Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 35

UYehova Uyabathanda Abantu Abathobekileyo

UYehova Uyabathanda Abantu Abathobekileyo

“UYehova . . . uyambona othobekileyo.”​—INDU. 138:6.

INGOMA 48 Hamba NoYehova Yonke Imihla

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. UYehova ubajonga njani abantu abathobekileyo? Cacisa.

UYEHOVA uyabathanda abantu abathobekileyo. Ngabantu abathobekileyo kuphela abanokuba ngabahlobo bakhe. Kodwa ke, umntu “ophakamileyo umazela mgama kuphela.” (INdu. 138:6) Sonke siyakufuna ukuvuyisa uYehova size sibe ngabahlobo bakhe. Yiloo nto sifuna ukuthobeka.

2. Yeyiphi imibuzo eza kuphendulwa kweli nqaku?

2 Kweli nqaku, siza kuphendula le mibuzo mithathu: (1) Unjani umntu othobekileyo? (2) Kutheni kufuneka sithobeke? (3) Ibe ziintoni ezinokwenza kube nzima ukuthobeka? Njengokuba siza kubona, xa sithobekile sivuyisa uYehova ibe nathi siyancedakala.​—IMize. 27:11; Isa. 48:17.

UNJANI UMNTU OTHOBEKILEYO?

3. Unjani umntu othobekileyo?

3 Umntu othobekileyo akacingi ukuba ubhetele kunabanye ibe akanakratshi. IBhayibhile ibonisa ukuba umntu othobekileyo uyaqonda ukuba uYehova mkhulu kunaye kwaye akaziboni ebalulekile kunabanye abantu. Uyazi nokuba basenokumogqitha kwezinye izinto.​—Fil. 2:3, 4.

4-5. Kutheni sisithi abanye abantu basenokubonakala ngathi bathobekile babe bengekho njalo?

4 Abanye abantu basenokubonakala ngathi bathobekile babe bengekho njalo tu. Basenokuba ngabantu abaneentloni. Mhlawumbi banembeko ibe babaphatha kakuhle nabanye abantu kuba befundiswe loo nto ngabazali babo. Kodwa, kusenokwenzeka ukuba banekratshi, hayi nje kancinci. Kungekudala, baza kuziveza ukuba banjani.​—Luka 6:45.

5 Abanye abantu abanazintloni ibe bathetha into abayicingayo, kodwa le nto ayithethi ukuba banekratshi. (Yoh. 1:46, 47) Kodwa, abantu abanjalo akufuneki bazithembe kakhulu. Ngoko, enoba sineentloni okanye asinazo kufuneka sizame ukuba ngabantu abathobekileyo.

Umpostile uPawulos wayethobekile ibe wayengacingi ukuba ubalulekile kunabanye abantu (Jonga isiqendu 6) *

6. Ngokutsho kweyoku-1 kwabaseKorinte 15:10, sifunda ntoni kumpostile uPawulos?

6 Makhe sithethe ngompostile uPawulos. UYehova wamsebenzisa kakhulu ukuze aqale amabandla amatsha. Wayesithi ekwesi isixeko abe ekwesinye. Kusenokwenzeka ukuba washumayela kwizixeko ezingaphezulu lee kunezashunyayelwa ngabanye abapostile bakaYesu Kristu. Nangona kunjalo, akazange acinge ukuba ubhetele kunabazalwana bakhe. Kuba wayethobekile, wathi: “Ndingoyena mncinane kubapostile, yaye andikufanelekelanga ukubizwa ngokuba ngumpostile, ngenxa yokuba ndalitshutshisa ibandla likaThixo.” (1 Kor. 15:9) Emva koko, uPawulos wathi ungumhlobo kaYehova kungekhona kuba wayekhethekile, okanye enze izinto ezininzi, kodwa kuba uYehova emenzele ububele obungamfanelanga. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 15:10.) UPawulos wayengumntu othobekileyo, ibe ininzi into esinokuyifunda kuye. Xa wayebhalela amaKristu aseKorinte, akazange azenze bhetele nangona abanye ebandleni babemgxeka.​—2 Kor. 10:10.

