Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

NguSomandla Kodwa Uyabacingela Abantu

NguSomandla Kodwa Uyabacingela Abantu

“[UYehova] uyakwazi ukuyilwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.”​—INDU. 103:14.

IINGOMA: 30, 10

1, 2. (a) Ngokungafaniyo nabantu abanegunya, uYehova ubaphatha njani abantu? (b) Siza kufunda ngantoni kweli nqaku?

ABANTU abanegunya badla ngokuba “ziinkosi phezu” kwabantu bade babacinezele. (Mat. 20:25; INtshu. 8:9) Kodwa uYehova akayenzi loo nto. Nangona enguSomandla, ngoyena ubacingelayo abantu abangafezekanga. Unobubele ibe ubakhathalele abantu. Uyikhathalele indlela esiziva ngayo nezinto esizidingayo uyasinika. Kuba esazi “ukuba siluthuli,” akalindelanga okungaphaya kwamandla ethu.—INdu. 103:13, 14.

2 IBhayibhile ithetha ngeendlela ezininzi awabacingela ngazo abakhonzi bakhe. Makhe sithethe ngezintathu. Eyokuqala, yindlela awamnceda ngayo uSamuweli xa kwakufuneka edlulisele isigidimi somgwebo kuMbingeleli Omkhulu uEli; eyesibini, yindlela awaba nomonde ngayo xa uMoses wayengafuni ukukhokela amaSirayeli; eyesithathu, yindlela awawacingela ngayo amaSirayeli xa wayewakhupha eYiputa. Njengoko sithetha ngezi ndlela, masijonge ukuba zisifundisa ntoni ngoYehova nokuba thina singazisebenzisa njani izinto esizifundileyo.

UTATA UCINGELA UNYANA

3. Yintoni eyenzeka kuSamuweli ngobunye ubusuku, ibe le nto ibangela ukuba sizibuze wuphi umbuzo? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

3 USamuweli waqala esemncinci ‘ukulungiselela uYehova’ emnqubeni. (1 Sam. 3:1) Ngobunye ubusuku uSamuweli elele, kwenzeka into engaqhelekanga. * (Funda eyoku-1 kaSamuweli 3:2-10.) Weva ilizwi limbiza. Ecinga ukuba lilizwi loMbingeleli Omkhulu uEli, waya ebaleka kuye waza wathi: “Ndim lo, ngokuba undibizile.” UEli wathi akambizanga. Xa wayebizwa okwesithathu, uEli waqonda ukuba uSamuweli ubizwa nguThixo. Wamxelela indlela amakaphendule ngayo, waza uSamuweli wenjenjalo. Kwakutheni ukuze uYehova angazivezi kwasekuqaleni kuSamuweli esebenzisa ingelosi? IBhayibhile ayisichazeli, kodwa ngokwendlela izinto ezenzeka ngayo, eyona nto yayibalulekile kuYehova yayikukucingela uSamuweli. Kutheni sisitsho?

4, 5. (a) Wathini uSamuweli xa wayethunywa nguThixo, ibe kwenzeka ntoni ngentsasa elandelayo? (b) Eli bali lisifundisa ntoni ngoYehova?

4 Funda eyoku-1 kaSamuweli 3:11-18. UMthetho KaYehova wawuyalela abantwana ukuba babahloniphe abantu abadala, ngokukodwa isikhulu. (Eks. 22:28; Lev. 19:32) Ngaba unomfanekiso-ngqondweni kaSamuweli esiya kuEli kwakusasa aze abe nesibindi sokumxelela ngento ebuhlungu uThixo aza kuyenza kuye? Ebengasoze ayenze loo nto! IBhayibhile ithi, uSamuweli “woyika ukumxelela uEli umbono.” UThixo wabonisa uEli ukuba uSamuweli ubizwa nguye. Loo nto yabangela ukuba uEli athi uSamuweli makakhululeke athethe. Wade wamyalela esithi: ‘Musa ukundifihlela ilizwi emazwini onke awathethileyo kuwe.’ USamuweli “wamxelela onke amazwi.”

5 Kusenokwenzeka ukuba uEli zange imothuse into awayeyixelelwa nguSamuweli. Le nto yayithethwa nguSamuweli yayithethiwe ‘ngumntu kaThixo’ kuye. (1 Sam. 2:27-36) Le ngxelo ibonisa indlela uYehova alumke nasicingela ngayo.

6. Sinokufunda ntoni kwindlela uThixo awamnceda ngayo uSamuweli?

6 Ngaba ungumntu osemtsha? Ukuba kunjalo, ibali likaSamuweli libonisa ukuba uYehova uyaziqonda iingxaki onazo nendlela oziva ngayo. Kusenokwenzeka ukuba ungumntu oneentloni ibe kuba nzima ukushumayela kubantu abadala xa usentsimini, okanye uyoyika ukungazenzi izinto ezenziwa ziintanga zakho. Qiniseka ukuba uYehova uyafuna ukukunceda. Mchazele into esentliziyweni yakho. (INdu. 62:8) Funda ngemizekelo eseBhayibhileni yabantu abasebatsha, njengokaSamuweli. Ncokola nolutsha nabantu abadala abangamaKristu ekusenokwenzeka babekhe baneengxaki ezifanayo nezakho. Kusenokwenzeka bakubalisele ngendlela uYehova awabanceda ngayo, mhlawumbi ngeendlela ababengazilindelanga.

