Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 39

INGOMA 125 “Bonwabile Abo Banenceba!”

Xa Usipha, Uza Kuvuya Kakhulu

Xa Usipha, Uza Kuvuya Kakhulu

“Kuvuyisa kakhulu ukupha kunokuphiwa.” ​—IZE. 20:35.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Ngeendlela esinokubapha ngazo abanye nangesizathu sokuba loo nto isenza sivuye.

1-2. Isinceda njani into yokuba uYehova esidale ngendlela yokuba sivuyiswe kukupha kunokuphiwa?

 INDLELA uYehova abadale ngayo abantu kukuba bavuyiswe kukupha kunokuphiwa. (IZe. 20:35) Ngaba le nto ithetha ukuba asivuyi tu xa siphiwa? Ayithethi loo nto. Siyazi apha kuthi indlela ekuba mnandi ngayo xa kukho into esiyiphiweyo. Sekunjalo, sivuya kakhulu xa isithi abaphayo. Xa sithetha inyani, uYehova usincedile ngokusidala ngale ndlela. Ngoba?

2 Le ndlela uYehova asidale ngayo isenza sikwazi ukuzenzela iindlela zokuba sivuye kakhulu. Sinokuvuya kakhulu xa sinokucinga ngezinto ezintle esinokuzenzela abanye, size sizenze. Imangalisa nyhani le ndlela uYehova asidale ngayo.​—INdu. 139:14.

3. Kutheni kunokuthiwa uYehova ‘nguThixo owonwabileyo’?

3 IZibhalo zisenza siqiniseke ukuba ukupha kusenza sivuye. Ngoko ayisothusi into yokuba iBhayibhile isithi uYehova ‘nguThixo owonwabileyo.’ (1 Tim. 1:11) Waba ngowokuqala ukupha futhi akakho umntu opha njengaye. Umpostile uPawulos wathi “ngenxa yakhe sinobomi, siyashukuma yaye sikho.” (IZe. 17:28) Nyhani, “nasiphi na isipho esihle nesigqibeleleyo” sivela kuYehova.​—Yak. 1:17.

4. Yintoni eza kusinceda sivuye kakhulu?

4 Mhlawumbi sonke singathanda ukuba ukupha kusivuyise kakhulu. Loo nto inokwenzeka xa singabantu abapha njengoYehova. (Efe. 5:1) Njengoko sifunda ngendlela esinokumlinganisa ngayo, siza kubona nokuba sinokwenza ntoni xa sibona ngathi abantu abazibuleli izinto esibenzela zona. Le nto iza kusinceda singayeki ukupha ukuze sihlale sivuya.

YIPHA NJENGOYEHOVA

5. Zeziphi ezinye izinto uYehova asipha zona?

5 Zeziphi ezinye iindlela uYehova apha ngazo? Nazi ezimbalwa. UYehova usipha izinto esizidingayo. Sisenokungasoloko siphila kamnandi, kodwa uYehova uyaqiniseka ukuba sinazo izinto esizidingayo. Ngokomzekelo, uyaqiniseka ukuba sinokutya, impahla nendawo yokuhlala. (INdu. 4:8; Mat. 6:​31-33; 1 Tim. 6:​6-8) Ngaba uYehova usinika izinto esizidingayo kuba eziva enyanzelekile? Tu ke ngoku! Kutheni ke esenzela ezi zinto?

6. Sifunda ntoni kuMateyu 6:​25, 26?

6 Isizathu sokuba uYehova asiphe izinto esizidingayo kukuba uyasithanda. Khawucinge ngento eyathethwa nguYesu kuMateyu 6:​25, 26. (Mfunde.) Wenza imizekelo ngezinto ezidaliweyo. Xa ethetha ngeentaka uthi: “Azityali mbewu, azivuni ibe aziqokeleli kutya koovimba.” Kodwa khawuve into ayithethayo emva koko. Uthi: “Zondliwa nguTata wenu osemazulwini.” Emva koko ubuza lo mbuzo: “Anibalulekanga ngaphezu kwazo na nina?” Yintoni awayefuna ukusifundisa yona? KuYehova, abakhonzi bakhe babaluleke ngaphezu kwezilwanyana azidalileyo. Ukuba ukhathalele izinto ezidingwa zezi zilwanyana, sinokuqiniseka ukuba uza kusinika izinto esizidingayo! Njengotata olukhathaleleyo usapho lwakhe, uYehova uyinika izinto ezidingayo intsapho yakhe kuba uyayithanda.​—INdu. 145:16; Mat. 6:32.

