Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

‘Ninoyolo Ukuba Nithi Nizenze Ezi Zinto’

‘Ninoyolo Ukuba Nithi Nizenze Ezi Zinto’

“Okwam ukutya kukuba ndenze ukuthanda kondithumileyo nokuba ndiwugqibe umsebenzi wakhe.”​—YOH. 4:34.

IINGOMA: 80, 35

1. Umoya wehlabathi unokuba neliphi ifuthe kuthi?

KUTHENI kunzima nje ukuzenza izinto esizifunda kwiLizwi LikaThixo? Enye into ebangela kube nzima kukuba ukuze sizenze kufuneka sithobeke. Kule mihla yokugqibela siphila nabantu ‘abazithandayo, abathanda imali, abazidlayo, abanekratshi, abangenakuzeyisa.’ (2 Tim. 3:1-3) Njengabakhonzi bakaThixo, siyazi ukuba zimbi ezi zinto, kodwa siye sibabone ngathi bayaphumelela ibe bonwabile abantu abaphila ngolu hlobo. (INdu. 37:1; 73:3) Umntu unokuzibuza: “Ngaba ndimele ndicingele abanye abantu kunam? Ngaba abantu baza kundihlonipha xa ‘ndiziphatha njengomncinane’”? (Luka 9:48) Ukuba sivumela umoya weli hlabathi ungene kuthi, loo nto ingenza sonakalise ubuhlobo bethu nabazalwana, size singabonakali nokuba singamaKristu. Kodwa siye sincedakale xa sifunda ngabantu abathobekileyo abaseBhayibhileni size senze izinto njengabo.

2. Sinokufunda ntoni kubakhonzi bakaThixo bakudala?

2 Yintoni eyenza abakhonzi bakaThixo abathembekileyo bakudala baba ngabahlobo bakhe? Yintoni abayenzayo ukuze abathande? Bawafumana phi amandla okwenza ukuthanda kwakhe? Xa sifunda ngabo eBhayibhileni size sicingisise ngezinto esizifundayo, loo nto iza kuluqinisa ukholo lwethu.

IZINTO EZIQINISA UKHOLO LWETHU

3, 4. (a) Sizifumana phi izinto eziqinisa ukholo? (b) Kutheni singafanele siphelele nje ekubeni nolwazi?

3 UYehova uye asiqeqeshe aze asicebise ngeBhayibhile, ngeencwadi, ngewebhsayithi yethu, ngeJW Broadcasting, ngeentlanganiso neendibano ukuze luqine ukholo lwethu. Ngokutsho kukaYohane 4:34, uYesu wathi asifanelanga sibe nolwazi nje kuphela. Yintoni enye efunekayo? Wathi: “Okwam ukutya kukuba ndenze ukuthanda kondithumileyo nokuba ndiwugqibe umsebenzi wakhe.”

4 Ukwenza ukuthanda kukaThixo kwakufana nokutya kuYesu. Kwakufana nokutya njani? Njengokuba imizimba yethu isondleka ize ibe sempilweni xa sisitya ukutya okunezondlo, nokholo lwethu luyomelela xa sisenza ukuthanda kukaThixo. Ngokomzekelo, kukangaphi usiya entsimini uziva udiniwe, kodwa xa ubuya uzive wonwabile kwaye ukhuthazekile?

5. Yintoni esiyifumanayo xa sizizilumko?

5 Isilumko ngumntu ozenzayo izinto azifunde eBhayibhileni. (INdu. 107:43) Ininzi into esiya kuyifumana xa sizama ukuba zizilumko. Ubulumko ‘abunakulinganiswa nanto. Bungumthi wobomi kwabo babubambayo, nabo babubamba nkqi kuya kuthiwa banoyolo.’ (IMize. 3:13-18) UYesu wathi: “Ukuba niyazazi ezi zinto, ninoyolo ukuba nithi nizenze.” (Yoh. 13:17) Abafundi bakaYesu babeza kuhlala bonwabile ukuba babezenza izinto uYesu awayebaxelela zona. Kwakuza kufuneka benze izinto awayebafundisa zona baze bamxelise ubomi babo bonke.

