Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 43

Unganikezeli!

Unganikezeli!

“Masingayeki ukwenza izinto ezilungileyo.”​—GAL. 6:9.

INGOMA 68 Hlwayela Imbewu YoBukumkani

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Kutheni sizidla ngokuba ngamaNgqina KaYehova?

 SIYAZIDLA ngokuba ngamaNgqina KaYehova. Singabantu bakaYehova ibe loo nto siyibonisa ngokushumayela nokwenza abafundi. Sivuya kakhulu xa sincede umntu ‘ozimisele ukufumana ubomi obungunaphakade’ wakhonza uYehova. (IZe. 13:48) Nathi siba njengoYesu ‘owafikelwa ngumoya oyingcwele waza wavuya’ xa abafundi babuya neendaba ezimnandi kumsebenzi wokushumayela ababeyokuwenza.​—Luka 10:1, 17, 21.

2. Sinokubonisa njani ukuba umsebenzi wokushumayela ubalulekile kuthi?

2 Umsebenzi wokushumayela, ubalulekile kuthi. Umpostile uPawulos wathi kuTimoti: “Hlala uzigadile, ugade nezinto ozifundisayo.” Waphinda wathi, “kuba xa kunjalo, uza kuzisindisa wena, usindise nabo bakumamelayo.” (1 Tim. 4:16) Ngoko umsebenzi wethu wokushumayela usindisa ubomi babantu. Sihlala sizigadile kuba siza kulawulwa buBukumkani BukaThixo. Sisoloko sifuna ukuzukisa igama likaThixo ngendlela esenza ngayo futhi siziphathe ngendlela ehambisana neendaba ezilungileyo. (Fil. 1:27) Sibonisa nokuba ‘sigade nezinto esizifundisayo’ ngokulungiselela kakuhle xa siza kuya entsimini, sicele noYehova asincede xa siza kushumayela ebantwini.

3. Ngaba bonke abantu baza kumamela xa sishumayela ngoBukumkani? Yenza umzekelo.

3 Nokuba singazama kangakanani ukushumayela ngoBukumkani, abantu basenokusimamela olo hlotyana, okanye bangasimameli. Umzalwana uGeorg Lindal, wayeshumayela yedwa eIceland ukususela ngo-1929 de kwango-1947. Wahambisa iincwadi zethu ezininzi kodwa akho nomnye owaba liNgqina. Uthi: “Abanye babengafuni kwanto ethetha ngeBhayibhile kodwa ke abanye babengenamdla nje qha.” Kwafika abathunywa bevangeli ababepase eGiliyadi beyokuncedisa kumsebenzi wokushumayela, kodwa nakubo kwaqala kwadlula iminyaka ethile besokola kulo msebenzi. Emva kweminyaka eyi-9 abantu baseIceland bazinikela kuYehova baza babhaptizwa. *

4. Sinokuziva njani xa kungekho mntu usimamelayo xa sishumayela?

4 Siye sityhafe xa kungekho mntu usimamelayo xa sishumayela. Sinokuziva njengoPawulos ‘owakhathazeka kakhulu nentliziyo yakhe ibuhlungu’ xa amaYuda amaninzi ayengavumi ukuba uYesu nguMesiya ekwakuthiwe uyeza. (Roma 9:1-3) Masithi ufunda nomntu iBhayibhile. Uzama ngazo zonke iindlela ukumfundisa ukuze amazi uThixo futhi umane umthandazela. Kodwa akazenzi izinto azifundileyo kude kufuneke uyeke ukufunda naye. Okanye masithi zange wanceda mntu wabhaptizwa. Ngaba loo nto ifanele ikukhathaze ude ucinge ukuba uYehova akavuyiswa ngumsebenzi wakho? Kweli nqaku siza kuphendula imibuzo emibini: (1) Yintoni ebonisa ukuba siyaphumelela entsimini? (2) Yintoni esifanele siyilindele xa sishumayela?

YINTONI EBONISA UKUBA SIYAPHUMELELA ENTSIMINI?

5. Kutheni umsebenzi esiwenzela uYehova usenokungenzeki ngale ndlela besifuna ngayo?

5 IBhayibhile ithi xa ithetha ngomntu owenza ukuthanda kukaThixo: “Yonke into ayenzayo iza kuphumelela.” (INdu. 1:3) Kodwa loo nto ayithethi kuthi yonke into esiyenzela uYehova iza kwenzeka ngale ndlela sifuna ngayo. Ubomi bethu ‘bugcwele ziinkathazo,’ ezethu nezabanye. (Yobhi 14:1) Nabo bangasithandiyo basenokude bakwazi ukuwuyekisa okwexeshana umsebenzi wokushumayela esiwenzayo. (1 Kor. 16:9; 1 Tes. 2:18) Ubona njani ke uYehova ukuba siyaphumelela kulo msebenzi? Nantsi eminye yemigaqo yeBhayibhile enokusinceda siphendule lo mbuzo.

