Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Lungisa Ukungavisisani Ngomoya Wothando

Lungisa Ukungavisisani Ngomoya Wothando

“Hlalani ninoxolo phakathi kwenu.”—MARKO 9:50.

IINGOMA: 39, 77

1, 2. Kukuphi ukungavisisani ekuthethwa ngako kwiGenesis, yaye kutheni kubangel’ umdla?

NGABA wakha wacinga ngamabali okungavisisani aseBhayibhileni? Kwizahluko zokuqala nje zeGenesis sifunda ukuba uKayin wabulala uAbheli (Genesis 4:3-8); omnye umfana wabetha uLameki, waza yena wambulala (Genesis 4:23); abalusi baka-Abraham nabakaLote baxabana (Genesis 13:5-7); uHagare wayezibona ebhetele kunoSara, yaye uSara wakhuphela umsindo kuAbraham (Genesis 16:3-6); uIshmayeli wayengavani nomntu wonke, nabantu babengamfuni.—Genesis 16:12.

2 Kutheni kubhaliwe eBhayibhileni oku kungavisisani? Kuba singafunda lukhulu kule mizekelo yaba bantu bangafezekanga, nababeneengxaki zokwenene. Nathi asifezekanga, ngoko xa sineengxaki ezifanayo ebomini bethu, sinokulandela imizekelo emihle eseBhayibhileni size siphephe ukulandela emibi. (Roma 15:4) Oku kunokusifundisa ukuhlala siseluxolweni nabanye.

3. Siza kufunda ngantoni kweli nqaku?

3 Kweli nqaku, siza kufunda ngesizathu sokuba simele sikulungise ukungavisisani okanye iingxabano, nendlela esinokukwenza ngayo oko. Siza kufunda nangemigaqo yeBhayibhile enokusinceda silungise iingxaki, size sigcine ulwalamano oluhle noYehova kunye nabanye.

ISIZATHU SOKUBA ABANTU BAKATHIXO BEMELE BALUNGISE UKUNGAVISISANI

4. Sisiphi isimo sengqondo esiye sasazeka emhlabeni wonke, yaye uye waba yintoni umphumo?

4 USathana ngoyena nobangela wokuba abantu bengamanyananga yaye bengavisisani. Kutheni sisitsho nje? E-Eden, uSathana wathi wonke umntu umele azigqibele phakathi kokulungileyo nokubi ngaphandle kokhokelo lukaThixo. (Genesis 3:1-5) Kodwa xa sijonga ehlabathini, sibona kakuhle ukuba isimo sengqondo esinjalo sizisa iingxaki kuphela. Abantu abaninzi bavakalelwa kukuba banelungelo lokuzigqibela phakathi kokulungileyo nokubi. Banekratshi, bacingela iziqu zabo yaye bayakhuphisana, bengakhathali nokuba izigqibo zabo zibavisa kabuhlungu abanye. Oku kubangela ukungavisisani. IBhayibhile ithi, ukuba siyakhawuleza ukuba nomsindo, siya kuhlala singavisisani nabanye futhi siya kwenza izono ezininzi.—IMizekeliso 29:22.

5. UYesu wabafundisa njani abantu ukuba balungise ukungavisisani?

5 KwiNtshumayelo yaseNtabeni, uYesu wafundisa abalandeli bakhe ukuba bazame ukuphepha ukungavisisani enoba oku kusenokungabaphathi kakuhle. Ngokomzekelo, wabafundisa ukuba babe nobubele, babe seluxolweni nabanye, baphephe umsindo yaye bakulungise ngokukhawuleza ukungavisisani, baze bazithande iintshaba zabo.—Mateyu 5:5, 9, 22, 25, 44.

6, 7. (a) Kutheni kubalulekile ukulungisa ukungavisisani ngokukhawuleza? (b) Yiyiphi imibuzo abantu bakaYehova abamele bazibuze yona?

6 Namhlanje ukuthandaza, ukushumayela nokuya ezintlanganisweni kuyinxalenye yonqulo lwethu. Ngoko ukuba asivisisani nabazalwana bethu, uYehova akasayi kulwamkela unqulo lwethu. (Marko 11:25) Ukuze sibe ngabahlobo bakaYehova, simele sibaxolele abanye xa besenza iimpazamo.—Funda uLuka 11:4; Efese 4:32.