UKarl F. Klein, umzalwana othobekileyo owayelilungu leQumrhu Elilawulayo (Jonga isiqendu 7)

7. Omnye umzalwana owayesaziwa wabonisa njani ukuba uthobekile?

7 Abantu bakaYehova abaninzi bakhuthazwa libali lobomi likaMzalwan’ uKarl F. Klein owayelilungu leQumrhu Elilawulayo. Kuba wayethobekile, uMzalwan’ uKlein wabalisa ngeengxaki ezininzi awayenazo kangangeminyaka. Ngokomzekelo, xa wayeqala ukushumayela kwindlu ngendlu ngo-1922, kwakunzima kakhulu kuye. Ngenxa yoko, akazange ashumayele phantse iminyaka emibini. Emva koko, xa wayeseBheteli, walungiswa ngomnye umzalwana waza wahlala equmbile. Kwakhona, wakha waphazamiseka kodwa ekuhambeni kwexesha waphinda wasezingqondweni. Nangona kunjalo, wayenemisebenzi emininzi evuyisayo awayeyenzela uYehova. UMzalwan’ uKlein wayethobeke nyhani kuba wathetha ngokukhululekileyo ngeempazamo zakhe nangona wayesaziwa. Abazalwana noodade abaninzi bayamkhumbula uMzalwan’ uKlein. Bakhumbula nokuba akazange afihle nto xa wayebalisa ibali lakhe lobomi elimnandi. *

KUTHENI KUFUNEKA SITHOBEKE?

8. Eyoku-1 kuPetros 5:6 ibonisa njani ukuba uYehova uyabathanda abantu abathobekileyo?

8 Eyona nto isenza sifune ukuthobeka yeyokuba uYehova uyabathanda abantu abathobekileyo. Umpostile uPetros wayenza yacaca le nto. (Funda eyoku-1 kuPetros 5:6.) Xa ithetha ngala mazwi kaPetros, incwadi ethi “Yiba Ngumlandeli Wam” ithi: “Ukuzikhukhumalisa kufana netyhefu. Ukuba siyakuvumela kunokusitshabalalisa. Kunokwenza ukuba oyena mntu unesiphiwo agqalwe njengento engento nguThixo. Kanti kona ukuthobeka kunokwenza ukuba oyena mntu ujongelwa phantsi agqalwe njengobalulekileyo nguYehova. . . . Uya kukuvuyela ukukuvuza nawe ngokuzithoba kwakho.” * Ngaba ikhona ke into eyodlula ukuvuyisa uYehova?​—IMize. 23:15.

9. Kutheni abantu bekuthanda ukuba kunye nathi xa sithobekile?

9 Ngaphandle kokuvuyisa uYehova, sincedakala ngeendlela ezininzi xa sithobekile. Xa sithobekile, abantu abaninzi baza kusondela kuthi. Ngoba? Ukuze uyiqonde le nto, zama ukuzifaka ezihlangwini zabanye abantu. (Mat. 7:12) Akumnandanga ukuhlala nomntu osoloko efuna kuviwe ngaye nongawamameliyo amacebiso abanye abantu. Kodwa ke, kuba mnandi ukuhlala nabazalwana noodadewethu kuba ‘bevelana nathi, benomsa wobuzalwana, nemfesane, ibe bethobekile.’ (1 Pet. 3:8) Ukuba siyathanda ukuba kunye nabantu abathobekileyo, nabo baza kukuthanda ukuba kunye nathi xa sithobekile.

10. Kutheni kulula ukuba abantu abathobekileyo bamelane neengxaki?

10 Xa sithobekile kuza kuba lula ukumelana neengxaki. Ngamanye amaxesha, kusenokwenzeka izinto ebomini bethu esisenokubona ngathi bezingamelanga ukuba ziyenzeka. UKumkani uSolomon owayesisilumko wathi: “Ndibabone abakhonzi bekhwele amahashe kodwa iinkosana zihamba kanye njengabakhonzi emhlabeni.” (INtshu. 10:7) Ngamanye amaxesha abantu abanobuchule abasoloko beqatshelwa. Kodwa bona abantu abangenabuchule kangako ngabona banconywayo. Nangona kunjalo, uSolomon wathi kungabhetele ukuba sinokuzamkela izinto ngendlela eziyiyo kunoba sicaphuke kuba zingenzeki ngendlela esifuna ngayo. (INtshu. 6:9) Ukuba sithobekile kuza kuba lula ukuzamkela izinto ngendlela eziyiyo nokuba asizithandi.