KuYehova ubalulekile umsebenzi wethu nokuba sishumayela emntwini, ngeleta okanye ngefowuni (Jonga isiqendu 6)

6. UYehova ubona njani ukuba siyaphumelela kumsebenzi esimenzela wona?

6 UYehova ujonga imizamo nokunyamezela kwethu. Yena usibona siphumelele xa lo msebenzi siwenza ngokuzimisela kuba simthanda, nokuba abantu bayasimamela okanye abasimameli. UPawulos wathi: “UThixo akangoThixo ongenabulungisa ukuba angade awulibale umsebenzi wenu nendlela enibonise ngayo ukuba niyalithanda igama lakhe, ngokuthi nibalungiselele abo bangcwele yaye nisaqhubeka nibalungiselela.” (Heb. 6:10) UYehova uyawubona umsebenzi esimenzela wona nendlela esimthanda ngayo nokuba abantu esibafundelayo abade babhaptizwe. Nokuba into oyenzayo ayide yenzeke ngale ndlela ubufuna ngayo, amazwi uPawulos awayewaxelela ibandla laseKorinte angakunceda nawe. Wathi: “Ukusebenza kwenu akulolize eNkosini.”​—1 Kor. 15:58.

7. Sinokufunda ntoni kwinto eyathethwa ngumpostile uPawulos ngomsebenzi wakhe?

7 Umpostile uPawulos wayengumvangeli ophum’ izandla, esenza kubekho amabandla kwiidolophu ezininzi. Kodwa xa abantu babemgxeka besithi akafundisi kakuhle, zange abe ebaxelela ukuba bangaphi abantu abancede bangamaKristu. Wasuka wathi: “Ndisebenze ngaphezu kwabo.” (2 Kor. 11:23) NjengoPawulos nathi masihlale sikhumbula ukuba into ebalulekileyo kuYehova kukuba sizimisele kumsebenzi wethu nokuba singanikezeli.

8. Yintoni esifanele singayilibali ngomsebenzi wethu wokushumayela?

8 Umsebenzi esiwenzayo wenza uYehova avuye. UYesu wathuma abafundi bakhe abayi-70 ukuba bayokushumayela ngoBukumkani. Xa bebuya ‘babevuya.’ Yintoni eyayibavuyisa? Bathi: “Sithotyelwa naziidemon ngenxa yegama lakho.” Kodwa uYesu wabalungisa esithi: “Sanukuvuyiswa kukuthotyelwa ziidemon nje qha, kodwa vuyani kuba amagama enu ebhaliwe emazulwini.” (Luka 10:17-20) UYesu wayesazi ukuba ngamanye amaxesha baza kubuya bengonwabanga xa beye entsimini. Phofu asazi nokuba bangaphi abantu ababa ngamaKristu kwaba bantu babenomdla kwiindaba ezilungileyo. Ngoko aba bafundi kwakuza kufuneka bayazi ukuba abamele bavuyiswe nje kukuba beye bamanyelwa ngaba bantu. Kodwa babemele bavuyiswe nakukwazi ukuba uYehova uyavuya xa bezimisele kulo msebenzi.

9. AmaGalati 6:7-9 athi siza kufumana ntoni ukuba siyanyamezela kumsebenzi wokushumayela?

9 Ukuba siyanyamezela kumsebenzi wokushumayela, siza kufumana ubomi obungunaphakade. Xa sizimisela ukushumayela nokufundisa iindaba ezilungileyo, sivumela ‘umoya kaThixo’ usebenze ebomini bethu. Ukuba ‘asiyeki’ ukushumayela okanye ‘asidinwa,’ uYehova usithembisa ukuba siza kufumana ubomi obungunaphakade. Loo nto iza kwenzeka noba asinamntu simncede wabhaptizwa.​—Funda amaGalati 6:7-9.

YINTONI ESIFANELE SIYILINDELE XA SISHUMAYELA?

