Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bacingele Abantu NjengoYehova

Bacingele Abantu NjengoYehova

“Unoyolo nabani na onikela ingqalelo kwisisweli.”​—INDU. 41:1.

IINGOMA: 130, 107

1. Abakhonzi bakaThixo babonakala njani ukuba bayathandana?

ABAKHONZI bakaThixo abasehlabathini lonke bayintsapho engabazalwana noodade abathandanayo. (1 Yoh. 4:16, 21) Olo thando abalubonisi ngokubancamela izinto ezinkulu kuphela abazalwana babo, kodwa balubonisa nangezinto ezincinci. Ngokomzekelo, banokubakhuthaza okanye babenzele ububele. Xa sibacingela abantu ‘sixelisa uThixo, njengabantwana abaziintanda.’​—Efe. 5:1.

2. UYesu wamlinganisa njani uYise?

2 UYesu walinganisa uYise ngayo yonke into. UYesu wathi: “Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo yaye ndiza kunihlaziya.  . . , Kuba ndinomoya wobulali, ndithobekile ngentliziyo.” (Mat. 11:28, 29) Xa silinganisa umzekelo kaKristu ‘sinikele ingqalelo kwisisweli,’ uYehova uya kusithanda size sonwabe. (INdu. 41:1) Makhe sibone ukuba singabacingela njani abanye entsatsheni, ebandleni nasentsimini.

BACINGELE ABANYE ENTSATSHENI

3. Umyeni angamcingela njani umfazi wakhe? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

3 Abayeni ngabona bafanele babacingele abanye entsatsheni. (Efe. 5:25; 6:4) Ngokomzekelo babongozwa ukuba ‘bahlale nabafazi babo ngokokubazi,’ ngamanye amazwi babacingele. (1 Pet. 3:7) Ukubazi kuhamba kunye nokubacingela. Ngokomzekelo, umyeni omqondayo umfazi wakhe uyazi ukuba zininzi izinto abangafaniyo kuzo ibe akakho bhetele kunaye. (Gen. 2:18) Uyammamela xa ethetha ibe uyamhlonela. Enye inkosikazi yaseKhanada yathi ngomyeni wayo: “Akayijongi njengengenamsebenzi indlela endiziva ngayo okanye athi, ‘Ayifanelekanga loo ndlela ucinga ngayo.’ Uyandimamela naxa ndithetha. Xa efuna nditshintshe indlela endizibona ngayo izinto, uye athethe kakuhle.”

4. Xa ekunye namanye amabhinqa, umyeni angabonisa njani ukuba umkhathalele umfazi wakhe?

4 Kwakhona umyeni uyayikhathalela indlela aziva ngayo umfazi wakhe naxa ekunye namanye amabhinqa. Akadlali ngothando okanye awancwase. Engawancwasi naxa ekwiiwebhsayithi zokuncokola okanye kwi-intanethi. (Yobhi 31:1) Uhlala enyanisekile kwinkosikazi yakhe, kungekhona nje kuba eyithanda kodwa kuba ethanda uThixo ibe eyonyanya into embi.​—Funda iNdumiso 19:14; 97:10.

5. Inkosikazi ingamcingela njani umyeni wayo?

5 Xa umyeni elinganisa uYesu Kristu, loo nto yenza umfazi wakhe abe “nentlonelo enzulu” kuye. (Efe. 5:22-25, 33) Ngenxa yoko, uye ayiqonde indlela aziva ngayo umyeni wakhe naxa exakeke zizinto zebandla okanye xa kukho into ayicingayo. Enye indoda yaseBritani ithi: “Inkosikazi iye ibone kwindlela endizenza ngayo izinto ukuba kukho into endikhathazayo. Emva koko iye isebenzise iMizekeliso 20:5 enoba loo nto itheth’ ukuba iza kulinda ixesha elide ukuze ‘ikutsale kunyuke’ oko ndikucingayo, ndize ndithethe nayo ukuba loo nto ndimele ndiyincokole nayo.”

6. Singabafundisa njani abantwana ukuba bacingele abanye abantu, ibe iza kubanceda njani loo nto?

6 Xa abazali becingelana, banokuba ngumzekelo omhle ebantwaneni babo. Kakade ke, abazali ngabona bantu bafanele bafundise abantwana babo ukucingela abanye abantu. Ngokomzekelo, abazali bangafundisa abantwana babo ukuba bangabaleki eHolweni yoBukumkani. Xa kumenywe abantu, abazali bangaxelela abantwana ukuba bayekele abantu abadala baphake kuqala. Kakade ke, bonke abasebandleni banokubancedisa abazali. Ngokomzekelo, xa umntwana esivulela ucango, sifanele simncome ngaloo nto intle ayenzileyo. Xa simncoma uza konwaba, ibe loo nto imenza aqonde ukuba “kunoyolo ngakumbi ukupha kunokwamkela.”​—IZe. 20:35.

