Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bayavuya Abantu Abakhonza UThixo Owonwabileyo

Bayavuya Abantu Abakhonza UThixo Owonwabileyo

“Banoyolo [okanye bayavuya] abantu abaThixo wabo unguYehova!”—INDU. 144:15.

IINGOMA: 44, 125

1. Kutheni abakhonzi bakaYehova ingabantu abonwabileyo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

AMANGQINA KAYEHOVA ngabantu abonwabileyo. Xa esezintlanganisweni, kwiindibano okanye edityaniswe zezinye izinto, ahlala encokola kamnandi yaye ehleka. Yintoni ewenza onwabe kangaka? Esona sizathu kukuba azi uYehova, “uThixo onoyolo [okanye owonwabileyo].” Ayamkhonza kwaye azama ukumxelisa. (1 Tim. 1:11; INdu. 16:11) Ekubeni enguThixo owonwabileyo, ufuna nathi sonwabe, ibe usinika izizathu ezibangela ukuba sivuye.​—Dut. 12:7; INtshu. 3:12, 13.

2, 3. (a) Kuthetha ukuthini ukonwaba? (b) Kutheni kunzima ukuthi sonwabile?

2 Wena, ngaba wonwabile? Ngaba ungonwaba nangaphezu kokuba unjalo ngoku? Kuthiwa ukonwaba “kukuhlala wanelisekile emphefumlweni, useluxolweni, uphila kamnandi kungekho nto ikukhathazayo nanto ebonisa ukuba le mpilo iya kuze iphele ngeny’ imini.” IBhayibhile ibonisa ukuba ngabantu abangabahlobo bakaYehova kuphela abonwabe nyhani. Kodwa kweli hlabathi, kunzima ukuthi wonwabile. Kutheni sisitsho?

3 Kaloku zininzi izinto ezinokusenza singonwabi, ukuswelekelwa zizizalwane okanye abahlobo naxa bekhutshelwe ngaphandle, xa imitshato yethu iphela naxa siphelelwe ngumsebenzi. Asinakonwaba naxa kuxatyanwa endlini okanye kungathethiswana. Ezinye izinto isenokuba kukugxekwa ngabantu esisebenza nabo okanye esifunda nabo, ukutshutshiswa okanye ukuvalelwa entolongweni nokugula. Sekunjalo, uYesu Kristu “Onegunya nonoyolo,” uyavuyiswa kukusithuthuzela nokusenza sonwabe. (1 Tim. 6:15; Mat. 11:28-30) KwiNtshumayelo YaseNtabeni wathetha ngeempawu ezininzi ezinokusenza sonwabe nakuba silingwa kweli hlabathi likaSathana.

UKUZE SONWABE KUFUNEKA SIBE NGABAHLOBO BAKAYEHOVA

4, 5. Sinokwenza ntoni ukuze sonwabe size sihlale sinjalo?

4 UYesu waqala wathetha ngeyona nto ibalulekileyo esithi: “Banoyolo abo bayiphapheleyo intswelo yabo yokomoya [okanye abafuna ukukhokelwa ngumoya kaThixo], kuba ubukumkani bamazulu bobabo.” (Mat. 5:3) Kufuneka senze ntoni ukuze sibonise ukuba sifuna ukukhokelwa ngumoya kaThixo? Kufuneka sifundisise iLizwi LikaThixo, senze into eliyithethayo luze unqulo lwethu lube yeyona nto ibalulekileyo. Ukuba siyazenza ezi zinto, siya konwaba. Siya kuba nokholo ngakumbi kwizinto esizithenjiswe nguThixo. Siza kukhuthazwa ‘nalithemba elonwabisayo’ esilixelelwa liLizwi lakhe.​—Tito 2:13.

5 Ukuze sihlale sonwabile, kubalulekile ukuba sibe ngabahlobo bakaYehova. Umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba abhale athi: “Hlalani ninemihlali eNkosini [uYehova]. Ndiyaphinda ndithi, Yibani nemihlali!” (Fil. 4:4) Ukuze sibe ngabahlobo bakaThixo, kufuneka sifumane ubulumko bakhe. ILizwi LikaThixo lithi: “Unoyolo umntu ofumene ubulumko, nomntu ozuze ukuqonda, bungumthi wobomi kwabo babubambayo, nabo babubamba nkqi kuya kuthiwa banoyolo.”​—IMize. 3:13, 18.

