INQAKU ELIFUNDWAYO 41
Ungakwazi Ukonwaba Nyhani
“Bonwabile bonke abantu aboyika uYehova, abahamba ngeendlela zakhe.”—INDU. 128:1.
INGOMA 110 “Uvuyo Esilunikwa NguYehova”
IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *
1. Kuthetha ukuthini ‘ukumdinga uThixo’? Kudibana njani nokonwaba?
UMNTU owonwabe nyhani ayingomntu owonwabayo namhlanje, ngomso ibe ngathi khange onwabe, kodwa wonwaba ubomi bakhe bonke. Yenzeka njani loo nto? KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni uYesu wathi: “Bonwabile abo baqondayo ukuba bayamdinga uThixo.” (Mat. 5:3) Wayesazi ukuba abantu badalelwe ukuba bakufune nyhani ukumazi uMdali wabo uYehova uThixo nokumkhonza. Into ethetha ukuthi bayamdinga uThixo. Ekubeni uYehova ‘enguThixo owonwabileyo,’ nabantu abamkhonzayo bangonwaba.—1 Tim. 1:11.
2-3. (a) UYesu wathi ngabaphi abanye abantu abanokonwaba? (b) Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku? Kutheni simele sithethe ngaloo nto?
2 Ngaba kufuneka izinto zisihambele kakuhle ukuze sonwabe? Hayi. Iyamangalisa into eyathethwa nguYesu kwintshumayelo yakhe. Wathi nabantu ‘abaneentliziyo ezibuhlungu’ mhlawumbi kuba bezisola ngezinto ezimbi abazenzileyo okanye ngenxa yeengxaki abanazo, bangonwaba. Wathetha into efanayo nangabantu ‘abatshutshiswa kuba besenza izinto ezilungileyo nabathukwayo’ kuba bengabalandeli bakhe. (Mat. 5:4, 10, 11) Kodwa ingenzeka njani into yokuba bonwabe nyhani abantu abanezi ngxaki?
3 UYesu wayesifundisa ukuba singonwaba nokuba sineengxaki, ukuba nje senza izinto ezibonisa ukuba siyamdinga uThixo size sisondele Kuye. (Yak. 4:8) Sinokuzenza njani ezo zinto? Kweli nqaku siza kuthetha ngezinto ezintathu ekufuneka sizenze ukuze sonwabe nyhani.
FUNDA IBHAYIBHILE
4. Yeyiphi into yokuqala esimele siyenze ukuze sonwabe nyhani? (INdumiso 1:1-3)
4 INTO YOKUQALA: Ukuze sonwabe nyhani kufuneka silifunde iLizwi LikaThixo. UYesu walifanisa nokutya. Ukuze abantu nezilwanyana baphile, kufuneka batye. Kodwa ngabantu abakwaziyo ukulifunda iLizwi LikaThixo, ngoko kufuneka balifunde. Yiloo nto uYesu wathi: “Umntu akamele aphile ngokutya kuphela, kodwa umele aphile nangawo onke amazwi aphuma emlonyeni kaYehova.” (Mat. 4:4) Ngoko malungadluli usuku singakhange silifunde iLizwi LikaThixo iBhayibhile. Umdumisi wathi: ‘Wonwabile umntu othanda umthetho kaYehova nowufunda imini nobusuku.’—Funda iNdumiso 1:1-3.
5-6. (a) Yintoni esiyixelelwa yiBhayibhile? (b) Ukufunda iBhayibhile kunokusinceda njani?
5 EBhayibhileni, uYehova osithandayo usixelele izinto esimele sizenze ukuze sonwabe. Uyasixelela ukuba wayesidalele ukuba siphile njani. Uyasixelela indlela esinokusondela ngayo kuye nento esimele siyenze ukuze asixolele izono zethu. Sifunda nangezinto ezimangalisayo asithembisa ukuba uza kusenzela zona. (Yer. 29:11) Ezi nyaniso sizifunda eBhayibhileni zisenza sivuye nyhani.
6 Siyazi ukuba iBhayibhile isicebisa ngezinto ezininzi ezinokusinceda ebomini. Xa sizenza izinto esicebisa zona, sinokonwaba. Xa unezinto ezikutyhafisayo yiba ngathi uyaqina apha ekufundeni iLizwi LikaYehova uze ucingisise ngezinto ozifundayo. UYesu wathi: “Bonwabe kakhulu abo balivayo ilizwi likaThixo baze balithobele!”—Luka 11:28.
