Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INQAKU ELIFUNDWAYO 36

INGOMA 89 Mamela, Uthobele Uze Usikelelwe

‘Zenzeni Izinto Ezithethwa LiLizwi LikaThixo’

‘Zenzeni Izinto Ezithethwa LiLizwi LikaThixo’

[Sanukuliva] nje kuphela ilizwi likaThixo, kodwa yenzeni into eliyithethayo.”​—YAK. 1:22.

SIZA KUTHETHA NGANTONI?

Eli nqaku, liza kusinceda singapheleli nje ekufuneni ukulifunda yonke imihla iLizwi LikaThixo, kodwa sicinge ngezinto esizifundayo size sizenze.

1-2. Yintoni eyenza abantu abakhonza uThixo bonwabe? (Yakobi 1:​22-25)

 UYEHOVA noNyana wakhe bafuna sonwabe. Umbhali weNdumiso 119:2 uthi: “Bonwabile abo bagcina izikhumbuzo zakhe, abamfuna ngentliziyo yonke.” Yena uYesu uthi: “Bonwabe kakhulu abo balivayo ilizwi likaThixo baze balithobele!​—Luka 11:28.

2 Abantu abakhonza uYehova bonwabile. Yintoni ebenza bonwabe? Zininzi izizathu, kodwa esinye sezona zibalulekileyo kukuba silifunda yonk’ imihla iLizwi LikaThixo, futhi sizama ngamandla ethu onke ukuzenza izinto esizifunda kulo.​—Funda uYakobi 1:​22-25.

3. Kusinceda njani ukuzenza izinto esizifunda kwiLizwi LikaThixo?

3 Zininzi iindlela esincedakala ngazo xa ‘sizenza izinto ezithethwa lilizwi likaThixo.’ Kaloku siyazi ukuba loo nto ibaluleke kakhulu xa sifuna ukuvuyisa uYehova. Ukumvuyisa kwenza nathi sonwabe. (INtshu. 12:13) Xa sizenza izinto ezikwiLizwi eliphefumlelwe nguThixo, siya sivana neentsapho zethu namanye amaKristu. Mhlawumbi kuye kwanjalo nakuwe. Siye sisinde nakwiingxaki ezininzi abaye babe nazo abantu abangaphili ngendlela kaYehova. Siyavumelana noKumkani uDavide. Kaloku emva kokuba ethethe ngomthetho, imiyalelo nezigwebo zikaYehova, wagqibezela ngala mazwi: “Ekuzithobeleni kukho umvuzo omkhulu.”​—INdu. 19:​7-11.

4. Kutheni kungasoloko kulula ukuzenza izinto ezithethwa LiLizwi LikaThixo?

4 Xa sitheth’ inyani, akusoloko kulula ukuzenza izinto ezithethwa liLizwi LikaThixo. Nangona sixakekile, kufuneka siziphe ixesha lokuyifunda iBhayibhile ukuze siqonde ukuba ziintoni afuna sizenze uYehova. Ngoko makhe sithethe ngezinto ezinokusinceda siyifunde yonk’ imihla. Siza kuthetha nangento enokusinceda sicinge ngezinto esizifundileyo, sibone ukuba sinokuzisebenzisa njani ebomini bethu.

ZIBEKELE IXESHA LOKUFUNDA ILIZWI LIKATHIXO

5. Zeziphi ezinye izinto esixakeke zizo?

5 Abantu abaninzi bakaYehova baxakeke kakhulu. Ixesha lethu elininzi silichitha sisenza izinto ethi iBhayibhile zibalulekile. Ngokomzekelo, abaninzi kuthi bayasebenza ukuze bakwazi ukuzondla, bondle neentsapho zabo. (1 Tim. 5:8) AmaKristu amaninzi ahoye abantu abazalana nawo abagulayo okanye abalupheleyo. Kanti sonke kufuneka siyihoye impilo yethu. Naleyo into ifuna elayo ixesha. Sinayo ke nemisebenzi yebandla ekufuneka siyenzile. Omnye umsebenzi obalulekileyo ekufuneka siwukhuthalele ngowokushumayela. Ekubeni zininzi kangaka izinto ekufuneka uzenze, unokulifumana njani ke ixesha lokuyifunda yonk’ imihla iBhayibhile, ucingisise ngezinto ozifunda kuyo uze uzenze?

