Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Bazalwana Abakhulileyo, UYehova Uyanithanda Xa Ningagungqi Ekumkhonzeni

Bazalwana Abakhulileyo, UYehova Uyanithanda Xa Ningagungqi Ekumkhonzeni

KUWO wonke umhlaba, abadala bayawuxabisa umsebenzi abawenzela abantu bakaThixo. Bayintsikelelo nyhani kuthi! Kodwa ke kutshanje kukho utshintsho oluye lwenziwa. Abazalwana abakhulileyo abangabadala baye bacelwa ukuba banike abazalwana abasebatsha imisebenzi enzima abebeyenza. Ngoba?

Ngoku, xa abaveleli beziphaluka nabahlohli beneminyaka eyi-70 baye bacelwe ukuba bayiyeke inkonzo yabo. Kanti bona abadala baye bacelwe xa beneminyaka eyi-80 ukuba bayinike abadala abasebatsha eminye imisebenzi, njengokuba ngumnxibelelanisi weKomiti Yesebe nokuba ngumnxibelelanisi wequmrhu labadala. Bathini aba badala ngolu tshintsho? Baye bamthemba uYehova nentlangano yakhe!

UKen obengumnxibelelanisi weKomiti Yesebe phantse iminyaka eyi-49 uthi: “Ndasithanda kakhulu eso sigqibo. Kwangaloo ntsasa ndandithandazele ukuba ibe ngumzalwana osemtsha oba ngumnxibelelanisi.” Indlela aziva ngayo uKen, yindlela abaziva ngayo abazalwana abathembekileyo abakhulileyo emhlabeni wonke. Ewe kona, kuba bekuthanda ukunceda abazalwana, ekuqaleni baye baphoxeka kancinci.

UEsperandio obengumnxibelelanisi wabadala uthi: “Yandityhafisa kancinci le nto. Kodwa ndandisazi ukuba ndidinga ixesha lokuhoya impilo yam.” UEsperandio usakhonza uYehova ethembekile ibe uyintsikelelo ebandleni lakhe.

Baziva njani bona abazalwana ababengabaveleli beziphaluka kangangexesha elide xa bacelwa ukuba bayeke baze benze eminye imisebenzi? UAllan obengumveleli wesiphaluka iminyaka eyi-38 uthi, “Ndothuka nyhani ukuyiva kwam loo nto.” Kodwa wabona indlela okunceda ngayo ukuqeqesha abazalwana abasebatsha, ibe usaqhubeka ekhonza uYehova ethembekile.

URussell obengumveleli wesiphaluka nomhlohli iminyaka eyi-40 uthi yena nenkosikazi yakhe baphoxeka nyhani. Uthi: “Sasiwuthanda nyhani umsebenzi wethu ibe sasiziva ngathi sinawo amandla okuqhubeka nawo.” URussell nenkosikazi yakhe basebenzisa uqeqesho nobuchule babo ebandleni labo, ibe abazalwana noodade bayayivuyela loo nto.

Ukuba le nto yenzeka kwaba bazalwana ayikenzeki kuwe, eyesi-2 kaSamuweli ingakunceda uyiqonde indlela ababeziva ngayo.

INDODA EYAYITHOBEKILE NEYAYIZIBONA KAKUHLE IZINTO

Khawucinge ngento eyenzekayo xa uAbhisalom unyana kaKumkani uDavide wavukelayo. UDavide wabaleka eYerusalem waya eMahanayim ekwimpuma yoMlambo IYordan. UDavide nabantu bakhe badinga izinto apho. Uyayikhumbula into eyenzekayo?

Amadoda amathathu abapha iibhedi, ukutya okwahlukahlukeneyo kunye nezitya. Omnye wala madoda yayinguBharzilayi. (2 Sam. 17:27-29) Emva kokuba iphelile imvukelo ka-Abhisalom, uDavide wabuyela eYerusalem, ibe uBharzilayi wamkhapha wamwelisa iYordan. UDavide wamcela ukuba aye naye eYerusalem. Ukumkani wathi uza kumnika ukutya, nangona uBharzilayi wayengakudingi kuba wayesisityebi. (2 Sam. 19:31-33) Kusenokwenzeka ukuba eyona nto uDavide wayeyithanda kuBharzilayi yayiziimpawu namacebiso akhe. Yayiza kuba yinto enkulu kuBharzilayi ukuhlala nokusebenza kwindlu kaKumkani.

Kuba ezibona kakuhle izinto kwaye ethobekile, uBharzilayi wathi yena mdala uneminyaka eyi-80. Emva koko wathi: “Ndinako na ukuqonda phakathi kokulungileyo nokubi?” Wayethetha ukuthini? Umele ukuba wayenabo ubulumko kuba wayemdala. Wayenako nokucebisa ngendlela efanelekileyo njengokuba ‘amadoda amakhulu’ acebisa uKumkani uRehobhoham. (1 Kum. 12:6, 7; INdu. 92:12-14; IMize. 16:31) Xa uBharzilayi wayesithi akakwazi ukuqonda phakathi kokulungileyo nokubi wayesithi akasenamandla, nokuba ininzi into angasakwaziyo ukuyenza kuba emdala. Wathi akasakwazi ukungcamla nokuva kakuhle. (INtshu. 12:4, 5) Ngoko uBharzilayi wacela uDavide ukuba ahambe noKimham ukuya eYerusalem, ekusenokwenzeka ukuba wayengunyana kaBharzilayi.​—2 Sam. 19:35-40.

