Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 38

Bantu Abasebatsha—Nifuna Ukuphila Ubomi Obunjani?

Bantu Abasebatsha—Nifuna Ukuphila Ubomi Obunjani?

“Ukuqonda kuya kukukhusela.”​—IMIZE. 2:11.

INGOMA 135 “Yiba Sisilumko Nyana Wam”

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Yeyiphi imeko eyayinzima awayekuyo uYehowashe, u-Uziya noYosiya?

 KHAWUBE nombono wakho usiba ngukumkani wabantu bakaThixo usengumntwana okanye uneminyaka engaphezulu nje kweyi-12! Ubungalisebenzisa njani elo gunya ulinikwayo? IBhayibhile ithetha ngabantwana ababengookumkani bakwaYuda. Ngokomzekelo, uYehowashe wayeneminyaka eyi-7, ekaUziya iyi-16, kanti yena uYosiya wayena-8. Inoba kwakunzima nyhani kwaba bantwana! Sekunjalo, bonke bancedwa nguYehova nangabanye abantu ukuze bakwazi ukwenza izinto ezininzi ezilungileyo.

2. Kutheni sifanele sifunde kuYehowashe, ku-Uziya nakuYosiya?

2 Asingabo ookumkani okanye ookumkanikazi, kodwa sinokufunda izinto ezibalulekileyo kwaba bafana bathathu. Benza izigqibo ezifanelekileyo, kodwa bazenza nezimbi. Kubo siza kufunda ukuba kutheni sifanele sikhethe abahlobo abalungileyo, sihlale sithobekile, singayeki nokufuna uYehova.

KHETHA ABAHLOBO ABALUNGILEYO

Nanamhlanje singakwazi ukwenza into eyenziwa nguYehowashe, simamele abahlobo abalungileyo (Jonga isiqendu 3, 7) c

3. UMbingeleli Omkhulu uYehoyada wamnceda njani uKumkani uYehowashe ukuze akwazi ukwenza izigqibo ezifanelekileyo?

3 Linganisa izigqibo ezifanelekileyo awazenzayo uYehowashe. Esemncinci lo Kumkani wenza isigqibo esifanelekileyo. Utata wakhe wasweleka esemncinci waza wakhuliswa nguMbingeleli Omkhulu uYehoyada. Lo mbingeleli wamfundisa ngoYehova. Wawamamela amacebiso awayewanikwa nguYehoyada, ngoko lo kumkani waba sisilumko. Ngenxa yaloo nto wakhetha ukukhonza uYehova ngendlela ayifunayo, waza wanceda nabanye abantu benza loo nto. Walungiselela nokuba kulungiswe itempile kaYehova.​—2 Kron. 24:1, 2, 4, 13, 14.

4. Siza kuncedakala njani xa sizithanda size sizenze izinto esiziyalelwa nguYehova? (IMizekeliso 2:1, 10-12)

4 Uphiwa into ebalulekileyo xa ufundiswa ukuba umthande uYehova uze uphile ngemithetho yakhe. (Funda iMizekeliso 2:1, 10-12.) Abazali bakho banokukufundisa ngeendlela ezininzi. Yiva indlela uKatya awancedwa ngayo ngutata wakhe wenza izigqibo ezifanelekileyo. Qho xa emsa esikolweni babencokola ngetekisi yosuku. Uthi: “Loo nto yayindinceda ndikwazi ukwenza into elungileyo xa kuvela ingxaki ngolo suku.” Uza kuthini xa ubona ngathi izinto eziseBhayibhileni ozifundiswa ngabazali bakho zikwenza ungakwazi ukwenza izinto ozifunayo? Yintoni enokukunceda uyenze into abakufundisa yona? Omnye udade onguAnastasia ukhumbula ukuba abazali bakhe babemxelela isizathu sokuba bambekele imithetho. Uthi, “Loo nto yandinceda ndaqonda ukuba loo mithetho abayibekeli nje ukuba ndenze izinto ezifunwa ngabo, kodwa bayandikhusela kuba bayandithanda.”