7. Yintoni ongayenza ukuze ukufunda iLizwi LikaThixo kukuncede?
7 Sukungxama xa ufunda iLizwi LikaThixo, yithi chu, ukuze uyonwabele le nto uyifundayo. Ngokomzekelo, ngaba yakha yenzeka le nto kuwe? Uphekelwa ukutya okuthandayo. Kodwa kuba ungxamile, ucinga nezinye izinto, awukuva nokuba kunjani kuba uyakuphanga. Xa ugqibile ukutya, uyakhathazeka kuba awuyivanga nendlela ebekumnandi ngayo. Ngaba kwakha kwenzeka into efanayo, wafunda iBhayibhile ungxamile de wangawuva umyalezo wayo? Xa ufunda iLizwi LikaThixo yithi chu, uyonwabele le nto uyifundayo; yiba ngathi uyazibona izinto ezenzekayo, uyaweva namazwi abantu uze ucinge ngale nto uyifundileyo. Le nto iza kukwenza wonwabe nyhani.
8. ‘Ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ liwenza njani umsebenzi eliwunikwe nguYesu? (Jonga nombhalo osemazantsi.)
8 UYesu wakhetha ‘ikhoboka elithembekileyo neliyingqondi’ ukuba lisinike izinto ezisifundisa ngoYehova ngexesha elifanelekileyo. Ngoko eli khoboka lisinika izinto ezininzi eziqinisa ukholo. * (Mat. 24:45) Eyona nto liyisebenzisayo kuzo zonke izinto elisifundisa zona ziZibhalo eziphefumlelweyo. (1 Tes. 2:13) Xa sizifunda sitsho siyazi into ethethwa yiBhayibhile ngendlela uYehova acinga ngayo. Yiloo nto sifunda iMboniselo, uVukani! kunye namanqaku aku-jw.org. Silungiselela iintlanganiso zaphakathi evekini nezangempelaveki. Qho ngenyanga siye sibukele neJW Broadcasting ukuba iyafumaneka ngolwimi lwethu. Xa sihlala sifunda ngoYehova kuza kutsho kube lula ukwenza nenye into yesibini esenza sonwabe.
YENZA IZINTO EZITHANDWA NGUYEHOVA
9. Yeyiphi into yesibini eza kusenza sonwabe nyhani?
9 INTO YESIBINI: Ukuze sonwabe nyhani, kufuneka senze izinto ezithandwa nguYehova. Umdumisi wathi: “Bonwabile bonke abantu aboyika uYehova, abahamba ngeendlela zakhe.” (INdu. 128:1) Ukoyika uYehova kuthetha ukuba simhlonipha kangangokuba asifuni ukwenza nantoni na angayifuniyo. (IMize. 16:6) Ngoko asiyeki ukuzama ngamandla ukwenza izinto athi kwiLizwi lakhe zilungile, size siziyeke athi azilunganga. (2 Kor. 7:1) Siza konwaba xa sisenza izinto azithandayo uYehova size siziyeke azicaphukelayo.—INdu. 37:27; 97:10; Roma 12:9.
10. Ukongezelela ekwazini ukuthanda kukaThixo, yintoni esimele siyenze? (Roma 12:2)
10 Funda amaRoma 12:2. Umntu akamelanga aphelele nje ekwazini ukuba nguYehova onegunya lokugqiba ukuba ziintoni ezilungileyo nezingalunganga. Kodwa naye umele afune ukuzenza ezo zinto athi zilungile, angazenzi athi azilunganga. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba umntu uyazi ukuba ngurhulumente onegunya lokusixelela isantya esimele sihambe ngaso kwiindlela ezinkulu, kodwa usenokungafuni ukuyiqhuba ngeso santya eyakhe imoto. Loo nto inokumenza ahambe ngesantya esingaphezulu kweso sibekwe ngurhulumente. Indlela esiphila ngayo ibonisa ukuba siyikholelwa nyhani into yokuba ukwenza izinto uYehova athi zilungile size siziyeke athi azilunganga, yeyona nto iza kusenza sonwabe. (IMize. 12:28) NoDavide wayecinga ngaloo ndlela, yiloo nto wathi ngoYehova: “Undazisa indlela yobomi. Konwatywa kakhulu apho ukhoyo; kuvuywa ngonaphakade ngakwisandla sakho sasekunene.”—INdu. 16:11.