7. Yeyiphi enye indlela esinokupha ngayo njengoYehova? (Jonga nomfanekiso.)

7 Nathi njengoYehova, sinokubapha izinto abazidingayo abanye abantu kuba siyabathanda. Ngokomzekelo, ngaba ukhona umzalwana okanye udade omaziyo odinga ukutya okanye impahla? UYehova unokukusebenzisa ukuze amncede afumane loo nto ayidingayo. Abantu bakaYehova baziwa ngokukhawuleza baye kunceda xa kwehle intlekele. Ngokomzekelo, ngexesha lekhorona abazalwana noodade babesipha abantu izinto abazidingayo, ezifana nokutya, impahla nezinye izinto. Abaninzi babenikela nangemali kumsebenzi owenziwa ehlabathini lonke. Loo minikelo yanceda abazalwana ehlabathini lonke kwizinto ababezidinga ngenxa yokuba babehlelwe yintlekele. Abo bazalwana babesenza into ethethwa kumaHebhere 13:16. Athi: “Sanukulibala ukwenza into elungileyo nokubapha izinto eninazo abanye, kuba uThixo uyayithanda imibingelelo enjalo.”

Sonke singakwazi ukuyilinganisa indlela apha ngayo uYehova (Jonga isiqendu 7)


8. Zeziphi iindlela asinceda ngazo amandla esiwaphiwa nguYehova? (Filipu 2:13)

8 UYehova usipha amandla. UYehova uyakuvuyela ukupha abakhonzi bakhe abathembekileyo amandla. (Funda amaFilipu 2:13.) Ngaba wakha wamcela ukuba akuphe amandla okumelana nesilingo okanye okunyamezela ingxaki? Mhlawumbi wakha wamcela ukuba akuphe amandla okwenza izinto odinga ukuzenza ngolo suku. Xa umthandazo wakho waphendulwayo waziva njengompostile uPawulos owathi: “Ezintweni zonke ndinamandla ngenxa yalowo undinika amandla.”​—Fil. 4:13.

9. Sinokuyilinganisa njani indlela uYehova awasebenzisa ngayo amandla akhe? (Jonga nomfanekiso.)

9 Ngoxa sinesono singakwazi ukulinganisa indlela uYehova awasebenzisa ngayo amandla akhe. Asinakukwazi ukunika abantu amandla esinawo, kodwa singawasebenzisa ukuze sibancede. Ngokomzekelo, sinokuyela umKristu omdala okanye ogulayo evenkileni okanye simncede kwimisebenzi yasendlini. Ukuba iimeko ziyasivumela, sinokuncedisa ekuklineni nasekulungiseni iHolo YoBukumkani. Xa siwasebenzisa ngezi ndlela amandla esinawo, sinceda abanye abakhonzi bakaYehova.

Sinokuwasebenzisa amandla ethu ukuze sincede abanye (Jonga isiqendu 9)


10. Izinto esizithethayo zinokubanceda njani abanye abantu babe namandla?

10 Nantsi enye into omawungayilibali, izinto ozithethayo zinokubanika amandla abanye abantu. Ukhona umntu ocinga ngaye onokutsho akhuthazeke xa umncoma? Ukhona umntu omaziyo odinga ukuthuthuzelwa? Ukuba ukhona, qiniseka ukuba uyayiqonda indlela omkhathalele ngayo. Unokuya kumbona, umfowunele, mhlawumbi umthumelele ikhadi, i-Email okanye umyalezo ngefowuni. Akunyanzelekanga ukuba ucikoze. Kusenokwenzeka ukuba umzalwana okanye udade udinga nje amazwi ambalwa asuka entliziyweni, anokumnceda ukuba ahlale ethembekile ngolo suku okanye azive bhetele kwimeko akuyo.​—IMize. 12:25; Efe. 4:29.

11. UYehova ubusebenzisa ubulumko bakhe?

11 UYehova usipha ubulumko. Umfundi uYakobi wathi: “Nabani na odinga ubulumko, makaqhubeke ebucela kuThixo, ibe uza kumnika, kuba uThixo ubapha kakhulu bonke ababucelayo, engagxeki mntu.” (Yak. 1:5) La mazwi abonisa ukuba uYehova akabugcini kuye ubulumko bakhe. Uyabapha abantu. UYakobi uthi, xa uYehova esipha ubulumko ‘akagxeki mntu.’ Akasenzi sizive sineentloni xa sivuma ukuba sidinga ukukhokelwa nguye. Eyona nto ayifunayo kukuba simcele.​—IMize. 2:​1-6.

