Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Lutsha, Qinisani Ukholo Lwenu

Lutsha, Qinisani Ukholo Lwenu

‘Ukholo bubungqina obucacileyo bezinto zokwenene nangona zingabonwa.’—HEB. 11:1.

IINGOMA: 41, 69

1, 2. Yeyiphi into enokutsala ulutsha namhlanje, ibe yintoni olunokuyenza ukuze lumelane nayo?

OMNYE umfundi wathi kudade waseBritani awayefunda naye: “Ukrelekrele kangaka nje ukholelwa njani kuThixo?” Omnye umzalwana waseJamani wabhala wathi: “Ootitshala bam bathi iBhayibhile yenz’ intsomi emini xa isithi izinto zadalwa. Bacinga ukuba bonke abafundi bakholelwa ukuba izinto zazivelela.” Kanti udade oselula waseFransi yena wathi: “Ootitshala besikolo sam bayothuka xa befumanisa ukuba kusekho abafundi abasakholelwa kwiBhayibhile.”

2 Njengomkhonzi kaYehova oselula okanye njengomntu osaqalayo ukufunda ngaye, ngaba uye utsalelekele ekulandeleni umndilili xa kufikwa kwiimfundiso ezithile, ezinjengethi izinto zazivelela kunoba zidalwe nguThixo? Ukuba kunjalo, zikho izinto onokuzenza ukuze uqinise ukholo lwakho uze ulugcine lomelele. Enye yezo zinto kukusebenzisa amandla akho okucinga owaphiwe nguThixo, ibe wona “aya kukulinda.” Aya kukukhusela kwizinto ezithethwa phandl’ apha ezinokuluphelisa ukholo lwakho.—Funda iMizekeliso 2:10-12.

3. Siza kuthetha ngantoni kweli nqaku?

3 Ukholo lokwenene lolusekelwe ekumazini kakuhle uThixo. (1 Tim. 2:4) Ngoko xa ufunda iLizwi likaThixo neencwadi zethu, sukuhambisa nje amehlo phezu kwamagama. Sebenzisa amandla akho okucinga okanye ingqondo yakho ukuze ‘uziqonde’ izinto ozifundayo. (Mat. 13:23) Makhe sibone indlela ukwenza loo nto okunokukunceda ngayo ukholelwe ukuba uThixo nguMdali kwaye ukholelwe naseBhayibhileni. Buninzi gqitha “ubungqina obucacileyo” obuxhasa loo nto.—Heb. 11:1.

INDLELA YOKUQINISA UKHOLO LWAKHO

4. Kutheni oko sikukholelwayo ngoThixo nangemvelaphi yobomi kusoloko kubandakanya ukholo, ibe yeyiphi indlela efenalekeliyo esifanele siyijonge ngayo le nto?

4 Ngaba abantu bakholelwa ekubeni izinto zazivelela kuba kusitsho inzululwazi, ngoxa into yokuba uThixo ukho beyiphikisa kuba isekelwe kukholo? Baninzi abakholelwa kuloo nto. Kodwa kuhle ukuba sikhumbule le nto: Enoba umntu ukholelwa kuThixo okanye ukholelwa ekubeni izinto zazivelela, ikho into ayikholelwayo. Njani? Akakho kuthi okhe wambona uThixo okanye wabona xa kudalwa into. (Yoh. 1:18) Kwangaxeshanye akakho umntu, nkqu nezazi ngendalo ezo, okhe wabona uhlobo oluthile lwesidalwa lujika lusiba lolunye uhlobo. Ngokomzekelo, akakho umntu owakha wabona inyoka ijika isiba yinkawu. (Yobhi 38:1, 4) Yiloo nto sonke kufuneka sijonge ubungqina, sisebenzise amandla ethu okucinga, senze izigqibo emva koko. Umpostile uPawulos wabhala la mazwi ngendalo: “Iimpawu zakhe [uThixo] ezingabonakaliyo zibonwa ngokucacileyo ukususela ekudalweni kwehlabathi kuse phambili, ngenxa yokuba ziqondeka ngezinto ezenziweyo, kwanamandla angunaphakade nobuThixo bakhe, khon’ ukuze bangabi nakungxengxezeleka.”—Roma 1:20.

