Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INTO ENOKUKUNCEDA XA UFUNDA

Cinga Ngezona Zinto Kuthethwa Ngazo

Cinga Ngezona Zinto Kuthethwa Ngazo

Ngaba wakha wanengxaki yokulibala into ogqiba kuyifunda? Loo nto ikhe yenzeke kuthi sonke. Yintoni enokusinceda? Kukucinga ngezona zinto kuthethwa ngazo kuloo nto besiyifunda.

Njengoko ufunda, man’ usima kancinci ukuze ucinge ngeyona nto ibalulekileyo ekuthethwa ngayo. Khawuve indlela umpostile uPawulos awawanceda ngayo amaKristu awayefunda ileta awawabhalela yona ukuze akwazi ukuyenza le nto. Wathi: “Nantsi eyona nto siyithethayo.” (Heb. 8:1) Ngaloo mazwi wawanceda akwazi ukuqonda eyona nto wayethetha ngayo, nokuba izinto awayezithetha zidibana njani.

Mhlawumbi, xa ugqibile ukufunda unokusebenzisa imizuzu eyi-10 ukuze ucinge ngezona zinto zibalulekileyo ekuthethwa ngazo. Ukuba akuzikhumbuli, zikhumbuze ngokujonga imixholwana okanye isivakalisi sokuqala kwisiqendu ngasinye. Ukuba kukho into entsha oyifundileyo, zama ukuyithetha ngamazwi akho. Ukucinga ngezona zinto zibalulekileyo ekuthethwa ngazo, akuzukunceda nje ukuba zihlale engqondweni yakho, kodwa uza kubona nendlela onokuzisebenzisa ngayo ebomini bakho.