Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 41

INGOMA 13 UKristu, Umzekelo Wethu

Sifunda Ntoni Kwiintsuku Eziyi-40 Zokugqibela ZikaYesu Esemhlabeni?

Sifunda Ntoni Kwiintsuku Eziyi-40 Zokugqibela ZikaYesu Esemhlabeni?

“Bambona iintsuku eziyi-40, ethetha ngoBukumkani BukaThixo.”​—IZE. 1:3.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngendlela esinokuzilinganisa ngayo izinto ezenziwa nguYesu kwiintsuku zakhe zokugqibela eziyi-40 esemhlabeni.

1-2. Xa abafundi ababini bakaYesu babesondela e-Emawusi, kwenzeka ntoni?

 KUNGONISAN 16, ka-33 C.E. Abafundi bakaYesu bakhathazeke kakhulu futhi bayoyika. Ababini kubo bayemka eYerusalem, baye kwilali ekuthiwa yiEmawusi, emalunga neekhilomitha eziyi-11 ukusuka apho. Into ebenza batyhafe kakhulu kukuba indoda abebekade beyilandela, uYesu, isand’ ukubulawa. Izinto abebenethemba lokuba uMesiya uza kuzenza zibonakala zingenakwenzeka. Kodwa indlela abaziva ngayo iza kutshintsha kungekudala.

2 Endleleni kuthi gqi indoda abangayaziyo, ize ihambe nabo. Aba bafundi bayixelela indlela abaphoxeke ngayo ngenxa yento eyenzeke kuYesu. Emva koko, le ndoda ibaxelela izinto abaza kuzikhumbula ubomi babo bonke. ‘Isusela kuMoses ukuya kutsho kubaProfeti,’ icacisela abafundi ukuba bekutheni ukuze uMesiya eve iintlungu aze afe. Bathi xa befika e-Emawusi, le ndoda ibachazele ukuba inguYesu ovusiweyo. Inoba bavuya nyhani abafundi xa bebona ukuba uMesiya uyaphila.​—Luka 24:​13-35.

3-4. Kwenzeka ntoni kubafundi bakaYesu? Yintoni esiza kuthetha ngayo kweli nqaku? (IZenzo 1:3)

3 Kwiintsuku eziyi-40 zokugqibela uYesu esemhlabeni, wabonakala kaninzi kubafundi bakhe. (Funda iZenzo 1:3.) Ngelo xesha abafundi bakhe ababebuhlungu futhi besoyika, baphinda bavuya, banesibindi sokushumayela nokufundisa abantu ngoBukumkani. a

4 Kunokusinceda ukufunda ngezinto ezenziwa nguYesu kwezi ntsuku zakhe zokugqibela. Kweli nqaku siza kubona ukuba walisebenzisa njani eli xesha ukuze akhuthaze abafundi bakhe, abancede baziqonde bhetele iZibhalo, nokuze abaqeqeshele imisebenzi ababeza kuyenza kwixesha elizayo. Siza kubona nokuba sinokuyilinganisa njani indlela awazenza ngayo ezi zinto.

KHUTHAZA ABANYE

5. Kwakutheni ukuze abafundi bakaYesu badinge ukukhuthazwa?

5 Kwakutheni ukuze abafundi bakaYesu badinge ukukhuthazwa? Kaloku abanye babo babeshiye amakhaya, iintsapho namashishini abo ukuze bahlale bemlandela. (Mat. 19:27) Abanye baphathwa kakubi kuba babengabafundi bakhe. (Yoh. 9:22) Babekulungele ukutshintsha ubomi babo nokuphathwa kakubi kuba babekholelwa ukuba uYesu, wayenguMesiya ekwakuthiwe uza kufika. (Mat. 16:16) Kodwa xa uYesu wabulawayo, laphela elo themba baza batyhafa.

