Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 38

“Yizani Kum, . . . Ndiza Kunihlaziya”

“Yizani Kum, . . . Ndiza Kunihlaziya”

“Yizani kum, nonke nina nibulalekayo nenisindwa ngumthwalo, yaye ndiza kunihlaziya.”​—MAT. 11:28.

INGOMA 17 “Ndiyathanda”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA *

1. Ngokutsho kukaMateyu 11:28-30, uYesu wathini ebantwini ababemmamele?

UYESU waxelela abantu ababemmamele isithembiso esimnandi. Wathi: ‘Yizani kum, ndiza kunihlaziya.’ (Funda uMateyu 11:28-30.) Wayengathethi njee into angazukuyenza. Ngokomzekelo, khawucinge ngento awayenzela ibhinqa elaligula kakhulu.

2. UYesu walenzela ntoni ibhinqa elaligula?

2 Eli bhinqa lalikufuna nyhani ukuncedwa. Lalisithi likulo ugqirha, libe likulowa. Kwaqengqeleka iminyaka eyi-12 kungekho mntu ulinyangayo. UMthetho kaMoses wawusithi alihlambulukanga. (Lev. 15:25) Leva ukuba uYesu angaliphilisa, laya kumkhangela. Lathi lakumfumana, labamba ingubo yakhe ezantsi laza laphila ngoko nangoko. UYesu akazange aliphilise nje kwesi sigulo, walenza labona ukuba lisathandwa kwaye lisahlonitshwa. Ngokomzekelo, xa wayethetha nalo wathi “ntombi.” Eli bhinqa lahlaziyeka nyhani.​—Luka 8:43-48.

3. Yeyiphi imibuzo eza kuphendulwa kweli nqaku?

3 Uqaphele ukuba leli bhinqa elaya kuYesu, ayingoYesu ‘owaya’ kulo? Simele senze loo nto nathi, ibe sithi ‘abaya’ kuYesu. Okwangoku, uYesu akazukubaphilisa ngokungummangaliso abantu ‘abeza’ kuye. Usabamema abantu nanamhlanje esithi: “Yizani kum, . . . yaye ndiza kunihlaziya.” Eli nqaku liza kuphendula le mibuzo: ‘Siya’ njani kuYesu? Wayethetha ukuthini uYesu xa esithi: “Thabathani idyokhwe yam”? Yintoni esiyifundayo kuye? Kutheni umsebenzi asinike wona usihlaziya? Sinokwenza ntoni ukuze idyokhwe yakhe ihlale isihlaziya?

“YIZANI KUM”

4-5. Zeziphi ezinye iindlela esinokuya ngazo kuYesu?

4 Indlela ‘esiya’ ngayo kuYesu kukufunda izinto awazithethayo nawazenzayo. (Luka 1:1-4) Akakho umntu oza kusenzela loo nto. Enye indlela esiya ngayo kuye kukuba sibhaptizwe size sibe ngabafundi bakhe.

5 Xa sidinga ukuncedwa size siye kubadala, yenye indlela ‘esiya’ ngayo kuYesu. UYesu usebenzisa ezi ‘zipho zingabantu’ ukuze akhathalele izimvu zakhe. (Efe. 4:7, 8, 11; Yoh. 21:16; 1 Pet. 5:1-3) Kufuneka ibe sithi abaya kucela uncedo kubo. Asimele sicinge ukuba bayazazi zinto esizidingayo. Ngokomzekelo, umzalwan’ uJulian uthi: “Kwafuneka ndihambe eBheteli kuba ndandigula. Omnye umhlobo wam wandicebisa ukuba ndicele abadala baze kundikhuthaza. Mna ndandisithi andikudingi ukukhuthazwa. Kodwa ndade ndaya kubacela. Soze ndiyilibale indlela abandinceda ngayo.” Njengaba badala banceda uJulian, nathi abadala bangasinceda sibe ‘nengqondo kaKristu,’ oko kukuthi, sicinge size senze izinto njengaye. (1 Kor. 2:16; 1 Pet. 2:21) Le yenye yezona ndlela basinceda ngazo.

“THABATHANI IDYOKHWE YAM”

6. Inoba uYesu wayethetha ukuthini xa wayesithi: “Thabathani idyokhwe yam”?

6 Xa uYesu wathi: “Thabathani idyokhwe yam,” kusenokwenzeka ukuba wayesithi, “Ndithobeleni.” Mhlawumbi wayethetha nokuthi: “Ngena nam edyokhweni size sisebenzele uYehova.” Zombini ezi zinto zisibonisa ukuba simele sisebenze.