Ngaba ukhawuleza ubaxolele abazalwana bakho?

7 UYehova ulindele ukuba bonke abakhonzi bakhe baxolele yaye babe seluxolweni nabanye. Masizibuze: ‘Ngaba ndikhawuleza ndibaxolele abazalwana bam? Ngaba ndiyakuvuyela ukuba kunye nabo?’ Ukuba uyaqonda ukuba umele uphucule kwindlela oxolela ngayo, thandaza kuYehova umcele akuncede. UBawo wethu osemazulwini uza kuyiva imithandazo yokuthobeka enjalo aze ayiphendule.—1 Yohane 5:14, 15.

NGABA UNGAKUBETHA NGOYABA UKUKHUTYEKISWA?

8, 9. Yintoni esimele siyenze xa sikhutyekisiwe?

8 Sonke asifezekanga, ngoko sinokulindela ukuba abantu bathethe okanye benze izinto ezinokusikhubekisa. (INtshumayeli 7:20; Mateyu 18:7) Uza kusabela njani? Sinokufunda isifundo esibalulekileyo kula mava alandelayo: Omnye udade wabulisa abazalwana ababini kwelinye itheko. Kodwa omnye umzalwana wakhutyekiswa yindlela awambulisa ngayo. Xa aba bazalwana beshiyeke bobabini, lo mzalwana ukhutyekisiweyo wakhalazela lo dade. Sekunjalo, lo mzalwana wesibini wamkhumbuza ukuba lo dade ukhonze uYehova ngokuthembeka kangangeminyaka eyi-40 nakubeni wayejamelene neengxaki ezininzi. Wayeqinisekile ukuba lo dade ebengenazinjongo zakumkhubekisa. Wasabela njani la mzalwana wokuqala? Wathi, “Unyanisile,” waza wakhetha ukukulibala oko kwenzekileyo.

9 Asifundisa ntoni la mava? Xa sikhutyekiswa, sinokuyikhetha indlela yokusabela. Umntu onothando uyaxolela. (Funda iMizekeliso 10:12; 1 Petros 4:8) Xa ‘sikubetha ngoyaba ukunxaxha,’ uYehova uyavuya. (IMizekeliso 19:11; INtshumayeli 7:9) Ngoko kwixesha elizayo, xa umntu ethetha okanye esenza into ekukhubekisayo, khawuzibuze: ‘Ngaba ndinokusibetha ngoyaba esi siphoso? Ngaba nyhani ndimele ndihlale ndicinga ngale nto?’

10. (a) Ekuqaleni wasabela njani omnye udade xa kwakuthethwa kakubi ngaye? (b) Nguwuphi umbhalo owanceda lo dade ahlale eseluxolweni?

10 Xa abanye bethetha kakubi ngathi, kusenokuba nzima ukukubetha ngoyaba oko. Cinga ngoko kwenzeka komnye udade, esiza kumbiza ngokuba nguLucy. Abanye ebandleni bathetha kakubi ngobulungiseleli bakhe nendlela awayelisebenzisa ngayo ixesha lakhe. Oku kwamkhathaza kakhulu, waza wacela uncedo kubazalwana abaqolileyo. Waba yintoni umphumo? Uthi basebenzisa iBhayibhile ukuze bamncede angazikhathazi ngezinto ezimbi ezithethwa ngabanye, kunoko acinge ngakumbi ngoYehova. Wakhuthazeka xa wafunda uMateyu 6:1-4. (Yifunde.) Ezo ndinyana zamkhumbuza ukuba okona kubalulekileyo kukuvuyisa uYehova. Ngoko wakhetha ukukubetha ngoyaba oko kwakuthethwa ngaye. Ngoku, nokuba abanye bathetha kakubi ngobulungiseleli bakhe, wonwabile kuba uyazi ukuba wenza konke okusemandleni akhe ukuvuyisa uYehova.

XA UNGAKWAZI UKUKUBETHA NGOYABA UKUKHUTYEKISWA

11, 12. (a) Umele enze ntoni umKristu xa ecinga ukuba umzalwana wakhe ‘unento ngakuye’? (b) Sinokufunda ntoni kwindlela uAbraham awakulungisa ngayo ukungavisisani? (Jonga umfanekiso osekuqaleni.)

