Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 37

Thembela NgoYehova NjengoSamson

Thembela NgoYehova NjengoSamson

“Nkosi enguMongami Yehova, ndicela undikhumbule, undomeleze.”​—ABAGWE. 16:28.

INGOMA 30 Thixo Wam, Tata Wam, Mhlobo Wam

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1-2. Kutheni simele sibe nomdla kwibali likaSamson?

 XA USIVA igama elithi Samson yintoni ethi qatha engqondweni. Mhlawumbi ucinga ngendlela awayenamandla ngayo. Nyhani ke wayenawo. Kodwa wenza isigqibo esaba nemiphumo ebuhlungu. Sekunjalo, uYehova wacinga ngayo yonke imisebenzi kaSamson yokholo, waza wenza ukuba ibhalwe eBhayibhileni ukuze isincede.

2 UYehova wasebenzisa uSamson ukuze enze izinto ezimangalisayo ezaziza kunceda abantu Bakhe abakhethileyo, amaSirayeli. Emva kwamakhulu eminyaka uSamson eswelekile, uYehova waphefumlela umpostile uPawulos ukuba abhale igama likaSamson kunye nawamanye amadoda awayenokholo. (Heb. 11:32-34) Ibali likaSamson linokusikhuthaza. Wayemthemba uYehova naxa kwakunzima. Kweli nqaku siza kuthetha ngezinto esinokuzifunda kuSamson, sibone ukuba zinokusikhuthaza njani.

USAMSON WAYEMTHEMBILE UYEHOVA

3. UYehova wathi makenze ntoni uSamson?

3 USamson wazalwa amaSirayeli elawulwa ngamaFilisti futhi ewaphethe kakubi. (ABagwe. 13:1) Ngenxa yenkohlakalo yawo, ubomi babunzima nyhani kumaSirayeli. UYehova wakhetha uSamson ukuba ‘akhokele ekusindiseni uSirayeli esandleni samaFilisti.’ (ABagwe. 13:5) Wawungekho lula tu lo msebenzi. Ukuze akwazi ukuwenza kakuhle kwakuza kufuneka amthembe uYehova.

USamson wayemthemba uYehova futhi engenangxaki yokutshintsha indlela amkhonza ngayo ukuze ibe yeyona imvuyisayo. Wasebenzisa loo nto yayifumaneka ukuze enze into uThixo afuna yenzeke (Jonga isiqendu 4-5)

4. UYehova wamnceda njani uSamson ukuze akwazi ukuzisindisa kumaFilisti? (ABagwebi 15:14-16)

4 USamson wabonisa njani ukuba wayemthembile uYehova ukuba uza kumnceda? Ngenye imini umkhosi wamaFilisti wawuye kubamba uSamson eLehi, ekubonakala ngathi yayikwaYuda. Amadoda akwaYuda ayesoyika, ngoko agqiba ekubeni amnikele kuloo mkhosi. Abantu bakowabo bambopha bamqinisa ngeentambo ezimbini ezintsha, baza bamsa kumaFilisti. (ABagwe. 15:9-13) Kodwa “umoya kaYehova wamnika amandla,” waziqhawula ezo ntambo. Emva koko “wafumana umhlathi owomeleleyo wenkunzi yedonki,” waza wabulala ngawo amaFilisti ayi-1 000.​—Funda aBagwebi 15:14-16.

5. Ukusebenzisa kukaSamson umhlathi wedonki kuyibonisa njani indlela awayethembele ngayo kuYehova?

5 Kwakutheni ukuze uSamson asebenzise umhlathi wedonki? Yayisisixhobo esingaqhelekanga noko eso. Ngokuqinisekileyo wayesazi ukuba uYehova wayeza kumnceda awoyise loo madoda nokuba usebenzisa esiphi isixhobo. Le ndoda ithembekileyo yasebenzisa into ephambi kwayo ukuze yenze into efunwa nguYehova. Kucacile ukuba into eyenza uSamson wawoyisa loo madoda kukuthemba uYehova.

6. Xa kukho umsebenzi ekufuneka siwenze kwintlangano kaYehova, yintoni esinokuyifunda kuSamson?

6 Nathi uYehova angasinceda asiphe amandla okwenza nawuphi na umsebenzi afuna siwenze, nokuba kubonakala ngathi asinakukwazi ukuwenza. Loo nto angayenza ngendlela enokusothusa nathi. Ukuba uyamthemba uYehova owanika uSamson amandla, qiniseka ukuba nawe uza kukunceda uzenze izinto azithandayo.​—IMize. 16:3.