12. Ngawaphi amathuba esinawo esinokubonisa ngawo ukuba asibugcini kuthi ubulumko esinabo?

12 Thina, senza ntoni ngobethu ubulumko? Ngaba singafana noYehova, singabugcini kuthi? (INdu. 32:8) Abantu bakaYehova banamathuba amaninzi okufundisa nabanye abantu izinto abazifundileyo. Ngokomzekelo, sidla ngokufundisa abantu abaqalayo ukuya entsimini indlela yokushumayela. Abadala baba nomonde xa befundisa izicaka zolungiselelo nabazalwana ababhaptiziweyo indlela yokwenza imisebenzi yebandla. Abazalwana abawazi kakuhle umsebenzi wokwakha nowokulungisa izakhiwo zentlangano bafundisa abo bangawazi kakuhle.

13. Xa sifundisa abanye abantu, sinokumlinganisa njani uYehova ongabugcini kuye ubulumko bakhe?

13 Xa sifundisa abantu, kufuneka sizame ukulinganisa uYehova. Khumbula kaloku, uYehova akabugcini kuye ubulumko bakhe. Nathi ke sifuna ukubaxelela yonke into esiyaziyo abantu esibafundisayo. Asibafihleli ezinye izinto esizaziyo kuba sisoyika ukuba baza kusogqitha. Asicingi nokuba khange kubekho mntu usifundisileyo thina, nabo mabazibonele. Abamele bacinge ngolo hlobo abantu bakaYehova. Siyakuvuyela ukubafundisa yonke into esiyaziyo abantu, side “sincame nobomi bethu.” (1 Tes. 2:8) Siba nethemba lokuba nabo baza kufaneleka ukuze “bafundise abanye.” (2 Tim. 2:​1, 2) Ukuba sonke asibugcini kuthi ubulumko esinabo, siza kunceda nabanye abantu balumke baze bavuye njengathi.

XA UBONA NGATHI UMNTU AKANAMBULELO

14. Baye benze ntoni abantu abaninzi xa sibenzele into entle?

14 Xa sibenzela izinto ezintle abantu, ngokukodwa abazalwana noodade, baye babonise indlela ababulela ngayo. Basenokusibhalela okanye basibulele ngezinye iindlela. (Kol. 3:15) Loo nto isenza sivuye kakhulu.

15. Yintoni esimele siyikhumbule xa abanye abantu bengayibuleli into esibenzela yona?

15 Xa sithetha inyani, ngamanye amaxesha abanye abantu basenokungasoloko beyibulela into esibenzela yona. Sisenokusebenzisa ixesha, amandla nezinto esinazo ukuze sincede omnye umntu, kodwa sibone ngathi lo mntu akayixabisi into esimenzele yona. Ukuba inokwenzeka loo nto, yintoni esinokuyenza ukuze singayeki ukuvuya okanye singaphoxeki? Khumbula into ethethwa kumbhalo othathwe kuwo umxholo weli nqaku, iZenzo 20:35. Uvuyo lwethu olubangelwa kukupha aluxhomekekanga kwinto eyenziwa nguloo mntu simphayo. Xa sifuna, kunokusivuyisa ukupha nokuba loo mntu simphayo ubonakala engenambulelo. Njani? Makhe sicinge ngezi zinto zimbalwa zinokusenza sivuye.

16. Yintoni esimele siyikhumbule xa sisipha?

16 Khumbula ukuba ulinganisa uYehova. Ubapha izinto ezintle abantu, nokuba bayambulela okanye abambuleli. (Mat. 5:​43-48) Uthembisa ukuba xa nathi sibenzela izinto ezintle abantu, ‘singalindelanga kufumana nto, siza kuvuzwa kakhulu.’ (Luka 6:35) Le “nto” kuthethwa ngayo kule vesi, isenokuba yiyo nantoni na eyenziwa ngumntu ebonisa ukuba uyabulela. Nokuba umntu uyasibulela okanye akasibuleli, uYehova uza kusihlawula ngenxa yezinto ezintle esizenzela abantu, nangokuba ‘ngabantu abapha bevuya.’ ​—IMize. 19:17; 2 Kor. 9:7.

17. Yeyiphi eyona nto ibalulekileyo esenza sifune ukupha? (Luka 14:​12-14)

17 Enye indlela esinokumlinganisa ngayo uYehova kukwenza into eyathethwa nguYesu kuLuka 14:​12-14. (Mfunde.) Akukho rongo ukuba nobubele okanye ukubenzela izinto ezintle abantu abanokwenza into efanayo nakuthi. Kodwa siza kuthini ukuba sibona ngathi sisoloko sisenzela abantu izinto ezintle kuba sinethemba lokuba baza kusenzela nathi? Ukuba kunjalo, masizame ukwenza into eyacetyiswa nguYesu. Sinokupha umntu esimaziyo ukuba akanakukwazi ukusipha nto. Loo nto iza kusivuyisa kuba silinganisa uYehova. Ukucinga ngale ndlela kuza kusinceda sihlale sivuya naxa abanye bengasibuleli ngezinto esibenzele zona.