6. Yeyiphi enye into esinokuyenza ukuze sihlale sonwabile?

6 Ukuze sihlale sonwabile kubalulekile ukuba sizenze izinto esizifunda kwiLizwi LikaThixo. Ethetha ngendlela ekubaluleke ngayo ukwenza izinto esizifundayo, uYesu wathi: “Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze.” (Yoh. 13:17; funda uYakobi 1:25.) Le yeyona nto ibalulekileyo ukuba sifuna ukuthandwa nguThixo nokuhlala sonwabile. Kodwa sinokonwaba njani ekubeni zininzi kangaka izinto ezisikhathazayo? Makhe sifunde ngenye into eyathethwa nguYesu kwiNtshumayelo YaseNtabeni.

IIMPAWU EZISENZA SONWABE

7. Abantu abazilileyo banokonwaba njani?

7 “Banoyolo abo bazilileyo, kuba baya kuthuthuzelwa.” (Mat. 5:4) Abanye abantu basenokuzibuza, ‘Unokonwaba njani umntu ozilileyo?’ Apha uYesu wayengathethi ngabo bonke abantu abazilileyo. Nabantu ababi ziyabakhathaza iingxaki ezibangelwa ngala ‘maxesha amanqam ekunzima ukujamelana nawo.’ (2 Tim. 3:1) Kodwa bona abacingi ngoYehova, bacingela iziqu zabo kuphela. Ngoko abanakukwazi ukuba ngabahlobo bakaYehova baze bonwabe. UYesu wayethetha ngabantu abafuna ukwenza ukuthanda kukaThixo. Aba bantu bazilile ngenxa yokuba bebona abantu abaninzi abangamfuniyo uThixo nabangazenziyo izinto azifunayo. Bayazi ukuba abafezekanga, ibe babona izinto ezibuhlungu ezibangelwa kukungafezeki. UYehova ubajongile aba bantu, ngoko ubathuthuzela ngeLizwi lakhe aze abenze bonwabe.​—Funda uHezekile 5:11; 9:4.

8. Unokonwaba njani umntu onobulali?

8 “Banoyolo abo banomoya wobulali, kuba baya kuwudla ilifa umhlaba.” (Mat. 5:5) Unokonwaba njani umntu onobulali? Abantu abaninzi baye batshintsha emva kokuba befunde iBhayibhile. Kusenokwenzeka ukuba babekrwada kwaye bethanda ukulwa. Kodwa baye ‘bambatha ubuntu obutsha’ baza ‘banomsa wemfesane, ububele, ukuthobeka kwengqondo, ubulali, nokuzeka kade umsindo.’ (Kol. 3:9-12) Le nto ibenze banoxolo nothando baza bonwaba. ILizwi LikaThixo lithembisa ukuba abantu abanjalo baza “kuwudla ilifa umhlaba.”​—INdu. 37:8-10, 29.

9. (a) Kuthetha ukuthini ukuthi abantu ‘abanobulali baza kuwudla ilifa umhlaba’? (b) Yintoni ebangela ukuba abantu ‘abalambele nabanxanelwe ubulungisa’ bonwabe?

9 Kuthetha ukuthini ukuthi abantu abanobulali “baza kuwudla ilifa umhlaba”? Abafundi bakaYesu abathanjisiweyo baza kuwudla ilifa umhlaba xa bengookumkani nababingeleli phezu kwawo. (ISityhi. 20:6) Abanye abantu abangazukulawula ezulwini baza kuwudla ilifa umhlaba ngokuphila kuwo ngonaphakade befezekile, beseluxolweni kwaye bonwabile. Aba bantu ngabo uYesu wathi ngabo: “Banoyolo abo balambela baze banxanelwe ubulungisa.” (Mat. 5:6) Ukulambela nokunxanelwa kwawo ubulungisa kuya kwaneliswa xa uYehova esuse bonke ububi. (2 Pet. 3:13) Emva koko, amalungisa aya konwaba kuba akasoze aphinde azile ngenxa yezinto ezimbi ezenziwa ngabantu ababi.​—INdu. 37:17.

10. Kuthetha ukuthini ukuba nenceba?

10 “Banoyolo abanenceba, kuba baya kwenzelwa inceba.” (Mat. 5:7) Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi inceba lithetha ukuba ‘nobubele novelwano.’ NgesiGrike likwathetha ukubasizela abantu. Noko ke, ukuba nenceba akuthethi ukubavela abantu kuphela. EBhayibhileni kukwathetha ukubanceda.