6. Yintoni onokuyenza ukuze uqiniseke ukuba uyayifunda iBhayibhile? (Jonga nomfanekiso.)

6 Ukufunda iBhayibhile yenye ‘yezona zinto zibalulekileyo’ kumaKristu, ngoko simele siqiniseke ukuba siyayifunda. (Fil. 1:10) Ekuqaleni kwencwadi yeNdumiso, umdumisi uthetha ngomntu owonwabileyo, esithi: “[Ngothanda] umthetho kaYehova, nofunda umthetho wakhe ngelizwi eliphantsi imini nobusuku.” (INdu. 1:​1, 2) Loo nto ibonisa ukuba simele sizibekele ixesha lokuyifunda iBhayibhile. Leliphi elona xesha sinokuyifunda ngalo? Iimpendulo zethu zisenokungafani. Into ebalulekileyo kukuba umntu azikhethele ixesha eliza kumnceda akwazi ukuyifunda yonk’ imihla. Omye umzalwana onguVictor uthi: “Mna ndithanda ukuyifunda ekuseni iBhayibhile. Andikuthandi kona ukuvuka, kodwa zimbalwa kakhulu izinto ezinokundiphazamisa ekuseni. Ingqondo iba kule nto ndiyifundayo kuba ayikacingi nto ininzi.” Kunjalo nakuwe? Khawuzibuze, ‘Leliphi elona xesha ndinokukwazi ngalo mna ukufunda iBhayibhile?’

Leliphi elona xesha onokuyifunda ngalo iBhayibhile, nelinokukunceda uyifunde yonk’ imihla? (Jonga isiqendu 6)


CINGA NGEZINTO OZIFUNDAYO

7-8. Yintoni enokwenza ingasincedi kangako into esiyifunda eBhayibhileni? Yenza umzekelo.

7 Umntu unokusoloko efunda into eninzi, kodwa angaphumi nanto kuloo nto ayifundayo. Ikhona into owakhe wayifunda kodwa wakhawuleza wayilibala? Yakhe yenzeka loo nto kuthi sonke. Okubuhlungu kukuba, le nto inokwenzeka naxa sifunda iBhayibhile. Sisenokuzexelela ukuba siza kufunda izahluko eziliqela zeBhayibhile suku ngalunye. Intle loo nto, kuba simele sizame ukuzenza izinto esizimisele ukuzenza. (1 Kor. 9:26) Kodwa ukuba sifuna kusincede nyhani ukufunda iBhayibhile, simele singapheleli njee ekuyifundeni.

8 Khawucinge ngalo mzekelo: Izityalo zidinga imvula ukuze zikhule. Kodwa xa ivele yanetha kakhulu, amanzi aba lidama phezu komhlaba zize nezityalo zingancedakali. Kanti xa inethe nje kakuhle, amanzi aye akwazi ukungena emhlabeni, zitsho zikhule izityalo. Ngendlela efanayo ke, simele sikulumkele ukungxama kakhulu xa sifunda iBhayibhile, de singabi nalo nexesha lokucinga ngento esiyifundileyo ukuze siyikhumbule size siyenze.​—Yak. 1:24.

Njengokuba umhlaba udinga ixesha lokufunxa imvula, uze uyisebenzise, nathi sidinga ixesha lokucinga ngezinto esizifunde kwiLizwi LikaThixo, size sizisebenzise (Jonga isiqendu 8)


