Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Uphawu Lobuthixo Oluxabiseke Ngaphezu Kweedayimani

Uphawu Lobuthixo Oluxabiseke Ngaphezu Kweedayimani

Abantu bajonga iidayimani njengamatye axabiseke kakhulu. Ezinye zibiza izigidi zeedola. Kodwa ngaba ikho into uThixo ayijonga njengexabiseke ngaphezu kweedayimani okanye amanye amatye anqabileyo?

UHaykanush, umvakalisi ongabhaptizwanga waseArmenia, wachola incwadana yokundwendwela (ipassport) ecaleni komzi wakhe. Ngaphakathi kwaloo ncwadana kwakukho amakhadi ebhanki nesityhwentywe semali. Waxelela umyeni wakhe, naye ongumvakalisi ongabhaptizwanga, ngoko akucholileyo.

Esi sibini sasineengxaki zemali yaye sintyumpa-ntyumpeka ematyaleni. Kodwa sagqiba kwelokuba sithathe loo mali siyise kwiadresi eyayibhalwe kuloo ncwadana yokundwendwela. Loo ndoda eyayilahlekelwe yiloo ncwadana yamangaliseka gqitha, kwakunye nentsapho yayo. UHaykanush kunye nomyeni wakhe babacacisela ukuba babenyanisekile ngenxa yoko babekufunda eBhayibhileni. Basebenzisa elo thuba ukuze bathethe ngamaNgqina kaYehova baze banike loo ntsapho iincwadi.

Loo ntsapho yayifuna ukunika uHaykanush imali njengewonga, kodwa wala kwaphela. Ngosuku olulandelayo, umfazi walaa ndoda wamndwendwela uHaykanush nomyeni wakhe ekhayeni labo. Ukuze abonise umbulelo awayenawo, wambongoza uHaykanush ukuba amkele umsesane wedayimani.

Njengaloo ntsapho, abantu abaninzi bebeya kumangaliswa kukunyaniseka okwaboniswa nguHaykanush nomyeni wakhe. Kodwa ngaba uYehova wamangaliseka? Wayekujonga njani oku kunyaniseka? Ngaba ukunyaniseka kwabo kwakubalulekile?

IIMPAWU EZIXABISEKE NGAPHEZU KWEZINTO EZIPHATHEKAYO

Iimpendulo zaloo mibuzo azikho nzima. Ngoba? Kuba abakhonzi bakaThixo bayazi ukuba ukuxelisa iimpawu zikaYehova kubalulekile kuye ngaphezu kweedayimani, igolide okanye ezinye izinto eziphathekayo. Ewe, izinto uYehova azigqala njengezibalulekileyo, zahluke kakhulu kwezo abantu bazixabisileyo. (Isaya 55:8, 9) Yaye abakhonzi bakhe bajonga ukuxelisa iimpawu zakhe njengento ebalulekileyo.

Oku sikubona koko kuthethwa yiBhayibhile ngokuqonda nobulumko. IMizekeliso 3:13-15 ithi: “Unoyolo umntu ofumene ubulumko, nomntu ozuze ukuqonda, kuba inzuzo yabo ilunge ngakumbi kunenzuzo yesilivere nemveliso yabo kunegolide. Buxabiseke ngakumbi kuneekorale, nazo zonke ezinye izinto oyoliswa zizo azinakulinganiswa nabo.” Kucacile ke ukuba uYehova uyazixabisa ezo mpawu ngaphezu kwazo naziphi na izinto eziphathekayo.

Kuthekani ke ngokunyaniseka?

UYehova yena kuqala unyanisekile. ‘Akanakuxoka’ (Tito 1:2) Waphefumlela umpostile uPawulos ukuba abhalele amaKristu angamaHebhere ngenkulungwane yokuqala oku: “Qhubekani nisithandazela, kuba siyathemba ukuba sinesazela esinyanisekileyo, njengoko sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.” —Hebhere 13:18.

UYesu Kristu wamisela umzekelo omhle wokunyaniseka. Ngokomzekelo, xa uMbingeleli Omkhulu uKayafa wathi: “Ndikufungisa ngoThixo ophilayo ukuba usixelele enoba unguye na uKristu uNyana kaThixo!,” uYesu wanyaniseka waza wavuma ukuba unguMesiya. Wathetha inyani nakubeni wayesazi ukuba iSanhedrin yayinokumbeka ityala lokuba ngumnyelisi yaye oko kwakunokukhokelela ekubeni abulawe.—Mateyu 26:63-67.

Kuthekani ngathi? Ngaba besiza kuhlala sinyanisekile ukuba besinokufumana amaqithiqithi athile xa sinokuxoka okanye ngokungayithethi iphelele inyaniso?

EYONA NTO INZIMA NGOKUNYANISEKA

Kunzima ukunyaniseka kule mihla yokugqibela kuba abantu abaninzi ‘bayazithanda, yaye bangabathandi bemali.’ (2 Timoti 3:2) Xa kudodobala ezoqoqosho okanye kunzima ukufumana umsebenzi, abantu abaninzi ababoni nto iphosakeleyo ngokuba, ukuqhatha okanye ukunganyaniseki ngezinye iindlela. Esi simo sengqondo sixhaphake kangangokuba abantu abaninzi bacinga ukuba ukuze ube nezinto eziphathekayo umele unganyaniseki. Namanye amaKristu aye enza izigqibo ezingafanelekanga ngenxa yokufuna “inzuzo yokunganyaniseki” aze aphulukana negama elihle ebandleni.—1 Timoti 3:8; Tito 1:7.

