Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indlela Yokufundisa Inyaniso

Indlela Yokufundisa Inyaniso

“Owu Yehova, . . . lonke ilizwi lakho liyinyaniso.”​—INDU. 119:159, 160.

IINGOMA: 29, 53

1, 2. (a) Ngowuphi owona msebenzi wawubalulekile kuYesu, ibe ngoba? (b) Kufuneka senze ntoni ukuze siphumelele entsimini?

UYESU KRISTU wayengumchweli nomshumayeli weendaba ezilungileyo. (Marko 6:3; Roma 15:8) Wayezenza kakuhle zombini ezi zinto. Wafunda ukusebenzisa izixhobo zokuchwela ukuze enze izinto ezintle ngemithi. Xa wayeshumayela iindaba ezilungileyo wayelusebenzisa kakuhle ulwazi lwakhe lweZibhalo ukuze ancede abantu baqonde iLizwi LikaThixo. (Mat. 7:28; Luka 24:32, 45) Xa wayeneminyaka eyi-30, uYesu wayeka ukuchwela kuba wayesazi ukuba owona msebenzi ubalulekileyo kukushumayela iindaba ezilungileyo. Wathi esinye sezizathu zokuba uThixo amthume emhlabeni yayikukuze ashumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani BukaThixo. (Mat. 20:28; Luka 3:23; 4:43) UYesu wayephilela ukushumayela ibe wayefuna nabanye basebenze naye.​—Mat. 9:35-38.

2 Asingobachweli sonke, kodwa ke sonke singabashumayeli beendaba ezilungileyo. Lo msebenzi ubaluleke kangangokuba noThixo uyawenza; iBhayibhile ide ithi “singabasebenzi abangamadlelane kaThixo.” (1 Kor. 3:9; 2 Kor. 6:4) Siyavuma ukuba “lonke ilizwi [likaYehova] liyinyaniso.” (INdu. 119:159, 160) Yiloo nto sifuna ukuqiniseka ukuba ‘siliphatha ngokufanelekileyo ilizwi lenyaniso’ xa sishumayela. (Funda eyesi-2 kuTimoti 2:15.) Ngenxa yoko, sisoloko sibuphucula ubuchule bethu bokusebenzisa iBhayibhile, eyona ncwadi sifundisa ngayo inyaniso ngoYehova, uYesu nangoBukumkani. Intlangano kaYehova ifuna siphumelele entsimini, yiloo nto isilungiselele nezinye izinto ekufuneka sizazi kakuhle. Xa sizibiza sithi, ziZixhobo Zokufundisa Entsimini.

3. Kweli xesha liseleyo, yintoni esifanele siyenze, ibe iZenzo 13:48 zisinceda njani?

3 Mhlawumbi uyazibuza ukuba kutheni sisithi ziZixhobo Zokufundisa Entsimini kunokuba sithi Esishumayela Ngazo. Kaloku ukushumayela kukuxelela nje umntu into; kodwa xa ufundisa uyayibethelela loo nto kwingqondo nakwintliziyo yakhe ukuze ayenze. Kweli xesha liseleyo, eyona nto masiyenze kukuqalisa izifundo zeBhayibhile nokufundisa abantu inyaniso. Xa kunjalo ke, kuza kufuneka sibakhangele nyhani abo ‘banotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade.’​—Funda iZenzo 13:44-48.

4. Sinokubabona njani abantu ‘abanotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade’? Sinokubafumana njani?

4 Sinokubabona njani abantu ‘abanotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade’? Njengokuba kwakunjalo ngexesha likaYesu nabapostile, abo bantu sibafumana xa sishumayela. Ngenxa yoko, senza le nto yatshiwo nguYesu: “Nakusiphi isixeko okanye idolophana eningena kuyo, funisisani ukuba ngubani na ofanelekayo kuyo.” (Mat. 10:11) Asilindelanga ukuba abantu abangenanyani, abazixelele ukuba bangoothile okanye abangamthandiyo uThixo bazamkele iindaba ezilungileyo. Thina sikhangela nje abantu abanyanisekileyo, abathobekileyo nabafuna ukuva inyaniso. Le nto singayifanisa noYesu xa wayechwela. Inoba wayekhangela owona mthi mhle xa efuna ukwenza ifanishala, iingcango, iidyokhwe nezinye izinto. Xa ewufumene loo mthi, wayethatha izixhobo zakhe zokuchwela, asebenzise ubuchule bakhe ukuze enze loo nto ifunekayo. Kufuneka senze loo nto ke nathi xa sifuna abantu abathanda inyaniso babe ngabafundi.​—Mat. 28:19, 20.