11-12. (a) Xa sineengxaki okanye sityhafile yintoni esimele siyilumkele? (b) Into ethethwa ngamaFilipi 4:8 inokusinceda njani xa sikhetha into esiza kuzonwabisa ngayo?
11 Xa sineengxaki okanye sityhafile, sisenokufuna ukwenza into eza kusenza siyeke ukucinga ngezo ngxaki. Iyaqondakala loo nto, kodwa simele silumkele ukwenza into ayicaphukelayo uYehova.—Efe. 5:10-12, 15-17.
12 Kwileta awayeyibhalela amaKristu ebandla laseFilipi, umpostile uPawulos wawakhuthaza ukuba ahlale ecinga ngezinto “ezibubulungisa, . . . ezicocekileyo, ezithandekayo, . . . [nezinto] ezinesidima.” (Funda amaFilipi 4:8.) Kule leta wayengabhali ngokukhethekileyo ngendlela yokuzonwabisa, kodwa wayethetha ngezinto esimele sizicinge xa sikhetha izinto esinokuzonwabisa ngazo. Khawuzame le nto: Qho xa kuvela igama elithi “izinto” kule vesi, faka elithi “iingoma,” “iimuvi,” “iincwadi,” okanye “imidlalo yevidiyo.” Le nto iza kukunceda uqonde ukuba zeziphi ezilungileyo kuThixo, izeziphi ezingalunganga. Sifuna ukuphila ngemithetho kaYehova ekowona mgangatho uphezulu. (INdu. 119:1-3) Emva koko sinokwenza into yesithathu eza kusenza sonwabe nyhani ngesazela esikhululekileyo.—IZe. 23:1.
UKUKHONZA UYEHOVA MAKUBE YEYONA NTO IBALULEKILEYO
13. Yeyiphi into yesithathu eza kusenza sonwabe nyhani? (Yohane 4:23, 24)
13 INTO YESITHATHU: Qiniseka ukuba eyona nto ibalulekileyo ebomini bakho kukukhonza uYehova. Kaloku nguMdali wethu, ngoko sifanele simkhonze. (ISityhi. 4:11; 14:6, 7) Eyona nto ibalulekileyo kuthi kukumkhonza “ngomoya nangenyaniso” kuba leyo yindlela afuna simkhonze ngayo. (Funda uYohane 4:23, 24.) Sifuna ukukhokelwa ngumoya wakhe oyingcwele ukuze indlela esimkhonza ngayo ihambelane nenyaniso ekwiLizwi lakhe. Ukumkhonza kumele kube yeyona nto ibalulekileyo kuthi nokuba sihlala kumazwe obekelwe imithetho okanye ovaliweyo kuwo umsebenzi wethu. Sithetha nje, bangaphezu kwe-100 abazalwana noodadewethu abavalelwe etrongweni kuba nje bengamaNgqina KaYehova. * Sekunjalo, bonwabile kuba benza nantoni na abanokukwazi ukuyenza ukuze bathandaze, bafunde, baxelele nabanye ngoThixo wethu nangoBukumkani bakhe. Yonke le nto bayenza bonwabile. Xa abantu besithuka okanye besiphatha kakubi, sinokonwatyiswa kukwazi ukuba uYehova ukunye nathi futhi uza kusisikelela.—Yak. 1:12; 1 Pet. 4:14.
UMZALWANA ESINOKUFUNDA KUYE
14. Yintoni eyenzeka kumzalwana osemtsha waseTajikistan?
14 Izinto ezenzeke kwabanye abazalwana noodade zibonisa ukuba ezi zinto zintathu sisand’ ukuthetha ngazo zinokusenza sonwabe nyhani nokuba kwenzeka ntoni ebomini bethu. Khawuve into eyenzeka kumzalwana waseTajikistan owayena-19, uJovidon Bobojonov, owayengafuni ukuba lijoni. Ngo-Oktobha 4, 2019 wathathwa kowabo waya kuvalelwa etrongweni iinyanga ezininzi. Apho wafika waphathwa njengotsotsi. Ukungaphathwa ngobulungisa kwakhe kwathethwa ngako ezindabeni kumazwe amaninzi, kusithiwa ubethiwe, enyanzelwa ukuba enze isifungo sokuthembeka emkhosini, anxibe neyunifom yamajoni. Emva koko, inkundla yamfumanisa enetyala yaza yamthumela kwinkampu ekusetyenzwa nzima kuyo de umongameli welo lizwe wathi umxolele, ngoko makakhululwe. Ngalo lonke elo xesha zange ayeke ukonwaba nokuthembeka. Wancedwa yintoni? Kukuba zange alibale ukuba uyamdinga uThixo.