BACINGELE ABANTU ABASEBANDLENI

7. UYesu wayiphatha njani ngembeko indoda eyayisisithulu, ibe thina sinokufunda ntoni kuye?

7 Ngenye imini xa uYesu wayekummandla waseDekapoli, abantu “bamzisela isithulu esithintithayo.” (Marko 7:31-35) Kunokuba ayiphilise phambi kwabantu le ndoda, uYesu wayibizela bucala waza wayiphilisa. Kwakutheni? Inoba ukugula kwayo kwakuyenza ibe neentloni phambi kwabantu. Mhlawumbi wabona loo nto uYesu ukuze ayiphilisele ecaleni. Thina asikwazi ukwenza imimangaliso. Kodwa sifanele sibacingele abazalwana noodade. Umpostile uPawulos wathi: “Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle.” (Heb. 10:24) UYesu wayisizela le ndoda isisithulu ibe wayiphatha ngembeko. Nathi simele senze njengaye.

8, 9. Zeziphi iindlela esinokubonisa ngazo ukuba siyabacingela abantu abadala nabagulayo? Yenza umzekelo.

8 Bacingele abantu abadala nabagulayo. Eyona nto ibalulekileyo ebandleni asikokuzenza kakuhle izinto, kodwa luthando. (Yoh. 13:34, 35) Olo thando lusenza sincame ezinye izinto ukuze sikwazi ukunceda abantu abadala nabagulayo bakwazi ukuya ezintlanganisweni nasentsimini. Siyabanceda nokuba loo nto iza kusiphazamisa kwizinto esizenzayo okanye bona abazukuhlala ixesha elide entsimini. (Mat. 13:23) UMichael ohamba ngesitulo sabantu abagulayo ukuxabisa kakhulu ukuncedwa yintsapho yakhe nangabazalwana ashumayela nabo. Uthi: “Indlela abandinceda ngayo indenza ndikwazi ukuya kwiintlanganiso nasentsimini. Ndikuthanda kakhulu ukushumayela kwiindawo zikawonke-wonke.”

9 IiBheteli ezininzi zinabantu abadala nabagulayo. Abazalwana abakhokelayo bayabacingela baze babancede bakwazi ukushumayela ngeeleta nangeefowuni. UBill oneminyaka eyi-86 nobhalela abantu abakwiindawo ekungafane kushunyayelwe kuzo uthi: “Siyavuya kakhulu kuba sikwazi ukubhala iileta.” UNancy oneminyaka eyi-90 uthi: “Kum ukubhala iileta asiyonto nje yokuchitha isithukuthezi, yintsimi. Abantu kufuneka bayazi inyaniso. UEthel owazalwa ngo-1921 yena uthi: “Ndihlala ndisezintlungwini. Ngezinye iimini kuba nzima nokunxiba.” Nakuba kunjalo, uyakuthanda ukushumayela ngefowuni ibe unawo namabuyelo. UBarbara oneminyaka eyi-85 uthi: “Ngenxa yempilo kuba nzima ukuba ndiye qho entsimini. Kodwa ke ndishumayela ngefowuni. Enkosi Yehova!” Aba bazalwana bakhulileyo baseBheteli, baye bashumayela iiyure eziyi-1 228, babhala iileta eziyi-6 265, bafowuna izihlandlo ezingaphezu kweziyi-2 000 baza bahambisa iincwadi eziyi-6 315! Siqinisekile ukuba uvuye nyhani uYehova ngomsebenzi wabo!​—IMize. 27:11.

10. Yintoni esinokuyenza ukuze iintlanganiso zibancede abazalwana noodade?

10 Bacingele abantu abasezintlanganisweni. Into esiyifunayo kukuba iintlanganiso zibancede abazalwana noodade. Zingabanceda ukuba siyabacingela. Njani? Enye indlela kukuba sifike kwangethuba ukuze singabaphazamisi. Ngamanye amaxesha, zikho izinto ezinokusenza singakwazi ukufika ngethuba. Kodwa ukuba sisoloko sifika seziqalile iintlanganiso, kufuneka siyilungise loo nto. Masingalibali ukuba xa sisezintlanganisweni simenywe nguYehova noNyana wakhe. (Mat. 18:20) Kufuneka sibahloniphe!

11. Kutheni abo baneentetho bamele bathobele umyalelo okweyoku-1 kwabaseKorinte 14:40?

11 Ukubacingela abantu abasezintlanganisweni kukwathetha ukuthobela lo myalelo: “Zonke izinto mazenzeke ngokundilisekileyo nangolungelelwano.” (1 Kor. 14:40) Abazalwana abaneentetho bathobela lo myalelo ngokuba bangadluli kwixesha abalinikiweyo. Loo nto ibonisa ukuba bacingela isithethi esilandelayo nabantu abasebandleni. Mhlawumbi abanye abazalwana kufuneka bahambe indlela ende xa begoduka kwaye abanye bahamba ngezithuthi zikawonke-wonke. Kusenokwenzeka nokuba abanye batshate nabantu abangengawo amaNgqina abalijongayo ixesha ekumele kubuywe ngalo ezintlanganisweni.

