Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 37

Simele Sithobele UYehova

Simele Sithobele UYehova

“Asisayi kuthi na sizithobe kakhulu ngakumbi kuBawo?”​—HEB. 12:9.

INGOMA 9 UYehova NguKumkani Wethu!

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Kutheni simele simthobele uYehova?

SIMELE simthobele uYehova kuba nguye osidalileyo. Ngenxa yaloo nto, nguye omele asixelele izinto esimele sizenze. (ISityhi. 4:11) Kodwa enye into esenza sifune ukumthobela uYehova kukuba ungoyena ulawula kakuhle. Kangangeminyaka, baninzi abantu abakhe bangabalawuli. Kodwa, xa sithelekisa indlela abalawula ngayo nekaYehova, siye sibone ukuba uYehova ngoyena Mlawuli ulumkileyo, unenceba, obathandayo nobacingelayo abantu.​—Eks. 34:6; Roma 16:27; 1 Yoh. 4:8.

2. Ngokutsho kwamaHebhere 12:9-11, kutheni simele simthobele uYehova?

2 UYehova akafuni simthobele kuba simoyika, ufuna simthobele kuba simthanda ibe sisazi ukuba unguTata wethu osithandayo. Kwileta awayibhalela amaHebhere, uPawulos wathi simele “sizithobe kakhulu ngakumbi” kuYehova ngenxa “yengenelo yethu.”​—Funda amaHebhere 12:9-11.

3. (a) Sinokumthobela njani uYehova? (b) Yeyiphi imibuzo esiza kuyiphendula?

3 Simele simthobele uYehova kuzo zonke izinto size singazigqibeli ngokwethu ngento elungileyo nengalunganga enoba kunzima kangakanani na. (IMize. 3:5) Kuba lula ukumthobela uYehova xa sifunda ngakumbi ngohlobo lomntu alulo. Ngoba? Kuba xa simazi ukuba unjani, siza kutsho sibone ukuba kutheni esenza izinto azenzayo. (INdu. 145:9) Siye simthande ngakumbi uYehova xa sifunda ngakumbi ngaye. Xa simthanda uYehova, asizukufuna imithetho emininzi esixelela ngezinto esimele sizenze nesingamele sizenze. Siye sizame ukucinga ngendlela uYehova afuna ngayo size sizame ukungazenzi nezinto ezimbi. (INdu. 97:10) Kodwa ke, akusoloko kulula ukuthobela uYehova. Ngoba? Abadala, ootata noomama bangafunda ntoni kwiRhuluneli uNehemiya, uKumkani uDavide nakuMariya, umama kaYesu? Le mibuzo iza kuphendulwa kweli nqaku.

KUTHENI KUSENOKUBA NZIMA UKUTHOBELA UYEHOVA?

4-5. Ngokutsho kwabaseRoma 7:21-23, kutheni simele sithobele uYehova?

4 Enye into eyenza kube nzima ukumthobela uYehova kukuba sinesono. Ngenxa yaloo nto, sisenokufuna ukwenza unothanda. Emva kokuba uAdam noEva bengammamelanga uYehova baza batya esa siqhamo, bazigqibela ngokwabo ngento elungileyo nengalunganga. (Gen. 3:22) Nanamhlanje abantu abamthobeli uYehova ibe abafuni kuxelelwa ngento elungileyo nengalunganga.

5 Nangona simazi ibe simthanda uYehova, kusenokuba nzima nakuthi ukusoloko sisenza izinto ngendlela afuna ngayo. Yakha yenzeka le nto nakumpostile uPawulos. (Funda kwabaseRoma 7:21-23.) NjengoPawulos, nathi sifuna ukuhlala sisenza izinto ezintle phambi kukaYehova. Kodwa simele sisoloko sisilwa nzima ukuze singazenzi izinto ezimbi esizinqwenelayo.

6-7. Yeyiphi enye into enokwenza kube nzima ukuthobela uYehova? Yenza umzekelo.

6 Kwakhona, kusenokuba nzima ukuthobela uYehova ngenxa yendlela esikhule ngayo. Abantu abaninzi basenokusixelela izinto ezahluke mpela kwezithethwa nguYehova. Ngoko simele sizame ngamandla ukuze singacingi njengabo bantu. Nanku umzekelo.