6. Kutheni simele siqhubeke sizenza izinto esizifundileyo?

6 Kule mihla, kubalulekile ukuba siqhubeke sizenza izinto esizifundayo. Masenze umzekelo ngomntu olungisa iimoto, usenokuba nazo izixhobo zokulungisa aze akwazi nokulungisa. Kodwa azizukumnceda nganto ukuba akazisebenzisi. Ukuba wakhe wazilungisa iimoto ngaphambili umele ukuba unamava okulungisa, kodwa kufuneka aqhubeke elungisa ukuze abe nobuchule. Nathi sinokuncedakala xa sizenza izinto esizifunda eBhayibhileni. Ukuba sizenza yonke imihla izinto uYehova asifundisa zona, siza konwaba nyhani.

7. Sinokufunda ntoni kubantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni?

7 Kweli nqaku siza kufunda ngezinye zezinto ezinokubangela ukuba kube nzima ukuba sithobeke. Siza kufunda nokuba abanye abakhonzi bakaThixo bakudala bahlala njani bethobekile. Ukuze siqine elukholweni akufuneki sibe nolwazi nje kuphela. Ngoko simele sicinge ngendlela esinokuzenza ngayo izinto esizifundayo.

SUKUBAJONGELA PHANTSI ABANYE ABANTU

8, 9. IZenzo 14:8-15 zibonisa ntoni ngokuthobeka kukampostile uPawulos? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

8 UThixo uthanda ukuba “zonke iintlobo zabantu zisindiswe zize zifikelele elwazini oluchanileyo lwenyaniso.” (1 Tim. 2:4) Ubajonga njani abantu esishumayela kubo? Nangona umpostile uPawulos wayeshumayela kubantu ababengamazi kakuhle uThixo kwizindlu zesikhungu, wayebashumayeza nabantu abangengomaYuda. Ukushumayela kwakhe kubantu abakhonza izithixo kwakuza kumvavanya ukuba uthobekile na. Njani?

9 UPawulos wayehamba noBharnabhas kuhambo lwakhe lokuqala engumthunywa wevangeli xa wayesiya eListra. Abantu baseLikawoniya babenza amaqhawe abo baza bababiza ngamagama oothixo babo uZeyus noHermes. Ngaba uPawulos noBharnabhas bayithanda loo nto? Ngaba babeza kuzithuthuzela ngaloo nto kuba betshutshisiwe kwizixeko ababesuka kuzo? Ngaba bacinga ukuba loo nto yayiza kubanceda basasaze iindaba ezilungileyo? Hayi! Bakrazula iimpahla zabo baza bakhwaza abo bantu bathi: “Kutheni nisenza ezi zinto nje? Nathi singabantu abanobulwelwe obufanayo njengoko ninjalo nani.”​—IZe. 14:8-15.

10. Sitsho njani ukuba uPawulos noBharnabhas abazange babajongele phantsi abantu baseLikawoniya?

10 Xa uPawulos noBharnabhas babesithi bafana nabo, babengathethi kuthi nabo banqula izithixo njengabo bantu. UPawulos noBharnabhas babengabathunywa bevangeli. (IZe. 13:2) Babethanjiswe ngomoya oyingcwele ibe benethemba lokuphila ezulwini. Kodwa babesazi ukuba nabantu baseLikawoniya babenokufana nabo ukuba bayazamkela iindaba ezilungileyo.