12. Kutheni kufuneka sibahloniphe abadala? (Jonga ibhokisi ethi “ Bacingele Abo Bakhokelayo.”)

12 Kuba abadala besebenza nzima ebandleni ibe besikhokela entsimini, kufuneka sibahloniphe. (Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 5:12, 13.) Siqinisekile ukuba uyazixabisa izinto abakwenzela zona. Ngoko qiniseka ukuba wenza konke okusemandleni akho ukuze usebenzisane nabo. Khumbula ukuba aba bazalwana ‘bahlala bewulindile umphefumlo wakho njengabo baya kuphendula.’​—Heb. 13:7, 17.

BACINGELE ABANTU ENTSIMINI

13. Singafunda ntoni kwindlela uYesu awayebaphatha ngayo abantu?

13 UIsaya wathi ngoYesu: “Ingcongolo etyumkileyo akayi kuyaphula; umsonto weflekisi olozizayo, akayi kuwucima.” (Isa. 42:3) Indlela uYesu awayebathanda ngayo abantu yamenza wabavela. Wayeyiqonda indlela ababeziva ngayo abantu ababefana nengcongolo etyumkileyo okanye intambo ephelayo yesibane. Loo nto yabangela ukuba abacingele, abe nobubele nomonde. Nabantwana babemthanda. (Marko 10:14) Asinakukwazi ukubaqonda nokubafundisa abantu ngendlela awayesenza ngayo uYesu! Kodwa sinokukwazi ukubacingela abantu abasentsimini. Loo nto singayibonisa kwindlela esithetha ngayo nabo, ngokulazi ixesha esimele sithethe nabo ngalo nokuba limele libe ngakanani.

14. Kutheni sifanele sibacingele abantu esithetha nabo entsimini?

14 Simele sithethe njani nabantu? Abantu abaninzi baye bakhathazwa kukonakala nokukhohlakala kwabantu bezoshishino, abeepolitiki nabefundisi. (Mat. 9:36) Loo nto ibenze baphelelwa lithemba baza abathemba mntu. Ngoko kubalulekile ukuba sibe nobubele, sibacingele xa sithetha nabo size sithethe nabo kakuhle! Abanye baba nomdla wokusimamela, hayi kuba siyazi iBhayibhile okanye sikwazi ukuyicacisa, kodwa ngenxa yokuba sinomdla kubo kwaye sibahlonipha.

15. Ziziphi iindlela esinokubacingela ngazo abantu esishumayela kubo?

15 Zininzi iindlela esinokubacingela ngazo abantu esishumayela kubo. Ngokomzekelo, enye indlela esifundisa ngayo kukusebenzisa imibuzo. Kufuneka siyibuze kakuhle nangentlonipho. Omnye uvulindlela owayeshumayela kwintsimi enabantu abaneentloni nabangafundanga, wabona ukuba makangababuzi imibuzo enokubahlaza. Imibuzo abanokungakwazi ukuyiphendula efana nethi, ‘Ngubani igama likaThixo?’ okanye ‘Buyintoni uBukumkani BukaThixo?’ Kunokuba ababuze igama likaThixo uye athi, “EBhayibhileni ndifunde ukuba uThixo unegama. Ndingakubonisa lona?” Kodwa ke asibeki mthetho kuba iindawo nabantu abafani. Ngoko ke kufuneka sisoloko sibacingela kwaye sibahlonipha abantu, yiloo nto kufuneka sibazi kakuhle.

16, 17. (a) Singabonisa njani ukuba siyabacingela abantu xa sisiya ezindlini zabo? (b) Ingabonakala njani into yokuba siyabacingela abantu xa sincokola nabo?

16 Simele siye nini entsimini? Siya ezindlini singalindelwanga. Ngoko kubalulekile ukuba siye ngexesha abanokukwazi ukuncokola nathi ngalo. (Mat. 7:12) Ngokomzekelo, mhlawumbi abantu esishumayela kubo bavuka kade ngeempelaveki. Ukuba banjalo, sisenokuqala ngokuya kuhambisa iimagazini, siye kushumayela kwiindawo zikawonke-wonke okanye siye kumabuyelo esiwaziyo ukuba sele evukile.

17 Simele sihlale ixesha elingakanani? Abantu abaninzi baxakekile, ngoko kubalulekile ukuba xa sifika kubo singahlali ixesha elide, ingakumbi xa siqala ukuya kubo. Kubhetele siyenze mfutshane incoko yethu. (1 Kor. 9:20-23) Xa abantu bebona ukuba siyabacingela, banokufuna siphinde sibuye. Kubalulekile ukuba kubonakale ukuba sinesiqhamo somoya kaThixo. Xa sinaso, kuye kucace ukuba ‘sisebenza noThixo’ xa esazisa abantu inyaniso.​—1 Kor. 3:6, 7, 9.

18. Zeziphi iintsikelelo esiza kuzifumana xa sibacingela abanye abantu?

18 Masizimisele ukubacingela abanye abantu, entsatsheni, ebandleni nasentsimini. Xa siyenza loo nto siza kusikelelwa ngoku nakwixesha elizayo. INdumiso 41:1, 2 ithi: “Unoyolo nabani na onikela ingqalelo kwisisweli; ngomhla wentlekele uYehova uya kumsindisa. . . . Uya kubhengezwa enoyolo emhlabeni.”