9. Yintoni esimele siyenze ukuba sikhawulezisa kakhulu xa sifunda iBhayibhile?

9 Ngaba ngamanye amaxesha uye uzibhaqe sowukhawulezisa kakhulu xa ufunda iBhayibhile? Yintoni omele uyenze? Yithi chu. Zama ukucinga ngale nto uyifundayo, okanye ucinge ngayo emva kokuba ugqibile ukufunda. Ayimelanga ibe nzima ke loo nto. Usenokugqiba ekubeni ulandise ixesha ofunda ngayo ukuze ukwazi ukucinga ngento oyifundileyo. Kanti usenokukhetha ukufunda iivesi ezimbalwa, ukuze ixesha elishiyekileyo ulisebenzisele ukucinga ngaloo nto uyifundileyo. UVictor ekukhe kwathethwa ngaye, uthi: “Ndiye ndizame ukungafundi into eninzi, mhlawumbi ndifunde isahluko nje esinye. Ngenxa yokuba ndifunda ekuseni, ndiye ndikwazi ukuhlala ndicinga ngento endiyifundileyo imini yonke.” Nokuba uyifunda njani iBhayibhile, kubalulekile ukuyifunda ngendlela eza kukunceda ukwazi ukucinga ngezinto ozifundileyo.​—INdu. 119:97; jonga ibhokisi ethi: “ Imibuzo Onokuzibuza Yona.”

10. Khawenze umzekelo wendlela onokuzisebenzisa ngayo izinto ozifundayo. (1 Tesalonika 5:​17, 18)

10 Nokuba uyifunda nini iBhayibhile okanye uthatha ixesha elingakanani xa uyifunda, qiniseka ukuba uyacinga ngeendlela onokuzisebenzisa ngazo izinto ozifundileyo kuyo. Xa ufunda iLizwi LikaThixo, zibuze, ‘Le nto ndiyifundayo ndinokuyisebenzisa njani ngoku okanye kwixesha elizayo?’ Masithi ufunda ama-1 Tesalonika 5:​17, 18. (Wafunde.) Emva kokufunda ezi vesi usenokuma kancinci, uzibuze ukuba uthandaza kangaphi, futhi uthandaza ngokusuka entliziyweni na. Unokucinga nangezinto ombulela ngazo uYehova. Mhlawumbi ugqiba ekubeni uza kumbulela ngezinto ezintathu akwenzele zona. Ukuchitha nje imizuzu embalwa ucinga ngezinto ozifunde eBhayibhileni, kuza kukunceda ulive iLizwi LikaThixo uze uzenze izinto elizithethayo. Cinga ngendlela okunokukunceda ngayo ukuyenza yonke imihla le nto xa ufunda iBhayibhile. Ngokuhamba kwexesha, uza kuya uzenza izinto uThixo azilindeleyo kuwe. Kodwa uza kuthini xa ubona ngathi zininzi izinto ekusafuneka usebenzele kuzo?

LUNGISA IBE NYE OKANYE ZIBE MBINI NGEXESHA

11. Yintoni esenokusityhafisa ngamany’ amaxesha? Yenza umzekelo.

11 Xa ufunda iBhayibhile, ngamanye amaxesha usenokutyhafa ngenxa yokubona izinto ezininzi ekufuneka uzilungise. Masithi xa uyifunda namhlanje udibana nendawo ebonisa ukuba akulunganga ukubacalula abantu. (Yak. 2:​1-8) Uyabona ukuba kufuneka uyilungise indlela obaphatha ngayo abantu, ngoko ugqiba ekubeni wenze loo nto. Yinto entle leyo. Ngemini elandelayo ufunda iivesi ezibonisa indlela ekubaluleke ngayo ukucinga ngaphambi kokuba uthethe. (Yak. 3:​1-12) Uyaqonda ukuba ngamanye amaxesha uye uthethe izinto ezingathandekiyo nezityhafisayo. Ngoko uzimisela ukubakhuthaza abantu xa uncokola nabo. Ngosuku olulandela olo, ubona indawo ekulumkisayo ukuba ungabi ngumhlobo wehlabathi. (Yak. 4:​4-12) Uphawula ukuba kufuneka uzikhethe kakuhle iindlela ozonwabisa ngazo. Ngosuku lwesine, usenokubona ngathi kunzima ukuzilungisa zonke ezi zinto kufuneka uzilungise.

12. Kutheni ungamele utyhafe ukuba xa ufunda iBhayibhile uyabona ukuba kukho izinto ekufuneka uzitshintshe? (Jonga nombhalo osemazantsi.)

