INQAKU ELIFUNDWAYO 43
INGOMA 90 Khuthazanani
Yintoni Enokukunceda Uyeke Ukuthandabuza?
“Qinisekisani zonke izinto.”—1 TES. 5:21.
SIZA KUTHETHA NGANTON?
Ngezinto esinokuzenza xa kukho izinto esizithandabuzayo ezinokuphazamisa indlela esimkhonza ngayo uYehova.
1-2. (a) Ziintoni abanokuzithandabuza abanye abakhonzi bakaYehova? (b) Yintoni esiza kuyifunda kweli nqaku?
SONKE sikhe sithandabuze, a nokuba sibadala okanye sibancinci. Ngokomzekelo, cinga ngomvakalisi osemtsha ozibuzayo ukuba uYehova umkhathalele nyhani na. Ngenxa yaloo nto usenokungaqiniseki ngokubhaptizwa. Okanye cinga ngomzalwana owakhetha ukusebenzela uYehova esemtsha, kunokuba nomsebenzi obhatala imali eninzi. Ekubeni imali anayo ngoku yanele kuphela izinto ezidingwa yintsapho yakhe, uyazibuza ukuba wenza isigqibo esifanelekileyo na. Cinga nangodade osele emdala nongasenawo kangako amandla. Usenokutyhafiswa kukungakwazi ukwenza izinto awayekade ekwazi ukuzenza. Mhlawumbi wakhe wazibuza imibuzo efana nale: ‘Ngaba nyhani uYehova undihoyile? Ngaba ndenza isigqibo esisiso ngokuncama izinto ukuze ndikhonze uYehova? Zisekhona izinto endinokumenzela zona uYehova?’
2 Ukuba siyishiya ijinga le mibuzo, sisenokuphelelwa lukholo, mhlawumbi side siyeke nokukhonza uThixo. Kweli nqaku siza kubona ukuba imigaqo yeBhayibhile inokusinceda njani (1) xa sithandabuza ukuba uYehova usikhathalele, (2) xa sithandabuza ukuba izigqibo esazenzayo zazifanalekile, okanye (3) xa sithandabuza ukuba isekhona into esinokumenzela yona uYehova.
INTO ENOKUKUNCEDA UYEKE UKUTHANDABUZA
3. Yeyiphi enye into enokusinceda siyeke ukuthandabuza?
3 Enye into enokusinceda siyeke ukuthandabuza kukujonga ukuba iBhayibhile iyiphendula njani imibuzo esinayo. Loo nto iza kusenza ‘sibe nokholo olomeleleyo.’—1 Kor. 16:13.
4. Singenza njani ukuze ‘siqinisekise zonke izinto’? (1 Tesalonika 5:21)
4 Funda ama-1 Tesalonika 5:21. Qaphela ukuba iBhayibhile ithi ‘masiqinisekise zonke izinto.’ Sinokuyenza njani le nto? Ngokuqinisekisa ukuba iyinyani na into esiyikholelwayo ngokuyithelekisa nento ethethwa yiBhayibhile. Ngokomzekelo, cinga ngala mntu usemtsha ozibuzayo ukuba uYehova umkhathalele nyhani na. Ngaba umele acinge ukuba akamkhathalelanga? Hayi, kodwa umele ‘aqinisekise zonke izinto’ ngokujonga eBhayibhileni ukuba uthini yena uYehova.
5. Yintoni esinokuyenza ukuze sibe ngathi siyamva uYehova ephendula imibuzo yethu?
5 Xa sifunda iLizwi LikaThixo iba ngathi siyamva uYehova ethetha nathi. Kodwa ukuze sifumane iimpendulo zikaYehova kwimibuzo esinayo, nathi kukho into ekufuneka siyenze. Kufuneka sikhangele iindawo ezithetha ngale ngxaki sinayo xa sifunda iBhayibhile. Loo nto sinokuyenza ngokuphanda sisebenzisa iincwadi zethu. (IMize. 2:3-6) Sinokucela uYehova ukuba asikhokele, aze asincede sifumane iimpendulo zakhe kwimibuzo esinayo. Emva koko, sinokukhangela imigaqo yeBhayibhile nezinye izinto ezinokusinceda. Enye into enokusinceda kukufunda amabali abantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni, ababecinga nababeziva njengathi.