5. Yintoni ekufuneka siyazi ngeZixhobo Zokufundisa Entsimini? Yenza umzekelo. (Jonga imifanekiso esekuqaleni.)

5 Nto nganye esifundisa ngayo inomsebenzi wayo. Makhe senze umzekelo ngezixhobo afanele ukuba wayezisebenzisa uYesu xa echwela. * Kwakufuneka abe nezixhobo zokubala, ukuphawula, ukusika, ukugqobhoza, ukudibanisa nokwenza umthi ube yile nto ayifunayo. Nakuthi ke, nganye yezi Zixhobo Zokufundisa Entsimini inomsebenzi wayo. Ngoku makhe sibone ukuba singazisebenzisa njani.

IZIXHOBO EZICHAZELA ABANTU NGATHI

6, 7. (a) Uwasebenzise njani amakhadi e-JW.ORG? (b) Ziziphi izinto ezimbini ezisinceda kuzo izimemo?

6 Amakhadi E-JW.ORG. La makhadi mancinci nanceda kakhulu sinokuwasebenzisa xa sizazisa ebantwini naxa sifuna ukubabonisa iwebhsayithi yethu. Kule webhsayithi banokufunda izinto ezininzi ngathi baze bacele nesifundo seBhayibhile. Sithethanje, zingaphezu kwe-400 000 izicelo zezifundo zeBhayibhile eziye zenziwa kwiwebhsayithi ibe yonke imihla kucelwa ezinye ezininzi! Ungawaphatha la makhadi ukuze nanini na xa kuvela ithuba ushumayele.

7 Izimemo. Isimemo seentlanganiso sisinceda kwizinto ezimbini. Sithi: “Uyamenywa ukuba ufunde iBhayibhile namaNgqina KaYehova.” Emva koko sithi loo nto unokuyenza “kwiintlanganiso zethu” “okanye nomntu okufundisa iBhayibhile.” Ngoko esi simemo asichazeli nje abantu ngathi kodwa sikwanceda nabo ‘bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya’ ukuze bafunde iBhayibhile nathi. (Mat. 5:3) Phofu umntu unokuya kwiintlanganiso zethu enoba uyafundelwa okanye akafuni kuqhutyelwa sifundo. Xa ekuzo uza kuzibonela aze azivele indlela esiyifundisa ngayo iBhayibhile.

