INQAKU ELIFUNDWAYO 38
INGOMA 25 Ngabakho Yehova
Ngaba Uzihoyile Izilumkiso?
‘Enye iza kuthathwa ize enye ishiywe.’ —MAT. 24:40.
SIZA KUTHETHA NGANTONI?
Ngemizekelo emithathu kaYesu, size sibone ukuba idibana njani nendlela ekuza kugwetywa ngayo xa kutshatyalaliswa eli hlabathi.
1. Yintoni asele eza kuyenza uYesu?
ZINKULU izinto eziza kwenzeka kweli xesha siphila kulo. Kungekudala uYesu uza kugweba bonke abantu abaphilayo. Xa wayethetha ngexesha langaphambi kwalo mgwebo, wachazela abafundi bakhe ngezinto ababeza kubona ngazo ukuba “ukho” nokuba “sekuza kupheliswa ihlabathi.” (Mat. 24:3) Ezo zinto, waprofeta ngazo kuMateyu isahluko 24 no-25, kuMarko isahluko 13 nakuLuka isahluko 21.
2. Siza kuthetha ngantoni? Iza kusinceda njani?
2 UYesu wasilumkisa esebenzisa imizekelo emithathu: Umzekelo weegusha neebhokhwe, oweentombi ezizizilumko nezizizidenge, noweetalente. Ngamnye kule mizekelo usinceda sibone ukuba indlela aza kugwetywa ngayo umntu ixhomekeke kwizinto azenzayo. Njengoko siza kuthetha ngayo, masibone ukuba isifundisa ntoni, nokuba singayenza njani loo nto isifundisa yona. Siza kuqala sithethe ngoweegusha neebhokhwe.
IIGUSHA NEEBHOKHWE
3. UYesu uza kubagweba nini abantu?
3 Kumzekelo weegusha neebhokhwe uYesu wathi indlela aza kubagweba ngayo abantu iza kuxhomekeka kwinto abayenzileyo emva kokuba beve iindaba ezilungileyo, nasekubeni baye babanceda na abathanjiswa. (Mat. 25:31-46) Uza kubagweba ngexesha “lentlungu engathethekiyo” kanye ngaphambi kokuba kufike iArmagedon. (Mat. 24:21) Kanye njengokuba umalusi esahlula iigusha ezibhokhweni, uYesu uza kwahlula abo baye babanceda ngokunyanisekileyo abalandeli bakhe abathanjisiweyo kwabo bangayenzanga loo nto.
4. Ngokutsho kukaIsaya 11:3, 4, kutheni sinokuqiniseka ukuba uYesu uza kubagweba ngokubulungisa abantu? (Jonga ongaphandle.)
4 Isiprofeto seBhayibhile sibonisa ukuba uYesu onguMgwebi omiselwe nguYehova, uza kugweba ngobulungisa. (Funda uIsaya 11:3, 4.) Ujonga indlela abantu abaziphethe ngayo, abacinga ngayo nabathetha ngayo; nendlela ababaphatha ngayo abazalwana bakhe abathanjisiweyo. (Mat. 12:36, 37; 25:40) Uza kubazi abantu abaye baxhasa abathanjiswa nomsebenzi wabo. a Enye yezona ndlela zibalulekileyo ababaxhasa ngazo kukubancedisa kumsebenzi wokushumayela. Abantu abayenzayo le nto, uYesu uza kuthi ‘ngamalungisa’ baze bafumane “ubomi obungunaphakade” apha emhlabeni. (Mat. 25:46; ISityhi. 7:16, 17) Uvuyisa nyhani lo mvuzo baza kuwufumana abantu abahlala bethembekile kuYehova! Ukuba bahlala benjalo ngexesha lentlungu engathethekiyo nasemva kwayo, amagama abo awazukucinywa “encwadini yobomi.”—ISityhi. 20:15.
5. Sifunda ntoni kumzekelo weegusha neebhokhwe? Ngoobani abanokuncedakala kuwo?
5 Thembeka, unyaniseke. Abona bantu kuthethwa ngabo kumzekelo weegusha neebhokhwe ngabo banethemba lokuphila emhlabeni. Ukholo lwabo balubonisa ngokuncedisa abazalwana bakaKristu kumsebenzi wokushumayela, nangokuthobela izinto abazixelelwa likhoboka elithembekileyo neliyingqondi. (Mat. 24:45) Nabo banethemba lokuphila ezulwini bamele basihoye isilumkiso esikulo mzekelo. Ngoba? Kaloku uYesu uyijongile indlela abaziphethe ngayo, abacinga ngayo, nezinto abazithethayo. Nabo bamele bathembeke. Ikhona ke neminye imizekelo emibini elumkisa abathanjiswa awayenzayo uYesu. Nayo ikuMateyu isahluko 25. Ngoku makhe sithethe ngomzekelo weentombi ezizizilumko nezizizidenge ezingazange zalala nandoda.