Xa ucacisela abanye, sebenzisa izixhobo ezikhoyo ngolwimi lwakho (Jonga isiqendu 5)

5. Siye saxhotyiswa njani ukuze sisebenzise amandla ethu okuqonda?

5 “Ukuqonda” kuthetha ukubona into obungenakufane uyibone lula. (Heb. 11:3) Ngoko, abantu abaqondayo abapheleli nje kwizinto abazibonayo nabazivayo, bayazisebenzisa neengqondo zabo. Intlangano kaYehova isilungiselele izinto eziliqela eziphandwe kakuhle ukuze isincede kule nto. Zinokusinceda sitsho ‘simbone’ uMdali wethu ngamehlo okholo. (Heb. 11:27) Phakathi kwazo singabala ividiyo ethi The Wonders of Creation Reveal God’s Glory, incwadana ethi Ngaba Izinto Eziphilayo Zadalwa? nethi The Origin of Life—Five Questions Worth Asking, kunye nencwadi ethi Is There a Creator Who Cares About You? Akho namanqaku asenza sizikis’ ukucinga esiwafumana kwiimagazini zethu. UVukani! udla ngokudlan’ indlebe nezazi ngendalo nabanye abantu abaye bacacisa ukuba kutheni ngoku bekholelwa kuThixo. Ungcelele lwamanqaku oluthi “Ngaba Yadalwa?” lubalaselisa indlela izinto esizibonayo ezidalwe ngayo. Izazi zale mihla zidla ngokuzama ukulinganisa indlela emangalisayo ezidalwe ngayo izinto.

6. Kunceda ngantoni ukusebenzisa izixhobo ezifumanekayo, kwaye uye wancedakala njani wena?

6 Umzalwana oneminyaka eyi-19 waseMerika wathetha wenjenje ngezi ncwadana zimbini kuthethwe ngazo: “Zindincede kakhulu ezi ncwadana. Kudala ndiziphindaphinda.” Omnye udade waseFransi yena wabhala wathi: “Amanqaku athi ‘Ngaba Yadalwa?’ asoloko endifundisa into entsha! Abonisa ukuba nangona ezona njineli ziphambili zizama ukukopa indlela eziyilwe ngayo izidalwa xa zisakha oomatshini, azisoze zikwazi ukubenza bafane twatse nezidalwa.” Abazali bentwazana eneminyaka eyi-15 yaseMzantsi Afrika bathi: “Into yokuqala eyifundayo intombi yethu kuVukani! linqaku elithi ‘Udliwano-ndlebe.’” Wena ufunda ntoni? Ngaba uyazisebenzisa phofu ezi zinto uzilungiselelweyo? Zinokwenza ukholo lwakho lufane nomthi oneengcambu ezendeleyo. Luya kutsho lukwazi ke ukuma luqine xa kuvuthuza imimoya eziimfundiso zobuxoki.—Yer. 17:5-8.

UKUKHOLELWA EBHAYIBHILENI

7. Kutheni uThixo efuna usebenzise amandla akho engqiqo?

7 Ngaba akufanelekanga ukubuza imibuzo ngeBhayibhile? Akunjalo! Kaloku uYehova ufuna usebenzise ‘amandla akho engqiqo’ ukuze uzanelise wena ukuba yinyaniso le uyifundayo. Akafuni ukholelwe nje kuba nabanye bekholelwa. Ngoko sebenzisa amandla akho okucinga ukuze ufumane ulwazi oluchanileyo. Olo lwazi luya kuba sisiseko esiqinileyo sokholo lwenene. (Funda amaRoma 12:1, 2; 1 Timoti 2:4.) Enye indlela yokufumana olo lwazi kukuzibekela usukelo lokuphanda ngezinto ezithile.

