Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Indoda enophondo lweinki lukanobhala, imela uYesu Kristu. Nguye ophawula abo baya kusinda.

Imibuzo Evela Kubafundi

Imibuzo Evela Kubafundi

Kumbono kaHezekile, indoda enophondo lweinki lukanobhala kunye namadoda amathandathu anezixhobo zokukroboza afuzisela ntoni?

Afuzisela imikhosi yasezulwini eyayiyinxalenye yokutshatyalaliswa kweYerusalem, neza kuba yinxalenye yokutshatyalaliswa kwehlabathi elingendawo likaSathana ngeArmagedon. Olu lutshintsho kwindlela ebesiwuqonda ngayo lo mbandela. Kutheni luyimfuneko?

Ngaphambi ko-607 B.C.E., uYehova wanika uHezekile umbono woko kwakuza kwenzeka eYerusalem ngaphambi kokuba itshatyalaliswe. Kulo mbono uHezekile wabona izinto ezingendawo ezininzi ezazisenzeka apho. Wabona amadoda amathandathu, nganye kuwo “inesixhobo sokukroboza esandleni sayo.” “Phakathi kwawo kwakukho enye indoda eyambethe ilinen, inophondo lweinki lukanobhala.” (Hezekile 8:6-12; 9:2, 3) Le ndoda yaxelelwa ukuba ingene esixekweni ‘ize ibeke uphawu emabunzini abantu abancwinayo nabagcumayo ngenxa yezinto ezicekisekayo ezenziwa phakathi kwaso.’ Ngoko, la madoda mathandathu anezixhobo ayalelwa ukuba abulale bonke ababengenalo uphawu. (Hezekile 9:4-7) Yintoni esinokuyifunda kulo mbono yaye ngubani le ndoda inophondo lweinki lukanobhala?

UHezekile waba nalo mbono ngo-612 B.C.E. Esi siprofeto sazaliseka okokuqala kwiminyaka emihlanu kamva, xa uYehova wavumela umkhosi wamaBhabhiloni utshabalalise iYerusalem. Ngale ndlela, uYehova wasebenzisa amaBhabhiloni ukohlwaya abantu bakhe abangathobeliyo. (Yeremiya 25:9, 15-18) Kodwa kuthekani ngamaYuda angamalungisa awayengavumelani nezinto ezimbi ezazisenzeka esixekweni? UYehova waqinisekisa ukuba ayasinda.

Kulo mbono, uHezekile akazange aphawule ngokoqobo nabani na okanye abe nenxaxheba ekutshabalaliseni isixeko. Kunoko, yaba ziingelosi ezazikhokela ekutshatyalalisweni kweYerusalem. Ngoko esi siprofeto sisinika inyhweba yokubona oko kwenzeka ezulwini. UYehova wayalela iingelosi zakhe ukuba zilungiselele intshabalalo yabangendawo zize ziqinisekise ukuba amalungisa ayasinda. *

Esi siprofeto siza kuphinda sizaliseke nakwikamva. Besikade sisithi indoda enophondo lweinki lukanobhala imela abathanjiswa abasaphila emhlabeni. Besikwathi abantu bebephawulelwa ukusinda xa bephulaphula yaye besamkela iindaba ezilungileyo esizishumayelayo. Noko ke mvanje, iye yacaca into yokuba simele siyitshintshe indlela ebesisicacisa ngayo esi siprofeto. Sifundile kuMateyu 25:31-33 ukuba uYesu nguye ogweba abantu. Oku uya kukwenza kwikamva ebudeni bembandezelo enkulu. Ngelo xesha abo bagwetywa njengezimvu baya kusinda yaye abo bagwetywa njengeebhokhwe baya kutshatyalaliswa.

Ngoko sifunda ntoni kumbono kaHezekile? Ezi zinto zintlanu:

  1.  Ngaphambi kokutshatyalaliswa kweYerusalem, uHezekile, uYeremiya noIsaya, babalumkisa abantu ngoko kwakuza kwenzeka esixekweni. Babefana nabalindi. Namhlanje, uYehova usebenzisa iqela elincinane labathanjiswa ukuze afundise abantu bakhe aze abalumkise ngaphambi kokuba imbandezelo enkulu iqalise. Enyanisweni, bonke abantu bakaThixo, oku kukuthi impahla yendlu kaKristu, bafaka isandla kulo msebenzi wokulumkisa.—Mateyu 24:45-47.

  2.  UHezekile, akazange aphawule abo babeya kusinda. Nanamhlanje abantu bakaThixo abaphawuli mntu. Kunoko bayashumela belumkisa abantu ngoko kuya kwenzeka kwikamva. Lo msebenzi owenziwa ehlabathini lonke uphunyezwa ngoncedo lweengelosi.—ISityhilelo 14:6.

  3.  Abo baye basinda ngemihla kaHezekile, babengenaluphawu lokoqobo emabunzini abo. Namhlanje abo baya kusinda kwikamva nabo abayi kuba nophawu lokoqobo. Yintoni abamele bayenze abantu ukuze basinde kwimbandezelo enkulu? Xa besiva isilumkiso, bamele baxelise uKristu, bazahlulele kuThixo baze baxhase abazalwana bakaKristu ngokushumayela iindaba ezilungileyo. (Mateyu 25:35-40) Ebudeni bembandezelo enkulu, aba baya kunikwa uphawu, oku kuthetha ukuba baya kukhethelwa ukusinda.

  4.  Indoda enophondo lweinki ifuzisela uYesu. Ebudeni bembandezelo enkulu, uYesu uya kuphawula isihlwele esikhulu xa esigweba njengezimvu. Emva koko siya kuphila ngonaphakade emhlabeni.—Mateyu 25:34, 46. *

  5.  Namhlanje amadoda amathandathu anezixhobo zokukroboza, amela imikhosi yasezulwini ekhokelwa nguYesu. Ayakuzitshabalalisa iintlanga aze aphelise bonke ubungendawo.—Hezekile 10:2, 6, 7; ISityhilelo 19:11-21.

Izifundo esizifunda kulo mbono zisinceda siqiniseke ukuba uYehova akayi kutshabalalisa amalungisa kunye nabangendawo. (2 Petros 2:9; 3:9) Ezi zifundo zisikhumbuza nokuba umsebenzi wokushumayela owenziwa ngexesha lethu ubaluleke kakhulu. Wonke umntu umele azive ezi zilumkiso ngaphambi kokufika kwesiphelo!—Mateyu 24:14.

^ isiqe. 6 Abo basindayo abafana noBharuki (unobhala kaYeremiya), uEbhedi-meleki umTiyopiya namaRekabhi, babengenaphawu lokoqobo emabunzini abo. (Yeremiya 35:1-19; 39:15-18; 45:1-5) Ekuphela kwento eyayithethwa luphawu lokomfuziselo kukuba babeza kusindiswa.

^ isiqe. 12 Akuyi kuba yimfuneko ngabathanjiswa abathembekileyo ukuba bafumane olu phawu ukuze basinde. Kunoko baya kufumana itywina labo lokugqibela ngaphambi kokuba bafe okanye ngaphambi kokuqalisa kwembandezelo enkulu.—ISityhilelo 7:1, 3.