7 Kwezinye iindawo, abantu abasebatsha baye bacinge ukuba banyanzelekile ukuba babe nemali eninzi. Yakha yenzeka le nto komnye udade esiza kumbiza ngokuba nguMary. Ngaphambi kokuba abe liNgqina, wayefunda kwenye yezona yunivesithi ziphambili kwilizwe awayehlala kulo. Abantu bakokwabo bazama ukumnyanzela ukuba afumane umsebenzi owawuza kumenza abe nemali eninzi aze ahlonitshwe ngabantu. Naye wayefuna kanye loo nto. Kodwa wafuna ukwenza enye into xa wafunda ngoYehova waza wamthanda. Nangona kunjalo, uthi: “Ngamanye amaxesha ndiye ndibone iindlela endinokwenza ngazo imali eninzi kodwa endaziyo ukuba ziza kundiphazamisa ekukhonzeni uYehova. Ngenxa yendlela endikhule ngayo, kunzima kum ukuthi hayi. Kuye kufuneke ndimcele uYehova ukuba andincede ndingathathi umsebenzi oza kundenza ndingamkhonzi ngendlela endifuna ngayo.​”—Mat. 6:24.

8. Siza kuthetha ngantoni?

8 Ukuthobela uYehova kunceda kwathina. Kodwa xa abantu abanegunya, njengabadala, ootata noomama bethobela uYehova, bangabanceda nabanye. Ngoku masithethe ngabantu abaseBhayibhileni esinokufunda kubo ukuze sivuyise uYehova xa sinegunya.

ABADALA BANOKUFUNDA NTONI KUNEHEMIYA?

Abadala bayancedisa xa kusetyenzwa eHolweni YoBukumkani, kanye njengokuba noNehemiya wancedisa xa kwakusakhiwa iYerusalem (Jonga isiqendu 9-11) *

9. Zeziphi iingxaki awaba nazo uNehemiya?

9 UYehova unike abadala umsebenzi obalulekileyo wokwalusa abantu bakhe. (1 Pet. 5:2) Ininzi into enokufundwa ngabadala kwindlela uNehemiya awabaphatha ngayo abantu bakaThixo. UNehemiya wayenegunya kuba wayeyirhuluneli kwaYuda. (Neh. 1:11; 2:7, 8; 5:14) Khawucinge ngezinye zeengxaki awayenazo. Wabona ukuba abantu benza izinto etempileni ezazibonisa ukuba abamhloniphi uYehova. Kwakhona, babengabaniki abaLevi iminikelo kanye njengokuba uMthetho wawusitsho. AmaYuda ayengawuthobeli umthetho weSabatha, ibe amanye awo ayetshate nabafazi bezinye iintlanga. IRhuluneli uNehemiya kwakufuneka ingahlali nje isong’ izandla.​—Neh. 13:4-30.

10. Zeziphi izinto ezenziwa nguNehemiya?

10 UNehemiya akazange anyanzele abantu ukuba benze izinto ezithandwa nguye kuba nje enegunya. Endaweni yoko wathandaza, wacela uYehova amncede, waza emva koko wafundisa abantu uMthetho kaYehova. (Neh. 1:4-10; 13:1-3) Wayesebenza nabantu bakaYehova, wade wabancedisa xa babesakha iYerusalem.​—Neh. 4:15.

11. Ngokutsho kweyoku-1 kwabaseTesalonika 2:7, 8, abadala bamele babaphathe njani abazalwana noodade?

11 Abadala basenokungabi nazo iingxaki ezifana nezikaNehemiya, kodwa ke ininzi into abanokuyifunda kuye. Ngokomzekelo, basebenza nzima ukuze bancede abazalwana noodade. Kwakhona, abacingi ukuba babhetele kunabanye abantu kuba nje benegunya. Endaweni yoko, babaphatha kakuhle bonke abazalwana noodade abasebandleni. (Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 2:7, 8.) Kuba bethobekile ibe bebathanda abazalwana noodade, bathetha kakuhle nabo. Omnye umzalwana osele eneminyaka engumdala uthi: “Ndiqaphele ukuba abazalwana noodade bayonwaba xa umdala enobubele. Le nto ibenza basebenzisane lula nabadala.” Omnye umzalwana, naye osele eneminyaka engumdala uthi: “Ndisoloko ndizama ukujonga abanye njengababalulekileyo kunam kanye njengokuba eyabaseFilipi 2:3 isitsho. Le nto indinceda ndingabalawuli abazalwana noodadewethu.”

12. Kutheni kubalulekile ukuba abadala bathobeke?

12 Abadala bamele bathobeke njengoYehova. Nangona uYehova engoyena Mlawuli Uphakamileyo kwindalo yonke, “uyazithoba” ukuze ‘avuse eluthulini isisweli.’ (INdu. 18:35; 113:6, 7) Enye into, uYehova ubathiy’ egazini abantu abanekratshi.​—IMize. 16:5.