7. UMateyu 28:18-20 uthi ngowuphi umsebenzi esinikwe wona, ibe siqiniseke ngantoni?

7 Xa sizinikela kuYehova size sibhaptizwe sibonisa ukuba siyavuma ukuya kuYesu. UYesu wamkela wonke umntu oya kuye. Wonke umntu ofuna ukukhonza uThixo ngentliziyo yonke soze amgxothe. (Yoh. 6:37, 38) Bonke abalandeli bakaKristu banikwe ithuba lokumncedisa kumsebenzi awunikwe nguYehova. Siqinisekile ukuba uYesu uza kusoloko esincedisa kulo msebenzi.​—Funda uMateyu 28:18-20.

‘FUNDANI KUM’

Hlaziya abantu njengoYesu (See paragraphs 8-11) *

8-9. Yintoni eyayibangela ukuba ibe ngabantu abathobekileyo abaya kuYesu? Yeyiphi imibuzo omele uzibuze yona?

8 Ngabantu abathobekileyo ababesiya kuYesu. (Mat. 19:13, 14; Luka 7:37, 38) Kutheni? Makhe sithethe ngendlela ababohluke ngayo abaFarisi kuYesu. AbaFarisi babengabathandi abantu ibe babephakamile. (Mat. 12:9-14) UYesu wayebathanda abantu, ethobekile. AbaFarisi babethanda udumo, bezidla ngezikhundla ababenazo. UYesu yena wayengayithandi loo nto, wade wafundisa abalandeli bakhe ukuba bathobeke baze benzele abantu izinto. (Mat. 23:2, 6-11) AbaFarisi babebaphatha kakubi abantu, bethanda ukoyikwa nokuthotyelwa. (Yoh. 9:13, 22) UYesu yena wayebahlaziya abantu kuba wayebenzela izinto ezintle ibe ethetha kakuhle nabo.

9 Ngaba wena uzifundile ezi zinto kuYesu? Khawuzibuze le mibuzo: ‘Ngaba ndaziwa ndingumntu ozolileyo nothobekileyo? Ngaba ndiyakuthanda ukwenza imisebenzi ebonakala iphantsi ukuze ndincede abazalwana noodade? Ngaba ndiyabathanda abantu?’

10. UYesu wayebaphatha njani abantu awayesebenza nabo?

10 UYesu wayebaphatha kakuhle abantu awayesebenza nabo, ekuthanda nokubafundisa izinto. (Luka 10:1, 19-21) Waxelela abafundi bakhe ukuba bangambuza izinto abafuna ukuziqonda. Naye wayebabuza imibuzo ukuze azi ukuba bacinga ntoni. (Mat. 16:13-16) Xa izityalo ziphethwe kakuhle ziyakhula zize zibe ntle. Ngendlela efanayo, nabafundi bakaYesu bafunda izinto ezininzi kuye baza benza nezinto ezininzi ezintle.

Yiba nobubele wenze abantu bathethe nawe

Zimisele

Sebenza nzima uze uthobeke *

11. Yeyiphi imibuzo omele uzibuze yona?

11 Ngaba kukho abantu abangaphantsi kwakho? Ukuba bakhona, zibuze le mibuzo: ‘Ndibaphatha njani abantu emsebenzini okanye ekhaya? Ngaba ndibaphatha kakuhle? Ndiyabaxelela ukuba bangabuza imibuzo? Ndiyabamamela xa bendixelela into abayicingayo?’ Asifuni ukufana nabaFarisi ababengafuni ukubuzwa, nababebaphatha kakubi abantu ababengacingi njengabo.​—Marko 3:1-6; Yoh. 9:29-34.

‘NIZA KUHLAZIYEKA’

12-14. Kutheni kuhlaziya ukwenza umsebenzi uYesu awasinika wona?

12 Kutheni kuhlaziya ukwenza umsebenzi uYesu awasinika wona? Zininzi izizathu, kodwa siza kuthetha nje ngezimbalwa.

13 Sinabona bantu basikhokela kakuhle. UYehova ngoyena umkhulu kubo bonke, kodwa akasiphathi kakubi. Uyawubulela umsebenzi esiwenzayo. (Heb. 6:10) Akapheleli nje apho, usinika namandla okuwenza. (2 Kor. 4:7; Gal. 6:5) UYesu, uKumkani wethu, ngoyena sinokufunda kuye indlela yokuphatha abantu. (Yoh. 13:15) Nabadala abasalusayo bazama ukulinganisa uYesu, “umalusi omkhulu.” (Heb. 13:20; 1 Pet. 5:2) Xa besondla, bazama kangangoko banako ukuba nobubele, ukusikhuthaza nokuba nesibindi ibe bayasikhusela.

