Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

AmaSirayeli Ayesilwa Ezimfazweni—Kutheni Thina Singalwi?

AmaSirayeli Ayesilwa Ezimfazweni—Kutheni Thina Singalwi?

NGEMFAZWE Yehlabathi II, igosa lomkhosi wamaNazi lashawuta iqela lamaNgqina KaYehova lisithi: “Ukuba kuni kukho ongafuniyo ukulwa neFransi okanye iNgilani, niza kubulawa nonke!” Ngelo xesha umkhosi oxhobileyo wamaNazi wawulindile, kodwa akukho nomnye kwaba bazalwana bethu owanikezelayo. Babenesibindi nyhani! Le yinto esiyenzayo xa kusithiwa masiye kulwa emfazweni: Asivumi ukulwa kwiimfazwe zeli hlabathi. Nokuba sesisoyikiswa ngokubulawa, asithathi cala kwiingxabano zeli hlabathi.

Kodwa ke, ayingabo bonke abantu abazibiza ngokuba ngamaKristu abavumelana nathi kule nto. Abaninzi bakholelwa ukuba umKristu unokulikhusela ilizwe lakhe, ibe ufanele alikhusele. Basenokude bathi: ‘AmaSirayeli ayengabantu bakaThixo kodwa esilwa ezimfazweni, kutheni wona amaKristu kufuneka angalwi?’ Ungathini xa uphendula? Ungacacisa ukuba imeko yamaSirayeli yayahluke kakhulu kweyamaKristu anamhlanje. Nazi izinto eziyi-5 eyayahluke ngazo.

1. BONKE ABANTU BAKATHIXO BABELUHLANGA OLUNYE

Kudala, uYehova wakhetha uhlanga olunye ukuba lube ngabantu bakhe. Olo yayiluhlanga lakwaSirayeli. Wathi ‘ngabantu bakhe abakhethekileyo, phakathi kwazo zonke izizwana.’ (Eks. 19:5) Wabakhethela nendawo ababeza kuhlala kuyo. Ngoko xa esithi mawayokulwa nezinye iintlanga, ayengazukulwa nabanye abakhonzi bakhe. *

Namhlanje, abakhonzi bakaYehova bokwenene baphuma “kuzo zonke iintlanga nezizwe nezizwana neelwimi.” (ISityhi. 7:9) Ukuba abantu bakaThixo bebesilwa iimfazwe, bebeza kulwa nabanye abakhonzi Bakhe, bababulale nokubabulala.

2. NGUYEHOVA OWAYESITHI AMASIRAYELI MAWALWE IIMFAZWE

Kudala, isigqibo sokuba amaSirayeli ayokulwa nini futhi elwela ntoni sasisenziwa nguYehova. Ngokomzekelo, wathi mawayokulwa namaKanan awayesaziwa ngokukhonza iidemon, ngokuziphatha kakubi ngesondo ngendlela eyonyanyekayo nangokubingelela ngabantwana bawo. Ukuze amaSirayeli angosulelwa zezi zinto, uYehova wawayalela ukuba abatshabalalise aba bantu, bangabikho kwiLizwe Lesithembiso. (Lev. 18:24, 25) Emva kokuba efikile kwiLizwe Lesithembiso, ngamanye amaxesha uThixo wayewaxelela ukuba aye kulwa neentshaba ezaziwacinezela, ukuze akhusele uhlanga lwawo. (2 Sam. 5:17-25) Kodwa zange awavumele nakanye ukuba aye kulwa nanini na efuna. Xa eyenzile loo nto, ayesiba kwenkulu ingxaki.—Num. 14:41-45; 2 Kron. 35:20-24.

Namhlanje, ayingoYehova oyalela abantu ukuba balwe iimfazwe. Amazwe awalweli izinto ezifunwa nguThixo, alwela ezawo. Anokuqala imfazwe kuba efuna umhlaba omkhulu, imali eninzi nokukhuthaza izinto zepolitiki afuna ukuzenza. Kodwa kuthiwani ngabantu abathi balwa egameni likaThixo ukuze bakhusele inkolo yabo, okanye babulale iintshaba zikaThixo? Iseza imfazwe uThixo aza kuzitshabalalisa ngayo iintshaba zakhe aze akhusele abakhonzi Bakhe. Loo mfazwe ibizwa ngokuba yiArmagedon. (ISityhi. 16:14, 16) Abantu abaza kulwa kuyo ayingabo abakhonzi bakhe abasemhlabeni, yimikhosi yakhe yasezulwini.—ISityhi. 19:11-15.

3. AMASIRAYELI AYENGABABULALI ABANTU ABANOKHOLO

Ngaba namhlanje lukhona uhlanga uThixo alulwelayo, njengokuba walwela amaSirayeli eYeriko?

Kudala, umkhosi wamaSirayeli wawusiba nenceba kubantu abaye banokholo kuThixo. Wawubulala kuphela abantu uYehova athe bafanelwe kukufa. Nantsi imizekelo emibini. UYehova wayalela ukuba amaSirayeli atshabalalise iYeriko, kodwa zange ambulale uRahabhi nentsapho yakhe ngenxa yokuba waba nokholo. (Yosh. 2:9-16; 6:16, 17) Ekuhambeni kwexesha, isixeko saseGibheyon zange sitshatyalaliswe kuba bonke abantu baso baba nokholo kuThixo.—Yosh. 9:3-9, 17-19.