6. Wenza ntoni uYesu emva kokuba evusiwe?

6 UYesu zange acinge ukuba abafundi bakhe baphelelwe lukholo kuba bebuhlungu, kodwa wayeqonda ukuba babeziva ngendlela abamele bazive ngayo kakade abantu abaswelekelwe ngumntu abamthandayo. Ngoko kwangolwa suku wavuswa ngalo waqalisa ukubakhuthaza abahlobo bakhe. Ngokomzekelo, wabonakala kuMariya Magadala owayelila engcwabeni lakhe. (Yoh. 20:​11, 16) Wabonakala nakubafundi bakhe ababini ekuthethwe ngabo ekuqaleni kweli nqaku. Waye wabonakala ke nakumpostile uPetros. (Luka 24:34) Yintoni esinokuyifunda kuYesu? Makhe sive into eyenzekayo xa wabonakala kuMariya Magadala.

7. Njengoko kubonisiwe kuYohane 20:​11-16, uYesu wambona esenza ntoni uMariya ngentsasa kaNisan 16? Yintoni awayenzayo uYesu? (Jonga nomfanekiso.)

7 Funda uYohane 20:​11-16. Ekuseni ngoNisan 16, iqela labafazi abathembekileyo laya engcwabeni likaYesu. (Luka 24:​1, 10) Makhe sithethe ngento eyenzeka kwelinye lalo mabhinqa, uMariya Magadala. Laya engcwabeni likaYesu, lafika ungekho umzimba wakhe. Laya kuxelela uPetros noYohane, baza bobathathu babaleka baya kwelo ngcwaba. Bathi bakubona ukuba awukho nyhani umzimba kaYesu, uPetros noYohane bagoduka. Kodwa yena uMariya washiyeka apho elila. Wayengazi ukuba uYesu umbukele. Xa wabona eli bhinqa lithembekileyo limkhalela, wafuna ukulithuthuzela. Ngoko wabonakala kulo waza wenza into encinci eyalikhuthaza kakhulu. Wathetha nalo waza walinika umsebenzi obalulekileyo, wathi maliyokuxelela abazalwana bakhe ukuba uvusiwe.​—Yoh. 20:​17, 18.

NjengoYesu, masibaqaphele abantu abakhathazekileyo size sibathuthuzele (Jonga isiqendu 7)


8. Singamlinganisa njani uYesu?

8 Singamlinganisa njani uYesu? Ukuba nathi njengoYesu siyakwazi ukuqaphela izinto ezibakhathazayo abazalwana noodade, futhi siba nobubele xa sithetha nabo, siza kukwazi ukubakhuthaza bangayeki ukukhonza uYehova. Khawuve enye into eyenzeka komnye udade uJocelyn, owaswelekelwa ngudadewabo kwingozi emasikizi. Uthi: “Kwaqengqeleka iinyanga ndixhelekile.” Omnye umzalwana nenkosikazi yakhe bammemela ekhayeni labo, bammamela njengoko ebachazela indlela abuhlungu ngayo, baza bamqinisekisa ukuba uYehova umxabisa kakhulu. UJocelyn uthi: “Yaba ngathi uYehova usebenzise bona ukuze andikhuphe kumngxuma onzulu nomnyama. Bandinceda ndaphinda ndafuna nyhani ukukhonza uYehova.” Nathi, ukuba sibamamela kakuhle abanye xa besixelela indlela abaziva ngayo, size sithethe nabo ngobubele, sinokubakhuthaza, batsho bangayeki ukukhonza uThixo.​—Roma 12:15.

NCEDA ABANTU BAZIQONDE IZIBHALO

9. Yeyiphi ingxaki ababenayo abafundi bakaYesu? Wabanceda njani uYesu?

9 Abafundi bakaYesu babelikholelwa iLizwi LikaThixo, bezama ngamandla abo onke ukulisebenzisa kubomi babo. (Yoh. 17:6) Kodwa babhideka xa uYesu wabulawa njengotsotsi kwisibonda sokungcungcutheka. UYesu waqonda ukuba oko kubhideka kwakungenziwa kukuba bengenalukholo, kodwa babengaziqondi kakuhle iZibhalo. (Luka 9:​44, 45; Yoh. 20:9) Ngoko wabanceda bayiqonda into eyayithethwa zizinto ababezifunda. Khawuve indlela awayenza ngayo le nto xa wabonakala kubafundi bakhe ababini ababesiya e-Emawusi.