14 Sinabona bahlobo balungileyo. Abekho abanye abantu abanabahlobo abafana nabethu nabenza umsebenzi esiwenzayo. Sisebenza nabantu abaziphethe kakuhle nabangacingi ukuba babhetele kunabanye abantu. Zininzi izinto abakwaziyo ukuzenza, kodwa abaqhayisi, ibe babona abanye abantu bebhetele kunabo. Kubo asingobantu njee abasebenza nabo, kodwa singabahlobo. Basithanda kakhulu, kangangokuba bangade basifele.

15. Kunjani ukufundisa abantu ngoYehova?

15 Senza owona msebenzi ubalulekileyo. Sifundisa abantu inyani ngoYehova size sibaxelele indlela alixoki ngayo uMtyholi. (Yoh. 8:44) USathana uthwalisa abantu imithwalo enzima. Ngokomzekelo, ufuna sicinge ukuba uYehova akasoze azixolele izono zethu ibe akasithandi. Butyhafisa nyhani ubuxoki obunjalo. Xa ‘sisiya’ kuKristu, izono zethu ziyaxolelwa. Eyona nyani kukuba uYehova usithanda kakhulu. (Roma 8:32, 38, 39) Kumnandi nyhani ukufundisa abantu ukuba bathembele ngoYehova nokubabona betshintsha indlela abaphila ngayo.

MAYIHLALE IKUHLAZIYA IDYOKHWE KAYESU

16. Kutheni sisithi umthwalo uYesu asicela ukuba siwuthwale awufani neminye imithwalo esinayo?

16 Umthwalo uYesu asicela ukuba siwuthwale awufani neminye imithwalo esinayo. Ngokomzekelo, abanye babuya emsebenzini bediniwe ibe bengonwabanga. Kodwa thina emva kokuba sisebenzele uYehova noKristu siyonwaba. Sisenokubuya emsebenzini sidiniwe size sizinyanzele ukuba siye kwiintlanganiso. Kodwa sibuya kwezo ntlanganiso silibele nokuba besikhe sadinwa. Kuba njalo ke naxa siye sayokushumayela okanye safunda iBhayibhile nokuba besidiniwe.

17. Yintoni esimele siyikhumbule, ibe yintoni esimele sicinge ngayo?

17 Masikhumbule ukuba asinakukwazi ukwenza yonke into. Ngoko simele sicinge kakuhle ngezinto esifuna ukuzenza. Ngokomzekelo, sinokumosha amandla ethu siqokelela izinto. Omnye umfana osisityebi wakha wabuza uYesu: “Ndenze ntoni na ukuze ndibudle ilifa ubomi obungunaphakade?” Lo mfana wayesele ewuthobela uMthetho. Inoba wayengumfana olungileyo kuba incwadi yeVangeli KaMarko ithi uYesu “waziva emthanda.” UYesu wathi kulo mfana: ‘Hamba, uye kuthengisa izinto onazo, uze ube ngumlandeli wam.’ Wayefuna kona ukumlandela uYesu, kodwa wayengakwazi ukushiya ‘izinto zakhe ezininzi.’ (Marko 10:17-22) Ngenxa yaloo nto, akazange ayithathe idyokhwe kaYesu waza waqhubeka efuna ‘ubutyebi.’ (Mat. 6:24) Wawuza kuthini wena?

18. Kufuneka simane sisenza ntoni, ngoba?

18 Kufuneka simane sizijonga ezona zinto zibalulekileyo ebomini bethu. Ngoba? Ukuze siqiniseke ukuba asiwamoshi amandla ethu. Omnye umfana ekuthiwa nguMark uthi: “Ndandicinga ukuba andizithandi izinto. Ndandinguvulindlela kodwa ndandisoloko ndicinga ngemali nendlela yokwenza ubomi bam bube tofotofo. Ndandizibuza ukuba kutheni ndingade ndonwabe. Ndabona ukuba ndisebenzisa amandla nexesha elininzi kwizinto zam ndize elishiyekileyo ndilinike uYehova.” UMark wayitshintsha indlela acinga nazenza ngayo izinto ukuze ixesha elininzi alinike uYehova. Uthi: “Ngamanye amaxesha ndiba nalo ixhala lokungabi namali, kodwa uYehova noYesu bayandinceda.”

