Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Unokuncedakala Xa Ukhokelwa NguYehova

Unokuncedakala Xa Ukhokelwa NguYehova

ISIGQIBO SOBULUMKO EPOLAND

“NDABHAPTIZWA ndineminyaka eyi-15 ndaza emva kweenyanga ezintandathu ndanguvulindlela ongumncedani. Emva konyaka, ndafaka isicelo sokuba nguvulindlela othe ngxi. Ukuphumelela kwam amabanga aphezulu, ndacela ukuya kukhonza apho kwakufuneka abavakalisi abangakumbi. Ndandifuna ukumka kuloo dolophu ndandihlala kuyo, ndingasafuni nokuhlala nomakhulu wam owayengeloNgqina likaYehova. Ndadana kakhulu xa umveleli wesiphakula wandabela ukuba ndisebenze kwakuloo dolophu ndandihlala kuyo. Ndandingafuni ayibone indlela endandivakalelwa ngayo. Ndidane ndinjalo, ndemka ndaza ndayokuyicingisisa le nto ithethwe ngumveleli. Ndathi kudade endisebenza naye entsimini: ‘Ingathi ndinguYona. Kodwa yena wade waya eNineve. Ngoko nam ndiza kukhonza apho ndabelwe khona.’

“Ndineminyaka emine ngoku ndinguvulindlela kule dolophu yasekhaya yaye ndiyayibona indlela okububulumko ngayo ukuthobela. Ingxaki, yayiyindlela endicinga ngayo. Ndonwabe kakhulu ngoku. Ndiye ndaqhuba izifundo zeBhayibhile ezingama-24 ngenyanga nje enye. Ndimbulela kakhulu uYehova kuba umakhulu wam owayechasa ngoku ndifunda naye iBhayibhile.”

IMIPHUMO ENCUMISAYO EFIJI

Enye inkosikazi yaseFiji, eyayifundelwa iBhayibhile, kwafuneka ikhethe phakathi kokuya endibanweni okanye ukuya ethekweni lomhla wokuzalwa kwesizalwane somyeni wayo. Umyeni wayo wayivumela ukuba iye endibanweni. Le nkosikazi yathi kumyeni wayo iza kuphumela kwelo theko emva kwendibano. Emva kwendibano yabona ukuba kungcono ingayi, kuba ingafuni ukubeka ukholo lwayo esichengeni.

Umyeni wayo wathi kwizalamane zakhe, inkosikazi isaye kwintlanganiso yamaNgqina kodwa iyeza. Zathi xa ziphendula: “Akazokuza, kaloku amaNgqina kaYehova awawubhiyozeli umhla wokuzalwa!” *

Umyeni wakuvuyela ukubona ukuba inkosikazi iye yamela iinkolelo zayo, ibe yenze ngokuvumelana nesazela sayo. Ngenxa yokuthembeka kwayo, ethubeni kwaba lula ukushumayela kumyeni wayo nakwabanye. Waba yintoni umphumo? Umyeni wayo wavuma ukufundelwa iBhayibhile waza waqalisa ukuya kwiintlanganiso nayo.

^ isiqe. 7 Funda inqaku elithi, “Imibuzo Evela Kubafundi” elikwiMboniselo kaDisemba 15, 2001.