Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Xa uYesu wayesenza iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa babephi abafundi bakhe abayi-70 awayekhe wabathuma ukuba bayokushumayela? Ngaba babemlahlile?

Into yokuba abafundi abayi-70 bangabikho xa uYesu wayesenza iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa, ayimelanga isenze sicinge ukuba wayengasavuyiswa ngabo okanye babemshiyile. UYesu wayefuna nje ukuba kunye nabapostile bakhe ngobo busuku.

UYesu wayebathanda bonke abafundi bakhe abayi-12 nabayi-70. Kubafundi bakhe abaninzi waqala wakhetha amadoda ayi-12, wawabiza ngokuba ngabapostile. (Luka 6:​12-16) WayeseGalili xa “wabiza abapostile bakhe abayi-12” waza “wabathuma ukuba bayokushumayela uBukumkani bukaThixo baze baphilise abantu abagulayo.” (Luka 9:​1-6) Ekuhambeni kwexesha, xa wayekwaYuda, ‘wakhetha abantu abayi-70 waza wabathuma ngababini.’ (Luka 9:51; 10:1) Loo nto yenza ukuba abe nabalandeli abakwiindawo ezahlukahlukeneyo, ababeshumayela ngaye.

AmaYuda awaba ngabafundi bakaYesu ayehleli eza kuyenza iPasika, mhlawumbi ekunye neentsapho zawo. (Eks. 12:​6-11, 17-20) Ngaphambi kokuba uYesu afe, waya eYerusalem nabapostile bakhe. Zange afune kwenziwe iPasika enkulu, apho kwakuza kubakho bonke abafundi bakhe bakwaYuda, eGalili nabasePereya. Kuyabonakala ukuba wayefuna ukuba kunye nabapostile bakhe. Wathi kubo: “Kudala ndiyilindile le Pasika, ukuze ndiyitye nani ngaphambi kokuba ndingcungcuthekiswe.”​—Luka 22:15.

Wayenesizathu esivakalayo sokwenza loo nto. Kungadlulanga xesha lide, uYesu wayeza kufa, abe ‘yiMvana kaThixo esusa isono sehlabathi.’ (Yoh. 1:29) Wayeza kufela eYerusalem, apho babedla ngokuya khona abantu ukuze babingelele kuThixo. Imvana yePasika yayikhumbuza amaSirayeli ukuba uYehova wawakhulula kubukhoboka baseYiputa. Kodwa ngokufa kwakhe uYesu wayeza kwenza into engaphezulu kuleyo kuba wayeza kukhulula bonke abantu kubukhoboka besono nokufa. (1 Kor. 5:​7, 8) Ukufa kwakhe kwakuza kwenza abapostile abayi-12 babe sisiseko sebandla lamaKristu. (Efe. 2:​20-22) Okubangela umdla kukuba isixeko esingcwele, iYerusalem, ‘sinamatye esiseko ayi-12, kuwo kubhalwe amagama ayi-12 abapostile beMvana abayi-12.’ (ISityhi. 21:​10-14) Aba bapostile bathembekileyo babeza kuncedisa ngendlela ekhethekileyo ekwenzeni injongo kaThixo iphumelele. Siyaqondakala ke isizathu sokuba uYesu afune ukuba kunye nabo xa wayesitya iPasika yokugqibela, naxa wayensenza iSidlo SeNkosi Sangokuhlwa.

Abafundi abayi-70 nabanye, babengekho kwisidlo esenziwa nguYesu. Sekunjalo, iSidlo esenziwa nguYesu sasiza kunceda bonke abafundi abathembekileyo. Ekuhambeni kwexesha onke amaKristu athanjisiweyo ayeza kuba kwisivumelwano soBukumkani uYesu awasenza nabapostile bakhe ngoba busuku.​—Luka 22:​29, 30.