11. Singathobeka njani njengoPawulos xa sishumayela?

11 Singenza njani ukuze sithobeke njengoPawulos? Okokuqala, simele singavumeli nantoni na enokusenza sicinge ukuba sibhetele kwabanye abantu ngenxa yezinto esincedwe nguYehova ukuba sizenze. Umntu umele azibuze: ‘Ndibajonga njani abantu endishumayela kubo? Ngaba ndiyabakhetha abantu endishumayela kubo?’ Into encomekayo kukuba, amaNgqina KaYehova aye akhangele bonke abantu abafanelekayo abangekaziva iindaba ezilungileyo. Ngamanye amaxesha aye afunde ulwimi lwabantu abajongelwa phantsi kuba efuna ukubafundisa inyaniso. Ngoko akwenzeki ukuba abajongele phantsi abanye abantu. Kunoko azama ukwazi umntu ngamnye ukuze akwazi ukumfikelela intliziyo ngeendaba ezilungileyo.

BABIZE NGAMAGAMA ABANTU XA UBATHANDAZELA

12. UEpafra wabonisa njani ukuba ubakhathalele abanye abantu?

12 Enye indlela esinokubonisa ngayo ukuba sithobekile kukuthandazela abazalwana noodadewethu ‘abazuze ukholo’ njengathi. (2 Pet. 1:1) Wenza loo nto uEpafra. IBhayibhile ithetha ngaye kathathu nje qha, kwiincwadi zikaPawulos. Xa wayevalelwe kwindlu eseRoma, uPawulos wabhalela amaKristu aseKolose ewachazela ukuba uEpafra ‘usoloko ewathandazela.’ (Kol. 4:12) UEpafra wayebazi abazalwana ibe ebakhathalele. Into yokuba ‘engumthinjwa’ okanye evalelwe noPawulos ayizange imenze angabahoyi abazalwana. (Filem. 23) Wabathandazela. Le nto ibonisa ukuba wayengacingeli isiqu sakhe. Uba namandla umthandazo ingakumbi xa sibabiza ngamagama abazalwana bethu.​—2 Kor. 1:11; Yak. 5:16.

13. Sinokwenza ntoni njengoEpafra xa sithandaza?

13 Cinga ngabantu onokubabiza ngamagama xa ubathandazela. Abanye abazalwana noodade baye benze njengoEpafra, bathandazele abazalwana babo abasebandleni neentsapho ezineengxaki, ezimele zenze izigqibo ezibalulekileyo nezilingwayo. Kanti abanye bathandazela abazalwana abakwinqaku eliku-jw.org/xh elithi, “AmaNgqina KaYehova Abanjelwe Ukholo Lwawo” bebabiza ngamagama. (Jonga kwindawo ethi IINDABA > EZOMTHETHO.) Simele sibathandazele nabo baswelekelwe zizihlobo zabo, abehlelwe ziintlekele, iimfazwe nabakwiimeko ezinzima zoqoqosho. Kucacile ukuba baninzi abazalwana ekufuneka sibathandazele nabanokuncedakala yiloo nto. Xa sibathandazela abazalwana, sibonisa ukuba asicingeli thina kuphela, kodwa sicingela nabanye abantu. (Fil. 2:4) UYehova uyayimamela loo mithandazo.

‘KHAWULEZA UKUVA’

14. Kutheni uYehova engoyena mntu sinokufunda kuye ukumamela?

14 Enye indlela esinokubonisa ngayo ukuba sithobekile kukubamamela abantu. UYakobi 1:19 uthi: “Umntu umele akhawuleze ukuva.” Simele siyifunde kuYehova le nto, kuba akekho umntu omogqithayo. (Gen. 18:32; Yosh. 10:14) Ngokomzekelo ungayibona loo nto kwiEksodus 32:11-14. (Yifunde.) Nangona uYehova wayenganyanzelekanga ukuba ammamele uMoses, kodwa wammamela. Akakho umntu onokumamela aze enze into ethethwa ngumntu othetha izinto ezibhek’ ecaleni. Kodwa uYehova uye abe nomonde aze abamamele abantu abanokholo kuye.

