Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

“Hambani, . . . Niye Kubenza Abafundi Abantu Beentlanga Zonke”

“Hambani, . . . Niye Kubenza Abafundi Abantu Beentlanga Zonke”

“Hambani, . . . niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza . . . , nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.”—MATEYU 28:19, 20.

IINGOMA: 141, 97

1, 2. Yiyiphi imibuzo ephakamayo ngokuphathelele amazwi kaYesu akuMateyu 24:14?

UYESU waxela kwangaphambili ukuba ngemihla yokugqibela, iindaba ezilungileyo zoBukumkani zaziya kushunyayelwa ebantwini bonke. (Mateyu 24:14) NjengamaNgqina kaYehova, saziwa emhlabeni wonke ngomsebenzi wethu wokushumayela. Bambi bayawuthanda umyalezo esiwushumayelayo, kodwa abanye abawuthandi. Sekunjalo, abanye kwabo bangawuthandiyo lo myalezo, bayasihlonela ngenxa yomsebenzi wethu. Sizibanga njengabo bawenzayo lo msebenzi wayethetha ngawo uYesu. Ngaba sinalo ilungelo lokutsho? Sinokuqiniseka njani ukuba umsebenzi wethu wokushumayela ngulowo wayethetha ngawo uYesu?

2 Abantu beecawa ezininzi bathi bashumayela umyalezo kaYesu. Kodwa oko kushumayela kwabo kuphelela ecaweni, kumabonwakude, nakwi-intanethi, okanye basenokuphelela ekuxeleleni abanye ngendlela abaye bamazi ngayo uYesu. Bambi bavakalelwa kukuba bashumayela ngokuthi babe ngoogqirha, oonesi okanye ootitshala abanceda abantu abasweleyo. Kodwa ngaba le yile ndlela uYesu wayesithi makushunyayelwe ngayo?

3. Ngokutsho kukaMateyu 28:19, ziziphi izinto ezine ekufuneka zenziwe ngabalandeli bakaYesu?

3 Ngaba uYesu wayefuna abafundi bakhe balindele abantu beze kubo? Nakanye! Emva kokuvuswa kwakhe, uYesu waxelela amakhulukhulu abalandeli bakhe oku: “Hambani ke ngoko niye kubenza abafundi abantu beentlanga zonke, nibabhaptiza . . . , nibafundisa ukuba bazigcine zonke izinto endiniyalele zona.” (Mateyu 28:19, 20) Ngoko njengabafundi bakaYesu, zine izinto esimele sizenze. Simele senze abafundi, sibabhaptize size sibafundise. Kodwa kuqala, simele siye ebantwini. Omnye umphengululi weBhayibhile ucacisa athi: “‘Ukuhamba’ yimbopheleleko yawo onke amakholwa, enoba kukuya ngaphesheya kwesitrato okanye ngaphesheya kolwandle.”—Mateyu 10:7; Luka 10:3.

4. Yintoni ebandakanyekileyo ekubeni ‘ngabalobi babantu’?

4 Yintoni uYesu awayeyilindele kubafundi bakhe? Ngaba wayefuna mfundi ngamnye ashumayele yedwa, okanye wayefuna balungelelaniswe njengeqela? Ekubeni yayingenakwenzeka into yokuba umntu omnye ashumayele ‘kwiintlanga zonke,’ kwakuza kufuneka abafundi bashumayele njengeqela. Yiloo nto awayebhekisela kuyo uYesu xa wayemema abafundi bakhe ukuba babe ‘ngabalobi babantu.’ (Funda uMateyu 4:18-22.) Wayengabhekiseli kumlobi omnye ojula intambo yokuloba emanzini aze alindele ukuba intlanzi izizele. Kunoko, wayebhekisela ekulobeni ngomnatha. Olu hlobo lokuloba lwenziwa liqela labantu abasebenza nzima.—Luka 5:1-11.

5. Yiyiphi imibuzo emine efanele iphendulwe, yaye ngoba?

5 Ukuze sazi ukuba ngoobani abashumayela iindaba ezilungileyo namhlanje, simele siphendule le mibuzo mine:

  • Nguwuphi umyalezo omele ushunyayelwe ngabalandeli bakaYesu?

  • Imele ibe yintoni injongo yokushumayela kwabo?

  • Bamele bashumayele ngaziphi iindlela?

  • Umele ube ngakanani umkhamo womsebenzi wabo, ibe umele wenziwe ixesha elingakanani?