6. Iintlanganiso zinokusinceda njani siyeke ukuthandabuza?
6 Naxa sikwiintlanganiso kuba ngathi siyamva uYehova ethetha nathi. Xa sisiya qho kuzo, sisenokuva intetho okanye impendulo yomvakalisi iphendula umbuzo ebesikade sinawo. (IMize. 27:17) Makhe sithethe ngezinye izinto esisenokuba siyazithandabuza, nangezinto ezinokusinceda siyeke ukuziva ngaloo ndlela.
XA UTHANDABUZA UKUBA UYEHOVA UKUKHATHALELE
7. Ngowuphi umbuzo abanye abasenokuzibuza wona?
7 Mhlawumbi wakhe wazibuza, ‘Ngaba nyhani uYehova undihoyile?’ Xa uzibona ungabalulekanga, ukuba ngumhlobo woMdali wezinto zonke kusenokubonakala kuyinto engenakwenzeka. NoKumkani uDavide kusenokwenzeka ukuba wayekhe wacinga ngaloo ndlela. Yammangalisa into yokuba uYehova ahoye abantu, kangangokuba wade wathi: “Owu Yehova, ebeyintoni na umntu ukuba ungade umqaphele, unyana womntu nje ofayo ukuba ungade umhoye?” (INdu. 144:3) Sinokuyifumana phi impendulo yombuzo othi: Ngaba uYehova ubakhathalele nyhani abantu?
8. Ngokutsho kuka-1 Samuweli 16:6, 7, 10-12, yintoni uYehova ayihoyayo ebantwini?
8 IBhayibhile isifundisa ukuba uYehova ubahoyile abantu ababonakala bengabalulekanga kwabanye. Ngokomzekelo, wathi uSamuweli makaye kwaYese, ayokuthambisa omnye woonyana bakhe owayeza kuba nguKumkani wakwaSirayeli. Koonyana bakhe abayi-8 uYese wabiza abayi-7, akambiza uDavide, oyena weyemncinci. b Nakuba kunjalo, uYehova wakhetha uDavide. (Funda u-1 Samuweli 16:6, 7, 10-12.) Kaloku yena wabona oyena mntu wayenguye uDavide ngaphakathi. Wayemthanda kakhulu uThixo.
9. Kutheni umele uqiniseke ukuba uYehova ukukhathalele? (Jonga nomfanekiso.)
9 Cinga ngeendlela uYehova akubonise ngazo ukuba ukukhathalele. Ukunika amacebiso akufaneleyo. (INdu. 32:8) Ukuba ebengakwazi kakuhle ebenokuyenza njani loo nto? (INdu. 139:1) Xa uzenza izinto ozicetyiswa nguYehova uze ubone indlela ezikunceda ngayo, uza kuqiniseka nyhani ukuba ukukhathalele. (1 Kron. 28:9; IZe. 17:26, 27) UYehova uyazibona izinto omenzela zona. Ufuna ukuba ngumhlobo wakho kuba ubone iimpawu ezintle onazo. (Yer. 17:10) Ufuna nawe uvume ukuba ngumhlobo wakhe.—1 Yoh. 4:19.
XA UTHANDABUZA IZIGQIBO OWAZENZAYO
10. Xa sicinga ngezigqibo esazenzayo, yeyiphi imibuzo esisenokuzibuza yona?
10 Ekuhambeni kwexesha, abanye basenokucinga ngezigqibo abazenzayo baze bazibuze ukuba bakhetha kakuhle na. Mhlawumbi baye bancama umsebenzi obhatalayo okanye ishishini ukuze babe nexesha elininzi lokusebenzela uYehova. Emva kweminyaka emininzi, basenokubona abantu ababaziyo nabakhetha ukuzenzela imali bebonakala ngathi baphila kamnandi. Ngenxa yaloo nto basenokuzibuza: ‘Ngaba ndenza kakuhle ngokuncama izinto ukuze ndikhonze uYehova? Okanye ndaphoswa ngamathuba okuba nemali eninzi?’