5. Izinto ozenzayo ziza kubenza bazive njani abazali bakho noYehova? (IMizekeliso 22:6; 23:15, 24, 25)

5 Abazali bakho baza kuvuya xa uzenza izinto abakufundisa zona ezisuka eBhayibhileni. Eyona nto ibalulekileyo kukuba uza kuvuyisa uThixo, nitsho nihlale ningabahlobo. (Funda iMizekeliso 22:6; 23:15, 24, 25.) Ngaba le nto ayikwenzi ufune ukulinganisa uYehowashe xa wayesemncinci?

6. Emva kokusweleka kukaYehoyada, uYehowashe waqalisa ukumamela amacebiso oobani? Kwenzeka ntoni emva koko? (2 Kronike 24:17, 18)

6 Funda kwizigqibo ezingafanelekanga awazenzayo uYehowashe. Emva kokusweleka kukaYehoyada, uYehowashe waba nabahlobo abangalunganga. (Funda izi-2 Kronike 24:17, 18.) Wamamela izinto awayezicetyiswa ziinkosana zakwaYuda ezazingamthandi uYehova. Mhlawumbi wena uthi wayemele adlalele kude kuzo. (IMize. 1:10) Kodwa yena wazenza izinto ezingalunganga awayezicetyiswa zizo. Wade wabulalisa nomzala wakhe, uZekariya owayezama ukumlungisa. (2 Kron. 24:20, 21; Mat. 23:35) Imbi futhi ibubudenge nyhani le nto wayenzayo! UYehowashe wabuqala kakuhle ubomi bakhe, kodwa okubuhlungu kukuba ekuhambeni kwexesha waba ngumwexuki nombulali. Ekugqibeleni, izicaka zakhe zambulala. (2 Kron. 24:22-25) Yayingasoze yenzeke loo nto ukuba wayengazange ayeke ukumamela uYehova nabantu abamkhonzayo! Yintoni oyifundayo apha?

7. Ngoobani abamele babe ngabahlobo bethu? (Jonga nomfanekiso.)

7 Enye into esiyifundayo kwisigqibo esingafanelekanga awasenzayo uYehowashe kukuba simele sibe nabahlobo abathanda uYehova, abafuna ukumvuyisa nabaza kusikhuthaza ukuba senze izinto ezilungileyo. Abahlobo bethu bafanele bangabi ngabantu abalingana nathi qha. Kaloku noYehowashe wayemncinci kakhulu kumhlobo wakhe uYehoyada. Nantsi imibuzo omele uzibuze yona ngabahlobo onabo: ‘Ngaba bandinceda ndibe nokholo olomeleleyo? Ngaba bandikhuthaza ukuba ndiphile ngendlela ethandwa nguYehova? Ngaba bayancokola ngoYehova neenyaniso zakhe ezibalulekileyo? Ngaba bayayihlonipha imithetho yakhe? Ngaba basoloko bendixelela le nto ndifuna ukuyiva, okanye baba nesibindi sokundilungisa xa ndiphuma endleleni?’ (IMize. 27:5, 6, 17) Xa sithetha inyani, awubadingi abahlobo abangamthandiyo uYehova. Kodwa ukuba bayamthanda, yithi nca kubo kuba baza kukunceda.​—IMize. 13:20.

8. Xa sisebenzisa iiwebhsayithi zokuncokola, yintoni esimele sicinge ngayo?

8 Iiwebhsayithi zokuncokola zinokusinceda sikwazi ukuncokola neentsapho nabahlobo bethu. Kodwa abantu abaninzi bazisebenzisela ukuzithandisa kwabanye, bepowusta iifoto neevidiyo zezinto abazithengileyo okanye abazenzileyo. Ukuba usebenzisa ezi webhsayithi, zibuze: ‘Ngaba eyona nto ndiyifunayo kukuzithandisa kwabanye? Ngaba ndifuna ukubakhuthaza okanye ndifuna bandincome? Ngaba ndivumela abantu abasebenzisa ezi webhsayithi batshintshe indlela yam yokucinga, yokuthetha neyokwenza izinto?’ UMzalwana owayekhonza kwiQumrhu Elilawulayo, uNathan Knorr, wasicebisa wathi: “Sukuzama ukuzithandisa ebantwini kuba uza kuphela ungathandwa nangomnye. Xa usebenzela ukuthandwa nguYehova, bonke abantu abamthandayo baza kukuthanda.”