11 “Sonke siyakhubeka izihlandlo ezininzi.” (Yakobi 3:2) Masithi uva ukuba mzalwana uthile uye wakhutyekiswa yinto oyithethileyo okanye oyenzileyo. Umele wenze ntoni? UYesu wathi ukuba “uzisa isipho sakho esibingelelweni, uthi ulapho ukhumbule ukuba umzalwana wakho unento ngakuwe, sishiye isipho sakho apho phambi kwesibingelelo, uze uhambe uye kuxolelana nomzalwana wakho kuqala, wandule ke, wakubuya, unikele isipho sakho.” (Mateyu 5:23, 24) Ngoko thetha nomzalwana wakho. Xa uthetha naye, usukelo lwakho lumele lube kukwenza uxolo kunye naye. Umele uyivume impazamo yakho uze ungazami ukulibeka kuye ityala. Uxolo nabazalwana bethu yeyona nto ibalulekileyo.

Usukelo lwethu lumele lube kukwenza uxolo kunye nabazalwana bethu

12 IBhayibhile ibonisa indlela abakhonzi bakaThixo abanokugcina ngayo uxolo xa kukho ukungavisisani. Ngokomzekelo, uAbraham nomtshana wakhe uLote babenemfuyo eninzi, yaye abalusi bemfuyo yabo baqalisa ukungavisisani kuba umhlaba wawungabanelanga. Kuba uAbraham wayefuna ukwenza uxolo, wavumela uLote ukuba akhethe umhlaba awufunayo. (Genesis 13:1, 2, 5-9) Onjani wona ukuba mhle umzekelo kuthi! Ngaba uAbraham walahlekelwa ngokupheleleyo ngenxa yesisa sakhe? Hayi. Ngokukhawuleza emva koko, uYehova wathembisa ukumsikelela ngakumbi kunoko walahlekelwa kuko. (Genesis 13:14-17) Sifunda ntoni koku? Nokuba sinokulahlekelwa kokuthile, uYehova uya kusisikelela ukuba sikulungisa ngothando ukungavisisani. [1]—Jonga umbhalo osekugqibeleni.

13. Omnye umveleli wasabela njani xa kwathethwa rhabaxa naye, ibe sinokufunda ntoni kulo mzekelo?

13 Khawucinge ngalo mzekelo wakutshanje. Umveleli omtsha wesebe lendibano wafowunela omnye umzalwana emcela ukuba eze kusebenza kwelo sebe. Lo mzalwana wathetha amazwi arhabaxa waza wabeka phantsi ifowuni, ngenxa yokuba wayesaqumbele umveleli wangaphambili weli sebe. Lo mveleli mtsha akazange akhubeke, kodwa akazange akubethe ngoyaba oko kwenzekileyo. Emva kweyure waphinda wafowunela lo mzalwana waza wacela ukuba badibane. Kwiveki elandelayo, aba bazalwana badibana eHolweni yoBukumkani, yaye emva kokuthandaza kuYehova, bathetha kangangeyure. Lo mzalwana wamcacisela into eyenziwa ngulaa mveleli wokuqala. Lo mveleli mtsha waphulaphula ngobubele waza wathetha ngezibhalo eziluncedo. Ngenxa yoku, aba bazalwana benza uxolo baza basebenza kunye endibanweni. Lo mzalwana uyayixabisa into yokuba lo mveleli wathetha naye ngobubele.

NGABA UMELE UBANDAKANYE ABADALA?

14, 15. (a) Simele silisebenzise xa kutheni icebiso elikuMateyu 18:15-17? (b) Ngawaphi amanyathelo amathathu awachazwa nguYesu, ibe ifanele ibe yintoni injongo yethu xa siwasebenzisa?