8, 9. (a) Zeziphi izinto abanokuthanda ukuphanda ngazo abanye abantu? (b) Abanye abazalwana noodade bazuze ntoni ngokucinga kakuhle ngoko bakufundileyo?

8 Abanye baye bakhetha ukufunda ngeziprofeto zeBhayibhile okanye ngezinto ezibonisa ukuba iyangqinelana nembali, oko kufunyenwe ngabembi bezinto zakudala, kunye nenzululwazi. Esinye isiprofeto esibangel’ umdla sesikwiGenesis 3:15. Le vesi itshayelela owona mxholo uphambili weBhayibhile, okukuthethelelwa kolongamo lukaThixo nokungcwaliswa kwegama lakhe ngoBukumkani. Le vesi inye, isebenzisa amagama afuziselayo ukubonisa indlela uYehova aya kuziphelisa ngayo zonke izinto eziye zaphilisa abantu kabuhlungu ukususela e-Eden. Unokuphanda njani ke ngeGenesis 3:15? Enye indlela kukudwelisa iziganeko ngokokulandelelana kwazo. Unokudwelisa nezibhalo ezibonisa indlela uThixo aye watyhila ngayo izinto ngokuthe ngcembe ngabantu nangelungiselelo elichazwe kule vesi, nezingqina ukuba esi siprofeto siza kuzaliseka. Njengoko ubona izibhalo zingqinelana, uya kufikelela kwisigqibo sokuba ngokwenene abaprofeti nababhali beBhayibhile bamele ukuba “babeqhutywa ngumoya oyingcwele.”—2 Pet. 1:21.

9 Omnye umzalwana waseJamani wabhala wathi: “Izicacele into yokuba uBukumkani buyeyona nto kuthethwa ngayo kuyo yonke iBhayibhile. Injalo loo nto nangona iBhayibhile ibhalwe ngabantu abamalunga ne-40. Uninzi lwabo lwaluphila ngamaxesha ahlukeneyo kwaye bengazange babonana nasemdudweni.” Omnye udade waseOstreliya wathanda inqaku elifundwayo leMboniselo kaDisemba 15, 2013, elalithetha ngePasika. Lo mthendeleko ukhethekileyo unento yokwenza neGenesis 3:15 nokuza kukaMesiya. Wabhala wathi: “Eli nqaku landenza ndayibona indlela uYehova amangalisa ngayo. Into yokuba acinge ukwenzela amaSirayeli eli lungiselelo, neyokuba lizalisekiswe ngoYesu ndiyithande kakhulu. Kwafuneka ndikhe ndithi xhaa, ndicinge ngendlela esasimangalisa ngayo eso sidlo sePasika esasifuzisela okwakuza kwenzeka kwixesha elizayo!” Kwakutheni ukuze lo dade avakalelwe ngale ndlela? Wazipha ixesha lokucinga kakuhle ngento awayeyifunda waza ‘wayiqonda.’ Loo nto yaluqinisa ukholo lwakhe yaza yamsondeza kuYehova.—Mat. 13:23.

10. Ukunyaniseka kwababhali beBhayibhile kuluqinisa njani ukholo lwethu kwizinto abazibhalayo?

10 Enye into enokuqinisa ukholo lwethu, sisibindi nokunyaniseka kwababhali beBhayibhile. Ababhali bexesha lakudala babethetha kamnandi ngeenkokeli zabo, bebazukisa nookumkani babo. Babengenjalo bona abaprofeti bakaYehova, babesoloko bethetha inyani. Babengazifihli iimpazamo zabantu babo nkqu nezookumkani babo. (2 Kron. 16:9, 10; 24:18-22) Babezichaza ngokuphandle nezabo iimpazamo, nezabanye abakhonzi bakaThixo. (2 Sam. 12:1-14; Marko 14:50) Omnye umzalwana osemtsha waseBritani wathi: “Kunqabile ukubona ukunyaniseka oku njalo. Oku kusenza siqiniseke ngakumbi ukuba iBhayibhile ivela kuYehova.”