12 Sukutyhafa xa ubona ngathi zininzi izinto ekufuneka uzitshintshe okanye uzilungise. Loo nto ibonisa ukuba uthobekile futhi ufuna ukwenza izinto ezilungileyo. Umntu othobekileyo nongaziqhathiyo ufunda iBhayibhile ukuze abone ukuba yintoni ekufuneka ayilungise. a Khumbula nokuba kufuneka siqhubeke ‘sibunxiba ubuntu obutsha.’ (Kol. 3:10) Yintoni enokukunceda uhlale uzenza izinto ezithethwa liLizwi LikaThixo?

13. Yintoni enokukunceda uzilungise zonke izinto omele uzilungise? (Jonga nomfanekiso.)

13 Kunokuba uzame ukuzilungisa ngexesha elinye zonke izinto obona ukuba umele uzilungise, unokukhetha ukulungisa ezimbalwa ngexesha. (IMize. 11:2) Nantsi into onokuyizama: Bhala phantsi zonke izinto omele uzilungise, emva koko ukhethe ibe nye okanye zibe mbini oza kuqala ngazo. Uza kuqala ngeyiphi?

Endaweni yokuzama ukuzenza ngexesha elinye zonke izinto ozifunde eBhayibhileni, unokukhetha ukwenza ezimbalwa. Mhlawumbi ibe nye okanye zibe mbini (Jonga isiqendu 13-14)


14. Zeziphi izinto onokugqiba ekubeni uqale uzilungise?

14 Usenokugqiba ukuba uza kuqala ngento ekuza kuba lula ukuyilungisa. Okanye usenokukhetha ukusebenzela kwinto obona ngathi yeyona umele uyilungise. Xa sowuqinisekile ngento ofuna ukuyilungisa, phanda ngayo, mhlawumbi usebenzise iSikhokelo Sokuphanda SamaNgqina kaYehova okanye iWatch Tower Publications Index. Yithandazele, ucele uYehova akwenze ube “nomnqweno namandla okwenza izinto azithandayo.” (Fil. 2:13) Emva koko, zama ukuyenza into oyifundileyo. Xa ubona ukuba uye wakwazi ukuyilungisa into obuzimisele ukuyilungisa, uza kufuna ukudlulela kwezilandelayo. Akuzukuba nzima ke ukuyenza loo nto.

VUMELA ILIZWI LIKATHIXO ‘LIKUNCEDE’

15. Abantu bakaYehova bohluke njani kubantu abaninzi abafunda iBhayibhile? (1 Tesalonika 2:13)

15 Abanye abantu bathi bayifunde kaninzi iBhayibhile. Kodwa ngaba bayikholelwa nyhani? Bayazama ukuzenza izinto abazifunde kuyo? Hayi, abantu abaninzi abazenzi izinto ezithethwa yiBhayibhile. Abekho njalo tu ke bona abantu bakaYehova. NjengamaKristu okuqala, iBhayibhile siyithatha ‘njengelizwi likaThixo, njengokuba injalo kakade.’ Sizama ngazo zonke iindlela ukuzenza izinto esizifunda kuyo.​—Funda ama-1 Tesalonika 2:13.

16. Yintoni enokusinceda siyenze into ethethwa liLizwi LikaThixo?

16 Akusoloko kukula ukufunda nokwenza izinto ezithethwa liLizwi likaThixo. Kusenokuba nzima ukufumana ixesha lokulifunda. Okanye sisenokukhawulezisa kakhulu xa silifunda, singakwazi ukucinga ngento esiyifundayo. Sisenokutyhafa xa sicinga ngezinto ezininzi ekufuneka sizilungise. Nokuba yeyiphi ingxaki onayo kwezi, uYehova uza kukunceda ukwazi ukuyilungisa. Masimvumele asincede, ukuze singabi ngabantu abevayo baze balibale, kodwa sizenze izinto ezithethwa liLizwi LikaThixo. Ngokuqinisekileyo, xa silifunda iLizwi LikaThixo size sizenze izinto elithi masizenze, siza konwaba.​—Yak. 1:25.

INGOMA 94 Siyalixabisa ILizwi LikaThixo