ZIINTONI EZINOKWENZA KUBE NZIMA UKUTHOBEKA?

Kutheni kunzima ukuthobeka xa silungiswa? (Jonga isiqendu 11-12) *

11. Simele senze ntoni xa silungiswa?

11 Yonke imihla sinokubonisa ukuba sithobekile. Nantsi imizekelo embalwa. Xa silungiswa. Simele sikhumbule ukuba xa umntu esilungisa, loo nto isenokuthetha ukuba senze impazamo enkulu kunokuba sicinga. Xa umntu esilungisa, sisenokungavumi ukulungiswa. Sisenokumgxeka okanye sigxeke indlela athethe ngayo. Kodwa, ukuba sithobekile siza kuvuma ukulungiswa.

12. Ngokutsho kweMizekeliso 27:5, 6, kutheni simele sivuye xa silungiswa? Yenza umzekelo.

12 Umntu othobekileyo uyavuya xa elungiswa. Masenze umzekelo. Masithi ukwiintlanganiso. Emva kokuba uncokole nabantu abaninzi, omnye wabo ukubizela ecaleni aze akuxelele ukuba unokutya emazinyweni. Ngokuqinisekileyo, ungafa ziintloni. Kodwa awunakuvuya kuba ekuxelele? Unokude uthi ngekubhetele ukuba ubuxelelwe kwangoko. Ngendlela efanayo, simele sithobeke size sivuye xa umzalwana okanye udade esiba nesibindi aze asilungise. Siye sibone ukuba akasicaphukeli kodwa uyasithanda.​—Funda iMizekeliso 27:5, 6; Gal. 4:16.

Kutheni simele sithobeke xa abanye besetyenziswa yintlangano? (Jonga isiqendu 13-14) *

13. Sinokubonisa njani ukuba sithobekile xa abanye besetyenziswa yintlangano?

13 Xa abanye besetyenziswa yintlangano. Omnye umdala ekuthiwa nguJason uthi: “Xa ndibona imisebenzi eyenziwa ngabanye entlanganweni, ngamanye amaxesha ndiye ndizibuze ukuba kutheni kungakhethwanga mna.” Ngaba ukhe uzibuze loo nto nawe? Akukho nto imbi xa umzalwana efuna ukumsebenzela ngakumbi uYehova. (1 Tim. 3:1) Kodwa ke, simele sizilumkele izinto esizicingayo. Ukuba asiyenzi loo nto sisenokuba nekratshi. Ngokomzekelo, umzalwana usenokucinga ukuba ngoyena unokuwenza kakuhle umsebenzi othile ebandleni. Yena udade usenokuthi, ‘Umyeni wam unokuwenza bhetele lo msebenzi kunomnye umzalwana.’ Kodwa ukuba sithobekile asizukucinga ngolu hlobo.

14. Yintoni esinokuyifunda kwinto eyenziwa nguMoses xa abanye babesetyenziswa nguYehova?

14 Sinokufunda kwinto eyenziwa nguMoses xa abanye babesetyenziswa nguYehova. UMoses wayewuthanda umsebenzi wakhe wokukhokela amaSirayeli. Kodwa wathini xa uYehova wavumela abanye ukuba basebenze naye? Akazange abe nomona. (Num. 11:24-29) Wayethobekile ibe wavumela abanye ukuba bamncedise xa egweba abantu. (Eks. 18:13-24) AmaSirayeli ayenamadoda amaninzi awayeza kuwanceda, ibe loo nto yayithetha ukuba ayengazukulinda ixesha elide ukuze kulungiswe iingxaki zawo. Le nto isibonisa ukuba eyona nto yayiphambili kuMoses yayikukunceda abantu kunokufuna ukuba nemisebenzi emininzi kwaSirayeli. Ininzi kakhulu into esinokuyifunda kuye. Ngoko ke, simele sikhumbule ukuba ukuze sisetyenziswe nguYehova simele sithobeke, kuba loo nto ibaluleke ngakumbi kunokuba nobuchule obuthile. Nangona ‘uYehova ephakamile, uyambona othobekileyo.’​—INdu. 138:6.