11. Yintoni enokunceda abantu abasebatsha ukuba bayixabise imigaqo yeBhayibhile?

11 IBhayibhile inemigaqo esincedayo,ngenxa yoko, abantu abaninzi baqinisekile ukuba yaphefumlelwa nguThixo. (Funda iNdumiso 19:7-11.) Omnye udade osemtsha waseJapan wabhala wathi: “Xa intsapho yam yaqalisa ukusebenzisa imigaqo yeBhayibhile, sonwaba ngokwenene. Saba noxolo, samanyana saza sathandana.” Imigaqo yeBhayibhile iyasikhusela ekulandeleni iinkolelo zobuxoki ezisele zilahlekise abantu abaninzi. (INdu. 115:3-8) Baba njani abantu xa befundiswe ukuba akakho uThixo? Iimfundiso ezifana nale yokuba izinto zazivelela, zenza indalo ibe ngathi ingoyena thixo, zize zenze ngathi yiyo enamandla kungekhona uYehova. Abantu abakholelwa ekubeni akakho uThixo badla ngokuthi, kuba engekho ikamva lomntu lisezandleni zakhe. Abathethi kwanto ngekamva elingcono.—INdu. 146:3, 4.

UKUCACISELA ABANYE ABANTU

12, 13. Yeyiphi indlela eluncedo onokuyisebenzisa xa uncokola ngendalo okanye ngeBhayibhile kunye nabantwana ofunda nabo, ootitshala kunye nabanye abantu?

12 Unokumnceda njani umntu acacelwe ngendalo nangeBhayibhile? Okokuqala, sukucinga ukuba uyazazi izinto abazikholelwayo abantu. Abanye abantu abacinga ukuba izinto zazivelela bathi ukhona uThixo. Bacinga ukuba, uThixo wenza izinto eziphilayo zavela kwezinye. Abanye bakholelwa ekubeni izinto zazivelela, kuba becinga ukuba ibingenakufundiswa ezikolweni ukuba ibingeyonyani. Abanye abasakholelwa kuThixo kuba bephoxwe ziicawa. Ngoko xa uncokola nomntu ngendlela obaqala ngayo ubomi, kungcono ukuba umbuze imibuzo kuqala. Qala ufumanise ukuba yintoni ayikholelwayo. Ukuba awumgxeki yaye uyammamela, oko kunokwenza naye akumamele.—Tito 3:2.

13 Ukuba umntu uyakugxeka kuba ukholelwa ekubeni izinto zadalwa, myeke ibe nguye ocacisa oko akukholelwayo. Unokumcela acacise ukuba ubomi baqala njani ngaphandle koMdali. Ukuze into ephilayo ikwazi ukuqhubeka ikho, kufuneka yona kuqala ibe iyakwazi ukuvelisa ezinye. Omye uprofesa wathi, ukuze ikwazi ukwenza oko kufuneka kubekho (1) inwebu ekhuselayo, (2) ikwazi ukufumana nokusebenzisa amandla, (3) igcine inkcazelo yemfuza, (4) ikwazi nokuvelisa inkcazelo efanayo. Wongezelela wathi: “Nokuntsonkotha kweyona nto incinci ephilayo, kukushiya ubamb’ ongezantsi.”

