Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 39

Ukululama Kubalulekile

Ukululama Kubalulekile

“Akufuneki ukuba ikhoboka leNkosi lilwe, kodwa kufuneka liphathe wonke umntu ngobubele.””​—2 TIM. 2:24.

INGOMA 120 Masithobeke NjengoKristu

IZINTO ESIZA KUZIFUNDA a

1. Abantu esisebenza okanye esifunda nabo banokusibuza ngantoni?

 UBA njani xa umntu ofunda naye okanye osebenza naye ekubuza ngezinto okholelwa kuzo? Uba novalo? Abaninzi kuthi baba nalo. Kodwa loo mbuzo unokusinceda siyiqonde eyona nto umntu ayicingayo okanye ayikholelwayo kuze kube lula ukuncokola naye ngeendaba ezilungileyo. Ngamanye amaxesha umntu usenokusibuza kuba efuna ukuphikisana nathi. Mayingasothusi loo nto. Kaloku abanye abantu khange baxelelwe inyani ngezinto esizikholelwayo. (IZe. 28:22) Enye into siphila ‘kwimihla yokugqibela’ egcwele abantu ‘abanenkani nabaziindlobongela.’​—2 Tim. 3:1, 3.

2. Kutheni sifuna ukululama?

2 Usenokuzibuza, ‘Ndingakwazi njani ukuba nobubele nokuthetha kakuhle xa umntu ephikisa izinto endizikholelwayo?’ Yintoni eza kukunceda? Kukululama. Umntu olulamileyo akakhawulezi acaphuke, kodwa uyazibamba xa kukho into emcaphukisayo okanye angaqinisekanga ukuba uza kuyiphendula njani. (IMize. 16:32) Kodwa usenokuthi ayikho lula ke loo nto. Unokwenza ntoni ukuze ululame? Yintoni enokukwenza uzole xa umntu ephikisa izinto ozikholelwayo? Ukuba ungumzali unokubanceda njani abantwana bakho bakwazi ukuthethelela izinto abazikholelwayo bezolile? Makhe sibone.

SINOKWENZA NTONI UKUZE SILULAME?

3. Kutheni sinokuthi umntu olulamileyo akalogwala, womelele? (2 Timoti 2:24, 25)

3 Umntu olulamileyo akalogwala, womelele. Kuye kufuneke loo nto ukuze ahlale ezolile xa kunzima. Ukululama lolunye uphawu ‘lwesiqhamo somoya.’ (Gal. 5:22, 23) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukululama” belidla ngokusetyenziswa xa kuchazwa ihashe ebelindlongondlongo laza lenziwa lazola. Khawube nombono welo hashe, ngoxa lizolile lisenawo wona amandla. Thina singakwazi njani ukomelela ngoxa silulamile? Loo nto asinakukwazi ukuyenza ngamandla ethu. Kufuneka sicele uThixo asincede ngomoya wakhe sibe nolu phawu luthandekayo. Baninzi abantu abaye bafunda ukululama. Ngokomzekelo, abazalwana noodade abaninzi baye bakwazi ukuhlala bezolile xa abantu bezama ukuphikisa izinto abazithethayo. Loo nto yenze abanye abantu bathetha kakuhle ngamaNgqina. (Funda u-2 Timoti 2:24, 25.) Unokwenza ntoni ukuze ukululama kube yenye yezinto obalasele ngazo?

4. Yintoni esiyifundayo kwindlela awayelulame ngayo uIsake?

4 Maninzi amabali aseBhayibhileni abonisa indlela ekubaluleke ngayo ukululama. Ngokomzekelo, makhe sithethe ngebali likaIsake. Xa wayehlala eGera ekumhlaba wamaFilisti, abamelwane bakhe ababenomona bawavala amaqula awombiwa zizicaka zikatata wakhe. Kunokuba alwe, wemka kunye nentsapho yakhe baya kuhlala kwenye indawo. Nalapho wafika wemba amanye amaqula. (Gen. 26:12-18) Kodwa amaFilisti athi naloo manzi ngawawo. Sekunjalo uIsake wazola. (Gen. 26:19-25) Wancedwa yintoni ukuze ahlale ezolile ngoxa aba bantu babebonakala ngathi bazimisele ukumcaphukisa? Ngokuqinisekileyo wafunda kubazali bakhe. Kaloku uAbraham wayenoxolo, kanti yena uSara ‘wayezolile futhi elulamile.’​—1 Pet. 3:4-6; Gen. 21:22-34.

5. Ngowuphi umzekelo obonisa ukuba abazali abangamaKristu banokubafundisa abantwana babo indlela ekubaluleke ngayo ukululama?