Iimpendulo zale mibuzo ziza kusinceda siqonde ukuba ngoobani abenza lo msebenzi usindis’ ubomi, ibe ziza komeleza umnqweno wethu wokuqhubeka sishumayela.—1 Timoti 4:16.

NGUWUPHI UMYALEZO OMELE USHUNYAYELWE?

6. Kutheni unokuqiniseka ukuba amaNgqina kaYehova ashumayela umyalezo ochanileyo?

6 Funda uLuka 4:43. UYesu washumayela “iindaba ezilungileyo zobukumkani,” ibe ufuna abafundi bakhe benze okufanayo. Ngoobani abashumayela lo myalezo ebantwini bonke? NgamaNgqina kaYehova kuphela! Kwanabanye abantu abangasithandiyo bayayivuma loo nto. Ngokomzekelo, khawuve oko kwathethwa ngomnye umfundisi owayekhe wahlala kumazwe ahlukahlukeneyo kwelinye iNgqina likaYehova. Kuwo onke la mazwe, lo mfundisi wabuza amaNgqina kaYehova ukuba ashumayela ngantoni. Lo mfundisi wathi, “Ndlela le amuncu ngayo, onke aphendula ngendlela efanayo esithi: ‘Ziindaba ezilungileyo zoBukumkani.’” Kodwa eyona nto iboniswa ngamazwi alo mfundisi asikokuba sizizidenge, kunoko singamaKristu okwenyaniso amanyeneyo. (1 Korinte 1:10) UBukumkani bukaThixo ikwangumxholo ophambili weMboniselo Evakalisa UBukumkani BukaYehova. Le magazini ifumaneka ngeelwimi eziyi-254, yaye kuprintwa malunga neekopi eziyi-59 000 000 zayo, nto leyo eyenza ibe yeyona magazini isasazwa kakhulu ehlabathini lonke!

NgamaNgqina kaYehova kuphela ashumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo

7. Sazi njani ukuba umyalezo oshunyayelwa ngabefundisi beNgqobhoko awuchananga?

7 Abefundisi beNgqobhoko abashumayeli ngoBukumkani bukaThixo. Naxa bethe bathetha ngabo, baye bathi buyimvakalelo nje esentliziyweni yomntu. (Luka 17:21) Ababafundisi abantu ukuba uBukumkani ngurhulumente osezulwini olawulwa nguYesu. Kunoko, badla ngokuthetha ngoYesu ngeKrismesi okanye ngePasika. Abayicacisi into yokuba uBukumkani buza kuzilungisa zonke iingxaki zabantu, ibe buza kususa bonke ububi emhlabeni. (ISityhilelo 19:11-21) Kucacile ke ukuba iinkokeli zeNgqobhoko aziyazi into eza kwenziwa nguYesu njengoKumkani woBukumkani bukaThixo. Yaye ngenxa yokuba zingawuqondi umyalezo kaYesu, azisiboni isizathu sokuba zishumayele.

IMELE IBE YINTONI INJONGO YETHU YOKUSHUMAYELA?

8. Yiyiphi injongo ephosakeleyo yokushumayela?

8 Abafundi bakaYesu abamele bashumayele ngenjongo yokwenza imali okanye yokwakha izakhiwo zikanokutsho. UYesu wathi: “Namkele ngesisa, yiphani ngesisa.” (Mateyu 10:8) Ngoko asimele siwenze ishishini umsebenzi wokushumayela. (2 Korinte 2:17) Abafundi bakaYesu abamele bafune ukubhatalwa xa beshumayela. (Funda iZenzo 20:33-35) Nakuba lo myalelo kaYesu ucace gca, iicawa ezininzi zithe phithi kukuqokelela imali ukuze zikwazi ukugcina izakhiwo zazo, zibhatale abefundisi bazo nabanye abasebenzi. Kangangokuba iinkokeli zeNgqobhoko ezininzi ziye zazizityebi.—ISityhilelo 17:4, 5.