8. Kubaluleke kangakanani ukuba umntu eze kwiintlanganiso nokuba kukanye nje? Yenza umzekelo.

8 Kubalulekile ukuba singayeki ukumema abantu ukuba baye kwiintlanganiso nokuba kukanye. Ngoba? Ukuze babone ukuba amaNgqina KaYehova afundisa inyaniso eseBhayibhileni aze ancede abantu bamazi uThixo, nto leyo engenziwayo ecaweni. (Isa. 65:13) URay waseMerika nomfazi wakhe uLinda, bayibona le nto kwiminyaka eyadlulayo. Bagqiba kwelokuba bakhe baye ecaweni. Babekholelwa kuThixo kwaye befuna ukumkhonza, ngoko baqalisa ukuya kuzo zonke iicawa zedolophu yabo. Kwakukho iicawa ezininzi nyhani kuloo dolophu. Ngaphambi kokuba baphume endlini, bathi kukho izinto ezimbini abafuna ukuzibona kwicawa abaza kungena kuyo. Okokuqala, kwakufanele kubekho into abayifundayo kuloo cawa. Okwesibini, abantu abakuyo babefanele babonakale ukuba bamela uThixo. Emva kweminyaka eliqela babesele beye kuzo zonke iicawa ezikwidolophu yabo, kodwa ke bephoxekile. Babengafundanga nto, ibe nabantu bezo cawa babengenasidima. Emva kokuba bephume kwicawa yokugqibela, uLinda waya emsebenzini, uRay yena wagoduka. Endleleni egodukayo, uRay wagqitha ngakwiHolo YoBukumkani waza wathi, ‘Makhe ndingene apha ndibone ukuba aba benzani?’ Kwathi kanti uzincedile! Wafika wonke umntu kwiHolo YoBukumkani enobubele kwaye enxibe kakuhle. Wahlala kwizitulo ezingaphambili ibe wayithanda nyhani into eyayifundiswa apho! Kwenzeka laa nto yatshiwo ngumpostile uPawulos ngomntu oqala ngqa ukuza kwiintlanganiso zamaKristu aze athi: “Ngokwenene uThixo uphakathi kwenu.” (1 Kor. 14:23-25) URay wayesiya qho ngeCawa ibe waqalisa nokuya kuzo zonke ezaphakathi evekini. NoLinda waqalisa ukuya kwiintlanganiso, ibe bavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile baza babhaptizwa nangona babesele bengaphaya kweminyaka eyi-70.

IZIXHOBO ZOKUQALISA INCOKO

9, 10. (a) Kutheni kulula ukusebenzisa amaphecana? (b) Lisetyenziswa njani iphecana elithi Yintoni UBukumkani BukaThixo?

9 Amaphecana. Sinamaphecana asibhozo ekulula ukuwasebenzisa nasinceda kakhulu ekuqaliseni incoko. Aqalisa ukukhululwa ngo-2013 ibe ngoku sekuprintwe amalunga neebhiliyoni ezintlanu! Into emnandi ngawo kukuba xa ufunde ukusebenzisa elinye kufana nokuba uwafunde onke, kuba ayafana. Unokulisebenzisa njani iphecana ukuze uqalise incoko?

10 Makhe senze umzekelo ngephecana elithi Yintoni UBukumkani BukaThixo? Bonisa umntu umbuzo ongaphandle uze uthi: “Wakha wazibuza ukuba buyintoni uBukumkani BukaThixo? Ngaba ungathi  . . .” Emva koko mbuze ukuba ukhetha yiphi kwiimpendulo ezintathu. Akuyomfuneko ukuba uchaze ukuba impendulo yakhe ichanile okanye ayichananga, wena nje yiya kwindawo ethi, “Oko Kuthethwa YiBhayibhile” uze ufunde uDaniyeli 2:44 noIsaya 9:6. Ukuba uyakwazi, yiqhube incoko. Okokugqibela, mbonise umbuzo ongasemva kwindawo ethi, “Khawucinge Ngoku”: “Buza kuba njani ubomi xa kulawula uBukumkani bukaThixo?” Lo mbuzo uza kukunceda ukuze niphinde nincokole. Xa niphinda nidibana, ninokuthetha ngesahluko 7 sencwadana ethi, Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo! Le yenye yeencwadana esizisebenzisayo ukuze siqhube izifundo zeBhayibhile.

IZIXHOBO ZOKWENZA ABANTU BABE NOMDLA

11. Zibhalelwe ntoni iimagazini zethu, kodwa yintoni esifanele siyazi ngazo?

11 Iimagazini. IMboniselo noVukani! zezona magazini zisasazwa kakhulu neziguqulelwa kwiilwimi ezininzi emhlabeni! Ekubeni zifundwa emhlabeni wonke, imixholo engaphandle ibhalwa ngendlela yokuba ibangele umdla kubo bonke abantu. Sifanele sizisebenzise ukuze senze abantu babe nomdla kwezona zinto zibalulekileyo ebomini. Kodwa ke, ukuze sinike umntu imagazini emfaneleyo, sifanele sazi ukuba imagazini nganye ibhalelwe oobani.