11. Umzekeliso womSamariya usifundisa ntoni ngokuba nenceba?

11 Funda uLuka 10:30-37. Umzekeliso kaYesu womSamariya ubonisa into ethethwa kukuba nenceba. Lo mSamariya wasizela indoda eyayisezintlungwini waza wayinceda. Emva kokuba enze lo mzekeliso, uYesu wathi: “Hamba uye kwenjenjalo nawe.” Ngoko zibuze: “Ngaba ndenjenjalo nam? Ngaba ndiyayenza le nto yenziwa ngumSamariya onovelwano? Xa abanye abantu besezintlungwini, ngaba ndiba nenceba ndize ndibancede? Ngaba ndiyawanceda amaKristu alupheleyo, angabahlolokazi nanabazali abangengomaNgqina? Ngaba ‘ndiyayithuthuzela imiphefumlo edandathekileyo’?”​—1 Tes. 5:14; Yak. 1:27.

Nceda abantu uze ubone indlela oza konwaba ngayo (Jonga isiqendu 12)

12. Ukuba nenceba kusonwabisa njani?

12 Ukuba nenceba kungamonwabisa njani umntu? Xa sisenzela abanye inceba, siyonwaba kuba siyapha. Eyona nto ibalulekileyo kukwazi ukuba sivuyisa uYehova. (IZe. 20:35; funda amaHebhere 13:16.) UKumkani uDavide wathetha ngomntu onenceba esithi: “UYehova uya kumlinda amgcine ephila. Uya kubhengezwa enoyolo emhlabeni.” (INdu. 41:1, 2) Ukuba sibenzela inceba abantu, nathi siya kwenzelwa inceba nguYehova size sonwabe ngonaphakade.​—Yak. 2:13.

KUTHENI BONWABILE ABANTU “ABASULUNGEKILEYO ENTLIZIYWENI”?

13, 14. Intliziyo emsulwa idibana njani nokonwaba?

13 UYesu wathi: “Banoyolo abasulungekileyo entliziyweni [okanye abaneentliziyo ezimsulwa], kuba baya kumbona uThixo.” (Mat. 5:8) Ukuze iintliziyo zethu zihlale zimsulwa, simele sicoceke ngaphakathi, sicinge size sifune izinto ezicocekileyo. Kubalulekile ukuhlala sicinga ngezinto ezicocekileyo ukuze uYehova asamkele.​—Funda eyesi-2 kwabaseKorinte 4:2; 1 Tim. 1:5.

14 Abantu abaneentliziyo ezimsulwa banokuba ngabahlobo bakaYehova kuba uthi: “Banoyolo abo bayihlambayo imiwunduzo yabo.” (ISityhi. 22:14) ‘Bayihlamba njani imiwunduzo yabo’? AmaKristu athanjisiweyo ‘ahlamba iingubo zawo’ ngokuhlala ecocekile kuYehova nokuba uza kuwavuza ngobomi bokungafi aze ahlale onwabile ezulwini. Kwisihlwele esikhulu esinethemba lokuphila emhlabeni kuthetha ukuba ngabahlobo bakaThixo kuba usijonga njengamalungisa. Khona ngoku ‘sihlamba imiwunduzo yaso siyenza mhlophe egazini leMvana.’​—ISityhi. 7:9, 13, 14.

15, 16. Abantu abaneentliziyo ezimsulwa ‘bambona njani uThixo’?

15 Abantu abaneentliziyo ezimsulwa ‘bambona njani uThixo’ kuba ‘akukho mntu unokumbona aze aphile’? (Eks. 33:20) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘ukubona’ lithetha ukuba nomfanekiso-ngqondweni, ukuqonda nokwazi. Abantu abambona ngolu hlobo uThixo ngabo bamqondayo ukuba ungumntu onjani nabathanda iimpawu zakhe. (Efe. 1:18) UYesu wasibonisa ukuba unjani uThixo, yiloo nto wathi: “Lowo undibonileyo mna umbonile noBawo.”​—Yoh. 14:7-9.