11. Yintoni eyayikhathaza umbhali weNdumiso 73?
11 Ukuba nawe ukhe ukhathazwe yile mibuzo, cinga ngendlela awayeziva ngayo umbhali weNdumiso 73. Wayebona ngathi abantu abangamkhonziyo uYehova basempilweni, bayaphumelela futhi abanazo neengxaki. (INdu. 73:3-5, 12) Indlela ababebonakala bephila kamnandi ngayo yamenza wacinga ukuba akuncedi nganto ukukhonza uYehova. Le nto yamenza ‘wakhathazeka imini yonke.’ (INdu. 73:13, 14) Wancedwa yintoni?
12. Ngokutsho kweNdumiso 73:16-18, wenza ntoni umdumisi ukuze aqhubeke ekhonza uYehova?
12 Funda iNdumiso 73:16-18. Lo mdumisi wangena kwingcwele kaYehova. Ukuba lapho kwamnceda wacinga kakuhle. Wabona ukuba nangona abanye abantu babebonakala bephumelela, isiphelo sabo sasiza kuba sibi. Loo nto yamenza waxola, esazi ukuba xa wakhetha ukukhonza uYehova wenza esona sigqibo sifanelekileyo. Ngoko watsho wazimisela nakakhulu ukuqhubeka emkhonza.—INdu. 73:23-28.
13. Yintoni onokuyenza xa uzisola ngezinye izigqibo owazenzayo? (Jonga nomfanekiso.)
13 Njengomdumisi, nawe ungayeka ukutyhafiswa zizinto ozicingayo. Njani? Cinga ngezinto onazo, ezifana nobutyebi obusezulwini, uze uzithelekise nezinto eziza kwenzeka kubantu abathembele ngezinto zeli hlabathi. Kusenokwenzeka ukuba eyona nto ibalulekileyo kubo kukuphumelela kweli hlabathi, kuba ayikho enye into abanethemba layo. Kodwa wena, uYehova uthembisa ukuba uza kukusikelela ngendlela ongazange wayicinga. (INdu. 145:16) Ngebunjani ubomi bethu ukuba sasenze izigqibo ezingafaniyo nezi sazenzayo? Asazi. Kodwa nantsi into esiyaziyo: Abantu abenza izigqibo kuba bethanda uThixo nabanye abantu soze baphoswe yiyo nantoni na elunge nyhani.
XA UCINGA UKUBA AWUSENAKUMENZELA NTO UYEHOVA
14. Ziintoni ezisenokwenza abanye bangaqiniseki ukuba babalulekile kuYehova? Ngowuphi umbuzo abanokuzibuza wona?
14 Ngenxa yokuba bebadala, bekhathazwa yimpilo, okanye beneendawo ezingasebenziyo emzimbeni, abanye abakhonzi bakaYehova abasakwazi ukumenzela ezinye izinto. Basenokungaqiniseki nokuba babalulekile na kuYehova. Basenokude bazibuze, ‘Zisekhona izinto endinokumenzela zona uYehova?’
15. Yintoni awayeqiniseke ngayo umbhali weNdumiso 71?
15 Nombhali weNdumiso 71 wayekhathazwa yinto efanayo. Yiloo nto wathandaza esithi: “Ungandishiyi ndakuphelelwa ngamandla.” (INdu. 71:9, 18) Kodwa wayeqinisekile ukuba xa ekhonza uThixo ethembekile, uza kumkhokela aze amncede. Wafunda ukuba uYehova uyavuyiswa ngabantu abamkhonza ngamandla abo onke, nokuba kukho izinto abangakwaziyo ukuzenza.—INdu. 37:23-25.
