYEHOVA

7. AmaBhabhiloni azama njani ukwenza uDaniyeli aphile ngendlela awayephila ngayo aze anqule nothixo wawo?

7 Xa uDaniyeli nabahlobo bakhe babesekuthinjweni, amaBhabhiloni azama ukubenza baphile ngendlela awayephila ngayo ngokubafundisa “ulwimi lwamaKhaledi.” Ngaphezu koko, igosa lenkundla elalibaqeqesha labathiya amagama aseBhabhiloni. (Dan. 1:3-7) Igama elathiywa uDaniyeli lalinento yokwenza noBhele, oyena thixo wayephambili eBhabhiloni. Mhlawumbi uKumkani uNebhukadenetsare wayefuna uDaniyeli acinge ukuba uThixo wakhe, uYehova, woyisiwe sisithixo saseBhabhiloni.—Dan. 4:8.

8. Yintoni eyanceda uDaniyeli wakwazi ukuqhubeka engumhlobo kaYehova nangona wayekwilizwe lasemzini?

8 Nangona uDaniyeli wayenenyhweba yokutya izimuncumuncu zikakumkani, “wazimisela entliziyweni yakhe ukuba angazingcolisi.” (Dan. 1:8) Ekubeni wayesoloko efunda iincwadi ezingcwele ngolwimi lweenkobe, waqhubeka engumhlobo kaYehova nangona wayekwilizwe lasemzini. (Dan. 9:2) Yiloo nto wayesaziwa ngegama lakhe lesiHebhere nasemva kweminyaka emalunga neyi-70 eseBhabhiloni.—Dan. 5:13.

9. INdumiso 119 ithi lamnceda njani iLizwi likaThixo umbhali wayo?

9 Umbhali weNdumiso 119 wancedwa liLizwi likaThixo ukuze abe nesibindi sokwahluka kwabanye abantu. Kwafuneka anyamezele ukuhlekwa ngabanye abantu basebukhosini. (INdu. 119:23, 61) Nakuba kunjalo, wayelithanda ngentliziyo yakhe yonke ilizwi likaThixo.—Funda iNdumiso 119:11, 46.

QHUBEKA UNGUMHLOBO KAYEHOVA

10, 11. (a) Sifanele silifundele ntoni iLizwi likaThixo? (b) Sinokuyenza njani loo nto? Zekelisa.

10 Nakubeni sisenokuxakeka ebandleni okanye emsebenzini, kufuneka sibe nexesha lokufunda kunye nelonqulo lwentsapho. (Efe. 5:15, 16) Asifanele sileqe ukugqiba okanye sikhangele nje iimpendulo esiza kugqabaza ngazo kwiintlanganiso. Sifanele siqiniseke ukuba iLizwi likaThixo liyangena kwiintliziyo zethu ukuze liqinise ukholo lwethu.

11 Ukuze sikwazi ukwenza oku, xa sifunda kufuneka singacingi kakhulu ngendlela loo nto esebenza ngayo kwabanye abantu, kodwa masiyijongise kuthi. (Fil. 1:9, 10) Xa silungiselela intsimi, iintlanganiso okanye iintetho, sisenokungazisebenzisi kuthi ezo zinto sizifundayo. Ngokomzekelo: Nangona umpheki kuye kufuneke azingcamle izinto aziphekayo, akanakuphelela nje kuloo macephe awangcamlayo. Ukuze abe sempilweni, naye umele aziphakele aze atye. Nathi ke, kufuneka sondle iintliziyo zethu ngeZibhalo neencwadi zethu ezisebenza kwimeko yethu.

12, 13. Kutheni abaninzi kwabo bakhonza kwintsimi yolunye ulwimi besithi kuyanceda ukufunda ngolwimi lwabo?

12 Abaninzi kwabo bakhonza kwintsimi yolunye ulwimi baye bancedwa kukufunda iBhayibhile ngolwimi lwabo. (IZe. 2:8) Nabathunywa bevangeli bayazi ukuba ukuze baqhubeke bekhonza kwintsimi yolunye ulwimi, abanakuxhomekeka nje kwizinto abazifunda kwiintlanganiso.

13 UAlain osele eneminyaka esibhozo efunda isiPersi uthi: “Xa ndilungiselela iintlanganiso ngesiPersi, into engamandla isuka ibe lulwimi. Ekubeni ndisebenzisa ingqondo kakhulu xa ndifunda ngolunye ulwimi, azidli ngakufika kwintliziyo yam ezo zinto ndizifundayo. Yiloo nto ndiye ndiziphe ixesha lokufunda iBhayibhile nezinye iincwadi zethu ngolwimi lwam.”

FUNDISA ABANTWANA BAKHO

14. Yintoni abamele baqiniseke ukuba bayayenza abazali, yaye ngoba?

14 Abazali mabaqiniseke ukuba bafundisa abantwana babo iLizwi likaThixo ukuze ngokuthe ngcembe libe sezintliziyweni zabo. Emva kokuba bekwintsimi yolunye ulwimi ngaphezu kweminyaka emithathu, uSerge nomkakhe uMuriel baqaphela ukuba unyana wabo oneminyaka eyi-17 akonwabi ncam xa esenza izinto zonqulo. UMuriel uthi: “Wayedikwa xa kufuneka eshumayele ngolunye ulwimi, kanti ngaphambili wayekuthanda ukushumayela ngolwimi lwethu, isiFrentshi.” USerge uthi: “Xa sabona ukuba le nto yenza unyana wethu angazinikeli ngakumbi ekukhonzeni uYehova, sagqiba ekubeni sibuyele kwibandla esasikulo ngaphambili.”