IINTOMBI EZIZIZIDENGE NEZIZIZILUMKO
6. Iintombi eziyi-5 zabonisa njani ukuba zilumkile? (Mateyu 25:6-10)
6 Kumzekelo weentombi ezingazange zalala nandoda, uYesu uthetha ngeentombi eziyi-10 ezayokukhawulela umyeni. (Mat. 25:1-4) Zonke zazifuna ukuba kunye nomyeni kwitheko lomtshato wakhe. UYesu wathi eziyi-5 “zizizilumko,” kanti ezinye eziyi-5 “zizizidenge.” Ezizizilumko zazithe qwa, zikulungele ukufika komyeni. Zazilungele nokuhlala zimlindile, nokuba angafika ebusuku kakhulu. Ngoko zaphatha izibane ukuze zikhanyise. Zada zaphatha nenye ioli ukwenzela xa umyeni enokulibazisa. Zazikulungele ukugcina izibane zazo zivutha. (Funda uMateyu 25:6-10.) Akufika umyeni zangena naye kwitheko lomtshato. Ngendlela efanayo ke, amaKristu athanjisiweyo aye ahlala elumkile futhi ethembekile de kwafika uKristu, aza kukufanelekela ukungena naye kuBukumkani bamazulu. b (ISityhi. 7:1-3) Kwenzeka ntoni kwiintombi eziyi-5 ezizizidenge?
7. Kwenzeka ntoni kwiintombi eziyi-5 ezizizidenge? Kwakutheni?
7 Iintombi eziyi-5 ezizizidenge zazingafani neentombi ezizizilumko, kuba umyeni wafika zona zingamlindelanga. Izibane zazo zaziza kucima, zabe zingayithenganga ioli. Zathi zakuva ukuba umyeni uyeza, kwafuneka ziye kuyithenga. Umyeni wafika zingekabuyi. Ngelo xesha “iintombi ezazisele zilungisile zangena naye kwitheko lomtshato, waza wavalwa umnyango.” (Mat. 25:10) Ukubuya kwazo iintombi ezizizidenge, zathi xa zifuna ukungena umyeni wathi kuzo: “Andinazi.” (Mat. 25:11, 12) Ezo ntombi zazingakulungelanga ukumlinda de afike umyeni. Banokufunda ntoni abathanjiswa kulo mzekelo?
8-9. Yintoni abayifundayo abathanjiswa kumzekelo weentombi ezingazange zalala nandoda? (Jonga nomfanekiso.)
8 Hlala ulungile uze ulumke. UYesu wayengathi kuza kubakho abathanjiswa abakulungeleyo ukulinda isiphelo sehlabathi, kubekho nabangakulungelanga. Wayechaza into eyayinokwenzeka xa abathanjiswa beye abakulungela ukunyamezela de kube sekupheleni. Babengazukuwufumana umvuzo wabo. (Yoh. 14:3, 4) Ibaluleke kakhulu ke loo nto kuba nokuba sinethemba lokuphila ezulwini okanye emhlabeni, sonke simele sisihoye isilumkiso esikumzekelo weentombi ezingazange zalala nandoda. Sonke kufuneka sihlale silumkile, sikulungele ukunyamezela kude kube sekupheleni.—Mat. 24:13.
9 Emva kokwenza umzekelo weentombi ezingazange zalala nandoda, obonisa indlela ekubaluleke ngayo ukuhlala silungile futhi silumkile, uYesu wenza umzekelo weetalente. Kuwo sinokufunda indlela ekubaluleke ngayo ukukhuthala.