15. Yintoni eyanceda uJovidon wakwazi ukufunda ngoYehova xa wayesetrongweni?
15 Xa uJovidon wayesetrongweni, zange ayeke ukufunda ngoYehova nangona wayengenayo iBhayibhile okanye iimpapasho zethu. Wayenza njani loo nto? Xa abazalwana noodade bemphathele ukutya, babebhala itekisi yosuku kwezo plastiki babekuphethe ngazo. Ngenxa yaloo nto, wakwazi ukufunda iBhayibhile nokucingisisa ngayo yonke imihla. Emva kokuba ekhululwe etrongweni, nantsi into awayicebisa abantu abangekabi nazo iingxaki ezinzima: “Kubalulekile ukuba ngoku kusemnandi uzame ukumazi kakuhle uYehova ngokufunda iLizwi lakhe neempapasho zethu.”
16. Yintoni awayehlala ecinga ngayo uJovidon?
16 Umzalwana wethu wayesenza izinto uYehova athi zilungile, engazenzi athi azilunganga. Kunokuba ahlale ecingana nezinto ezingalunganga aze azenze, wahlala ecinga ngoYehova nangezinto ezithandwa Nguye. Yayimmangalisa indlela ezintle ngayo izinto ezidalwe nguThixo. Qho ekuseni, wayevuswa ziintaka ezintyiloza kamnandi. Ebusuku wayebukela inyanga neenkwenkwezi. Wathi: “Le ndalo kaYehova yayindikhuthaza futhi indenza ndonwabe.” Xa sizibulela izinto esizinikwe nguYehova eziqinis’ ukholo nazidalileyo, siye sivuye ize loo nto isincede sikwazi ukunyamezela.
17. Xa sinengxaki ephantse ifane nekaJovidon, kuza kwenzeka ntoni xa sihlala sinyamezele? (1 Petros 1:6, 7)
17 Eyona nto yayibalulekile kuJovidon yayikukukhonza uYehova. Wayeyazi indlela ekubaluleke ngayo ukungagungqi ekukhonzeni uThixo wokwenene. UYesu wathi: “Umele ukhonze uYehova uThixo wakho kuphela, ukhonze yena yedwa.” (Luka 4:8) Abaphathi bomkhosi namajoni, babefuna uJovidon ayeke ukuba liNgqina likaYehova. Wathandaza kuYehova imini nobusuku emcela ukuba amncede anganikezeli, angayeki nokuthembeka kuye. Nangona wayephethwe kakubi, wahlala ethembekile kuYehova. Ngoku uvuyiswa kukuba nokholo oluqinileyo ngenxa yokuba luye lwavavanywa, into awayengenayo ngaphambi kokuba athathwe kowabo, abethwe aze avalelwe etrongweni.—Funda u-1 Petros 1:6, 7.
18. Yintoni enokusenza sihlale sonwabile?
18 UYehova uyazazi izinto esizidingayo ukuze sonwabe nyhani. Ukuba siyazenza izinto ezintathu ezisenza sonwabe nyhani, sinokuhlala sonwabile nokuba sineengxaki ezinzima. Nathi siza kukwazi ukuthi: “Bonwabile abantu . . . . abanoThixo onguYehova!”—INdu. 144:15.
INGOMA 89 Mamela, Uthobele Uze Usikelelwe
^ Kunzima kwabaninzi ukonwaba nyhani kuba ulonwabo balukhangela ngokuleqana nobumnandi, ubutyebi, udumo okanye amandla. Kodwa xa uYesu wayelapha emhlabeni, wabaxelela abantu ukuba bamele benze ntoni ukuze bonwabe. Kweli nqaku siza kuthetha ngezinto ezintathu ezinokusinceda sonwabe nyhani.
^ Jonga inqaku elithi “Ngaba Uyakufumana ‘Ukutya Ngexesha elifanelekileyo’?” kwiMboniselo ka-Agasti 15, 2014
^ Ukuze ufunde nezinye izinto ngabo, khangela imixholo ethi “Babanjelwe Ukholo Lwabo” kwiwebhsayithi ethi jw.org/xh
^ INGCACISO YOMFANEKISO: Umboniso womzalwana obanjiweyo, osiwa enkundleni, kube kukho namanye amaNgqina aze kumxhasa.