19. Kutheni kubaluleke kangaka ukuzibona ngendlela efanelekileyo izinto?

19 Iza kuhlala isihlaziya idyokhwe kaYesu ukuba senza izinto ezintathu. Okokuqala, zibone ngendlela efanelekileyo izinto. Senza umsebenzi kaYehova, ngoko simele siwenze ngendlela athi masiwenze ngayo. Thina singabasebenzi, iNkosi yethu nguYehova. (Luka 17:10) Ukuba sizama ukwenza umsebenzi wakhe ngendlela yethu, loo nto iza kuchana kwathina. Kwanenkunzi yenkomo enamandla esedyokhweni inokwenzakala ize idinwe xa isokolisana nomqhubi wayo. Xa siwenza ngendlela athi uYehova masiwenze ngayo umsebenzi, senza izinto ebesicinga ukuba asinakukwazi ukuzenza size soyise iingxaki ezininzi. Singaze siyilibale into yokuba, akakho umntu onokumnqanda uYehova kwinto afuna ukuyenza.—Roma 8:31; 1 Yoh. 4:4.

20. Yintoni emele isenze sithwale idyokhwe kaYesu?

20 Okwesibini, simele siwenze kuba sithanda uYehova nabantu lo msebenzi. Eyona nto siyifunayo kukuzukisa uTata wethu osithandayo, uYehova. Abantu ababephila ngexesha likaYesu ababebawa nababezifunela izinto abazange bonwabe ibe bayishiya idyokhwe yakhe. (Yoh. 6:25-27, 51, 60, 66; Fil. 3:18, 19) Kodwa bona abantu ababesenza umsebenzi kuba bethanda uYehova nabanye abantu bayithwala bevuya idyokhwe ngoxa babesemhlabeni, benethemba lokukhonza noKristu ezulwini. Nathi siza kuhlala sonwabile ukuba sithwala idyokhwe kaYesu kuba sithanda uYehova nabantu.

21. Ngokutsho kukaMateyu 6:31-33, yintoni esiqinisekileyo ukuba uYehova uza kusenzela yona?

21 Okwesithathu, yazi ukuba uYehova uza kukunceda. Sikhethe ukuzilahlela nofele kulo msebenzi. UYesu wasixelela kwangaphambili ukuba siza kuphathwa kakubi. Kodwa simele sazi ukuba uYehova uza kusinika amandla okunyamezela iingxaki nokuba zinjani. Xa sinyamezela, siza kuba namandla angaphezu kwala sinawo. (Yak. 1:2-4) Enye into esimele siyazi kukuba uYehova uza kusinika izinto esizidingayo, uYesu uza kusalusa ibe abazalwana noodade baza kusikhuthaza. (Funda uMateyu 6:31-33; Yoh. 10:14; 1 Tes. 5:11) Ayikho enye into esiyidingayo.

22. Sivuyiswa yintoni?

22 Ibhinqa uYesu awaliphilisayo lahlaziyeka kwangaloo mini. Ukuba lade laba ngumlandeli kaYesu lahlala lihlaziyekile. Ucinga ukuba lenza ntoni? Ukuba lakhetha ukuba ngumlandeli kaYesu kusenokwenzeka likunye naye ezulwini. Zonke izinto elazincamayo azinakulingana nento elayifumanayo. Enoba sinethemba lokuphila ezulwini okanye emhlabeni, sivuya nyhani kuba savuma ukuya kuYesu xa wathi: “Yizani kum.”

INGOMA 13 UKristu, Umzekelo Wethu

^ isiqe. 5 UYesu usicela ukuba siye kuye. Yintoni esimele siyenze ukuze sibonise ukuba siyavuma ukuya kuye? Eli nqaku liza kuphendula lo mbuzo. Liza kusikhumbuza nendlela esinokuhlaziyeka ngayo xa sisebenza noKristu.

^ isiqe. 60 IMIFANEKISO: UYesu wayebahlaziya abantu ngeendlela ezininzi

^ isiqe. 66 IMIFANEKISO: Nalo mzalwana uhlaziya abantu ngeendlela ezahlukahlukeneyo.