UYEHOVA WAMCINGELA UMOSES

7, 8. UYehova wabonisa njani ukuba wayemcingela uMoses?

7 Xa uMoses wayeneminyaka eyi-80, uYehova wamnika umsebenzi onzima. Wayefuna akhulule amaSirayeli ebukhobokeni eYiputa. (Eks. 3:10) Wothuka akunikwa lo msebenzi, kuba wayengumalusi kwaMidiyan kangangeminyaka eyi-40. Wathi: “Ndingubani na mna ukuba ndingade ndiye kuFaro, ukuba ndibakhuphe oonyana bakaSirayeli eYiputa?” UThixo wamqinisekisa wathi: “Ndiya kuba nawe.” (Eks. 3:11, 12) Waphinda wamthembisa wathi: Amadoda amakhulu akwaSirayeli ‘ngokuqinisekileyo aya kuliphulaphula ilizwi lakho.’ Sekunjalo uMoses wathi: ‘Kusenokwenzeka angaliphulaphuli ilizwi lam.’ (Eks. 3:18; 4:1) Kubonakala ngathi uMoses wayemphikisa uThixo. Kodwa uYehova waqhubeka enomonde. Wade wamnika amandla okwenza imimangaliso. UMoses wayengumntu wokuqala eBhayibhileni ukufumana la mandla.​—Eks. 4:2-9, 21.

8 UMoses waphinda wathi akasosithethi. UThixo wathi: “Ndoba nomlomo wakho ndize ndikufundise oko uya kukuthetha.” Ngaba loo nto yamenza wathamba? Akunjalo, kuba wacela uThixo ukuba athumele omnye umntu. Yamcaphukisa uYehova le nto. Kodwa wayekelela. Ngenxa yokuba wayeyicingela indlela awayeziva ngayo, uThixo wathumela uAron ukuba abe sisithethi sikaMoses.​—Eks. 4:10-16.

9. Ukucingela nokuba nomonde kukaYehova kwamnceda njani uMoses?

9 Eli bali lisifundisa ntoni ngoYehova? NjengoThixo uSomandla, wayenokumoyikisa uMoses aze amnyanzele ukuba amthobele. Kunoko waba nomonde nobubele waza wamqinisekisa ukuba uza kuba naye. Ngaba loo nto yamnceda uMoses? Ewe yamnceda. Waba yeyona nkokeli ibalaseleyo yamaSirayeli, elulamile ibe ewacingela njengoYehova.​—Num. 12:3.

Ngaba uxelisa uYehova xa uthetha nabanye? (Jonga isiqendu 10)

10. Xa sicingela abantu njengoYehova, sincedakala njani?

10 Yintoni esiyifundayo kweli bali? Ngaba ungumyeni, umzali okanye umdala? Ukuba kunjalo, unegunya. Ngoko, kubalulekile ukuba ufane noYehova, ube nobubele, umonde uze ubacingele abantu abaphantsi kwakho. (Kol. 3:19-21; 1 Pet. 5:1-3) Xa uzama ukufana noYehova noMoses Omkhulu, uYesu Kristu, kuza kuba lula ukuba abantu beze kuwe ibe uza kubahlaziya. (Mat. 11:28, 29) Kwakhona baza kufuna ukuzenza izinto njengawe.​—Heb. 13:7.

UNGUSOMANDLA KODWA NGUMSINDISI OCINGELAYO

11, 12. Njengoko uYehova wayekhupha amaSirayeli eYiputa, wenza ntoni ukuze azive ekhuselekile?

11 Kusenokwenzeka ukuba ayengaphaya kwezigidi ezithathu amaSirayeli xa ayeshiya iYiputa ngo-1513 B.C.E. Kwelo qela kwakukho abantwana, abantu abadala, mhlawumbi nabantu abagulayo okanye abaneziphene. Ngumntu oqondayo nobacingelayo abantu owayenokukwazi ukukhokela abantu ababebaninzi kangako. UYehova waba yiloo nkokeli kanye, esebenzisa uMoses. Ngenxa yoko, amaSirayeli ayeziva ekhuselekile nakubeni ayeshiya ikhaya lawo awayeliqhelile.​—INdu. 78:52, 53.

12 Yintoni eyenziwa nguYehova ukuze bazive bekhuselekile abantu bakhe? ‘Wabaxhobisel’ idabi’ xa wayebakhupha eYiputa. (Eks. 13:18) Ngokubaxhobisa batsho babona ukuba uThixo wayenabo. Kwakhona, uYehova wazibonakalisa kubo ngokuba kubekho ‘ilifu emini yaye ubusuku bonke kubekho ukukhanya komlilo.’ Loo nto yayibakhumbuza ukuba uYehova unabo ibe uyabakhusela. (INdu. 78:14) Kungekudala babeza kumdinga nyhani uYehova.