10. UYesu wabanceda njani abafundi bakhe baqonda ukuba nyhani wayenguMesiya? (Luka 24:​18-27)

10 Funda uLuka 24:​18-27. Phawula ukuba uYesu zange akhawuleze abaxelele abafundi bakhe ukuba ungubani, kodwa wababuza imibuzo. Kwakutheni? Mhlawumbi wayefuna bamxelele into abayicingayo nendlela abaziva ngayo. Benza loo nto kanye. Bathi bebelindele ukuba uYesu wayeza kuwakhulula amaSirayeli kumaRoma awayewaphethe kakubi. Emva kokuba bemxelele yonke into, uYesu wabanceda esebenzisa iZibhalo ukuze baqonde yonke into eyayenzekile. b Ngobo busuku, uYesu wadibana nabanye abafundi bakhe waza wabacacisela into eyayithethwa zizinto ezazisenzeka. (Luka 24:​33-48) Yintoni esinokuyifunda kweli bali?

11-12. (a) Yintoni esiyifundayo kwindlela uYesu awayeyifundisa ngayo iBhayibhile? (Jonga nomfanekiso.) (b) Umzalwana owayefundela uNortey wamnceda njani?

11 Singamlinganisa njani uYesu? Okokuqala, xa ufundisa umntu iBhayibhile, buza imibuzo eza kumnceda athethe into ayicingayo nendlela aziva ngayo. (IMize. 20:5) Wakuyiqonda indlela aziva ngayo, mbonise ukuba angazifumana njani iivesi zeBhayibhile eziza kumnceda kwimeko yakhe. Kulumkele ukumxelela into amakayenze. Kodwa mncede aziqonde iZibhalo aze acinge ngendlela anokuyisebenzisa ngayo imigaqo ekuzo ebomini bakhe. Khawuve into eyenzeka kumzalwana waseGhana, uNortey.

12 UNortey waqalisa ukufunda iBhayibhile eneminyaka eyi-16. Kungabanga xesha lide, abantu bakowabo bamphatha kakubi ngenxa yaloo nto. Wancedwa yintoni ukuze angayeki ukufunda iBhayibhile? Ngelo xesha umzalwana owayemfundela wayesele encokole naye ngoMateyu isahluko 10, obonisa ukuba amaKristu okwenene aza kutshutshiswa. UNortey uthi: “Ngoko xa abantu basekhaya baqalisa ukundiphatha kakubi, ndaqiniseka ukuba ndiyifumene inyaniso.” Umntu owayemfundela wamnceda wacingisisa ngoMateyu 10:​16, ukuze alumkele nantoni na eyayiza kumxabanisa nabantu bakowabo, aze abahloniphe xa ethetha nabo ngezinto azikholelwayo. Emva kokuba ebhaptiziwe, uNortey wayefuna ukuba nguvulindlela, kodwa utatakhe wayefuna aye eyunivesithi. Umzalwana owayemfundela zange amxelele ukuba makenze ntoni, kodwa wambuza imibuzo eyamnceda wacinga ngemigaqo yeBhayibhile, waza wenza isigqibo esifanelekileyo. Kwenzeka ntoni? UNortey wagqiba ekubeni abe nguvulindlela othe ngxi. Utata wakhe wamgxotha. Uthini uNortey ngezi zinto zenzeka kuye? Uthi: “Ndiqinisekile ukuba ndenza isigqibo esifanelekileyo.” Nathi sinokubanceda abanye abantu babe nokholo oluqinileyo baze baqhubeke bekhonza uYehova ngokubanceda bacingisise ngeZibhalo.​—Efe. 3:​16-19.