16 Enye indlela abanquli bakaThixo ‘abanokumbona’ ngayo, kukujonga izinto abenzela zona. (Yobhi 42:5) Bahlala benomfanekiso-ngqondweni weentsikelelo azibekele abantu abazama ukuhlala beneentliziyo ezimsulwa futhi bengagungqi ekumkhonzeni. Bona abathanjiswa abavusiweyo baza kumbona ngokoqobo xa besezulwini.​—1 Yoh. 3:2.

UKONWABA NGOXA KUKHO IINGXAKI

17. Yintoni eyenza umntu onoxolo onwabe?

17 UYesu waphinda wathi: “Banoyolo abanoxolo.” (Mat. 5:9) Abantu abenza kubekho uxolo bayonwaba. Umfundi uYakobi wathi: “Imbewu yesiqhamo sobulungisa ihlwayelwa phantsi kweemeko zoxolo ngabo benza uxolo.” (Yak. 3:18) Xa kukho umntu esingavani naye ebandleni okanye entsatsheni, sinokucela uThixo asincede senze uxolo naye. UYehova uza kusinika umoya wakhe oyingcwele ukuze usincede sibe neempawu zamaKristu size sonwabe. UYesu wabethelela indlela ekubaluleke ngayo ukwenza kubekho uxolo xa wathi: “Ukuba, ngoko, uzisa isipho sakho esibingelelweni, uthi ulapho ukhumbule ukuba umzalwana wakho unento ngakuwe, sishiye isipho sakho apho phambi kwesibingelelo, uze uhambe uye kuxolelana nomzalwana wakho kuqala, wandule ke, wakubuya, unikele isipho sakho.”​—Mat. 5:23, 24.

18, 19. Kutheni amaKristu enokonwaba naxa etshutshiswa?

18 “Ninoyolo nina xa abantu beningcikiva, benitshutshisa, bethetha ngani lonke uhlobo lwento engendawo bexoka, ngenxa yam.” Wayethetha ukuthini uYesu? Waphinda wathi: “Yibani nemihlali nixhume ngovuyo, ngokuba umvuzo wenu mkhulu emazulwini; kuba babatshutshisa ngaloo ndlela abaprofeti ababengaphambi kwenu.” (Mat. 5:11, 12) Xa abapostile babebethwa kusithiwa mabayeke ukushumayela, “bemka phambi kweSanhedrin, benemihlali.” Babengavuyiswa ziintlungu zokubethwa, kodwa babevuyiswa kukuba “bafanelwe kukuhlaziswa ngenxa yegama lakhe [uYesu].”​—IZe. 5:41.

19 Namhlanje abantu bakaYehova banyamezela bevuya xa betshutshiswa okanye belingwa ngenxa yegama likaYesu. (Funda uYakobi 1:2-4.) Njengabapostile, nathi asivuyiswa ziintlungu. Kodwa ukuba sihlala singagungqi ekukhonzeni uThixo naxa silingwa, uza kusipha amandla okunyamezela. Ngokomzekelo, ngoAgasti 1944 abalawuli abangoozwilakhe bathumela uHenryk Dornik nomntakwabo kwinkampu yoxinaniso. Aba bantu babebatshutshisa bathi: “Kunzima ukubanyanzela aba bantu ukuba benze into. Ukufela ukholo lwabo kuyabavuyisa.” UMzalwan’ uDornik uthi: “Ngoxa ndandingafuni ukufela ukholo, kodwa ndavuyiswa kukuba nesibindi nokungagungqi ekukhonzeni uYehova. . . . Ukuthandaza qho kwandenza ndasondela kuYehova, ibe wandinceda.”

20. Kutheni kusivuyisa ukukhonza ‘uThixo owonwabileyo’?

20 Xa sithandwa ‘nguThixo owonwabileyo,’ sinokuvuya naxa sitshutshiswa, sichaswa ziintsapho, sigula okanye sisaluphala. (1 Tim. 1:11) Enye into esenza sonwabe zizinto asithembisa zona, kuba yena ‘akanakuxoka.’ (Tito 1:2) Siza kuvuya kakhulu xa zisenzeka ezi zinto kangangokuba iingxaki nezilingo esizifumanayo ngoku iya kuba ngathi zange zenzeke. EParadesi, uYehova uza kusisikelela ngendlela esingazange siyicinge. Siza konwaba kakhulu. Siza ‘kuziyolisa ngokugqibeleleyo ngobuninzi boxolo.’​—INdu. 37:11.