15. Ndinokubonisa njani ukuba ndithobeke njengoYehova?

15 Umntu ngamnye umele azibuze: ‘Ukuba uYehova uthobeke kangangokuba akwazi ukumamela abantu, njengokuba wamamela uAbraham, uRakeli, uMoses, uYoshuwa, uManowa, uEliya, uHezekiya, kutheni mna ndingenakukwazi ukuzithoba ndibamamele abazalwana bam, ndize ndizenze izinto abandicebisa zona? Ngaba ukhona umntu ebandleni okanye entsatsheni ekufuneka ndimmamele? Ndimele ndenze ntoni? Ndiza kwenza ntoni?’​—Gen. 30:6; ABagwe. 13:9; 1 Kum. 17:22; 2 Kron. 30:20.

“MHLAWUMBI UYEHOVA UYA KUBONA NGELISO LAKHE”

UDavide wathi: “Myekeni!” Wena, ngewawenze ntoni? (Jonga isiqendu 16, 17)

16. Wenza ntoni uKumkani uDavide xa wayethukwa nguShimeyi?

16 Xa sithobekile siya kukwazi ukuzibamba naxa sicatshukiswa. (Efe. 4:2) Le nto sinokuyibona kweyesi-2 kaSamuweli 16:5-13. (Yifunde.) UDavide nabakhonzi bakhe banyamezela ukuthukwa nokugityiselwa ngamatye nguShimeyi wendlu kaKumkani uSawule. UDavide wanyamezela nangona wayenawo amandla okuyiphelisa ngoko nangoko loo nto. Wakwazi njani ukuzibamba? Impendulo yaloo mbuzo sinokuyifumana kwisahluko sesithathu seNdumiso.

17. Yintoni eyabangela ukuba uDavide akwazi ukuzibamba, ibe thina singenza njani ukuze sifane naye?

17 Isahluko sesi-3 seNdumiso sabhalwa nguDavide ‘xa wayebaleka uAbhisalom unyana wakhe.Ivesi-1 no-2 zithetha ngezinto ezenzeka Kweyesibini KaSamuweli isahluko 16. KwiNdumiso 3:4 uDavide uthi: “Ngelizwi lam ndiya kubiza kuYehova, yaye uya kundiphendula esentabeni yakhe engcwele.” Nathi kufuneka sithandaze xa sihlaselwa. UYehova uza kusinika umoya wakhe oyingcwele ukuze sinyamezele. Ngaba ungakwazi ukuzibamba okanye umxolele umntu okwenza into embi? Ngaba uyamthemba uYehova ukuba uyayibona ingxaki okuyo ibe uza kukusikelela?

UBULUMKO YEYONA NTO IBALULEKILEYO

18. Siza kuncedakala njani xa sizenza izinto esizifunde eBhayibhileni?

18 Xa sisenza into esiyaziyo ukuba ilungile, uYehova uza kusisikelela. Yiloo nto iMizekeliso 4:7 isithi: “Ubulumko yinto eyintloko” okanye ebalulekileyo. Ubulumko bubangelwa lulwazi, kodwa bubonakala kwizigqibo esizenzayo. Neembovane zilumkile. Ngethuku lemvelo zibonisa ukulumka kwazo ngokuqokelela ukutya ehlotyeni. (IMize. 30:24, 25) UKristu ‘obubulumko bukaThixo,’ usoloko esenza izinto ezithandwa nguTata wakhe. (1 Kor. 1:24; Yoh. 8:29) UThixo uza kusisikelela xa sithobeka size senze izinto esaziyo ukuba zilungile. (Funda uMateyu 7:21-23.) Ngoko qhubeka unceda bonke abantu abasebandleni bahlale bethobekile. Ukuzenza izinto esizifundileyo kuthatha ixesha ibe kufuna umonde, kodwa ukuthobeka kuza kusinceda sonwabe ngoku nakwixesha elizayo.