12. (a) Ubhalelwe oobani uVukani! ibe yintoni injongo yawo? (b) Khawubalise indlela okuncede ngayo uVukani! entsimini.

12 UVukani! ubhalelwe abantu abangayazi kangako okanye abangayazi kwaukuyazi iBhayibhile. Kusenokwenzeka ukuba aba bantu abazi kwanto ngobuKristu, abazithembi iicawa kwaye abazi ukuba iBhayibhile iluncedo. Eyona nto abhalelwe yona uVukani! kukuze aba bantu babone ukuba nyhani uThixo ukho. (Roma 1:20; Heb. 11:6) Ukwanceda nomfundi abe nokholo lokuba iBhayibhile ‘enyanisweni lilizwi likaThixo.’ (1 Tes. 2:13) Imixholo emithathu yooVukani! baka-2018 ithi: “Indlela Yokufumana Ulonwabo,” “Izinto Eziyi-12 Ezonwabisa Usapho,” “Amacebiso Kubantu Abaswelekelweyo.”

13. (a) Ibhalelwe oobani iMboniselo kawonkewonke? (b) Khawubalise indlela ekuncede ngayo iMboniselo entsimini.

13 IMboniselo kawonkewonke ifundisa abantu abamhloniphayo uThixo neLizwi lakhe. Aba ngabantu abanolwazi oluncinci ngeBhayibhile kodwa abangaziqondi kakuhle izinto ezifundisayo. (Roma 10:2; 1 Tim. 2:3, 4) Imixholo yezintathu zika-2018 ithi: “Ngaba IBhayibhile Isabalulekile?,” “Likuphathele Ntoni Ikamva?,” “Ngaba UThixo Ukukhathalele?

IZIXHOBO ZOKUKHUTHAZA

14. (a) Zinceda ngantoni iividiyo ezine eziyinxalenye yeZixhobo Zokufundisa Entsimini? (b) Khawubalise indlela ezikuncede ngayo ezi vidiyo entsimini.

14 Iividiyo. Abachweli bomhla kaYesu babengenazo izixhobo ezisebenza ngombane. Kodwa ke abanamhlanje banazo—njengeesarha zombane, ezokugqobhoza, ezokubethelela izikhonkwane nezinye. Ukongezelela kwiincwadi eziprintiweyo, ngoku sinazo neevidiyo, ibe ezi zine zikho kwizixhobo zokufundisa entsimini: Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile?, Yintoni Eyenziwayo Xa Kufundwa IBhayibhile?, Yintoni Eyenzekayo EHolweni YoBukumkani? nethi Ngoobani AmaNgqina KaYehova? Iividiyo ezidlala imizuzu engaphantsi kwemibini ziluncedo kakhulu xa uqala ukudibana nomntu. Ezi zindana zona ungazisebenzisa xa ubuyela okanye xa ixesha livuma. Ezi vidiyo zinokunceda abantu bafune ukufunda iBhayibhile baze beze nakwiintlanganiso zethu.

15. Balisa into eyenzeka kwabanye oodade ebonisa indlela okunceda ngayo ukubukela ividiyo ngolwimi lwakho.

15 Khawuve into eyenzeka komnye udade: Lo dade wadibana nenkosikazi yaseMicronesia eyayithetha isiYapese waza wayibonisa ividiyo ethi, Kutheni Ufanele Ufunde IBhayibhile? ngolwimi lwayo. Xa le nkosikazi yabona le vidiyo, yathi: “Tyhini lulwimi lwam! Futhi ndimva kwalapha kwindlela athetha ngayo ukuba usuka kwisiqithi sam. Uthetha ulwimi lwam ngqo!” Emva koko yathi iza kufunda ize ibukele yonke into eku-jw.org yolwimi lwayo. (Thelekisa iZenzo 2:8, 11.) Omnye udade waseMerika yena wathumelela umtshana wakhe owayephesheya ilinki yevidiyo yolwimi lwakhe. Emva kokuyibukela, wambhalela esithi: “Ndiyithande gqitha laa ndawo ithetha ngomntu okhohlakeleyo olawula ihlabathi. Ndiye ndacela isifundo seBhayibhile.” Lo mntu uhlala kwilizwe esingavumelekanga ukushumayela ngokukhululekileyo kulo!