15. Ziye zatshintsha njani izinto kubazalwana noodade abaninzi?

15 Xa izinto zitshintsha. Kule minyaka idlulileyo, abazalwana noodade abaninzi ababekhonza uYehova kangangeminyaka baye bayeka imisebenzi ebebekade beyenza kwintlangano. Ngokomzekelo, ngo-2014, kwapheliswa umsebenzi wabaveleli bezithili, baza aba bazalwana namakhosikazi abo bacelwa ukuba benze eminye imisebenzi. Kwangaloo nyaka, kwathiwa xa umzalwana esiba neminyaka eyi-70 umele ayeke ukuba ngumveleli wesiphaluka. Kwaphinda kwathiwa xa umzalwana eneminyaka eyi-80 nangaphezulu, umele ayeke ukuba ngumnxibelelanisi wequmrhu labadala. Akukhange kuphelele nje apho. Kule minyaka idlulileyo, abazalwana noodade abaninzi ababeseBheteli bathunyelwa entsimini. Kuye kwafuneka ukuba abanye bayeke inkonzo ekhethekileyo yexesha elizeleyo kuba begula, kuba kufuneka behoye iintsapho zabo nangenxa yezinye izinto.

16. Abazalwana noodade babonise njani ukuba bathobekile xa kutshintsha izinto?

16 Kwakungekho lula kubazalwana noodade abaninzi xa babetshintsha imisebenzi ababeyenza. Babeyithanda kakhulu imisebenzi yabo kuba abanye babo kwakukudala beyenza. Kwabanye kwakubuhlungu kakhulu kubo xa kwafuneka baqhelane nokutshintsha kwezinto. Kodwa ke, ekuhambeni kwexesha bade baqhela. Ngoba? Eyona nto yabancedayo kukuthanda uYehova. Babeyazi ukuba bazinikele kuThixo kungekhona kumsebenzi othile. (Kol. 3:23) Kuba bethobekile, bayakuvuyela ukukhonza uYehova nokuba benza owuphi umsebenzi. ‘Baliphosa kuye lonke ixhala labo,’ kuba besazi ukuba ubakhathalele.​—1 Pet. 5:6, 7.

17. Kutheni kusivuyisa ukubona ukuba iBhayibhile isikhuthaza ukuba sithobeke?

17 Kusivuyisa nyhani ukubona ukuba iBhayibhile isikhuthaza ukuba sithobeke. Xa sithobekile abantu bayakuthanda ukuba kunye nathi ibe nathi siyancedakala. Siyakwazi nokumelana neengxaki esinazo. Kodwa, eyona nto ibalulekileyo kukuba sisondela ngakumbi kuTata wethu osezulwini. Iyasivuyisa into yokwazi ukuba, nangona engoyena ‘uphezulu nophakamileyo’ uyabathanda abantu abathobekileyo.​—Isa. 57:15.

INGOMA 45 Izinto Endizicingayo

^ isiqe. 5 Kubaluleke kakhulu ukuba sithobeke. Unjani umntu othobekileyo? Kutheni kufuneka sithobeke? Ibe ziintoni ezinokwenza kube nzima ukuthobeka? Eli nqaku liza kuphendula le mibuzo ibalulekileyo

^ isiqe. 7 Funda ibali lobomi likaMzalwan’ uKlein kwiMboniselo yesiNgesi kaOktobha 1, 1984.

^ isiqe. 8 Jonga isahl. 3, isiqe. 23.

^ isiqe. 53 IMIFANEKISO: Kuba ethobekile, umpostile uPawulos uncokola nabantu, kuquka nabantwana ngoxa ekwikhaya lomzalwana.

^ isiqe. 57 IMIFANEKISO: Umzalwana uvuma ukulungiswa ngumzalwana omncinci kuye.

^ isiqe. 59 IMIFANEKISO: Lo mzalwana akammoneli umzalwana omncinci kuye kuba esetyenziswa yintlangano.