5 Bazali abangamaKristu, qinisekani ukuba nani ningakwazi ukubafundisa indlela ekubaluleke ngayo ukululama abantwana benu. Khawuve ukuba kwenzeka ntoni kuMaxence ona-17. Abantu awayefunda nabo nawayeshumayela kubo yayingabantu abahlala benomsindo. Abazali bakhe bamfundisa ukululama. Bathi, “Ngoku uMaxence uyaqonda ukuba xa ucatshukiswa kufuneka uzame ngamandla ukuzibamba kunokuba ucaphuke okanye ufune ukulwa.” Okuviyisayo kukuba uMaxence uye waba ngumntu olulamileyo.

6. Umthandazo unokusinceda njani sibe nalo kakhulu uphawu lokululama?

6 Yintoni esinokuyenza xa abantu bethetha izinto ezisicaphukisayo, mhlawumbi bethetha kakubi ngegama likaThixo wethu okanye behlekisa ngeBhayibhile? Simele sicele uYehova asiphe umoya wakhe nobulumko ukuze sikwazi ukubaphendula sizolile. Siza kuthini xa siye sabona ukuba asiphendulanga ngendlela ebesimele siphendule ngayo? Sinokuphinda sithandaze size sicinge ngendlela ebhetele esinokuphendula ngayo kwixesha elizayo. Ngoko uYehova uza kusipha umoya wakhe oyingcwele ukuze usincede silulame, singakhawulezi ukucaphuka.

7. Ukuzazi ngentloko ezinye iZibhalo kunokusinceda njani xa kunzima ukuba siphendule sizolile? (IMizekeliso 15:1, 18)

7 Zininzi iivesi zeBhayibhile ezinokusinceda sithethe kakuhle xa kukho into eyenza kube nzima ukuba siphendule sizolile. Umoya kaThixo unokusikhumbuza ezo vesi. (Yoh. 14:26) Ngokomzekelo, imigaqo ekwincwadi yeMizekeliso inokusinceda sizole. (Funda iMizekeliso 15:1, 18.) Le ncwadi ibonisa nendlela okunceda ngayo ukukwazi ukuzibamba xa kukho into esikhathazayo.​—IMize. 10:19; 17:27; 21:23; 25:15.

UKUBA NENGQIQO KUSINCEDA SIZOLE

8. Kutheni kufuneka siyiqonde into esenokwenza umntu asibuze imibuzo?

8 Enye into enokusinceda kukuba nengqiqo. (IMize. 19:11) Umntu osebenzisa ingqondo uyazibamba xa ebuzwa ngezinto azikholelwayo. Amaxesha amaninzi xa abantu besibuza imibuzo abasixeleli esona sizathu sibenza babuze. Ngoko ngaphambi kokuba siphendule, kubalulekile ukuqonda ukuba sisenokungasazi isizathu sokuba umntu abuze loo nto ayibuzayo.​—IMize. 16:23.

9. UGidiyon wayibonisa njani ingqiqo nokululama xa wayethetha namadoda akwaEfrayim?

9 Cinga ngento eyenziwa nguGidiyon kumadoda akwaEfrayim. Enomsindo, ambuza ukuba kutheni engawabizanga xa ebeyokulwa neentshaba zamaSirayeli. Sasiyintoni isizathu sokuba abe nomsindo? Mhlawumbi ayecinga ukuba khange awabonele ntweni. Nokuba sasiyintoni isizathu, uGidiyon waba nengqiqo, wazama ukuqonda isizathu sokuba abe nomsindo, waza wawaphendula ezolile. Kwenzeka ntoni? IBhayibhile isixelela ukuba watsho “wehla umsindo wawo.”​—ABagwe. 8:1-3.

10. Yintoni eza kusinceda siyazi indlela yokuphendula umntu osibuza ngezinto esizikholelwayo? (1 Petros 3:15)

10 Mhlawumbi umntu esifunda okanye esisebenza naye unosikubuza ukuba kutheni siziphethe ngale ndlela siziphethe ngayo. Siza kuzama ngamandla ukumcacisela ukuba sikholelwa ukuba izinto ezithethwa yiBhayibhile zezona sifanele sizenze, kodwa kwangaxeshanye sibonise ukuba siyayihlonipha indlela yena acinga ngayo. (Funda u-1 Petros 3:15.) Kudla ngokunceda ukucinga ukuba umbuzo wakhe usenza siyiqonde into ebalulekileyo kuye kunokuba sicinge ukuba ubuza kuba efuna ukusigxeka. Nokuba siyintoni isizathu sokuba asibuze, kufuneka simphendule sizolile futhi sinobubele. Impendulo yethu isenokumenza aphinde acingisise ngendlela ebezibona ngayo izinto. Nokuba indlela abuza ngayo ivakala ikrwada okanye inempoxo, thina sifuna ukuba nobubele xa simphendula.​—Roma 12:17.