Yintoni uYehova awayenzela amaSirayeli kuLwandle Olubomvu ebonisa ukuba uyawacingela? (Jonga isiqendu 13)

13, 14. (a) Wawacingela njani uYehova amaSirayeli kuLwandle Olubomvu? (b) UYehova wawabonisa njani amaYiputa amandla akhe?

13 Funda iEksodus 14:19-22. Yiba nomfanekiso-ngqondweni wakho ukunye namaSirayeli, niphakathi komkhosi kaFaro noLwandle Olubomvu. Kuthi kusenjalo uThixo anilwele. Umqulu welifu obuphambi kwenu uya emva kwenu uze ube phakathi kwenu nomkhosi kaFaro. Eli lifu libangela kube mnyama kumaYiputa kodwa nina liyanikhanyisela. Kusenjalo ubona uMoses esolula isandla sakhe phezu kolwandle, uze umoya onamandla wasempuma uvule indlela elwandle. Wena, intsapho yakho, izilwanyana zasekhaya namanye amaSirayeli ninqumla ngaloo ndlela. Uqaphela into engaqhelekanga. Le ndlela ayinaludaka ibe ayityibilikisi kodwa yomile, ibe kulula ukuhamba kuyo. Ngenxa yoko, nabantu abadala bayakwazi ukuwelela kwelinye icala.

14 Funda iEksodus 14:23, 26-30. Kuthi kusenjalo, uFaro onekratshi anileqe. Kwakhona uMoses wolula isandla sakhe phezu kolwandle aze amanzi adibane. Agqumelela uFaro nemikhosi yakhe, ibe akukho namnye osindayo.​—Eks. 15:8-10.

15. Eli bali likufundisa ntoni ngoYehova?

15 Kweli bali siyabona ukuba uYehova nguThixo olungeleleneyo, ibe loo nto isenza siqiniseke ukuba sikhuselekile. (1 Kor. 14:33) UYehova ukwasibonisa ngeendlela ezininzi ukuba ungumalusi obathandayo abantu bakhe nobakhathaleleyo. Ude abakhusele nakwiintshaba zabo. Oku kuyasithuthuzela njengoko sikufutshane ekuphelisweni kweli hlabathi.​—IMize. 1:33.

16. Sincedakala njani ngokufunda ngendlela uYehova awawasindisa ngayo amaSirayeli?

16 Nanamhlanje, uYehova usabakhathalele abakhonzi bakhe. Uyabanceda bahlale bengabahlobo bakhe, ibe uyabakhusela kwiintshaba zabo. Uza kuqhubeka eyenza loo nto nangembandezelo enkulu ezayo. (ISityhi. 7:9, 10) Enoba badala, basebatsha, basempilweni okanye banesiphene, abantu bakaThixo abazi kuba nalo ixhala okanye boyike ngexesha lembandezelo enkulu. * Baza kube becinga ngala mazwi kaYesu Kristu: “Yimani nkqo nize niziphakamise iintloko zenu, ngenxa yokuba iyasondela intlangulo yenu.” (Luka 21:28) Naxa behlaselwa nguGogi, iqela leentlanga ezinamandla ngakumbi kunoFaro, abantu bakaThixo baza kuqiniseka ukuba uYehova uza kubakhusela. (Hez. 38:2, 14-16) Yintoni eza kubenza baqiniseke? Kukwazi ukuba uYehova akatshintshi. Kwakhona uza kuba ngumsindisi okhathalayo nobacingelayo.​—Isa. 26:3, 20.

17. (a) Sincedakala njani xa sifunda ngendlela awayebakhathalele ngayo uYehova abantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni? (b) Siza kuthetha ngantoni kwinqaku elilandelayo?

17 Kweli nqaku kuthethwe ngemizekelo embalwa yendlela uYehova anobubele nabacingela ngayo abantu bakhe xa kufuneka ebakhathalele, ebakhokele okanye ebasindisile. Njengokuba ucinga ngayo, zama ukukhangela into entsha onokuyifunda ngoYehova. Ukwenjenjalo kuza kukwenza umthande ngakumbi, luze nokholo lwakho lomelele. Kwinqaku elilandelayo, siza kufunda ngendlela esinokubacingela ngayo abanye abantu njengoYehova. Siza kuthetha ngendlela esinokukwenza ngayo oku kwintsapho, ebandleni nasentsimini.

^ isiqe. 3 Umbhali-mbali ongumYuda uJosephus uthi wayeneminyaka eyi-12 uSamuweli ngelo xesha.

^ isiqe. 16 Kulindelekile ukuba abanye babantu abaza kusinda kwiArmagedon baza kube beneziphene. Xa wayesemhlabeni, uYesu waphilisa abantu abanalo “lonke uhlobo lwesifo,” ebonisa into aza kuyenzela abantu abasinde kwiArmagedon. (Mat. 9:35) Bona abantu abavusiweyo baza kube besempilweni.