UKULUNGISELELA IKAMVA

Utshintsho esithethe ngalo ekuqaleni lubonisa kanye le nto yenziwa nguBharzilayi. Nakule mihla yethu, kuye kwacingelwa abantu abaninzi kungekhona umntu omnye neemeko zakhe, njengokuba kwakunjalo nakuBharzilayi. Kucingelwe abadala abathembekileyo abasemhlabeni wonke.

Aba bazalwana bathobekileyo badala bayabona ukuba intlangano kaYehova iza kuqina ize ihambele phambili xa imisebenzi abebeyenza isenziwa ngabazalwana abasebatsha. Amaxesha amaninzi iba ngaba bazalwana bakhulileyo abaqeqesha abazalwana abasebatsha, njengokuba mhlawumbi uBharzilayi waqeqesha unyana wakhe, nompostile uPawulos uTimoti. (1 Kor. 4:17; Fil. 2:20-22) Aba bazalwana basebatsha baye babonakala ukuba ‘bazizipho ezingabantu,’ “ukuze kwakhiwe umzimba kaKristu.”​—Efe. 4:8-12; thelekisa neNumeri 11:16, 17, 29.

EMINYE IMISEBENZI ENOKWENZIWA

Abazalwana abaninzi abaye bayeka imisebenzi abebeyenza ebandleni ngenxa yokuba bebadala, baye benza eminye imisebenzi okanye bandisa inkonzo yabo.

UMarco, owayekade engumveleli ohambahambayo kangangeminyaka eyi-19 uthi: “Ngoku ndiyakwazi ukunceda abayeni abangakholwayo boodade abasebandleni.”

UGeraldo owayekade engumveleli ohambahambayo kangangeminyaka eyi-28 uthi: “Ezinye zezinto esizimisele ukuzenza kukunceda abavakalisi abapholileyo nokuqhuba izifundo zeBhayibhile ezingakumbi.” Uthi yena nenkosikazi yakhe baqhuba izifundo zeBhayibhile eziyi-15, ibe baliqela noko abavakalisi abebepholile abayayo ngoku kwiintlanganiso.

UAllan ebekukhe kwathethwa ngaye uthi: “Ngoku sinexesha elininzi lokushumayela ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Sishumayela ngetroli, ezivenkileni nakubamelwane, kangangokuba ababini kubo bayaya eHolweni yoBukumkani.”

Ukuba ungumzalwana onobuchule nothembekileyo oye wacelwa ukuba asiyeke isabelo abesenza, ikhona enye indlela onokuncedisa ngayo. Unokuncedisa kumsebenzi kaYehova ngokuqeqesha abazalwana abasebatsha ebandleni. URussell ebekukhe kwathethwa ngaye uthi: “UYehova uqeqesha ibe usebenzisa abazalwana abasebatsha abaneziphiwo. Banceda abazalwana ngokubafundisa nangokubalusa.”​—Funda ibhokisi ethi “ Nceda Abazalwana Abasebatsha Bawasebenzise Amandla Abanawo.”

UYEHOVA UYAKUTHANDA UKUNGAGUNGQI KWAKHO

Ukuba usandul’ ukufumana esinye isabelo, sivuyele. Sele ukhuthaze abantu abaninzi ngomsebenzi obuwenza, ibe qhubeka uyenza loo nto. Ubuthandwa ngabanye abazalwana noodade, basakuthanda nangoku.

Eyona nto ibalulekileyo kukuba, uye wamvuyisa uYehova. Akasoze ‘awulibale umsebenzi wakho nothando olubonisayo ngegama lakhe, ngokuthi ulungiselele abangcwele yaye usaqhubeka ubalungiselela.’ (Heb. 6:10) Le vesi iphefumlelweyo iyasiqinisekisa ukuba uYehova akawulibali umsebenzi ebesiwenza. Sixabiseke kakhulu kuye ukuba angalibala izinto esele sizenzile nesisaqhubeka simenzela zona.

Kuthekani ukuba wena awufumenanga isabelo esitsha? Nawe unokuncedakala. Njani?

Ukuba kukho umzalwana omaziyo osele ekhulile, othembekileyo nonamava ofumene isabelo esitsha, ininzi into onokuyifunda kuye. Khawumcele akucebise. Khawujonge nendlela izinto azenza ngayo kwesi sabelo sitsha.

Ukuba ungumzalwana omdala okwisabelo esitsha okanye ungumzalwana nodade oza kufumana isabelo esitsha, ungaze ulibale ukuba uYehova uyayithanda indlela abangagungqi ngayo abantu ekudala bemkhonza nabasaqhubeka besenjenjalo.