7. Ngowuphi umzekelo obonisa indlela ekubaluleke ngayo ukucela uYehova asibonise into emasiyenze?

7 Abazalwana noodade abakwisebe lokwakha izakhiwo zentlangano baye babonisa indlela abamthembe ngayo uYehova. Kwiminyaka edlulileyo abazalwana babedla ngokwenza iiplani baze bakhe iiHolo ZoBukumkani ezininzi nezinye izakhiwo zentlangano ezintsha. Kodwa ngenxa yokuba besiya besiba baninzi abantu ababhaptizwayo, kuye kwafuneka intlangano itshintshe. Abazalwana abajongene nalo msebenzi baye bacela uYehova ukuba ababonise eyona nto bamele bayenze, baza bazama iindlela ezintsha ezinjengokuthenga izakhiwo baze bazilungise. URobert oye wasebenza kwizakhiwo zethu ezininzi emhlabeni wonke uthi: “Ekuqaleni kwabaninzi kwakungekho lula ukusebenza ngale ndlela intsha. Yayahluke kakhulu kwindlela esasisele sineminyaka sisebenza ngayo. Kodwa abazalwana zange babe nengxaki yokutshintsha, futhi kuye kwabonakala ukuba uYehova uyazisikelela ezi ndlela zintsha zokusebenza.” Lo ngumzekelo nje omnye obonisa indlela uYehova abakhokela ngayo abantu bakhe ukuze bakwazi ukwenza izinto azithandayo. Ngoko kuhle ukuba sonke sisoloko sizibuza lo mbuzo, ‘Ngaba ndiyamcela uYehova ukuba andibonise into emandiyenze ndize ndingakrikrizi naxa kukho into ekufuneka ndiyitshintshe ukuze ndimkhonze ngeyona ndlela imvuyisayo?’

USAMSON WAZISEBENZISA IZINTO AWAYEZENZELWE NGUYEHOVA

8. Xa uSamson wayenxaniwe wenza ntoni?

8 Mhlawumbi ufunde nangezinye izinto ezimangalisayo ezenziwa nguSamson. Engancediswa mntu wabulala ingonyama, emva koko wabulala amadoda angamaFilisti ayi-30 eAshkelon. (ABagwe. 14:5, 6, 19) Wayesazi ukuba wayengasoze akwazi ukuyenza loo nto ukuba wayengancedwa nguYehova. Loo nto yabonakala mhla wayenxanwe kakhulu emva kokuba ebulele amaFilisti ayi-1 000. Wenza ntoni? Kunokuba azifunele amanzi, wacela uYehova ukuba amncede.​—ABagwe. 15:18.

9. Wenza ntoni uYehova xa uSamson wayecela amncede? (ABagwebi 15:19)

9 UYehova wasiva isikhalo sikaSamson waza wamnika amanzi ngendlela emangalisayo. Wathi akuwasela, “abuya amandla akhe waza waphila.” (Funda aBagwebi 15:19.) Kuyabonakala ukuba kwiminyaka emininzi emva koko, xa umprofeti uSamuweli waphefumlelwa ukuba abhale incwadi yaBagwebi, lo mthombo wamanzi wawusekhona. Inoba loo manzi ampompozayo akhumbuza amaSirayeli ukuba anokumthemba uYehova ukuba uyabanceda abakhonzi bakhe abathembekileyo xa bedinga uncedo.

USamson waba namandla emva kokuba esele amanzi awayewanikwe nguYehova. Nathi masizisebenzise izinto eziqinis’ ukholo esizinikwa nguYehova (Jonga isiqendu 10)

10. Yintoni esimele siyenze xa sifuna uYehova asincede? (Jonga nomfanekiso.)

10 Nokuba zeziphi iziphiwo esinazo okanye ziintoni esele sizenzile entlanganweni, simele singayeki ukucela uncedo kuYehova. Simele sithobeke, siyamkele into yokuba asoze sikwazi ukuzenza izinto uYehova afuna sizenze ukuba asithembelanga kuye. Njengokuba uSamson waba namandla emva kokuba esele amanzi awayewanikwe nguYehova, nathi luza kuqina ukholo lwethu ukuba siyazisebenzisa izinto asilungiselele zona.​—Mat. 11:28.