Qiniseka ukuba inyaniso iyangena kwiintliziyo zabantwana bakho (Jonga isiqendu 14, 15)

15. (a) Zeziphi iimeko ezinokwenza abazali babuyele kwibandla lolwimi abaluqonda lula abantwana babo? (b) IDuteronomi 6:5-7 ithi mabenze ntoni abazali?

15 Zeziphi iimeko ezinokwenza abazali babuyele kwibandla lolwimi abaluqonda lula abantwana babo? Okokuqala, kufuneka babone ukuba banalo na ixesha nezinto eziza kubanceda bafundise abantwana babo ukuthanda uYehova, baze kwangaxeshanye bakwazi ukubafundisa olunye ulwimi. Okwesibini, basenokuqaphela ukuba abantwana babo abasenamdla wokwenza izinto zonqulo okanye wokushumayela ngolunye ulwimi. Xa kunjalo, abazali basenokubona ukuba mababuyele kwibandla lolwimi abantwana babo abaluqonda lula, de bayenze eyabo inyaniso.—Funda iDuteronomi 6:5-7.

16, 17. Abanye abazali bakwaze njani ukufundisa abantwana babo ngoxa bekwintsimi yolunye ulwimi?

16 Abanye abazali baye bakwazi ukufundisa abantwana babo ngolwimi lweenkobe ngoxa besiya kwiintlanganiso zolunye ulwimi. UCharles oneentombi ezintantu ezineminyaka eyi-9 ukuya kutsho kweyi-13, ukwiqela lesiLingala. Uthi: “Sagqiba ekubeni sizifundise size siqhube unqulo lwentsapho ngolwimi lwethu. Siye siqhelisele size senze nemidlalo ngesiLingala ukuze sifunde ulwimi ngoxa sonwabile.”

Zimisele ukufunda ulwimi lwasekuhlaleni uze ube nenxaxheba kwiintlanganiso (Jonga isiqendu 16, 17)

17 UKevin oneentombi ezimbini ezineminyaka emihlanu nesibhozo, uze necebo lokuzinceda, ekubeni zingaluqondi kakuhle ulwimi olusetyenziswa kwiintlanganiso. Uthi: “Mna nomkam siqhubela ntombi nganye isifundo ngolwimi lwethu, isiFrentshi. Siya kwiintlanganiso zesiFrentshi kube kanye ngenyanga. Sithatha ikhefu ukuze siye kwiindibano eziqhutywa ngolwimi lethu.”

18. (a) AmaRoma 15:1, 2 anokukunceda njani ubone eyona nto iya kunceda abantwana bakho? (b) Abanye abazali bacebisa ntoni? (Funda umbhalo osekugqibeleni.)

18 Ngabazali abamele bagqibe ukuba abantwana babo banokufunda njani ngoYehova. [2] (Gal. 6:5) UMuriel obekuthethwe ngaye uthi, yena nomyeni wakhe kuye kwafuneka bancame oko bebekufuna ukuze unyana wabo afunde ngoYehova. (Funda amaRoma 15:1, 2) Xa eyicinga le nto, uSerge uthi benza esona sigqibo silungileyo. Uthi: “Emva kokuba sibuyele kwibandla lesiFrentshi, ubuhlobo bonyana wam noYehova baqina de wabhaptizwa. Ngoku unguvulindlela othe ngxi. Phofu, ngoku ufuna ukubuyela kwiqela elisebenzisa olunye ulwimi!”

ILIZWI LIKATHIXO MALIBE SENTLIZIYWENI YAKHO

19, 20. Sibonisa njani ukuba siyalithanda iLizwi likaThixo?

19 Ngenxa yokuba uYehova esithanda, uye wenza iLizwi lakhe iBhayibhile lafumaneka ngeelwimi ezininzi ukuze ‘zonke iintlobo zabantu zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.’ (1 Tim. 2:4.) Uyazi ukuba ukuze abantu babe nokholo kufuneka bafunde iingcinga zakhe ngolwimi lwabo.

20 Kungakhathaliseki ukuba zinjani iimeko zethu, kufuneka sifunde iinyaniso ezinzulu. Xa sifunda iZibhalo ngolwimi lwethu, thina neentsapho zethu siya kuba ngabahlobo bakaYehova yaye siya kubonisa ukuba siwaxabisa ngokwenene amazwi kaThixo.—INdu. 119:11.

^ [1] (isiqendu 5) Amagama atshintshiwe.

^ [2] (isiqendu 18) Xa ufuna ukufunda ngendlela iBhayibhile enokuyinceda ngayo intsapho yakho, funda inqaku elithi, “Ukukhulisa Abantwana Kwelinye Ilizwe—Iinzima Nemivuzo” elikwiMboniselo kaOktobha 15, 2002.