13. Kutheni umdala emele ‘alubambe ngomkhala ulwimi lwakhe’?

13 Umdala omthobelayo uYehova umele ‘alubambe ngomkhala ulwimi lwakhe.’ Ukuba akayenzi loo nto, usenokuthetha nje nanjani na xa ebona ukuba akahlonitshwa. (Yak. 1:26; Gal. 5:14, 15) Omnye umdala ebesikhe sathetha ngaye uthi: “Ngamanye amaxesha, ndandikhe ndifune ukuthetha kakubi xa ndibona ngathi umzalwana okanye udade akandihloniphi. Kodwa ke, ndacinga ngamadoda athembekileyo aseBhayibhileni, ibe le nto yandinceda ndabona ukubaluleka kokuthobeka nokululama.” Abadala babonisa ukuba bayamthobela uYehova xa bethetha kakuhle nabazalwana noodade kunye nabanye abadala.​—Kol. 4:6.

OOTATA BANGAFUNDA NTONI KUKUMKANI UDAVIDE?

14. Ithini iBhayibhile ngootata, ibe uThixo ufuna benze ntoni?

14 IBhayibhile ithi ootata baziintloko-ntsapho, ibe uThixo ufuna bafundise baze baqeqeshe abantwana babo. (1 Kor. 11:3; Efe. 6:4) Kodwa le nto ayithethi ukuba bangenza nantoni na abayithandayo kuba nje benegunya. Zonke iintsapho zezikaYehova, ibe ootata baza kuphendula kuye ngendlela abaziphatha ngayo iintsapho zabo. (Efe. 3:14, 15) Ootata bathobela uYehova xa bekhokela iintsapho zabo ngendlela uThixo afuna ngayo. Ininzi into abanokuyifunda kuKumkani uDavide.

Indlela utata athandaza ngayo kufuneka ibonise ukuba uthobekile (Jonga isiqendu 15-16) *

15. Kutheni sinokuthi ininzi into enokufundwa ngootata kuKumkani uDavide?

15 UYehova wakhetha uDavide ukuba akhokele intsapho yakhe nalo lonke ilizwe lakwaSirayeli. Kuba wayenguKumkani, uDavide wayenegunya. Ngamanye amaxesha, wayelisebenzisa kakubi igunya lakhe ibe wenza iimpazamo ezinkulu. (2 Sam. 11:14, 15) Kodwa wayemthobela uYehova kuba wavuma xa elungiswa. Wathandaza kuYehova wamxelela indlela azisola ngayo. Wayezimisela nokwenza izinto ezazifunwa nguYehova. (INdu. 51:1-4) Kwakhona, wayethobekile ibe emamela xa ecetyiswa, wayemamela naxa ecetyiswa ngamabhinqa. (1 Sam. 19:11, 12; 25:32, 33) UDavide wafunda kwiimpazamo zakhe kwaza ukukhonza uYehova kwayeyona nto ibalulekileyo kuye.

16. Yintoni enokufundwa ngootata kuDavide?

16 Yintoni enokufundwa ngootata kuKumkani uDavide? Ungalisebenzisi kakubi igunya olinikwe nguYehova. Zivume iimpazamo zakho uze uvume naxa abanye bekulungisa besebenzisa iBhayibhile. Xa usenza loo nto, intsapho yakho iza kukuhlonipha kuba uthobekile. Xa uthandaza nentsapho yakho, mxelele yonke into uYehova, loo nto iza kuyenza ibone ukuba uxhomekeke kuye. Ngaphezu kwako konke, ukukhonza uYehova kumele kube yeyona nto ibalulekileyo ebomini bakho. (Dut. 6:6-9) Esinye sezona zipho zixabisekileyo unokuyinika sona intsapho yakho kukuba ngumzekelo omhle kuyo.

OOMAMA BANGAFUNDA NTONI KUMARIYA?

17. UYehova ubanike owuphi umsebenzi oomama?

17 UYehova unike noomama umsebenzi obalulekileyo. Ubanike igunya elithile ukuze bafundise baze baqeqeshe abantwana babo. (IMize. 6:20) Into eyenziwa nethethwa ngoomama ebantwaneni babo inokuba nento eyenzayo ebomini babo. (IMize. 22:6) Khawuve ukuba banokufunda ntoni oomama kuMariya, umama kaYesu.

18-19. Yintoni enokufundwa ngoomama kuMariya?

18 UMariya wayezazi kakuhle iZibhalo. Wayemhlonipha kakhulu uYehova ibe wayesondele nyhani kuye. Wavuma nokwenza into eyayifunwa nguYehova nangona loo nto yayiza kutshintsha yonke into ebomini bakhe.​—Luka 1:35-38, 46-55.

