Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Ngaba amaSirayeli ayenayo enye into yokutya entlango ngaphandle kwemana nezagwityi?

Imana yayikokona kutya kutyiwa kakhulu ngamaSirayeli kwiminyaka eyi-40 esentlango. (Eks. 16:35) Kwezinye izihlandlo ezimbini uYehova wawanika nezagwityi. (Eks. 16:12, 13; Num. 11:31) Kodwa ke, amaSirayeli ayenako nokunye ukutya awayekutya.

Ngokomzekelo, ngamanye amaxesha uYehova wayekhokelela abantu bakhe ‘kwindawo yokuphumla’ apho babefumana khona izinto abanokuzitya namanzi okusela. (Num. 10:33) Enye yezo ndawo yayise-Elim, “apho kwakukho imithombo yamanzi eyi-12 nemithi yesundu eyi-70”​—kusenokwenzeka ukuba olu yayiluhlobo lomthi wesundu okhupha iidatisi ekuthiwa yidate palm. (Eks. 15:27) Incwadi ethi Plants of the Bible ithi olu hlobo lomthi wesundu “lwalufumaneka kwiindawo ezininzi, . . . ibe lusesona sityalo sinokutya entlango, sinika iimiliyoni zabantu ukutya, i-oli, nekhusi.”

Kusenokwenzeka ukuba amaSirayeli aphinda ama kwenye indawo enkulu enamanzi eyaziwa ngokuba yiFeiran namhlanje, ekwayinxalenye yeWadi Feiran. a Incwadi ethi Discovering the World of the Bible ithi le ntlambo ingasemlanjeni “iyeyona ntlambo inde nenobude obuziikhilomitha eziyi-130, eyona intle neyona idume kakhulu kwezona ntlambo zaseSinayi. Le ncwadi iqhubeka ithi: “Ukuba umntu ebenokuhamba umgama osuka apho lo mlambo udibana khona nolwandle aze anyuke umgama ongangeekhilomitha eziyi-45, ebeza kufika kwindawo entle enamanzi eyiFeiran. Le ndawo iphakame kangangeemitha eziyi-610 ukusuka elwandle, ibe inobude obungangeekhilomitha eziyi-4,8. Le ndawo igcwele imithi yesundu, ibe intle kakhulu kangangokuba idla ngokufaniswa negadi yase-Eden. Kangangamawaka eminyaka, abantu bebesoloko besiza apha ngenxa yamawakawaka ale mithi yesundu ikhupha iidatisi ekuthiwa yidate palm.”

Imithi yesundu ekhupha idatisi kwintlambo iFeiran

Xa ayesimka eYiputa, amaSirayeli ayephethe intlama yeflawa, izitya zokuxovela, mhlawumbi nokunye ukutya okuziinkozo neoli. Ewe kona, ezi zinto zazingazukuhlala ixesha elide. Kwakhona abantu baphuma ‘nemihlambi yeegusha, yeenkomo, nemfuyo eninzi kakhulu.’ (Eks. 12:34-39) Kusenokwenzeka ukuba izilwanyana ezininzi zafa endleleni ngenxa yemeko embi yasentlango. Mhlawumbi ezinye bazitya; ezinye banikela ngazo, kanti ezinye bade babingelela ngazo nakoothixo bobuxoki. b (IZe. 7:39-43) Sekunjalo, kubonakala ukuba amaSirayeli ayesenayo imihlambi. Loo nto siyibona kumazwi uYehova awawathetha kuwo ngenxa yokungathobeli kwawo esithi: “Oonyana benu baza kuba ngabelusi entlango iminyaka eyi-40.” (Num. 14:33) Ngoko, kusenokwenzeka ukuba le mihlambi yayiwanika ubisi, ngamanye amaxesha nenyama, kodwa yayingonelanga ukuba ingaxhasa abantu abaqikelelwa kwiimiliyon eziyi-3 kangangeminyaka eyi-40. c

Izilwanyana zazikufumana phi ukutya kunye namanzi? d Kusenokwenzeka ukuba ngaloo maxesha kwakunetha kakhulu, kukho nezityalo ezininzi entlango. Incwadi ethi Insight on the Scriptures, Umqulu 1 ithi, kwiminyaka eyi 3 500 eyadlulayo, “kwakukho amanzi amaninzi kwindawo awayehamba kuyo amaSirayeli kunokuba kunjalo namhlanje. Isizathu sokuba sitsho kukuba kukho iintlambo ezininzi kule ndawo ezomileyo nezinzulu, ezenziwa yimilambo eyayikule ndawo.” Nangona kunjalo, intlango yayiyindawo eyoyikekayo nengahlali bantu. (Dut. 8:14-16) AmaSirayeli nemfuyo yawo ayeza kutshabalala ukuba uYehova wayengawenzelanga amanzi ngendlela engummangaliso.​—Eks. 15:22-25; 17:1-6; Num. 20:2, 11.

UMoses waxelela amaSirayeli ukuba uYehova uye wawondla ngemana ukuze “azi ukuba ubomi bomntu abuxhomekekanga ekutyeni kuphela, kodwa buxhomekeke nakuyo yonke into ethethwa nguYehova.”​—Dut. 8:3.

a Jonga iMboniselo kaMeyi 1, 1992, iphe. 24-25.

b IBhayibhile ithetha ngezihlandlo ezibini apho kwabingelelwa ngezilwanyana kuYehova entlango. Esokuqala kuxa kwakumiselwa umbingeleli; esesibini saba ngePasika. Zombini ezi zinto zenzeka ngo-1512 B.C.E., malunga nonyaka amaSirayeli emkile eYiputa.​—Lev. 8:14–9:24; Num. 9:1-5.

c Ngasekupheleni kweminyaka eyi-40 esentlango, amaSirayeli aphinda afumana amakhulu amawaka ezilwanyana awayezixuthe emfazweni. (Num. 31:32-34) Nangona kunjalo, aqhubeka esitya imana de ayokungena kwiLizwe Lesithembiso.​—Yosh. 5:10-12.

d Akukho nto ibonisa ukuba izilwanyana zaziyitya imana, kuba mntu ngamnye kwakufuneka athathe into emlingeneyo.​—Eks. 16:15, 16.