Sekunjalo, amaKristu amaninzi axelisa uYesu. Ayayiqonda into yokuba, ukuba neempawu ezifana nezikaThixo, kubaluleke ngaphezu kwabo nabuphi na ubutyebi okanye ezinye iingenelo. Esi sisizathu sokuba amaKristu aselula engakopi esikolweni ukuze aphumelele kakuhle. (IMizekeliso 20:23) Asizukusoloko sihlawulwa ngokunyaniseka kwethu njengokuba kwakunjalo ngoHaykanush. Sekunjalo, uThixo ulindele ukuba sinyaniseke yaye oko kusinceda sihlale sinesazela esicocekileyo, nto leyo exabiseke kakhulu.

Oko sikubona kumzekelo kaGagik. Uthi: “Ngaphambi kokuba ndibe ngumKristu, ndandisebenzela enye inkampani enkulu, apho umnikazi wayo wayekuphepha ukubhatala irhafu ngokungayichazi yonke inzuzo yenkampani. Njengomphathi wale nkampani ndandilindeleke ukuba ndenze ‘isivumelwano’ esingekho mthethweni kunye nomntu osebenza ngeencwadi zerhafu, ngokumnyoba ukuba akuqwabazele iliso ukuphekwa kweencwadi zezimali zale nkampani. Oku kwaphumela ekubeni ndidume njengomntu onganyanisekanga. Xa ndafunda inyaniso, andizange ndiphinde ndivume ukuqhubeka ndisenza oko, nakubeni ndandihlawulwa umvuzo oncumisayo. Kunoko ndazivulela elam ishishini. Kwasekuqaleni kwalo, ndalibhalisa ngokusemthethweni ndaza ndaqhubeka ndiyibhatala irhafu.”—2 Korinte 8:21.

UGagik uthi: “Umvuzo wam wehla kakhulu kangangokuba kwakunzima ukunyamekela intsapho yam. Sekunjalo ndiziva ndonwabe kakhulu ngoku. Ndinesazela esicocekileyo phambi kukaYehova. Ndingumzekelo omhle koonyana bam ababini yaye ndiye ndafanelekela amalungelo angakumbi ebandleni. Ndaziwa njengomntu onyanisekileyo ngabantu endishishina kunye nabo kwanabahloli bokuma kwemali yeenkampani (tax auditors).”

UYEHOVA UYASINCEDA

UYehova uyabathanda abo bazisa uzuko kuye ngokuxelisa iimpawu zakhe ezintle eziquka ukunyaniseka. (Tito 2:10) Yaye xa sikwenza oku, usithembisa ukuba uza kusinceda. Waphefumlela uDavide ukuba athi: “Ndakha ndangumfana, kungokunje ndimdala, kodwa andikaboni nabani na olilungisa eshiywe ngokupheleleyo, nenzala yakhe ifuna isonka.”—INdumiso 37:25.

Amava kaRute othembekileyo ayakungqina oko. Ngokuthembeka, wahlala noninazala uNahomi kunokuba amshiye kuba emdala. URute wafudukela kwaSirayeli apho wayeza kukwazi ukunqula oyena Thixo wokwenyaniso. (Rute 1:16, 17) Wayenyanisekile yaye esebenza nzima ebhikica, ekubeni elo yayililungiselelo loMthetho lamahlwempu. Ngokufanayo noko kwabonwa nguDavide kamva, uYehova akazange amshiye uRute noNahomi. (Rute 2:2-18) Wenza okungakumbi kunokunyamekela uRute ngezinto eziphathekayo kuphela. Wamkhetha ukuba abe yinxalenye yomnombo kaKumkani uDavide kunye nokaMesiya othenjisiweyo!—Rute 4:13-17; Mateyu 1:5, 16.

Kusenokuba nzima kakhulu ngabanye abakhonzi bakaYehova ukuba bafumane imali eyaneleyo yokondla iintsapho zabo. Kodwa kunokuba bazame iindlela ezilula zokunganyaniseki, basebenza nzima yaye bakhuthele. Ngokwenza oku, babonisa ukuba iimpawu ezintle zikaThixo, eziquka ukunyaniseka, zixabisekile kubo ngaphezu kwazo naziphi na izinto eziphathekayo.—IMizekeliso 12:24; Efese 4:28.

NjengoRute, amaKristu emhlabeni wonke aye abonisa ukholo kumandla kaYehova okuwanceda. Asithemba ngokupheleleyo isithembiso sakhe esithi: “Andiyi kuze ndikushiye, ndingayi kuze ndikutyeshele.” (Hebhere 13:5) Kangangezihlandlo ezininzi uYehova uye wasibonisa ukuba unako yaye uya kubanceda abo banyanisekileyo ngawo onke amaxesha. Uye wasigcina isithembiso sakhe sokunyamekela iimfuno ezisisiseko zabakhonzi bakhe.—Mateyu 6:33.

Ewe, abantu basenokuzixabisa iidayimani nezinye izinto eziphathekayo. Kodwa sinokuqiniseka ukuba uBawo wethu osemazulwini uyakuxabisa ukunyaniseka kwethu kunye nezinye iimpawu zethu ezintle ngaphezulu lee kwawo nawaphi na amatye axabisekileyo!

Xa sinyanisekile, sinokuba nesazela esicocekileyo size sibe nenkululeko yokuthetha entsimini