IITALENTE
10. Amakhoboka amabini athembeka njani kwinkosi yawo? (Mateyu 25:19-23)
10 Kumzekelo weetalente uYesu wathetha ngamakhoboka amabini awathembekayo kwinkosi yawo nekhoboka elinye elingazange lithembeke. (Mat. 25:14-18) La makhoboka mabini athembeka kwinkosi yawo kuba asebenza nzima ukuze ayenzele imali eninzi. Ngaphambi kokuba iye kwelinye ilizwe yawanika iitalente ezaziyimali eninzi. Amakhoboka amabini athembekileyo ayekhuthele, futhi ayisebenzisa kakuhle loo mali. Kwenzeka ntoni? Inkosi yawo yafika sele eyiphinde kabini imali eyayiwashiye nayo. Yawancoma, yaza “yonwaba” nawo. (Funda uMateyu 25:19-23.) Lenza ntoni lona ikhoboka lesithathu ngemali elaliyinikwe yinkosi yalo?
11. Kwenzeka ntoni kwikhoboka ‘elilivila’? Kwakutheni?
11 Ikhoboka lesithathu lafumana italente enye, kodwa ‘lalilivila.’ Inkosi yalo yayilindele ukuba liyisebenzise kakuhle. Kodwa lona layifihla phantsi komhlaba. Ukubuya kwenkosi yalo, layinika kwala talente yayilinike yona. Yayingafanelekanga indlela elalicinga ngayo. Kunokuba licele uxolo ngokuba lingayenzelanga mali inkosi yalo, lavele lathi ‘ingumntu ongqongqo.’ Zange liyivuyise inkosi yalo. Naloo talente laliyinikiwe yoxuthwa, laza lagxothwa endlini yenkosi yalo.—Mat. 25:24, 26-30.
12. Amakhoboka amabini athembekileyo amela oobani?
12 Amakhoboka amabini athembekileyo amela abathanjiswa abathembekileyo. INkosi uYesu iyabamema ukuba ‘bonwabe nayo.’ Bafumana umvuzo wokuphila ezulwini, uvuko lokuqala. (Mat. 25:21, 23; ISityhi. 20:5b) Wona umzekelo wekhoboka elilivila usisilumkiso kubathanjiswa. Njani?
13-14. Yintoni abayifundayo abathanjiswa kumzekelo weetalente? (Jonga nomfanekiso.)
13 Khuthala. Njengakumzekelo weentombi ezingazange zalala nandoda, kumzekelo weetalente uYesu wayengathethi kuthi abathanjiswa babeza kuba ngamavila. Wayethetha ngento eyayinokwenzeka xa babenokuyeka ukukhuthala. ‘Babengazukukufanelekela ukubizwa nokukhethwa kwabo,’ baze bangavunyelwa ukuba bangene kuBukumkani bamazulu.—2 Pet. 1:10.
14 Imizekelo emibini kaYesu, oweentombi ezingazange zalala nandoda noweetalente, yenza kucace ukuba onke amaKristu athanjisiweyo amele ahlale elungile, elumkile futhi ekhuthele. Ngaba ikhona enye into eyathethwa nguYesu esisilumkiso kubathanjiswa? Ikhona. Kaloku nento awayithethayo kuMateyu 24:40, 41 ibonisa indlela abaza kugwetywa ngayo abathanjiswa.
NGUBANI OZA ‘KUTHATHWA’?
15-16. UMateyu 24:40, 41 ubanceda njani abathanjiswa babone ukuba kufuneka bahlale bethe qwa?
15 Ngaphambi kokuba enze imizekelo emithathu, uYesu wachaza indlela ababeza kugwetywa ngayo abathanjiswa neyayiza kubonisa ukuba ngabaphi abaye bayivuyisa inkosi yabo. Wathetha ngamadoda amabini awayesebenza entsimini nabafazi ababini ababeguba. Kuyabonakala ukuba amadoda enza umsebenzi ofanayo, nabafazi ngokunjalo. UYesu uthi ‘omnye uza kuthathwa aze omnye ashiywe.’ (Funda uMateyu 24:40, 41.) Emva koko ulumkisa abalandeli bakhe esithi: “Hlalani nithe qwa, kuba aniyazi imini eza ngayo iNkosi yenu.” (Mat. 24:42) UYesu wathetha into efanayo nasemva kokuba ethethe ngomzekelo weentombi ezingazange zalala nandoda. (Mat. 25:13) Ngaba ezi zinto ziyadibana? Kubonakala njalo. NgamaKristu athanjiswe nyhani nathembekileyo aza ‘kuthathwa’ aze amkelwe nguYesu kuBukumkani basezulwini.—Yoh. 14:3.
16 Yithi qwa. Nabani na ongumthanjiswa akazukuqokelelwa ‘nabakhethiweyo’ ukuba akahlalanga ethe qwa. (Mat. 24:31) Amazwi kaYesu alumkisa bonke abantu bakaThixo, nokuba banethemba lokuphila phi, ukuba bahlale bethe qwa futhi bethembekile.