14. Yintoni enokukunceda ukuba awukakwazi ukucacisela umntu ukuba izinto zadalwa?

14 Ukuba awukakwazi ukucacisela umntu ukuba izinto zadalwa, mhlawumbi ungasebenzisa le ndlela kaPawulos. Wathi: “Ndlu nganye inomakhi wayo, kodwa lowo wazakhayo zonke izinto nguThixo.” (Heb. 3:4) Le ndlela yokucacisa iqondakala lula yaye iyasebenza! Kakade, izinto ezinobugocigoci zenziwe ngabantu abakrelekrele. Usenokusebenzisa nencwadi ethetha ngalo mba. Omnye udade wasebenzisa iincwadana ezimbini ebezikhe zakhankanywa ngaphambilana, xa wayencokola nomnye umfana owayengakholelwa ukuba uThixo ukhona, ekholelwa ukuba izinto zazivelela. Kwiintsuku nje ezimbalwa, lo mfana wathi: “Ngoku ndiyakholelwa kuThixo.” Waqhutyelwa isifundo seBhayibhile, ngoku ungumzalwana wethu.

15, 16. Ungancokola njani nomntu ngeBhayibhile, yaye yeyiphi injongo ofanele ube nayo?

15 Ungasebenzisa indlela efanayo xa uncokola nomntu ongakholelwayo eBhayibhileni. Mbuze ukuba ukholelwa ntoni, ukuze wazi into anganomdla wokuthetha ngayo. (IMize. 18:13) Ukuba uthanda isayensi, mhlawumbi angaba nomdla xa umbonisa ukuchana kweBhayibhile xa ithetha ngesayensi. Abanye banganomdla xa ubabonisa ukuchana kwembali neziprofeto eziseBhayibhileni. Usenokuthetha ngemigaqo eseBhayibhileni esincedayo njengaleyo ifumaneka kwiNtshumayelo yaseNtabeni.

16 Ukhumbule le nto, ufuna ukumnceda aqonde lo mntu, kungekhona ukuba kugqibelise wena ukuthetha. Ngoko mmamele kakuhle. Mbuze imibuzo uze uthethe ngendlela echubekileyo, uzole kwaye ube nembeko, ngokukodwa xa uthetha nomntu omdala. Uya kutsho azimamele nezakho izimvo. Uya kubona nokuba uye wacingisisa nzulu ngoko ukukholelwayo. Abantu abasebatsha abaninzi abakwenzi oku. Kodwa yazi ukuba akunyanzelekanga uphendulane nabantu ababhoxayo okanye abafuna ukuhlekisa nje ngeenkolelo zakho.—IMize. 26:4.

YENZE EYAKHO INYANISO

17, 18. (a) Ziintoni ezinokukunceda uyenze eyakho inyaniso? (b) Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

17 Ukuze sibenokholo oluqinileyo kufuneka okungakumbi kunokuba nolwazi nje olusiseko. Ngoko lifundisise iLizwi likaThixo ngokungathi uyagrumba, ukhangela ubuncwane obufihliweyo. (IMize. 2:3-6) Unokusebenzisa ezi zixhobo ukuba zikhona ngolwimi lwakho, iWatchtower Library ekwiCD, iWatchtower LIBRARI ekwi-intanethi, neWatch Tower Publications Index okanye iSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina KaYehova. Enye into onokuyenza, kukufunda iBhayibhile uyigqibe. Oko unokukwenza ngonyaka nje omnye. Zimbalwa izinto ezisenza sibe nokholo ngendlela iLizwi likaThixo elenza ngayo. Ecinga ngexesha lobutsha bakhe, omnye umveleli wathi: “Into eyandinceda ndaqonda ukuba iBhayibhile liLizwi likaThixo, kukuyifunda yonke. Amabali eBhayibhile endandifunda ngawo xa ndandiseyinkwenkwana, ekugqibeleni ndade ndawaqonda. Oko kwandenza ndafuna ukumkhonza uThixo.”

18 Bazali, ikho into eninokuyenza ukuze nomeleze ukholo lwabantwana benu. Ninokubanceda njani babe nokholo oluqinileyo? Oku siza kufunda ngako kwinqaku elilandelayo.