10. Kuxhomekeke kwintoni ukusimamela nokungasimameli kwabantu xa sishumayela?

10 Ubukhulu becala kuxhomekeke kuloo mntu ukuba unentliziyo enjani. UYesu wayicacisa le nto ngokwenza umzekelo womntu owatyala imbewu kwimihlaba engafaniyo. Loo mbewu yakhula kulo ulungileyo. (Luka 8:5-8) Wathi le mihlaba ingafaniyo imela abantu abalamkela ngeendlela ezingafaniyo “ilizwi.” (Luka 8:11-15) Nathi ke asikwazi kumenza abe nomdla umntu esishumayela kuye. Umsebenzi wethu kukuqhubeka sishumayela ngoBukumkani. UPawulos wathi “mntu ngamnye uza kufumana umvuzo ngenxa yomsebenzi wakhe.”​—1 Kor. 3:8.

UNowa washumayela iminyaka emininzi, kodwa kumkhombe wangena nomfazi wakhe, oonyana bakhe nabafazi babo. Sekunjalo, wamthobela uThixo, wawugqiba wonke umsebenzi awayethe makawenze! (Jonga isiqendu 11)

11. Yintoni eyanceda uNowa wawenza kakuhle umsebenzi wakhe wokuba ‘ngumshumayeli wobulungisa’? (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

11 Abakhonzi bakaYehova bakudala babeshumayela kubantu abangafuniyo ukubamamela. Ngokomzekelo, uNowa ‘wayengumshumayeli wobulungisa’ kangangeminyaka eyi-40 okanye eyi-50. (2 Pet. 2:5) Wayenethemba lokuba abanye abantu baza kummamela kodwa uYehova zange atsho ukuba iza kwenzeka loo nto. Wamxelela ukuba akhe umkhombe waza wathi: “Umele ungene emkhombeni, wena, oonyana bakho, umfazi wakho nabafazi boonyana bakho.” (Gen. 6:18) Kusenokwenzeka ukuba wathi uYehova akumxelela ukuba ufanele awenze ube mngakanani umkhombe, uNowa waqonda ukuba abantu abaninzi abazukummamela. Nokuba babemmamele babengazukwanela kakade. (Gen. 6:15) Nyhani ke akho nomnye umntu owammamelayo uNowa. (Gen. 7:7) Ngaba uYehova wathi uNowa akawenzanga kakuhle umsebenzi wakhe? Zange. KuYehova, uNowa wayewenze kakuhle umsebenzi wakhe kuba wenza kanye le nto wayeyithunyiwe.​—Gen. 6:22.

12. Yintoni eyanceda uYeremiya washumayela evuya kubantu ababengenamdla nababengamameli?

12 Nomprofeti uYeremiya washumayela iminyaka engaphezu kweyi-40 kubantu ababengenamdla nababengammameli. Watyhafa ngenxa ‘yokuthukwa nokugezelwa’ ngabantu ababengenamdla, wafuna ukunikezela. (Yer. 20:8, 9) Kodwa zange ade anikezele. Yintoni eyamnceda waqhubeka nalo msebenzi waza wavuyiswa kukuwenza? Zimbini izinto ezazibalulekile kuye ngomsebenzi wakhe. Eyokuqala, umyalezo awayewuxelela abantu wawuza kubanceda babe ‘nethemba nekamva.’ (Yer. 29:11) Eyesibini, uYehova wayekhethe yena ukuba abaxelele umyalezo wakhe. (Yer. 15:16) Nathi sixelela abantu ngaloo myalezo wethemba futhi singqinela igama likaYehova. Ukuba siyabaxelela ngezi zinto zimbini, siza kutsho sonwabe nokuba abasimameli.

13. Sifunda ntoni kumzekelo kaYesu okuMarko 4:26-29?

13 Kuthatha ixesha ukuba nokholo oluqinileyo. UYesu wayenza yacaca le nto kumzekelo wakhe womfama otyalayo aze alale. (Funda uMarko 4:26-29.) Uthi akutyala izityalo zakhe zithathe ixesha elide ukukhula ibe akho nto anokuyenza ukuze zikhule ngokukhawuleza. Nathi kusenokufuneka silinde ixesha elide ngaphambi kokuba umntu esimfundelayo azenze izinto azifunde eBhayibhileni. Ngoko sukutyhafa okanye unikezele xa engade azenze izinto azifundileyo. Ukwenza abafundi kufana nokutyala, kufuna silinde.​—Yak. 5:7, 8.