NjengoYesu, nceda abanye bayiqonde into ethethwa ziZibhalo (Jonga isiqendu 11) e


NCEDA ABAZALWANA BABE ‘ZIZIPHO EZINGABANTU’

13. UYesu wenza ntoni ukuze aqiniseke ukuba umsebenzi kaTata wakhe uqhubeka usenziwa? (Efese 4:8)

13 Ngoxa wayeselapha emhlabeni, uYesu wawenza kakuhle umsebenzi awayewunikwe nguTata wakhe. (Yoh. 17:4) Kodwa wayengacingi ukuba, ukuba ufuna into yenzeke kakuhle yenze ngokwakho. Kwiminyaka emithathu enehafu eshumayela emhlabeni waqeqesha nabanye abantu. Ngaphambi kokuba abuyele ezulwini, wanika abafundi bakhe umsebenzi wokukhathalela izimvu zikaYehova nowokukhokela kumsebenzi wokushumayela nokufundisa. Kusenokwenzeka ukuba abanye babo babeneminyaka engaphantsi kweyi-30. (Funda amaEfese 4:8.) La madoda ayezinikele, ethembekile futhi esebenza nzima. UYesu wazisebenzisa njani iintsuku zakhe zokugqibela eziyi-40 ukuze awancede abe ‘zizipho ezingabantu’?

14. Kwiintsuku zakhe eziyi-40 zokugqibela esemhlabeni, uYesu wabanceda njani abafundi bakhe banokholo oluqinileyo? (Jonga nomfanekiso.)

14 UYesu wayengagwegwelezi xa elungisa abafundi bakhe, kodwa wayebalungisa ngobubele. Ngokomzekelo, xa waphawula ukuba abanye babo banezinto abazithandabuzayo, wabalungisa. (Luka 24:​25-27; Yoh. 20:27) Waphinda wababonisa ukuba, ukukhathalela abantu bakaYehova kumele kubaluleke ngaphezu kwamashishini ababenawo. (Yoh. 21:15) Wabakhumbuza ukuba bangathelekisi izinto abazenzela uYehova nezo bamenzela zona abanye abantu. (Yoh. 21:​20-22) Walungisa nezinto ezazingachananga ababezicinga ngoBukumkani, waza wabanceda bahoya umsebenzi wokushumayela. (IZe. 1:​6-8) Abadala banokufunda ntoni kuYesu?

NjengoYesu, qeqesha abazalwana ukuze bakwazi ukwenza neminye imisebenzi (Jonga isiqendu 14)


15-16. (a) Abadala banokumlinganisa njani uYesu? Cacisa. (b) UPatrick kwamnceda njani ukulungiswa?

15 Abadala bangamlinganisa njani uYesu? Bafanele baqeqeshe baze bancede abazalwana, nkqu nabo basebancinci ukuze bafanelekele ukwenza neminye imisebenzi. c Abadala abalindelanga ukuba umntu abamqeqeshayo angazenzi iimpazamo. Bamele babe nobubele xa belungisa aba bazalwana basebatsha ukuze bakwazi ukuyenza imisebenzi, bathobeke, bathembeke, bakulungele nokunceda abanye.​—1 Tim. 3:1; 2 Tim. 2:2; 1 Pet. 5:5.

16 Khawuve indlela okwamnceda ngayo ukulungiswa omnye umzalwana onguPatrick. Esemncinci, wayedla ngokuthetha kakubi, engenabo nobubele, nkqu nakoodade. Omnye umdala wayibona ke loo nto waza wamlungisa ngobubele kodwa engagwegwelezi. UPatrick uthi: “Wandinceda. Ndandidla ngokutyhafa xa ndibona abanye abazalwana benikwa imisebenzi endandifuna ukuyenza. Wandinceda lo mdala ndabona ukuba kufuneka ndithobeke ndize ndikhonze abazalwana noodade kunokufuna ukuba nesikhundla ebandleni.” Ngenxa yaloo nto uPatrick waba ngumdala eneminyaka eyi-23.​—IMize. 27:9.