11. Yintoni esinokuyenza ebonisa ukuba simthembile uYehova ukuba uza kusinceda? Yenza umzekelo.

11 Cinga ngomzalwana waseRashiya, uAleksey, onyamezele ukuphathwa kakubi ngendlela engathethekiyo. Uncedwe yintoni ukuze loo nto ingamtyhafisi? Yena nomfazi wakhe babezenza qho izinto eziqinis’ ukholo. Uthi: “Ndizama ukuyifunda yonke imihla iBhayibhile nokulwenza qho ufundisiso lobuqu. Yonke imihla kusasa mna nomfazi wam senza itekisi yosuku size sithandaze.” Sifunda ntoni kule nto? Sifanele sithembe uYehova, singazithembi. Singayenza njani loo nto? Ngokuzenza qho izinto eziqinis’ ukholo ezinjengokufunda iBhayibhile, ukuthandaza, ukuya kwiintlanganiso nokushumayela. Xa sisenza ezi zinto uYehova uza kusinceda ukuze sihlale simkhonza. Wamnika amandla uSamson, ngokuqinisekileyo unokuyenza nakuthi loo nto.

USAMSON ZANGE ANCAME

12. Sesiphi isigqibo esirongo awasenzayo uSamson? Ukuthandana kwakhe noDelila kwakwahluke ngantoni?

12 USamson wayenesono njengathi, ngoko wayekhe enze izigqibo ezirongo. Esinye sezigqibo awazenzayo samfaka kwenkulu ingxaki. Xa wayesele enethuba engumgwebi “wathanda intokazi yakwiNtlambo YaseSoreki egama linguDelila.” (ABagwe. 16:4) Ngaphambi koko wayengeje ibhinqa elungumFilisti, kodwa oko “kwakuvela kuYehova kuba wayefuna indlela yokuhlasela amaFilisti.” Emva koko wahlala kwindlu yebhinqa elithengisa ngomzimba kwidolophu yamaFilisti, iGaza. Ngelo xesha uThixo wamnika amandla okuthwala iingcango zegeyithi yaloo dolophu yaza yashiyeka ingakhuselekanga. (ABagwe. 14:1-4; 16:1-3) Kodwa ukuthandana kwakhe noDelila kwakungenanto yakwenza nokulwa namaFilisti, kuba kubonakala ngathi wayengumSirayeli.

13. Yintoni awayenzayo uDelila kuSamson?

13 UDelila wavuma xa wayenikwa ngamaFilisti imali eninzi ukuze ajikele uSamson. Ngaba uSamson wayemthanda futhi emthembe ngohlobo lokuba ade angayiboni nento awayefuna ukumenza yona? Nokuba sasiyintoni isizathu, uDelila wayemhlalele embuza ukuba kutheni enamandla angaka. Ekugqibeleni wade wamxelela. Okubuhlungu kukuba loo mpazamo wayenzayo uSamson yamenza waphelelwa ngamandla waza washiywa nguYehova okwexeshana.​—ABagwe. 16:16-20.

14. Ziintoni ezenzeka kuSamson ngenxa yokuba wathemba uDelila?

14 Ukuthemba uDelila kunoYehova kwenza uSamson wehlelwa zizinto ezibuhlungu. AmaFilisti ambamba aza amkhupha amehlo. Amvalela kwitrongo eyayikwidolophu awayencothule iingcango zegeyithi yayo, iGaza. Apho waba ngumsili wokutya okuziinkozo. Xa amaFilisti ayenetheko, amthatha amsa kulo. Enzela uthixo wawo wobuxoki uDagon umbingelelo omkhulu kuba ayekholelwa ukuba nguye owancede abamba uSamson. Amkhulula etrongweni, amsa kwelo theko ukuze ‘awonwabise,’ ahlekise ngaye.​—ABagwe. 16:21-25.

UYehova wanika uSamson amandla okoyisa amaFilisti (Jonga isiqendu 15)

15. Yintoni ebonisa ukuba uSamson waphinda wamthemba uYehova? (ABagwebi 16:28-30) (Jonga umfanekiso ongaphandle.)

15 USamson wenza impazamo enkulu, kodwa zange ancame. Wakhangela indlela yokwenza umsebenzi awayewunikwe nguThixo wokulwa namaFilisti. (Funda aBagwebi 16:28-30.) Wamcenga uYehova esithi: “Mandiphindezele kula maFilisti.” UThixo oyinyaniso wamphendula ngokumenza aphinde abe namandla angaqhelekanga. Loo nto yamenza wabulala amaFilisti amaninzi kunalawo wawabulala kumaxesha adlulileyo.