18. Yintoni esimele silumkele ukuyenza? Ngoba?

18 Sukucinga ukuba abantu abanambulelo. (1 Kor. 13:7) Ukuba abanye abantu abayibuleli into esibenzele yona, sisenokuzibuza: ‘Ngaba kwabona ngabantu abangenambulelo okanye balibele?’ Mhlawumbi zikhona izizathu ezibenze abasibulela ngendlela ebesiyilindele. Kusenokwenzeka ukuba abanye babulela nyhani kodwa abazi ukuba bangayibonisa njani loo nto. Mhlawumbi baneentloni zokuncedwa, ngokukodwa ukuba ibikade ingabo abaneendlela zokunceda abantu. Nokuba siyintoni isizathu, kuba sibathanda abazalwana noodade asizukubacingela kakubi. Siza kuhlala sivuyiswa kukupha.​—Efe. 4:2.

19-20. Kutheni ukuba nomonde kubalulekile xa senzele abantu izinto ezintle? (Jonga nomfanekiso.)

19 Yiba nomonde. Xa uKumkani uSolomon osisilumko wayethetha ngokupha wathi: “Phosa isonka sakho emanzini, kuba uza kuphinda usifumane ekuhambeni kwexesha.” (INtshu. 11:1) La mazwi abonisa ukuba abanye abantu basenokuyibonisa “ekuhambeni kwexesha” into yokuba bayazibulela izinto esibenzela zona. Yiloo nto kanye eyenziwa ngomnye udade.

20 Kwiminyaka emininzi eyadlulayo, inkosikazi yomveleli wesiphaluka yabhalela omnye udade owayesand’ ubhaptizwa ileta eyayimkhuthaza ukuba ahlale ethembekile. Loo dade wayiphendula emva kweminyaka emalunga neyi-8 loo leta, esithi: “Ndizive ndinyanzelekile ukuba ndinibhalele ndize ndinixelele ngendlela ebeniluncedo ngayo kum kwiminyaka edluleyo nakubeni nina ningenakukuqonda ngokwenene oko.” Waqhubeka esithi: “[Into enayibhalayo] kula leta yabonisa uthando lokwenene, kodwa sisibhalo esikuyo esafikelela intliziyo yam, yaye andizange ndisilibale.” a Emva kokuba echaze iingxaki aye wanazo wathi: “Maxa wambi ndandiye ndifune ukuyeka, ukushiya inyaniso, ukubaleka iimbopheleleko​—ndizihlalele nje. Kodwa isibhalo enasibhalayo sayichukumisa intliziyo yam, . . . sandinceda andatyhafa.” Waphinda wathi: “Akukho nanye into kuyo yonke loo minyaka isibhozo eyaye yaba nomphumo onjalo kum.” Khawucinge indlela enoba yavuya ngayo inkosikazi yomveleli xa “ekuhambeni kwexesha” yafumana loo leta. Nathi sinokwenzela umntu into entle aze asibulele emva kwexesha elide siyenzile.

Umntu unokusibulela emva kwexesha elide simenzele into entle (Jonga isiqendu 20) b


21. Kutheni uzimisele ukuqhubeka ulinganisa uYehova ophayo?

21 Njengokuba bekutshiwo ekuqaleni, uYehova usidale ngendlela ekhethekileyo. Ngoxa kumnandi ukuphiwa, siye sivuye kakhulu xa isithi abaphayo. Siyonwaba xa sikwazi ukunceda abazalwana noodade. Siyavuya naxa besibulela ngezinto esibenzela zona. Kodwa nokuba basibulele okanye abasibulelanga, sinokuvuyiswa kukuba senze into elungileyo. Ungaze ulibale ukuba nokuba umpha ntoni umntu, “uYehova unako ukukunika nangaphezulu.” (2 Kron. 25:9) Ngoko asinakukwazi ukupha abantu izinto ezingaphezu kwezo uYehova anokusipha zona. Ayikho into evuyisa njengokufumana umvuzo kuYehova. Ngoko masizimisele ukuqhubeka silinganisa uTata wethu osezulwini ophayo.

INGOMA 17 “Ndiyathanda”

a Isibhalo esasikwileta eyayibhalelwe lo dade yayingu-2 Yohane 8 othi: “Zigadeni ke ukuba ningalahlekani nezinto esizisebenzeleyo, yaye niza kufumana umvuzo opheleleyo.”

b INGCACISO YOMFANEKISO: Kulo mboniso inkosikazi yomveleli wesiphaluka ibhalela udade ileta ekhuthazayo. Kwiminyaka emva koko, ifumana ileta ebulelayo.