HLALA UTHOBEKILE

9. UYehova wanceda u-Uziya ukuba enze ntoni? (2 Kronike 26:1-5)

9 Linganisa izigqibo ezifanelekileyo awazenzayo u-Uziya. Esengumfana, uKumkani u-Uziya wayethobekile. Wafunda “ukoyika uThixo wokwenene.” Waphila iminyaka eyi-68. Kwemininzi yaloo minyaka uYehova wayemsikelela. (Funda izi-2 Kronike 26:1-5.) Woyisa iintshaba ezininzi zamaSirayeli, waqiniseka nokuba iYerusalem ikhuselekile. (2 Kron. 26:6-15) Ngokuqinisekileyo zazimvuyisa u-Uziya zonke izinto uThixo awayemnceda ukuba azenze.​—INtshu. 3:12, 13.

10. Kwenzeka ntoni ku-Uziya?

10 Funda kwizigqibo ezingafanelekanga awazenzayo u-Uziya. UKumkani u-Uziya wayekuqhelile ukuxelela abantu into amabayenze. Ngaba loo nto yamenza wacinga ukuba angenza nantoni na ayifunayo? Ngenye imini wangena etempileni kaYehova, waza ngenxa yekratshi awayenalo, wazama ukuqhumisa isiqhumiso esiqholiweyo esibingelelweni, into ababengavumelekanga ooKumkani ukuyenza. (2 Kron. 26:16-18) UMbingeleli Omkhulu uAzariya wazama ukumnqanda, kodwa u-Uziya wavutha ngumsindo. Okubuhlungu kukuba loo nto yamenza wayeka ukuthembeka kuYehova, waza uYehova wambetha ngeqhenqa. (2 Kron. 26:19-21) Yayingasoze yenzeke loo nto ukuba wayengayekanga ukuthobeka!

Endaweni yokuqhayisa ngezinto esizenzileyo, simele sibulele uYehova osincede sakwazi ukuzenza (Jonga isiqendu 11) d

11. Ziintoni ezinokusinceda sihlale sithobekile? (Jonga nomfanekiso.)

11 Xa u-Uziya waba ngukumkani onamandla, walibala ukuba nguYehova omnike loo mandla waza wamenza waphumelela. Yintoni esiyifundayo? Masingaze silibale ukuba izinto ezintle esinazo nemisebenzi esiyenza kwiintlangano isuka kuYehova. Kunokuba siqhayise ngezinto esizenzileyo, simele sibulele uYehova ngokusinceda sikwazi ukuzenza. b (1 Kor. 4:7) Simele sithobeke, siyiqonde into yokuba sinesono futhi siyakudinga ukulungiswa. Omnye umzalwana oneminyaka emalunga neyi-60, uthi: “Ndifundile ukuba xa abantu bendibona ndisenza iimpazamo mayingandityhafisi loo nto. Xa ndilungiswa ngenxa yezinto zobuntwana endikhe ndizenze, ndiye ndizame ukuthobela ndize ndiqhubeke ndikhonza uYehova ngamandla am onke.” Eyona nyani yile: Xa simoyika uYehova size sihlale sithobekile, izinto ziye zisihambele kakuhle.​—IMize. 22:4.