16. Yintoni esiyifundayo kwimpazamo eyenziwa nguSamson?

16 Ngoxa uSamson wehlelwa zizinto ezibuhlungu ngenxa yempazamo awayenzayo, zange ayeke ukuzama ukwenza izinto ezithandwa nguYehova. Nokuba kuye kwafuneka sohlwaywe okanye siyekiswe umsebenzi ebesiwenza entlanganweni ngenxa yempazamo esiyenzileyo, masingancami. Masikhumbule le nto, uYehova akasincami. (INdu. 103:8-10) Nokuba siyazenza iimpazamo uYehova unokusisebenzisa njengokuba wamsebenzisayo noSamson.

Kusenokwenzeka ukuba uSamson waba buhlungu ngempazamo awayenzayo kodwa zange ancame, nathi asimele sincame (Jonga isiqendu 17-18)

17-18. Yintoni oyifundayo kuMichael? (Jonga nomfanekiso.)

17 Khawuve ukuba kwenzeka ntoni komnye umzalwana osemtsha, uMichael. Wayeyikhuthalele imisebenzi kaThixo, esisicaka solungiselelo ekwanguye novulindlela othe ngxi. Kodwa wenza impazamo kwaza kwafuneka ayiyeke imisebenzi ebeyenza ebandleni. Uthi, “Ngaphambi kokuba kwenzeke loo nto ndandixakeke kakhulu ndisebenzela uYehova, kodwa ngokuqhwanyaza kweliso ndaziva ngathi akukho nto ndinokumenzela yona uYehova. Ndandisazi kona ukuba uYehova soze andilahle, kodwa ndandizibuza ukuba siza kuphinda sibe ngabahlobo njengakuqala na. Ndiza kukwazi na ukuphinda ndimsebenzele ngendlela endandimsebenzela ngayo ebandleni.”

18 Into evuyisayo kukuba uMichael zange ancame. Uphinda athi: “Ndasebenza nzima ukuze ndiphinde ndisondele kuYehova. Ndandihlala ndithandaza, ndifunda futhi ndicingisisa ngezinto endizifundayo.” Ekuhambeni kwexesha uMichael waphinda wanikwa imisebenzi ebandleni. Ngoku ngumdala, ukwanguye novulindlela othe ngxi. Uthi: “Indlela enandikhuthazwa futhi ndincedwa ngayo, ngokukodwa ngabadala, yandenza ndaqonda ukuba uYehova usandithanda. Ndinokuphinda ndikhonze ebandleni ndingatyiwa sisazela. Le nto indifundise ukuba uYehova uyamxolela nabani na oguquke nyhani.” Sinokuqiniseka ukuba uYehova uza kusisebenzisa aze asisikelele nokuba siye senza iimpazamo, ukuba nje senza konke okusemandleni ethu ukuze silungise iindlela zethu size siqhubeke simthemba.​—INdu. 86:5; IMize. 28:13.

19. Likukhuthaza njani ibali likaSamson?

19 Kweli nqaku siye sathetha ngezinto ezimbalwa ezinik’ umdla ezenzeka ebomini bukaSamson. Wayenesono, kodwa zange ayeke ukuzama ukukhonza uYehova nasemva kwempazamo awayenza ngenxa kaDelila. NoYehova zange amncame. Waphinda wamsebenzisa ekwenzeni izinto ezinkulu. KuYehova wayeseyindoda enokholo olomeleleyo kangangokuba wenza ukuba igama lakhe libhalwe kumagama abantu ababethembekile ekuthethwa ngabo kumaHebhere isahluko 11. Kukhuthaza nyhani ukwazi ukuba sikhonza uTata wethu osezulwini osithanda nyhani, nosoloko efuna ukusipha amandla, ngokukodwa xa sityhafile. Ngoko njengoSamson nathi masimcenge uYehova sithi: “Ndicela undikhumbule, undomeleze.”​—ABagwe. 16:28.

INGOMA 3 Nguwe Olithemba Namandla Ethu

a USamson, eli gama lomntu ekuthethwa ngaye eBhayibhileni laziwa ngabantu abaninzi, nkqu nabo bangazazi kangako iZibhalo. Ibali lakhe likwimidlalo yeqonga, kwiingoma nakwiimuvi, kodwa lona aliyontsomi. Ininzi into esinokuyifunda kule ndoda yayinokholo olomeleleyo.