17. Kutheni ingafanele isikhathaze into yokuba uYehova ukhetha ukubathambisa nini ngomoya wakhe oyingcwele abanye abantu?
17 Ekubeni siye samazi kakuhle uYehova, siyayithemba indlela agweba ngayo. Ayisikhathazi into yokuba uYehova eye wakhetha ukuthambisa abanye abantu abathembekileyo kule minyaka idlulileyo. c Khumbula into eyathethwa nguYesu ngabantu abaqala ukusebenza malunga nentsimbi yesihlanu emva kwemini kumzekelo wakhe wentsimi yeediliya. (Mat. 20:1-16) Abo baqala ukusebenza emva kwemini bafumana umvuzo ofanayo nowabo baqala ekuseni. Ngokufanayo ke, nokuba bakhethwe nini abathanjiswa, ukuba bahlala bethembekile baza kuwufumana umvuzo wokuphila ezulwini.
ZIHOYE IZILUMKISO
18-19. Ziintoni esizifundileyo kwimizekelo kaYesu?
18 Sifunde ntoni? Umzekelo weegusha neebhokhwe ubonisa abantu abanethemba lokuphila ngonaphakade emhlabeni indlela ekubaluleke ngayo ukuba bahlale bethembekile futhi benyanisekile kuYehova ngoku, nangexesha lentlungu engathethekiyo. Kwixesha elizayo uYesu uza kugweba abantu abathembekileyo aze ababone bekufanelekela ukufumana “ubomi obungunaphakade.”—Mat. 25:46.
19 Sithethe nangemizekelo emibini elumkisa abathanjiswa. Kumzekelo kaYesu weentombi ezizizilumko nezizizidenge, eziyi-5 kuzo zabonisa ukuba zilumkile. Zahlala zilumkile futhi zikulungele ukumlinda umyeni ade afike, nokuba zaziza kulinda ixesha elide kangakanani. Kodwa ezizizidenge zazingazilungiselelanga, ngoko umyeni zange azivumele ukuba zingene kwitheko lomtshato. Nathi simele sikulungele ukulinda de uYesu atshabalalise eli hlabathi, nokuba silinde ixesha elide kangakanani. Nakumzekelo weetalente sifunde ngamakhoboka amabini athembekileyo awayekhuthele. Ayisebenzela nzima inkosi yawo yaza yawathanda. Kodwa yaligxotha ikhoboka elilivila. Sifunda ntoni? Simele sihlale sixakeke ngumsebenzi kaYehova de kube sekupheleni. Ekugqibeleni sifunde indlela abathanjiswa abamele bahlale bethe qwa ngayo ukuze uYesu abathathe, baye kufumana umvuzo wabo wasezulwini. Bakujonge ngamehlo abomvu ‘ukuqokelelelwa’ kuYesu ezulwini. Emva kwemfazwe yeArmagedon baza kuba ngumtshakazi kaYesu kumtshato weMvana.—2 Tes. 2:1; ISityhi. 19:9.
20. Yintoni aza kuyenza uYehova kwabo bazihoyayo izilumkiso zakhe?
20 Ngoxa umgwebo usiya usondela kakhulu, asinasizathu sokoyika. Ukuba sihlala sithembekile, uTata wethu osezulwini osithandayo uza kusinika ‘amandla angaqhelekanga’ ukuze sisinde, ‘sikwazi nokuma phambi koNyana womntu.’ (2 Kor. 4:7; Luka 21:36) Nokuba sinethemba lokuphila ezulwini okanye emhlabeni, siza kumvuyisa uTata wethu ukuba siyazihoya izilumkiso ezikwimizekelo kaYesu. Ngenxa yobubele bukaYehova, amagama ethu aza ‘kufunyanwa ebhaliwe encwadini’ yobomi.—Dan. 12:1; ISityhi. 3:5.
INGOMA 26 Nakwenzela Mna
a Jonga inqaku elithi “Yintoni Esiyaziyo Ngendlela UYehova Aza Kugweba Ngayo?” kwiMboniselo kaMeyi 2024.
b Ukuze wazi nezinye izinto, jonga inqaku elithi “Ngaba Uza ‘Kuhlala Ulindile’?” kwiMboniselo kaMatshi 15, 2015.
d INGCACISO YEMIFANEKISO : Udade othanjisiweyo uqhubela ibhinqa eliselitsha alifumene entsimini isifundo.