17. UYesu wabonisa njani ukuba uyabathemba abafundi bakhe?

17 UYesu wathuma abafundi bakhe ukuba bayokushumayela baze bafundise. Kungenzeka ukuba babecinga ukuba abanakukwazi ukuwenza lo msebenzi. Kodwa yena uYesu wayeqinisekile ukuba bazokwazi, wade wabaxelela nokubaxelela. Ebonisa indlela abathembe ngayo, wathi: “Ndiyanithuma, njengokuba nam ndithunywe nguTata.”​—Yoh. 20:21.

18. Abadala bangamlinganisa njani uYesu?

18 Abadala bangamlinganisa njani uYesu? Abadala abalumkileyo abayenzi bodwa imisebenzi, baye bayinike nabanye. (Fil. 2:​19-22) Ngokomzekelo, banokucela abantu abasebatsha bancedise xa kuklinwa iHolo yoBukumkani naxa ilungiswa. Banokubanika umsebenzi, babafundise indlela yokuwenza, baze babathembe ukuba baza kuwenza kakuhle. UMatthew osand’ ukuba ngumdala uthi uyababulela abadala abaye bamfundise kakuhle indlela yokwenza umsebenzi, baze bamthembe ukuba uza kuwenza kakuhle. Uthi, “Indincedile into abebeyenza xa ndenze impazamo. Bebeye bandincede ndibone ukuba yintoni endinokuyifunda kuyo ukuze ndingayiphindi.” d

19. Simele sizimisele ukwenza ntoni?

19 Kwiintsuku zakhe zokugqibela eziyi-40, uYesu wakhuthaza, wafundisa waza waqeqesha abafundi bakhe. Masizimisele ukumlinganisa kangangoko sinako. (1 Pet. 2:21) Uza kusinceda sikwazi ukuyenza loo nto. Kaloku wasithembisa esithi: “Ndikunye nani yonke imihla de kube sekuphelisweni kweli hlabathi.”​—Mat. 28:20.

INGOMA 15 Zukisa IZibulo LikaYehova!

a Iincwadi zeVangeli nezinye iincwadi zeBhayibhile zithetha ngamaxesha amaninzi awabonakala ngawo kwabanye abantu uYesu ovusiweyo, njengaxa wabonakala kuMariya Magadala (Yoh. 20:​11-18); kwabanye abafazi (Mat. 28:​8-10; Luka 24:​8-11); kubafundi bakhe ababini (Luka 24:​13-15); kuPetros (Luka 24:34); kubapostile engekho uTomas (Yoh. 20:​19-24); kubapostile, noTomas ekhona (Yoh. 20:26); kubafundi abayi-7 (Yoh. 21:​1, 2); kubafundi abangaphezu kwe-500 (Mat. 28:16; 1 Kor. 15:6); kumntakwabo uYakobi (1 Kor. 15:7); kubo bonke abapostile (IZe. 1:4); nakubapostile xa babengaseBhethani. (Luka 24:​50-52) Kungenzeka ukuba akhona namanye amaxesha awabonakala ngawo angachazwanga eBhayibhileni.​—Yoh. 21:25.

b Ukuze ubone iziprofeto ezingoMesiya, jonga inqaku elithi, “Ngaba Iziprofeto Ezithetha NgoMesiya Zibonisa Ukuba YayinguYesu UMesiya?” kujw.org/xh.

c Ngamanye amaxesha abazalwana abasebatsha abafanelekayo nabaphakathi kweminyaka eyi-25 neyi-30 banokumiselwa ukuba babe ngabaveleli besiphaluka, kodwa bamele baqale babe ngabadala.

d Ukuze ufumane nezinye iindlela zokuqeqesha abazalwana abasebatsha, jonga IMboniselo ka-Agasti 2018 iphepha 11-12, isiqendu 15-17, neka-Aprili 15, 2015, iphepha 3-13.

e INGCACISO YOMFANEKISO: Indoda ilahla izinto zayo zeKrismesi emva kokuba iye yancedwa yayiqonda into ethethwa ziZibhalo.