Asimele siwenze ishishini umsebenzi wokushumayela

9. AmaNgqina kaYehova abonise njani ukuba ashumayela ngenjongo entle?

9 Ngaba amaNgqina kaYehova ayayiqokelela inkongozelo kwiiHolo zoBukumkani zawo okanye ezindibanweni? Hayi! Umsebenzi wawo uxhaswa yiminikelo yokuzithandela. (2 Korinte 9:7) Sekunjalo, kunyaka ophelileyo amaNgqina kaYehova aye achitha iiyure eziphantse zaziibhiliyoni ezimbini eshumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani, ibe aqhube izifundo zeBhayibhile ezingaphezu kweebhiliyoni ezilithoba nyanga nganye. Awabhatalwa ngomsebenzi wawo wokushumayela kodwa ayakuvuyela ukuwenza esebenzisa eyawo imali. Omnye umphandi wathi ngomsebenzi wamaNgqina kaYehova: “Olona sukelo lwawo kukushumayela nokufundisa.” Waphinda watsho nokuba amaNgqina kaYehova awanabo abefundisi ababhatalwayo. Ukuba asishumayeli ngenjongo yokwenza imali, kutheni ke sishumayela? Siwenza ngokuzithandela lo msebenzi kuba sithanda uYehova nabantu. Esi simo sengqondo sizalisekisa isiprofeto esikwiNdumiso 110:3 (Yifunde.)

KUMELE KUSHUNYAYELWE NGAZIPHI IINDLELA?

Sishumayela naphi na apho bakhoyo abantu (Funda isiqendu 10)

10. Ziziphi iindlela uYesu nabafundi bakhe ababezisebenzisa ukuze bashumayele?

10 Ziziphi iindlela uYesu nabafundi bakhe ababezisebenzisa ukuze bashumayele? Babesiya apho abantu babefumaneka khona. Ngokomzekelo, babeshumayela ezitratweni nakwiindawo zentengiso. Babekhangela abantu nasezindlwini. (Mateyu 10:11; Luka 8:1; IZenzo 5:42; 20:20) Ukushumayela kwindlu ngendlu yayiyindlela elungeleleneyo yokufikelela zonke iintlobo zabantu.

11, 12. INgqobhoko yahluke njani kubantu bakaYehova kumba wokushumayela iindaba ezilungileyo?

11 Ngaba iicawa zeNgqobhoko zishumayela iindaba ezilungileyo njengoYesu? Ngokuqhelekileyo, ngabefundisi ababhatalwayo abashumayela kumalungu ecawa. Ezi nkokeli azenzi bafundi, kunoko zizama ukugcina amalungu ecawa asele ekho. Ngamaxesha athile, ziye zazama ukukhuthaza amalungu ecawa ukuba nawo ashumayele. Ngokomzekelo, kunyaka ka-2001 uPope John Paul II wabhala ileta ethi amalungu ecawa amele ashumayele iVangeli yaye abe nenzondelelo awayenayo umpostile uPawulos owathi: “Yeha ke mna ukuba andiyishumayeli iVangeli.” Waphinda wathi umsebenzi wokushumayela awumele wenziwe ngabantu abathile abaqeqeshiweyo, kunoko ngawo onke amalungu ecawa. Sekunjalo, bambalwa abantu abayenzayo loo nto.

12 Kuthekani ngamaNgqina kaYehova? Ngawo kuphela ashumayela ukuba uYesu uqalise ukulawula njengoKumkani ngo-1914. Athobela uYesu, ibe umsebenzi wokushumayela uza kuqala ebomini bawo. (Marko 13:10) Incwadi ethi Pillars of Faith—American Congregations and Their Partners yathi umsebenzi wokushumayela ubaluleke kakhulu kumaNgqina kaYehova. Yaphinda yathi xa efumana abantu abasweleyo, abangamalolo, nabagulayo ayazama ukunceda, kodwa awalibali ukuba eyona njongo yawo kukushumayela ngesiphelo seli hlabathi nokufundisa abantu ngosindiso. AmaNgqina kaYehova aqhubeka eshumayela lo myalezo, ibe axelisa iindlela uYesu nabafundi bakhe ababeshumayela ngazo.

UMELE UBE NGAKANANI UMKHAMO WOMSEBENZI, IBE UMELE WENZIWE IXESHA ELINGAKANANI?

13. Umele ube ngakanani umkhamo womsebenzi wokushumayela?

13 UYesu wathi abafundi bakhe babeya kushumayela iindaba ezilungileyo “kuwo wonke umhlaba omiweyo.” Wabayalela ukuba benze abafundi abantu “beentlanga zonke.” (Mateyu 24:14; 28:19, 20) Oku kuthetha ukuba kwakuzakufuneka iindaba ezilungileyo zishunyayelwe emhlabeni wonke.

14, 15. Yintoni ebonisa ukuba amaNgqina kaYehova aye asizalisekisa isiprofeto sikaYesu ngokuphathelele umkhamo womsebenzi wokushumayela? (Jonga imifanekiso esekuqaleni.)