14 Ngamaxesha amaninzi ukungavisisani okubakho phakathi kwamaKristu kunako ukulungiswa kungakhange kubandakanywe abanye abantu. Sekunjalo, ngamanye amaxesha oku kuba nzima. Ezinye iimeko ziye zifune kubandakanywe nabanye abantu njengoko ebonisa uMateyu 18:15-17. (Yifunde.) “Isono” athetha ngaso apha uYesu asikokungavisisani nje okuncinane phakathi kwamaKristu. Siyazi njani loo nto? UYesu wathi xa umoni engafuni ukuguquka nasemva kokuba umzalwana wakhe, amangqina kwanabadala bethethe naye, umele aphathwe “njengomntu weentlanga nomqokeleli werhafu.” Namhlanje, le nto ithetha ukuba umele asuswe kubudlelane. Esi ‘sono’ sinokuquka izinto ezifana nobuqhetseba okanye ukunyelisa, kodwa asiquki ukukrexeza, ubufanasini, ukuwexuka okanye unqulo-zithixo. Ezi zona izono zimele ngokuqinisekileyo zisingathwe ngabadala.

Kusenokufuneka uthethe izihlandlo eziliqela nomzalwana wakho ukuze wenze uxolo (Jonga isiqendu 15)

15 Injongo kaYesu ngokusinika eli cebiso kukubonisa indlela yokunceda umzalwana wethu kuba simthanda. (Mateyu 18:12-14) Sinokulisebenzisa njani eli cebiso? (1) Simele sizame ukulungisa ukungavisisani nomzalwana wethu ngaphandle kokubandakanya abanye. Kusenokufuneka sithethe naye izihlandlo eziliqela. Kodwa simele senze ntoni ukuba akude kubekho xolo? (2) Simele sithethe nomzalwana wethu kunye nomnye umntu oyaziyo le ngxaki okanye okwaziyo ukubona ukuba kwenziwe ububi kusini na. Ukuba le ngxaki iyalungiswa, uya kuba “umzuzile umzalwana wakho.” Kodwa kuphela kusemva kokuba uthethe nomzalwana wakho izihlandlo eziliqela waza awakwazi ukwenza uxolo naye apho ufanele (3) uchazele abadala ngale ngxaki.

16. Yintoni ebonisa ukuba ukulandela amacebiso kaYesu kuyasebenza, ibe yindlela yothando?

16 Kwiimeko ezininzi, akuyomfuneko ukuba siwathathe onke la manyathelo mathathu akuMateyu 18:15-17. Iyakhuthaza loo nto. Kutheni sisitsho nje? Kuba kwiimeko ezininzi, umoni uye ayiqonde impazamo yakhe aze ayilungise, kuze kungabikho mfuneko yokuba asuswe kubudlelane. Lowo ukhutyekisiweyo umele amxolele umzalwana wakhe ukuze kubekho uxolo phakathi kwabo. Ngoko, ngokwecebiso likaYesu, kucacile ukuba akuyomfuneko ukuba sikhawuleze sibandakanye abadala. Simele sibabandakanye kuphela xa sele siwathathile amanyathelo amabini okuqala, naxa kukho ubungqina obucacileyo bokuba ikho into ephosakeleyo eyenziweyo.

17. Ziziphi iintsikelelo esiza kuzifumana ukuba sizama ‘ukufuna uxolo’ nabanye?

17 Logama singekafezeki, siseza kuqhubeka sikhubekisana. Umfundi uYakobi wabhala wathi: “Ukuba kukho nabani na ongakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo, ekwaziyo ukuwubamba ngomkhala kwanomzimba wayo uphela.” (Yakobi 3:2) Ukuze silungise ukungavisisani, simele senze konke okusemandleni ethu ‘ukufuna uxolo, silusukele.’ (INdumiso 34:14) Xa siqhubeka siseluxolweni nabanye, siza kuba nolwalamano oluhle nabazalwana noodade, ibe siza kumanyana. (INdumiso 133:1-3) Okona kubalulekileyo kukuba siza kuba nobuhlobo obusondeleyo noYehova, “uThixo onika uxolo.” (Roma 15:33) Siza kuzifumana zonke ezi ntsikelelo xa sikulungisa ngothando ukungavisisani.

^ [1] (isiqendu 12) Abanye abantu abaye balungisa ukungavisisani ngoxolo nguYakobi kuEsawu (Genesis 27:41-45; 33:1-11); nguYosefu kubantakwabo (Genesis 45:1-15); noGidiyon kumaEfrayim (ABagwebi 8:1-3). Mhlawumbi usenokucinga neminye imizekelo yeBhayibhile efanayo.