IZIXHOBO ZOKUFUNDISA INYANISO

16. Zezokwenzani ezi ncwadana: (a) Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade. (b) Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo! (c) Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje?

16 Iincwadana. Ungamfundisa njani umntu ongafundanga okanye ezingekhoyo iincwadi zolwimi lwakhe? Abantu abanjalo sibalungiselele incwadana ethi, Phulaphula UThixo Uze Uphile Ngonaphakade. * Incwadana ethi, Iindaba Ezilungileyo Ezivela KuThixo! iluncedo kakhulu ekuqaliseni izifundo. Unokubonisa umntu imixholo eyi-14 ekwiphepha elingasemva uze umcele akhethe awuthandayo. Emva koko uqalise isifundo kuloo mxholo. Ngaba ukhe wayizama le nto xa ubuyela? Incwadana yesithathu esifundisa ngayo entsimini ithi, Ngoobani Abenza Ukuthanda KukaYehova Namhlanje? Inceda isifundo sazi intlangano. Ubomi BamaKristu bukaMatshi 2017 bunamacebiso amahle endlela yokusebenzisa le ncwadana kwisifundo seBhayibhile ngasinye.

17. (a) Chaza ukuba zinceda entwenini iincwadi esiqhuba ngazo izifundo? (b) Yintoni ekufuneka ziyenze izifundo enoba sele zibhaptiziwe, ibe kutheni?

17 Iincwadi. Emva kokuba uqalise isifundo ngencwadana, ungayiyeka nanini na uze usiqhube ngencwadi ethi Yintoni Ngokwenene Efundiswa YiBhayibhile? Le ncwadi iza kunceda isifundo siziqonde nangakumbi iimfundiso zeBhayibhile. Xa niyigqibile loo ncwadi nesifundo esenza inkqubela, fundani ethi Zigcineni Kuthando LukaThixo. Yona iza kunceda isifundo siqonde ukuba umKristu ufanele aziphathe kanjani. Isifundo siqhube de nizigqibe zombini ezi ncwadi enoba loo mntu sele ebhaptiziwe. Loo nto iza kumnceda aqine.​—Funda abaseKolose 2:6, 7.

18. (a) Eyoku-1 kuTimoti 4:16 ithi masenze ntoni, ibe uza kuba yintoni umphumo? (b) Ifanele ibe yintoni eyona nto iphambili xa sisebenzisa iZixhobo Zokufundisa Entsimini?

18 Thina maNgqina KaYehova sithunywe ukushumayela ‘inyaniso yeendaba ezilungileyo,’ enokunceda abantu baphile ngonaphakade. (Kol. 1:5; funda eyoku-1 kuTimoti 4:16.) Yiloo nto silungiselelwe iZixhobo Zokufundisa Entsimini. (Jonga indawo ethi, “ IZixhobo Zokufundisa Entsimini.”) Masizame kangangoko ukuzisebenzisa ngobuchule ezi zinto. Umvakalisi ngamnye uza kuzikhethela ukuba yeyiphi aqala ngayo futhi nini kumntu onomdla. Kodwa ke eyona nto iphambili asikokusasaza nje iincwadi, ibe asifanele sinike abantu abangenamdla iincwadi. Eyona nto siyifunayo kukwenza abantu abanyanisekileyo, abathobekileyo nabafuna ukwazi uYehova babe ngabafundi, abantu ‘abanotyekelo olufanelekileyo ngobomi obungunaphakade.’​—IZe. 13:48; Mat. 28:19, 20.

^ isiqe. 5 Funda inqaku elithi “Umchweli” nebhokisi ethi “Ibhokisi Yezixhobo ZomchwelikwiMboniselo ka-Agasti 1, 2010.

^ isiqe. 16 Ukuba loo mntu akakwazi kufunda, angakumamela njengoko umfundela incwadana ethi Phulaphula UThixo, kuba eyona nto ininzi kuyo yimifanekiso.