HLALA UMFUNA UYEHOVA

12. Xa uYosiya wayesemncinci, wamfuna njani uYehova? (2 Kronike 34:1-3)

12 Linganisa izigqibo ezifanelekileyo awazenzayo uYosiya. UYosiya waqala ukufuna uYehova eneminyaka eyi-16. Wayefuna ukufunda ngoYehova aze enze izinto azithandayo. Kodwa izinto zazingekho lula kulo kumkani wayesemncinci. Xa kwakuxhaphake ukukhonzwa kwezithixo, kwafuneka ayimele indlela efanelekileyo yokukhonza uYehova. Nyhani ke wayimela! Ngaphambi kokuba abe na-20, waqalisa ukuwayekisa amaSirayeli ukukhonza izithixo.​—Funda izi-2 Kronike 34:1-3.

13. Buza kutshintsha njani ubomi bakho emva kokuba uzinikele kuYehova?

13 Nokuba usemncinci, ungakwazi ukufunda ngoYehova nangeempawu zakhe ezimangalisayo njengoYosiya. Loo nto iza kukwenza ufune ukuzinikela kuye. Kuza kufuneka uphile njani ke? ULuke obhaptizwe ena-14, uthi: “Ukususela ngoku, ukukhonza uYehova kuza kuba yeyona nto ibalulekileyo ebomini bam futhi ndiza kuzama ukwenza izinto ezimvuyisayo.” (Marko 12:30) Uza kusikelelwa kakhulu ukuba nawe ufuna ukwenza loo nto!

14. Abantu abasebatsha bamlinganisa njani uYosiya?

14 Zeziphi iingxaki asenokuba nazo umntu osemtsha okhonza uYehova? UJohan obhaptizwe ena-12, uthi abantwana afunda nabo baye bazama ukumenza atshaye icuba elisebenza ngebhetri ekuthiwa yivape. Ukuze anganikezeli, uye azikhumbuze ukuba ukutshaya ivape kunokumgulisa kuze kumxabanise noYehova. URachel obhaptizwe ena- 14, uchaza into emncedayo akwazi ukumelana neengxaki esikolweni. Uthi: “Ndiye ndizame ukujonga ukuba izinto endizibonayo zindikhumbuza ntoni ngoYehova nangeBhayibhile. Ngokomzekelo, iklasi yehistory inokundikhumbuza ibali okanye isiprofeto esiseBhayibhileni. Okanye xa ndincokola nomntu, kunokuthi qatha isibhalo endinokumnceda ngaso.” Iingxaki esinazo zisenokungafani nawayenazo uKumkani uYosiya, kodwa singakwazi ukulumka nokuthembeka njengaye. Iingxaki onazo ngoku usemtsha ziza kukunceda ukwazi ukumelana noza kuba nazo xa umdala.

15. Yintoni eyanceda uYosiya wamkhonza ethembekile uYehova? (2 Kronike 34:14, 18-21)

15 Xa uKumkani uYosiya wayena-26, wathi makulungiswe itempile. Xa yayilungiswa, kwabhaqwa “incwadi yoMthetho kaYehova eyayidluliselwe ngoMoses.” Akuyiva ifundwa, ukumkani wakhawuleza wazenza izinto ezazibhalwe kuyo. Funda izi-2 Kronike 34:14, 18-21.) Wena, uyafuna ukuyifunda qho iBhayibhile? Mhlawumbi sowuzama. Ngaba kumnandi ukuyifunda? Uyazigcina iivesi ezinokukunceda? ULuke ekukhe kwathethwa ngaye, uye abhale amanqaku ezinto azithandileyo xa ebefunda. Ukwenza loo nto kunokukunceda nawe uzikhumbule iivesi obuzifunda okanye izinto ozifundileyo kuzo. Xa usiya uyazi futhi uyithanda iBhayibhile, uza kukufuna nyhani ukumkhonza uYehova. NjengoKumkani uYosiya, nawe liza kukunceda iLizwi likaThixo wenze izinto ezilungileyo.