Xa umama ediniwe okanye enomsindo, kufuneka enze konke anako ukuze abonise intsapho yakhe ukuba uyayithanda (Jonga isiqendu 19) *

19 Ininzi into eninokuyifunda nina bomama kuMariya. Ziintoni eninokuzenza? Okokuqala, nimele nihlale ningabahlobo bakaYehova ngokuzifundela iBhayibhile nangokuthandaza qho xa ninedwa. Okwesibini, nimele nivume ukutshintsha izinto ezithile ebomini benu ukuze nivuyise uYehova. Ngokomzekelo, mhlawumbi ukhuliswe ngabazali ababekhawuleza babe nomsindo baze bathethe rhabaxa nabantwana babo. Ngoko usenokucinga ukuba leyo yindlela abafanele baphathwe ngayo abantwana. Nokuba uyazi ukuba uYehova ufuna ubaphathe njani abantwana bakho, kusenokuba nzima ukuzola nokuba nomonde xa udiniwe babe bengakumameli. (Efe. 4:31) Xa kunjalo, kufuneka ucele uYehova akuncede. Omnye umama esiza kumbiza ngokuba nguLydia uthi: “Ngamanye amaxesha, kuye kufuneke ndithandaze nyhani xa unyana wam engandimameli ukuze ndingabi nomsindo xa ndithetha naye. Ndikhe ndiyiyeke phakathi nento ebendiza kuyithetha ndize ndithandazele ngaphakathi ndicele uYehova andincede. Ukuthandaza kundinceda ndizole.”​—INdu. 37:5.

20. Yeyiphi ingxaki abanayo abanye oomama, ibe banokuyilungisa njani?

20 Enye ingxaki ekusenokwenzeka ukuba banayo abanye oomama kukubonisa abantwana babo indlela ababathanda ngayo. (Tito 2:3, 4) Abanye oomama bakhuliswe ngabazali ababengasondelanga kangako kubo. Ukuba ukhuliswe njalo, loo nto ayithethi kuthi nawe umele wenze loo mpazamo. Umama ofuna ukwenza izinto ezifunwa nguYehova uza kuzama ukubonisa indlela abathanda ngayo abantwana bakhe. Kusenokuba nzima kuye ukutshintsha indlela acinga nazenza ngayo izinto. Kodwa ke, unokukwazi ukuyitshintsha ibe loo nto iza kunceda yena nentsapho yakhe.

QHUBEKA UTHOBELA UYEHOVA

21-22. Ngokutsho kukaIsaya 65:13, 14, kusinceda njani ukuthobela uYehova?

21 UKumkani uDavide wayeyazi indlela ekunceda ngayo ukuthobela uYehova. Wathi: “Imiyalelo evela kuYehova ithe tye, iyibangela ibe nemihlali intliziyo; umyalelo kaYehova uhlambulukile, uwenza akhanye amehlo. Kwanomkhonzi wakho zimlumkisile; ekuzigcineni kukho umvuzo omkhulu.” (INdu. 19:8, 11) Namhlanje, siyawubona umahluko phakathi kwabantu abathobela uYehova nabantu abangamthobeliyo. Abantu abathobela uYehova ‘bamemelela ngovuyo ngenxa yemeko elungileyo yentliziyo.’​—Funda uIsaya 65:13, 14.

22 Xa abadala, ootata noomama bethobela uYehova ubomi babo buba bhetele, iintsapho zabo ziyonwaba ibe nebandla limanyana kakhulu. Kodwa eyona nto ibalulekileyo kukuba bavuyisa uYehova. (IMize. 27:11) Ayikho into evuyisa ukogqitha leyo.

INGOMA 123 Masithobele Ukhokelo LukaThixo

^ isiqe. 5 Kweli nqaku, siza kubona ukuba kutheni simele sithobele uYehova. Kwakhona, siza kuthetha ngendlela abadala, ootata noomama abamele balisebenzise ngayo igunya abalinikwe nguYehova. Ininzi into abanokuyifunda kwiRhuluneli uNehemiya, uKumkani uDavide nakuMariya, umama kaYesu.

^ isiqe. 60 IMIFANEKISO: Umdala usebenza nonyana wakhe xa kulungiswa iHolo YoBukumkani kanye njengokuba uNehemiya wayencedisa xa kwakusakhiwa iYerusalem.

^ isiqe. 62 IMIFANEKISO: Utata uthandaza kunye nentsapho yakhe ibe umchazela yonke into uYehova.

^ isiqe. 64 IMIFANEKISO: Umntwana uchithe ixesha elininzi edlala imidlalo ye-elektroniki kodwa akayigqibanga imisebenzi yasekhaya neyasesikolweni. Umama wakhe ubuya ediniwe emsebenzini kodwa umqeqesha engakhange abe nomsindo okanye athethe rhabaxa.