Xa uqale wacinga ngezizathu zokuba umntu akumemele kwipati yomhla wokuzalwa, unokumphendula kakuhle (Jonga isiqendu 11-12))

11-12. (a) Yintoni esimele siyicinge ngaphambi kokuba siphendule umbuzo wento abadla ngokuphikisana ngayo abantu? (Jonga nomfanekiso.) (b) Yenza umzekelo obonisa indlela umbuzo womntu onokukunceda ngayo uncokole naye kamnandi.

11 Ngokomzekelo, ukuba umntu esisebenza naye uyasibuza ukuba kutheni singayibhiyozeli imihla yokuzalwa, nantsi into emasiyicinge: Ngaba mhlawumbi ufuna ukwazi ukuba sivumelekile na thina ukuba sikhe sonwabe? Okanye ngaba unexhala lokuba sinokungavani nabantu esisebenza nabo kuba singayibhiyozeli imihla yokuzalwa? Sisenokuqala simncome ngokuba efuna wonke umntu onwabe emsebenzini, size simqinisekise ukuba yinto esiyifunayo nathi leyo. Loo nto inokusenza sincokole naye kamnandi ngento ethethwa yiBhayibhile ngemihla yokuzalwa.

12 Sinokwenza into efanayo naxa kukho umntu osibuza ngezinto abathand’ ukuphikisana ngazo abantu. Umntu esifunda naye usenokuthi amaNgqina KaYehova afanele ayitshintshe indlela akujonga ngayo ukuthandana kwendoda nenye indoda nokuthandana komfazi nomnye umfazi. Ngaba loo nto uyithethiswa kukuba engayiqondi kakuhle into ayikholelwayo amaNgqina KaYehova? Okanye ngaba umhlobo wakhe okanye umntu azalana naye oyindoda uthandana nenye indoda okanye ongumfazi uthandana nomnye umfazi? Ngaba ucinga ukuba siyabacaphukela aba bantu? Simele simenze aqiniseke ukuba sibathanda bonke abantu, futhi siyayiqonda into yokuba wonke umntu umele azikhethele indlela afuna ukuphila ngayo. b (1 Pet. 2:17) Emva koko singamxelela into ethethwa yiBhayibhile nendlela esincedakala ngayo kuba siyenza.

13. Unokumnceda njani umntu othi bubudenge ukukholelwa kuThixo?

13 Xa sithetha nomntu ongafuni tu ukuvumelana nento esiyithethayo, masingakhawulezi sicinge ukuba siyayazi into ayikholelwayo. (Tito 3:2) Ngokomzekelo, masithi umntwana ofunda naye uthi bubudenge ukukholelwa kuThixo, ngaba ufanele ucinge ukuba ukholelwa ukuba izinto zazivelela, futhi wazi kakhulu ngaloo nto? Kungenzeka ukuba uthetha njee into adla ngokuyiva ithethwa. Endaweni yokuphikisana naye ngesayensi, usenokumnika into eza kumenza acinge. Mhlawumbi ungamcela afunde inqaku okanye abukele ividiyo ku-jw.org/xh. Ekuhambeni kwexesha usenokuba nomdla wokuncokola ngenqaku okanye ngevidiyo aye wayibukela. Indlela esimphendula ngayo ebonisa ukuba siyamhlonipha inokumenza aphinde acingisise kakuhle ngento ayikholelwayo.

14. UNiall wayisebenzisa njani iwebhsayithi yethu ukuze umntwana afunda naye ukuba abanye abantu abathethi nyani ngamaNgqina KaYehova?

14 UNiall oneminyaka engaphezu kweyi-12 wasebenzisa iwebhsayithi yethu ukuze abonise ukuba abanye abantu abathethi nyani ngamaNgqina KaYehova. Uthi, “Omnye umntwana endifunda naye wayesoloko endixelela ukuba andikholelwa kwisayensi kuba ndithemba incwadi yeentsomi kunezinto eziyinyani.” Xa lo mntwana wayengamvumeli ukuba amcacisele izinto azikholelwayo, uNiall wathi makaye ku-jw. org kwindawo ethi “Isayensi NeBhayibhile.” Ekuhambeni kwexesha uNiall waqaphela ukuba lo mntwana uzifundile izinto eziku-jw. org futhi unomdla wokuncokola ngendlela obaqala ngayo ubomi. Kunokwenzeka loo nto nakuwe.

LUNGISELELANI NABANTWANA BENU

15. Abazali banokubanceda njani abantwana babo bakwazi ukubaphendula bezolile abantwana ababaphikisa ngezinto abazikholelwayo?