16. Kwakutheni ukuze uYosiya enze impazamo enkulu? Yintoni esiyifundayo thina?

16 Funda kwizigqibo ezingafanelekanga awazenzayo uYosiya. Xa uYosiya wayeneminyaka emalunga neyi-39, wenza impazamo eyamenza wabulawa. Kunokuba abuze kuYehova, wazithemba. (2 Kron. 35:20-25) Ikhona into esiyifundayo kule nto. Nokuba sibadala kangakanani okanye sineminyaka emingaphi sifunda iBhayibhile, masingayeki ukumfuna uYehova. Loo nto ithetha ukuba masihlale sithandaza, simcele asibonise indlela, sifunde iLizwi lakhe size sivume nokucetyiswa ngamaKristu anokholo oluqinileyo. Xa sizenza ezi zinto, asinakufane sizenze iimpazamo ezinkulu futhi sinokonwaba.​—Yak. 1:25.

LUTSHA​—NINOKUPHILA UBOMI OBUVUYISAYO

17. Ziintoni esizifundayo kookumkani abathathu bakwaYuda?

17 Zininzi izinto ezivuyisayo onokuzenza xa usemtsha. Izinto esizifunda ngoYehowashe, u-Uziya noYosiya zibonisa ukuba abantu abasebatsha banako ukwenza izigqibo ezifanelekileyo, batsho baphile ubomi obuvuyisa uYehova. Yinyaniso kona ukuba aba bafana bazenza iimpazamo ezabafaka engxakini. Kodwa xa ulinganisa izinto ezilungileyo abazenzayo uze uphephe iimpazamo zabo, unokonwaba.

UDavide waba ngumhlobo kaYehova esemncinci, wathandwa nguye waza waphila ubomi obuvuyisayo (Jonga isiqendu 18)

18. Yeyiphi imizekelo ekwiZibhalo ebonisa ukuba unokuphila ubomi obuvuyisayo? (Jonga nomfanekiso.)

18 IZibhalo zithetha nangabanye abantu abatsha ababengabahlobo bakaYehova. Wabathanda baza baphila ubomi obuvuyisayo. Omnye wabo yayinguDavide. Wakhetha ukuba ngumhlobo kaThixo esemncinci waza ekuhambeni kwexesha waba ngukumkani othembekileyo. Wazenza yena iimpazamo, kodwa kuThixo wayethembekile. (1 Kum. 3:6; 9:4, 5; 14:8) Ukufunda ngoDavide nangezinto awazenzayo kunokukukhuthaza ukuba ukhonze uYehova uthembekile. Usenokuphanda nangoMarko okanye uTimoti. Uza kubona ukuba bamkhonza besebancinci uYehova baza bahlala bethembekile kuye. Loo nto yamvuyisa, nabo bonwaba.

19. Bubomi obunjani onokubuphila?

19 Indlela obuza kuba yiyo ubomi bakho ixhomekeke kwindlela ophila ngayo ngoku. Xa uthembele kuYehova, ungathembelanga kwindlela oziqonda ngayo izinto, uza kukunceda wenze izigqibo ezifanelekileyo. (IMize. 20:24) Ungakwazi ukuphila ubomi obuvuyisayo. Nantsi into omawungayilibali: UYehova uyazixabisa izinto omenzela zona. Ikhona enye indlela ebhetele obunokuphila ngayo, ngaphandle kokukhonza uTata wethu osezulwini osithandayo?

INGOMA 144 Hlala Ujonge Emvuzweni!

a Bantu abasebatsha, uYehova uyazi ukuba niba neengxaki ezenza kungabi lula ukwenza izinto ezilungileyo nize nihlale ningabahlobo bakhe. Ninokuzenza njani izigqibo ezifanelekileyo, eziza kumvuyisa uTata wenu osezulwini? Siza kuthetha ngabafana abathathu ababengooKumkani bakwaYuda. Jongani izinto eninokuzifunda kwizigqibo abazenzayo.

b Jonga ibhokisi “Beware of the ‘Humble Brag’” yenqaku lesiNgesi elithi “How Important Is Online Popularity?” kujw.org.

c INGCACISO YOMFANEKISO: Udade onokholo oluqinileyo umnika icebiso elifanelekileyo udade omncinci kunaye.

d INGCACISO YOMFANEKISO: Udade onesabelo endibanweni uthembela ngoYehova aze amdumise kuba emncedile.