14. Ngowuphi umzekelo obonisa ukuba kusenokuqala kudlule ixesha ngaphambi kokuba abantu basimamele?

14 Kwezinye iindawo abantu esishumayela kubo basenokungakhawulezi babhaptizwe. Sinomzekelo woodade ababini abazalwa kunye, uGladys noRuby Allen. Ngo-1959, bathunyelwa kwidolophu ekwiphondo laseKhanada, eliyiQuebec, bengoovulindlela abathe ngxi. * Abantu balapho babesoyika ukuba baza kuthini abamelwane nabefundisi xa bebabona bethetha namaNgqina. Ngoko babengafuni ukubamamela. UGladys uthi: “Sasichitha iiyure ezisibhozo sishumayela kwindlu ngendlu kangangeminyaka emibini kodwa zange kubekho mntu usimamelayo. Abantu babesiza emnyango, bathi bakubona ukuba sithi, bajike. Kodwa zange sinikezele.” Ekuhambeni kwexesha baba nobubele baza bamamela. Ngoku kukho amabandla amathathu kula dolophu.​—Isa. 60:22.

15. Ama-1 Korinte 3:6, 7 asifundisa ntoni ngomsebenzi wokwenza abafundi?

15 Kufuneka kuncedisane abantu abaninzi ukuze umntu abe ngumfundi. Wonke umntu ebandleni kufuneka afake isandla ekuncedeni umntu ade abhaptizwe. (Funda ama-1 Korinte 3:6, 7.) Ngokomzekelo, umzalwana unokushiya iphecana okanye incwadi kumntu onomdla. Lo mzalwana unokubona ukuba ixesha alizukumvumela ukuba aphinde abuyele kulo mntu, aze acele omnye umvakalisi ukuba abuyele kuye. Lo mvakalisi uqalisa isifundo seBhayibhile nalo mntu. Umema abazalwana noodade ukuba bahambe naye xa esiya kwesi sifundo. Ngamnye kwaba bazalwana noodade uyasikhuthaza. Bonke aba bavakalisi bayasinceda sibe nokholo oluqinileyo. UYesu wathi bonke abantu abancede omnye wabhaptizwa baza kuvuya.​—Yoh. 4:35-38.

16. Kutheni unokuvuyiswa ngumsebenzi wokushumayela noba uyagula okanye awunamandla njengakuqala?

16 Masithi awukwazi ukushumayela nokufundisa njengakuqala ngenxa yokugula okanye awunamandla. Usenokuvuya ngenxa yaloo nto ukwaz’ ukuyenza. Uyakhumbula ukuba kwenzeka ntoni xa uKumkani uDavide wasindisa iintsapho nezinto zabo kuma-Amaleki? Amadoda ayi-200 ayedinwe kakhulu engakwazi nokulwa. Ngoko ashiyeka egade ezo zinto zabo. UDavide namadoda akhe boyisa kuloo mfazwe, bathatha ubutyebi obuninzi kwezo ntshaba. Wathi kumadoda akhe zonke izinto abazifumeneyo mazabiwe ngokulinganayo ukuze kufumane wonke umntu, nala madoda ebeshiyeke egadile. (1 Sam. 30:21-25) Eli bali lisifundisa into ebalulekileyo ngomsebenzi wethu wokwenza abafundi. Sisenokungakwazi ukushumayela ngamandla ethu onke. Kodwa ukuba siyazimisela, siza kuvuya qho xa kukho umntu omtsha ofunda ngoYehova aze abhaptizwe.

17. Kutheni sifanele simbulele nje uYehova?

17 Siyambulela uYehova ngokubonisa kwakhe uthando kwindlela awujonga ngayo umsebenzi esimenzela wona. Uyayazi ukuba asinakubanyanzela abantu basimamele okanye bamkhonze. Kodwa uyabona ukuba simthanda kakhulu futhi sishumayela sizimisele. Usifundisa nokuba sivuyiswe yiloo nto sikwaz’ ukuyenza kumsebenzi wethu wokushumayela. (Yoh. 14:12) Masiqiniseke ukuba uYehova uyavuyiswa sithi ukuba asinikezeli.

INGOMA 67 ‘Shumayela Ilizwi’

^ isiqe. 5 Siyavuya xa abantu bezamkela iindaba ezilungileyo esibaxelela zona, kodwa siphoxeke xa bengazamkeli. Uza kuthini xa umntu omfundela iBhayibhile engade azenze izinto azifundayo? Okanye masithi zange wanceda mntu wabhaptizwa. Ngaba loo nto ithi uYehova awumsebenzelanga kakuhle? Kweli nqaku siza kubona ukuba singakwazi ukonwaba nokuba abantu bayasimamela okanye abasimameli. Siza kufunda nokuba sinako ukuphumelela kumsebenzi esiwenzela uYehova.

^ isiqe. 3 Jonga Incwadi Yonyaka YamaNgqina KaYehova Yango-2005 kwiphe. 205-211.

^ isiqe. 14 Jonga ibali lobomi likaGladys Allen elinomxholo othi, “Bendingayi Kutshintsha Kwanto!kwiMboniselo kaSeptemba 1, 2002.