14 NgamaNgqina kaYehova kuphela aye asizalisekisa isiprofeto sikaYesu sokuba iindaba ezilungileyo zaziya kushunyayelwa emhlabeni wonke. Kutheni sisitsho nje? EMerika kukho abefundisi beNgqobhoko abamalunga ne-600 000, abe wona amaNgqina kaYehova ashumayela iindaba ezilungileyo apho emalunga ne-1 200 000. Ehlabathini lonke kukho abefundisi bamaKatolika abangaphezu kwe-400 000, kodwa angaphezu kwe-8 yezigidi amaNgqina kaYehova ashumayela iindaba ezilungileyo kumazwe ayi-240. Kucacile ke ukuba amaNgqina kaYehova ashumayela iindaba ezilungileyo emhlabeni wonke, nto leyo ezisa uzuko nendumiso kuYehova!—INdumiso 34:1; 51:15.

15 Thina maNgqina kaYehova, eyona nto sizimisele ukuyenza kukushumayela iindaba ezilungileyo kubantu abaninzi kangangoko sinako, ngaphambi kokuba kufike isiphelo. Ukuze sikwazi ukukwenza oku, siye saguqulela saza sapapasha izigidi zeencwadi, iimagazini, amaphecana, izimemo zendibano nezeSikhumbuzo, ngeelwimi ezingaphezu kweziyi-700. Abantu abahlawuliswa nesent’ emdaka ngezi zinto. Kunyaka nje ophelileyo siye sapapasha iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni ezimalunga ne-4.5 bhiliyoni. Siye sapapasha neekopi ezingaphezu kwezigidi eziyi-200 zeNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele, ngeelwimi ezingaphezu kwe-130. Kwiwebhsayithi yethu esemthethweni, inkcazelo ifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwe-750. NgamaNgqina kaYehova kuphela enza umsebenzi omangalisa kangaka.

16. Sazi njani ukuba amaNgqina kaYehova anomoya kaThixo?

16 Kwakuza kushunyayelwa de kube nini? UYesu wathi iindaba ezilungileyo zaziya kushunyayelwa de kufike isiphelo. Siye sakwazi ukuqhubeka sishumayela kule mihla yokugqibela kuba sinomoya oyingcwele kaYehova. (IZenzo 1:8; 1 Petros 4:14) Abanye abantu abahamba icawa basenokuzingomba isifuba besithi, “Sinomoya oyingcwele.” Kodwa ngaba bayakwazi ukwenza umsebenzi owenziwa ngamaNgqina kaYehova kule mihla yokugqibela? Bakho abakhe bazama ukushumayela njengathi kodwa batsho phantsi kwaqhum’ uthuli! Abanye bakhe baqale kodwa nkqi ukugqiba. Phofu ke bakho abashumayela kwindlu ngendlu, kodwa ke ayizondaba zilungileyo zoBukumkani ezi bazishumayelayo. Ngoko ke akunakuthiwa benza umsebenzi owaqalwa nguYesu.

NGOOBANI ABASHUMAYELA IINDABA EZILUNGILEYO NAMHLANJE?

17, 18. (a) Yintoni esenza siqiniseke ukuba ngamaNgqina kaYehova ashumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani namhlanje? (b) Sincedwa yintoni ukuze siqhubeke sisenza lo msebenzi?

17 Ngoobani namhlanje abashumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani? NgamaNgqina kaYehova kuphela! Sazi njani? Kuba sishumayela umyalezo ochanileyo, iindaba ezilungileyo zoBukumkani. Sishumayela ngokuthi siye ebantwini, ngoko ke sisebenzisa iindlela ezichanileyo. Sishumayela sinenjongo entle, ekukuthanda uYehova nabantu. Umsebenzi wethu wokushumayela unowona mkhamo mkhulu, kuba sishumayela kubantu bazo zonke iintlanga neelwimi. Ibe siseza kuqhubeka sizishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani de isiphelo sifike!

18 Kumangalisa nyhani ukubona lo msebenzi mkhulu kangaka wenziwa ngabantu bakaYehova wokushumayela iindaba ezilungileyo kule mihla yokugqibela. Kodwa siwuphumeza njani umsebenzi ongaka? Umpostile uPawulos uyacacisa: “UThixo nguye osebenzayo kuni ngaphakathi, aninike amandla okunqwenela nawokwenza, ngokokuthanda kwakhe.” (Filipi 2:13) Ngamana uYehova angasinika amandla esiwadingayo ukuze senze konke okusemandleni ethu ukuqhubeka sishumayela iindaba ezilungileyo!—2 Timoti 4:5.