15 Abazali banokubafundisa abantwana babo indlela yokuphendula bezolile xa kuphikiswa izinto abazikholelwayo. (Yak. 3:13) Kunqulo lwentsapho abanye abazali baye bakhethe imixholo yezinto abantwana babo abanokubuzwa ngazo esikolweni, bathethe ngayo baze benze umboniso wendlela abanokuphendula ngayo. Baye babafundise nendlela yokuthetha kakuhle bezolile.​—Jonga ibhokisi ethi “ Ukuprekthiza Kunokuyinceda Intsapho Yakho.”

16-17. Ukulungiselela niyintsapho kunokubanceda njani abantu abasebatsha?

16 Ukulungiselela kunokubanceda abantwana abangamaKristu nabo baqiniseke ngezinto abazikholelwayo, baze bakwazi ukucacisela abanye ngazo. Amanqaku aku-jw.org athi “Ulutsha Luyabuza” anendawo ethi “amaphepha onokubhala kuwo.” Ezi ndawo zenzelwe ukuba ulutsha luqiniseke ngezinto oluzikholelwayo nokuba lukwazi ukubhala indlela oluza kubaphendula ngayo ngamazwi alo abantwana abalubuzayo. Xa la manqaku siwafunda siziintsapho, sinokufunda indlela yokuluthethelela kakuhle ukholo lwethu, sizolile.

17 Umfana onguMatthew uchaza indlela ancedakala ngayo xa belungiselela beyintsapho. Enye into yena nabazali bakhe abadla ngokuyenza kunqulo lwentsapho kukuphanda ngemixholo yezinto ekusenokuthethwa ngazo eklasini. Uthi: “Siye sicinge ngemibuzo esenokubuzwa size siprekthize indlela esinokuphendula ngayo sisebenzisa izinto esiziphandileyo. Xa ndizazi kakuhle izizathu zezinto endizikholelwayo, ndiyazithemba, kube lula nokuthetha nabanye ndizolile.”

18. Ngokutsho kwamaKolose 4:6 yintoni ebalulekileyo xa uthetha nomntu?

18 Nokuba sizicacisa kakuhle kangakanani izinto esizikholelwayo, ayingabo bonke abantu abaza kuzamkela. Kodwa ukuyicingisisa kakuhle into esiza kuyithetha nokuzola kunokusinceda. (Funda amaKolose 4:6.) Ukuxelela abantu ngezinto esizikholelwayo sinokukufanisa nokubaphosela ibhola. Sinokuyiphosa kakuhle okanye siyigibisele ngamandla. Xa siyiphosa kakuhle, umntu esidlala naye unokuyibamba aze aqhubeke edlala. Kunjalo ke naxa sincokola nabantu. Xa siyicingisise kakuhle into esiza kuyithetha size sizole, basenokuba nomdla wokusimamela, size siqhubeke sincokola nabo. Ukuba umntu uzimisele ukusiphikisa okanye ukuhlekisa ngathi, akunyanzelekanga ukuba siqhubeke naloo ncoko. (IMize. 26:4) Kodwa awunakufane ubafumane abantu abanjalo; mhlawumbi unokufumana abaninzi abanokukumamela.

19. Yintoni emele isenze sizole xa sithethelela izinto esizikholelwayo?

19 Kucacile ukuba kusinceda kakhulu ukululama. Cela uYehova akuncede uhlale uzolile xa uphendula imibuzo abadla ngokuphikisana ngayo abantu okanye ugxekwa. Khumbula kaloku, ukuzola kunokukwenza ungaphikisani nomntu nokuba izinto aniziboni ngendlela afanayo. Xa uphendula uzolile, ubonisa nokuba uyabahlonipha abantu othetha nabo, basenokuyitshintsha indlela abacinga ngayo ngathi nangeenyaniso esizeBhayibhileni. ‘Hlala ukulungele ukuzithethelela’ izinto ozikholelwayo, ‘uyenze loo nto ngomoya ophantsi nangembeko.’ (1 Pet. 3:15) Ngoko kubaluleke nyhani ukululama.

INGOMA 88 Ndazise Iindlela Zakho

a Eli nqaku lisicebisa ngendlela esinokuzithethelela ngayo izinto esizikholelwayo sizolile xa abantu besiphikisa.

b Ukuze ufumane amanye amacebiso jonga inqaku elithi “Ithini IBhayibhile Ngobufanasini?elikuVukani! No. 4 2016.

c Unokufumana amacebiso aza kukunceda ku-jw.org/xh kumanqaku athi “Ulutsha Luyabuza” nathi “Imibuzo Abantu Abaqhele Ukuyibuza NgamaNgqina KaYehova.”