16. Zeziphi izinto abanokuzenzela uYehova abantu asebekhulile? (INdumiso 92:12-15)
16 Nina senikhulile, yijongeni njengoYehova imeko yenu. Anganinceda ningayeki ukumkhonza, ngoxa kukho izinto eningasakwaziyo ukuzenza. (Funda iNdumiso 92:12-15.) Kunokuba nisoloko nicinga ngezinto eningasakwaziyo ukuzenza, cingani ngezo nikwaziyo ukuzenza. Ngokomzekelo, ninokubakhuthaza abanye ngokuthembeka kwenu nangomdla eninawo kubo. Ninokubabalisela ngendlela uYehova anincede ngayo kuyo yonke le minyaka nimkhonza, nibaxelele nangezinto asithembise zona enikhangele phambili kuzo. Ningaze niyidelele nendlela enokubanceda ngayo abanye imithandazo yenu esuka entliziyweni. (1 Pet. 3:12) Nokuba iimeko zethu zinjani, sonke ikhona into esinokuyenzela uYehova nabanye abantu.
17. Kutheni simele singazithelekisi nabanye?
17 Xa ukhathazwa kukuba kukho izinto ongakwaziyo ukumenzela zona uYehova, qiniseka ukuba ziyamvuyisa ezi ukwaziyo ukuzenza. Usenokufuna ukuzithelekisa nabanye. Ungaze uyenze loo nto. Ngoba? Kaloku uYehova akasithelekisi nabanye abantu. (Gal. 6:4) Ngokomzekelo, uMariya wathatha ioli enuka kamnandi nebiza imali eninzi, wayipha uYesu. (Yoh. 12:3-5) Kanti yena umhlolokazi owayezisokolela wanikela ngeesentana nje ezimbini etempileni. (Luka 21:1-4) KuYesu, zozibini ezi zipho zazibonisa ukuba la mabhinqa anokholo. UTata wakhe, uYehova, uxabisa nantoni na oyenza kuba uzinikele kuye futhi umthanda, nokuba inokubonakala incinci kangakanani.
18. Yintoni eza kusinceda siyeke ukuthandabuza? (Jonga ibhokisi ethi “ ILizwi LikaYehova Lingasinceda Siyeke Ukuthandabuza.”)
18 Sonke sikhe sithandabuze ngamanye amaxesha. Kodwa njengokuba sesibonile, iLizwi LikaThixo iBhayibhile, linokusinceda siyeke ukuba nezinto esizithandabuzayo. Ngoko zama konke onokukwazi ukukwenza ukuze uzifumane iimpendulo zemibuzo onayo. Loo nto iza kukwenza ude uqiniseke ngezo zinto obukade uzithandabuza. Qiniseka ukuba uYehova ukwazi kakuhle. Uyayixabisa into yokuba kukho izinto ozincamileyo ukuze umenze abe ngoyena ubalulekileyo ebomini bakho, futhi uza kukusikelela. Enye into omele uqiniseke ngayo kukuba uYehova uyabathanda futhi ubakhathalele bonke abakhonzi bakhe abathembekileyo.
INGOMA 111 Izizathu Zokuvuya Kwethu
a IGAMA ELICACISIWEYO: Kweli nqaku, kuthethwa ngokuthandabuza okusenza singaqiniseki ukuba sixabisekile na kuYehova, okanye zazifanelekile na izigqibo esazenzayo. Oku ayikokuthandabuza ekuthethwa ngako eBhayibhileni, okubonisa ukuba umntu akanalukholo kuYehova nakwizinto azithembisileyo.
b Nangona iBhayibhile ingatsho ukuba uDavide wayenangaphi xa uYehova wamkhethayo, kusenokwenzeka ukuba wayeneminyaka engaphantsi kweyi-20.—Jonga iMboniselo kaSeptemba 1, 2011, iphe. 29, isiqe. 2.