Namhlanje, xa kusilwa izizwe kubulawa nabantu abanokholo. Ngamanye amaxesha kufa nabantu abangenzanga nto.

4. AMASIRAYELI KWAKUFUNEKA ATHOBELE IMITHETHO KATHIXO YEMFAZWE

Kudala, uYehova wayefuna amaSirayeli alwe ngendlela awayalele ngayo. Ngokomzekelo, ngamanye amaxesha wayewayalela ukuba anike isixeko aza kulwa naso “ithuba lokunikezela.” (Dut. 20:10) Wayelindele nokuba wona, inkampu yawo nendlela aziphethe ngayo ihlale iklini. (Dut. 23:9-14) Imikhosi yezinye iintlanga yayisithi xa yoyisile idlwengule abafazi bezo ndawo, kodwa yena uYehova wayengawavumeli amaSirayeli ukuba ayenze loo nto. Wayengafuni nokuba atshate umfazi othinjiweyo ingekapheli inyanga.—Dut. 21:10-13.

Namhlanje, amazwe amaninzi aye avumelana ukuba aza kulandela imithetho ebekiweyo xa esilwa iimfazwe. Nangona loo mithetho isenzelwa ukukhusela abantu abangekho semfazweni, into ebuhlungu kukuba amazwe akhe angayilandeli.

5. UTHIXO WAYELULWELA UHLANGA LWAKHE

Ngaba bayasinda abantu abanokholo kwiimfazwe zanamhlanje, njengokuba uRahabhi nentsapho yakhe basindayo xa uYehova wayesilwa neYeriko?

Kudala, uYehova wayewalwela amaSirayeli, ngamanye amaxesha ewenza oyise ngendlela emangalisayo. Ngokomzekelo, wawanceda njani ukuze oyise isixeko saseYeriko? Enza into awayewayalele yona, ‘ahlab’ umkhosi lwaza udonga lwawa bhuma,’ kwatsho kwalula ukuba asithimbe eso sixeko. (Yosh. 6:20) Awoyisa njani wona ama-Amori? “UYehova wahlisela phezu kwabo amatye amakhulu esichotho . . . Eneneni, baninzi abantu ababulawa sisichotho kunabo babulawa likrele lamaSirayeli.”—Yosh. 10:6-11.

Namhlanje, alukho uhlanga olulwelwa nguYehova. Kaloku, uBukumkani Bakhe obunoKumkani onguYesu “ayibubo obeli hlabathi.” (Yoh. 18:36) Kodwa bonke oorhulumente abangabantu balawulwa nguSathana. Loo nto ibonakala kwindlela ezikhohlakele ngayo iimfazwe eziliwa kweli hlabathi.—Luka 4:5, 6; 1 Yoh. 5:19.

AMAKRISTU OKWENENE AHLALA NGOXOLO NABANTU

Njengokuba sesibonile, imeko yethu yahluke kakhulu kweyamaSirayeli. Kodwa ezi ayizizo zodwa izinto ezisenza singayi emfazweni. Zikhona nezinye. Ngokomzekelo, uThixo watsho kwakudala ukuba ngemihla yokugqibela abantu abafundiswa nguye soze ‘bafunde ukulwa imfazwe,’ asisathethi ke ngokulwa kuzo. (Isa. 2:2-4) Kanti yena uKristu wathi abafundi bakhe ‘babengazukuba ngabehlabathi’; babengazukuthatha icala nakwimilo yalo.—Yoh. 15:19.

Kukho nezinye izinto awathi bamele bazenze. Wabayalela ukuba balumkele izinto ezaziza kubenza babe nenzondo, baqumbe baze balwe. (Mat. 5:21, 22) Waphinda wathi ‘mabadale uxolo,’ bathande neentshaba zabo.—Mat. 5:9, 44.

Singayenza njani thina le nto? Mhlawumbi asiyicingi nokuyicinga into yokuya kulwa emfazweni, kodwa ngaba sikhe sicinge ukuba kukho abantu abangasithandiyo ebandleni, abaziintshaba zethu? Masiqhubeke sizama ngamandla ukuzikhupha iingcinga ezinjalo ezintliziyweni zethu.—Yak. 4:1, 11.

Kunokuba silwe kwiimfazwe eziliwa ziintlanga, sisebenzela ukuba sihlale ngoxolo nabantu futhi sibathande. (Yoh. 13:34, 35) Sizimisele ukuhlala singathathi cala, silinde usuku lwaxa uYehova eza kuziphelisa zonke iimfazwe, zingaphindi zibekho.—INdu. 46:9.

^ Ngamanye amaxesha, izizwe zakwaSirayeli zazikhe zilwe zodwa, nangona uYehova wayengayithandi loo nto. (1 Kum. 12:24) Kodwa wayekhe azivumele ezo mfazwe kuba ezinye izizwe zazikhe zingathembeki kuye, okanye zenze izono ezinzulu.—ABagwe. 20:3-35; 2 Kron. 13:3-18; 25:14-22; 28:1-8.